Skip to main content

iZibongo zika Sigcawu ka Sarhili

 Ahhh Nonqane!!

Inkos' am ngumfusa ka-Rhili,

Isixabela sentombi yakwa-Thato, Isixabela besoyika ngamehlo, Singazange sanento phofu.


Nguso-Manangashe, indlov' edl' igoduka,

Umavuth' ukuhamb' axelis' umlilo, Umathweth' ukuhamb' axelis' inyanga, Umagongq' ukuhamb' axelis' ilanga.

Intw' entsente zilukhuni ngathi licangci, Ngathi licangci lase-Mlungwini.

Ne ngcuka yase Bathenjini ikhe yajwaqa yaphuk' amenyo.


Ndith' ovuk' emini akabonanga nto, Kub' akayibonang' inamb' icombuluka.

Yaphuma lankwenkwezi ise-Mbangcolo kuyasa, Yaphum' inkwenkwez' emapoliseni kuyasa,

Yaphuma lankwenkwezi phezu kwe-Bende kuyasa, Watsh’ umlil 'emantlok' o-Mndundu kuyasa.

Ngubanina lo undithuka ndihleli,

Ndenziwa umva kwendlu ndingumtshana, Ndingumtshana wentombi yakwa-Thato.

Nants' into eyakhama kwatshon' inyanga,

Bayawathi sisimang' abase-Maxhoseni.

Ngu-Ngindizayo umhlophe ka-Rhili,

Intw' enenkunz' ebomvu eyizuze ku-Phalo, Ezek' ezakulo-Nozwane yaziyek' ezakulo-Yakupha zazi gudu.


Nants' int 'enentong 'emnyam 'engaziwa-Mxhosa; Nants' int' enzipho zimnyama kukuphand' uhlanga, Ngalonyakana kwa-Gcaleka zadliw' inkomo; Intw' efanelwe linxuwa elikwa-Nkunzimbini.

Ngunxuwa le-Cawa lif 'amathole,



Liba nelang' elase-Nkumandeni.

Ngu-Gomb' ithamsanga alifak' esiqwini, Intw' emzimb' unencwina ngathi luhlanga, Intw' engalo inekhulu lamadoda.

Ndithi ngu ngqina yemfengu ka- ngcayechibi. Kwabekw' u-Maphasa wenziw' igosa. Kwavuk' inyath' emazants' e-Bengu, Yaliqgib' ilizwe ngokunyelela.

Ngu rhamncwa alivelwa ngasemva, Nabalandayo babetha besothuka, Nakwa-Khonjwayo emaMpondweni likhe labonwa, Zaloyik' izizwe zahlabelana; Watshon' emhlabeni kwadade wabo, Kwafik' u-Gcaleka kwafik' uPhalo,

Wawathyal’ ama-Mfengu asinga kwa kwa-Tshaka, Kulaph’ imikhosi yatshabela khona;

Inxalenye yabheka kwa-Molose elu-Suthu, Kulaph' imikhosi yatshabela khona.


Yingwe yethunzi umfusa ka-Rhili, Iyabalek' imizana yakowabo, Yoyik' ukutshiswa libandezi. Ngumntan' enkosi umzimb' uyaqhuma. Onondayi bahlal' e-Ngqubusini,

Onondayi bakhangel' ukuhla kuka-Mhlontlo, Uyazondwa ngowasem-Lungwini, Ubulel' u-Hope ebehleli naye. Nguzwi-linzima elibizwa phakathi, Uxhalis' imantyi ngokuphendula.

Bendifudula ndimdel' umlungu, Kanti yindod' iqhel ukuphendula. Ntetha zikhethwe li-Tsonyana, Usisi xhaso somhlaba nezulu.


Kukhal' amaqhawe ngase-Mandluntsha;

Izizwe zonke zikwalatha ngezinti.

Sakha saba 'ma-Bomvana likhaya,

Suka seva sekulilwa singazi lutho, Kwaf' oka-Ngezane noka-Mfunze, Ngalemini kwaliwa elu-Vulweni. Mntan' enkosi ongathethi zinkcuku, Ngena Sithatha, ungenil’ u-Manxiwa, Kuthiwa bayoyika babekhe babinza, Ngalemini kwaliwa nge-ntlalelwano nama mfengu e-Bika.


Yint' emlom' umbi njengoka-Mbhoxwana, Ungamthethel’ umnt 'angabuy 'asinde.

Ngu-Gcaleka wathwasa ngomlambo;

uVimba wenkomo, bayakudel' abant 'abakukhonzayo. Koko ke wen' ubaxaka ngelizwi, Uthi no-Rhili akadumanga kusekh' u-Hintsa.

Hay' u-Ngqika owanqand' umlungu!

Owabeth' ama-Mfeng' ahamba nge gunya, Asiphangele kakade asing' emandleni, Ebekhe akucela abuy' anqandana, Kuba kaloku ubuya kuwabetha ngesithunzi adangale.

Wakha wawanceda mhla ngo-Tshaka,

Uyabona-ke ilizwe aligqibile,

Emi nge-Cwecweni ema nge-Ngquthu.

Angxamel' ukusinga kwasemva e Natala, Eva kusithw' umhlab' uxolile, U-Tshak' unqandiwe ngu-Somtsewu.


Mang' angalingisa kulo ka-Hena, Abek' amabele kulo ka-Khwaza.

Ningab' izibond' ezi niyazibulisa na?? Ezi zama-Mfengu nezasema-Xhoseni??

Ke kambe ziyawugqwetha lomhlaba ka-Phalo.


Zifumen' abantu ngo Ngca-Yechibi, Zingabazuzanga ngo-Mlanjeni,

Zingabazuzanga ngempi ye-Zembe.

iNamb' enentsente yakulo-Nongqoloza,

Ayiqheleki kwizinci zakowayo, Ayiqheleki kumacal' akowayo.

Yinkos' engenagosa lithethayo, Ngumntan' enkosi ufuze kulonina;

Ngumbulali wenkongo ka-Menziwa, Mhla ngalemini nga-Mangolothi.

Ngumdaka wo-Nohute wenkosikazi,

Ngu sihogo bangaze beyele mhla kuthethwayo.

Uthetha ngelidala ngelika-Hintsa.

Ndabetha ngomnqayi ku-Madolo no-Sijako, Umntan' enkosi angaphekelwa nkobe, Afel' enkundleni kowakwa-Ngqila.

Ndiyakubulela nyana kama-Gisha, Umntan' enkosi ukumsez' amanzi.

Ndithi yinkunz' ezikhwelayo, Iyawakhonya nezisihla zodaka, ikhonyel' inkunz' ezise-Rhini,

Ziyawathakazela kwimizan' eyoyikayo.

Yint' eyahlab' enkundleni lasibekela.

Umntan' enkos' intliziyo lixhego, Uz' uwagcin' amaqadi akokwenu, ilunda lakho ngowakulo-Mtoto, Izwembezi ngowakulo-Yekanye;

Ngu nkunz' inamandla ngenyama zayo.



Ndiphuph' u-Sigcawu endinik' inkunzi, Kant' amaphuph' ayandishwabulela, Kuthe kwakusa ndadana kwakubi;

Kwesuk' u-Khawuta, kwesuk' u-Nqoko,


Bathi ni mnik' iduna sisi alam,

Ngasemv' usapho luyalamba,

Kant' inkosi zam ziyandithethelela.

Ndithi, lilunga lom-Tsheko into ka-Rhili,

Ndithi, lilunga lento ka-Ntaba.

Lu qwang' olulushica, olutyiwa zingcuka nengonyama,

Kanti nhoko azisokuze zilugqibe.

Yintw' engalo ifanelwe ngumnanaso.

Ndithi, ngubamb' ingwe ngentamo,

Afik' ama-Xhosa seyipholile.

Bayawaxhal 'abantu bezixhotyana,

Baw' ondizalayo!!


Ahhh Nonqaaaaaane!!

Comments

Popular posts from this blog

uKhiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika  Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizw...

Umhlekazi u Hintsa - By SEK Mqhayi

U HINTSA.   Zifikil' ii mini! zifikil' ii mini! Zifikil' iimini zokukhunjulwa kuka Hintsa. UHintsa lo ngoka Khawuta ka Gcaleka, UGcaleka lo ngoka Phalo ka Tshiwo, UTshiwo lo ngoka Ngconde ka Togu. Ulifincil' ikhulu leminyaka wafayo, Koko usatheth' iint' ezinkul' ezizweni zomhlaba Kuba kaloku thina kwa Xhosa , Sigwetywa ngovuko lwabafileyo. Iyaf' indod' ibuy' ivuke, Ivuk' indod' iz' ibuy' ife, Zakufik' iimini zokuthetha kwamathambo. Zifikil' iimini zesirhorho so Nobutho. ngu  Gangath' ilizwe Libe ngu mgangatho , u Mamnkeli wezizwe ngezizwe, ikhaya leentlanga ngeentlanga; Uyise weendwadunge ngee ndwadunge. Mbongen' uHintsa zizwe zomhlaba ! MaBhilitani nithe cwaka ngani na? Nina ma Mfengu? MaBomvana ningaba niyalibala? Nani be Suthu base Qhudeni, Ningathi cwaka na mhla ngo Hintsa? Mhla kuthethwa ngaye, mhla ngeemini zakhe? Phendula mfondini wase Mafukweni ! Andithethi nto ngawe wena wakwa Tshiwo Kwa Ngconde kwa Butsol...