Skip to main content

uKhiva ka Xhoseni





Izibongo Zakhe:
ngu S’mangaye!!!
ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana,
u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu.
igwangqa eli ntsundu lika Xhoseni;
inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage,
ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo,
ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu.
Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe,
wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi,
Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini.
Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka.
ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda,
ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe.

Amagqabantshintshi ngo bom bakhe:
u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKhawuta ka Kumkani uGcaleka. uKhiva lo wayengu mfana omhle kakhulu ofanelekileyo, igwangqa eli ntsundu elihle, enge mde kuyaphi kodwa isithomo enaso, endwebile, ehlakaniphile kwaye enemitsi umfo ka Xhoseni. Iwabo, inxowa lika yise: uXhoseni ka Bhurhu nalo eNyumaga kwa Centane phezulu kwe Nciba ezantsi, kude kufuphi eQolorha. uNina asimazi; asingephosisi kuba eneneni uyise u Xhoseni waye ngomnye weenkosana zika Bhurhu kwindlu yakhe yase Kunene, 'ze kwindlu yakhe enkulu u Bhurhu wazala u Maphasa noo Myeki noo Mbune nabanye. 
Le ndodana u Khiva yabonakalisa isiphiwo sokulwa imfazwe, yaze yazenzela igama okokuqala nge mfazwe ka Nongxokozelo ngo Nyaka ka 1872; apho amaXhosa ayesilwa khona naba Thembu. Kuthwa le nkosana yayi chana kakhulu ngo mpu, umfo ongadlaliyo ngee mbumbulu zakhe, ochana ngqo engaphosi, nebutho lakhe lase Tsonyana kwa Bhurhu elalizi ntanga zakhe lalikwa njalo nalo, bethembene futhi bengamabi wona amagorha. U Khiva lo, Ngu mfo apha ongazange wafulathela edabini, futhi amadabi awalwileyo wonke ubedubula aphumele ngaphaya, namangesi imbala kwathi mhla wadibana nawo amatyeli ngamatyeli bevana izigalo kula mfazwe ka Ngcayechibi, zaaduma iimpampile zika Khiva kwathi nqa amaNgesi, amaMfengu azimela ngaphaya ko Mlungu ngokukholwa yimivumbo yakhe. Athi umlungu emfengwini "Hamba ndiyakuthuma" ithi imfengu "Hayi andizi kuya, yiya ngokwakho". Kule mfazwe ka Ngcayechibi, wadubula u Khiva nge ndlela ekwagqityelwa ngayo ngo Maqoma, egqobhoza ephumela ngaphaya kwawo amabandla wase Ngilani amatyeli ngamatyeli. Indoda eyaziwayo eyayinjalo kwakuqala apha kwa Phalo kwiminyaka yangaphambili yayingu Maqoma ka Ngqika kuphela. Kuthe ke kaloku ngale mfazwe ka Nongxokozelo, iTsonyana lika Bhurhu (indlu yasekunene ka Khawuta) nelali lawulwa ngu Maphasa noo nyana bakhe oo Xhoxho noo Namba ngelo xesha, alalwa kuloo mfazwe ngenxa yee ngxabano zako mkhulu ezaziphakathi kuka Maphasa no Sarhili; waza u Maphasa wathanda ukuzibhekelisa kwizinto zako mkhulu. Kuthe nhoxa kunjalo; uKhiva yena wathi gqolo ekhonze iKumkani yakhe uSarhili ngokunga gungqiyo. Ngoko ke, uyile yena kwelo duli lase Bathenjini ngo Nongxokozelo, ehamba nebutho lakhe eliyi ngxenye ye Tsonyana lika Bhurhu, bengamakrwala ngelo xesha besanuka imbola.


Mhasikhe sijonge unobangela wale mfazwe phakathi kuka Sarhili wamaXhosa no Ngangelizwe wabaThemb; ngo Nyaka ka 1872 u Ngangelizwe ka Mthikrakra ka Ngubengcuka, ikumkani yabaThembu, kwathi kwendiselwa kuye intombi ka Kumkani u Sarhili - u Nomkhafulo. u Ngangelizwe lo wayengu mfo obethayo ebafazini kakhulu; kambe ke no Nomkhafulo intombi ka Sarhili ayizange isinde kuloo mpatho-mbi yale ndedeba, kwada kwathi nga minazana ithile wabethelwa ooGqirha nezicaka yile Kumkani yaba Thembu. Kuthwa indlela le awambetha ngayo nge nduku wayengathi ngumntu lo uthi “ndifuna uyihlo ngaphezulu”. Eyingena nge nduku nje inkosazana u Ngangelizwe, kugcwele apha ko mkhulu zizikhulu zakwa Ndaba, kodwa akuzange kubekho nenye kuwo emnqandayo kuba ayemoyika. Indlela le awambetha ngayo wada wamophula umlenze. Ekubethweni kwakhe, kwenzeka ukuba abalekele ku Nkosi u Menziwa iZizi, iMfengu eyayikhonze apho ku Ngangelizwe eBathenjini; ngu Menziwa lowo owathi wenza ubuntu wayithundeza inkosazana wayigodusa wayisa ku Yise u Sarhili ku Centane e Qhorha ko mkhulu.
Eneneni uSarhili ubize imbizo enkulu apho kwakukho iinkosi zonke zakwa Gcaleka kunye nezikhulu zakhona, efuna ukuba kukhe kuxoxwe ngalento yokuthukwa kwakhe ngabaThembu ngokuthi kubethwe konzakaliswe umntwana wakhe ngu Ngangelizwe. AmaGcaleka awazange abe efunisa, yonke inkosi eyayilapho nezikhulu ezazilapho zayithetha ngqo into yokuba ilizwe lifile mhakuvalwe amazibuko. Ezinye zezinto ezazisenza ukuba amaGcaleka akulungele kangaka ukulwa nabaThembu kukuba imihlaba yawo oo Cofimvaba, oo Cala, noo Ndwe yayixuthiwe ngu rhulumente wama Ngesi emva kwesa yhikili sika Nongqawuse, yaza lemihlaba yanikwa abaThembu njenge bhaso ngenxa ye ntsebenziswano nokuwakhonza kwawo amaNgesi; ukanti naku thotho lwee mfazwe amaXhosa ayezilwa nama Ngesi; abaThembu babesuka bancede amaNgesi la - abaThembu ababencedisa umXhosa ngama Tshatshu wodwa. Ke, AmaGcaleka ayehleli nje efuna isizathu esibambekayo esinokuze siwenze alwe nabaThembu khona ukuze athathe umhlaba wawo ubuyele kuwo. Ukubethwa kwe nkosazana ngobulwanyana nange nzodo nango lunya okwabethwa ngalo u Nomkhafulo yaba sisizathu esaneleyo sokuba ilizwe life. Kwathi kuba kaloku amaNgesi ayesijonge ngeliso lo khozi isizwe samaXhosa, kuba esithi lama Xhosa ndini aweva futhi awaluthandi uxolo kwaye asoloko esenza imfazwe nezinye izizwe; aqonda ukuba amaGcaleka mawaqale ayixele lento kwi rhuluneli yase Cape; uye ke u Sarhili waya kumangala ku Fulele, lowo ke ngu mnumzana u Sir Barttle Frere wodumo, nowayesesinye sezikhulu zase mangesini esasibekwe yi Nkosi yamaNgesi e Cape Colony ukuba siyilawule ngelo xesha, waza yena u Fulele lo ekuli jongisiseni kwakhe ityala elo, wamdla imigqutsubana njee embalwa u Ngangelizwe, esithi ngelakhe ugqibile ngoluhlobo ityala, liphelile. Ayiwaxolisanga tu konke amaGcaleka lento yesi gwebo sincinci kangaka, futhi ke kambe abe amaGcaleka no mhlaba wawo awayewujonge ngamehlo abomvu osezandleni zabaThembu engawufumananga nanjengoko ayenqwenela; kodwa kwathi kuba amaNgesi anobunganga - afana afa na mthanyana amaGcaleka asamnkela ekhwina eso sigwebo se Rhuluneli engaxolanga. Kuthe kusenjalo kwango 1872, uKumkani u Ngangelizwe waqhubeka nokubetha abafazi, kwelityeli ubethe wade wabulala u Nongxokozelo oyi ntombi yomnye wo Mntakubo Sarhili. U Nongxokozelo wayeze ebaThenjini eyi mpelesi  yodadewabo u Nomkhafulo, waza ke yena wasala apho ukumka kuka dadewabo ejonge umntana ka Nomkhafulo u Dalindyebo. Zithe zakufika ezindaba kwa Sarhili; amaGcaleka awabi nakho ukuyi nyamezela kwakhona indelelo enjalo. Futhi kweli ityeli atsho esithi aza kumdla ngokwawo u Ngangelizwe; futhi awayi kunqandwa ngamaNgesi, akulungele nokulwa namaNgesi xa imeko isitsho. Labe liyafa ke ilizwe ngo 1872 phakathi kwamaXhosa nabaThembu; kwathiwa xa ibizwa le mfazwe yi mfazwe ka Nongxokozelo.

Igama lika Khiva ezimbalini zamaXhosa livele okokuqala apha kule mfazwe ka Nongxokozelo, laduma kakhulu kuba iinkosi zako kwabo e Tsonyana kwa Bhurhu nanjengoko besesitshilo: oo Maphasa noo nyana bakhe oo Xhoxho noo Namba babemqumbele u Kumkani u Sarhili kwaye bemkwayile bengasayi nako mkhulu bezibhekelisile kuye, nhoko belikhaya elinye benjalo. Inkosi yase Tsonyana u Maphasa noo nyana bakhe babengakholisekanga yindlela awathi u Sarhili wasingatha ngayo umcimbi ka Nongqawuse ngo 1855/1856 xeshikweni isizwe samaXhosa saxhela iinkomo, satshabalalisa nokutya emveni kokulahlekiswa ngu Nongqawuse intombi ka Mhlakaza; yinto le eyakhokelela kwi nyhikithya yokufa kwabantu abaninzi ngenxa ye ndlala eyathi yalandela ngemva kokuxhelwa kwee nkomo nokutshatyalaliswa kokutya. U Maphasa wayengomnye weenkosi zasemaXhoseni eyayili gogotya - ukutsho oko wayechasene nokuba kuxhelwe iinkomo, kodwa akazange amanyelwe zii nkosi kuloo mbizo yee nkosi namaphakathi yayibanjelwe e Hohita, e Cofimvaba kwa Sarhili; akazange amanyelwe umntwanenkosi kuba wayeseyi nkosana ngelo xesha, uyise u Bhurhu esadla amazimba, inguye ophethe umzi ka Khawuta wase Kunene - e Tsonyana. U Bhurhu yena buqu wakhothama kweso yhikili sika Nongqawuse, ebulawa yi ndlala namaphakathi wakhe oo Thwana noo Dengana nabanye; u Maphasa yena wabhacela kwelama Mpondomise kulo nina. Athe amaXhosa xa ebuya ekubhaceni ezizweni elahlekelwe yinto yonke nemihlaba yawo: iGcuwa, iTsomo, iCofimvaba, iCala,  ne Ndwe ithathiwe ngamaNgesi yanikwa amaMfengu nabaThembu; Aza wona amaXhosa (Gcaleka) athathwa axinaniselwa kwa Centane, Ku Gatyana nakwisi qingatha se Dutywa; ahlala kabuhlungu apho amaGcaleka exinene kakubi, amadlelo wemfuyo emancinci kanobom, ukanti namasimi yayizii ntwanana nje ezincinci; nemihlaba yoluzingela inqongophele kanobom. Waqala kanjalo ke u Maphasa ukuzibhekelisa kwi Kumkani, eyigxeka esithi isizwe sele siphulukene nento yonke kungenxa yobunkokheli buka Sarhili; futhi eyishumayela eyokuba yena nesizwe sakhe bafuna ukuzifaka emaNgesini njengama Mfengu, kuba amaMfengu ayefike apha kwa Phalo engenanto elambile, athi akukhonza ku maNgesi atsho azizityebi ezinemihlaba nemfuyo. Yena u Sarhili kwelakhe icala wayene themba lokuba ngenye imini izinto ziyakuze zilunge phakathi kwakhe no Maphasa umntakwabo, athi nhaxa ezinye iinkosi zisithi ku Sarhili u Maphasa mhakahlaselwe abulawe udelela iKumkani; hayi kodwa ale u Rhili angavumi ngelithi "uMaphasa undim, ungu mntana ka Bawo, xa kubulawa yena kubulawa nam". Nhoko ubudlelwane babungebuhle phakathi kwezi nkosi zimbini zaseMatshaweni - abazukulwana baka Khawuta; u Khiva ithandazwe elikhulu laseMaXhoseni inkosana yase Tsonyana, ayizange iyeke ukuyikhonza i Kumkani yayo u Sarhili. Kungoko ke wathi u Khiva walisabela ikhwelo lika Sarhili mhla ngamini kusiyiwa kudliwa abaThembu ngaphesheya ko Mbhashe eMthatha.

Lithe ke kaloku lakuba lihlatyiwe ikhwelo ko mkhulu esizweni sonke siphela ukuba imikhosi yonke yasemaXhoseni mayixhobe iye kusabela ko mkhulu kwa Sarhili e Qhorha ku Centane; agaleleka ngokwenene amabandla ka Phalo wonke. Uthe u Sarhili ku mkhosi wase Tsonyana (amaBhurhu) owawungama khaba (amakrwala) inkoliso yawo, “iphi inkosi yenu u Maphasa?". Laphendula ibandla lase Tsonyana lisithi “inkosi yethu uMaphasa akazanga, uthi akalwi yena ungu ndilele”. Wath’ u Rhili “Ke nina nilapha nihamba nabani?” Laphendula iTsonyana lathi “Sihamba siphahle umntwanenkosi u Khiva umfo ka Xhoseni ka Bhurhu ka Khawuta, ezantsi e Nyumaga“. Wathi ke uRhili mhakeze umfana lowo ambone. Ngokwenene ke weza ngaphambili umfo ka Xhoseni kwi Kumkani ekwangu Yisekazi kuye.  Ku xa alikrwala u Khiva ngalo nyaka, iminyaka yakhe iqikeleleka kwisithuba sama shumi amabini anesibhozo (29). Eneneni ke ithe yakuba imbonile iKumkani unyana wo mntakwayo u Xhoseni, Yamyalela yathi "namhlanje ke Khiva mfowam, iTsonyana (amaBhurhu) liya ku khokelwa nguwe njenge njengele yalo, uzubagcine ke aba bantu ubalondoloze, ubakhokele nge ngqiqo, uYihlo ndimazi kakuhle ngu mntakwethu"; nesigqeba sonke sasemaXhoseni esasilapho savuma ukuba le nkwenkwe ka Xhoseni mayikhe inikwe ithuba, kukhe kujongwe ukuba yothini na. Uthe wakuba umkhosi wonke unyangiwe ngu Ngxitho, neminikelo yenziwe ezivivaneni ze sizwe; imikhosi yabekwa ngokwamahlelo wawo. 



Ke kambe umkhosi wamaXhosa xa uhlasela wawuma oku kwamaphiko e sangxa xa sibhabha; Ke kaloku nangale mfazwe ka Nongxokozelo umkhosi wawumi ngoluhlobo:




1. inkongo/iphiko lase kunene - yaba ngama Velelo; aphuma ko mkhulu ekhokelwe ngu Ngxitho umfo ka Ncamba ka Gxaba ka Velelo ka Gcaleka ka Phalo. Eliphiko uSarhili walifunza e Qunu.
2. uKala okanye intloko yoMkhosi - yaba ngu Mtshayelo (ikwalelinye ibandla lamaVelelo eli), waphuma umtshayelo ko mkhulu ukhokelwe ngu Mgwebi igorha elikhulu, inxele lika Ngxitho ka Ncamba ka Gxaba ka Velelo ka Gcaleka ka Phalo. Lonke eli hlelo lo mkhosi lalikhwele amaHashe, lixhobe ngee mfakadolo (imipu). Eli hlelo lona uRhili walifunza e Mvezo, phezulu kwee ntaba zo Mbhashe.
3. inkongo/ iphiko lase Khohlo - iTsonyana laphuma ko mkhulu no Khiva into ka Xhoseni ka Bhurhu ka Khawuta ka Gcaleka ka Phalo. Lona iTsonyana u Rhili walifunza ekungeneni ko mlambo i Buwa, ekungeneni kanye kwalo iBuwa eMbhashe. Wathi u Rhili ku Khiva "Yihla uvingce e Buwa uhlale khona apho, uthintele into engarhewula umkhosi wam nge mva".
4. Umzimba womkhosi owona mkhosi mkhulu, owona mkhosi wako mkhulu - amaNdlutsha, iQawuka kunye ne Ntshinga zahamba zikhokelwe ngu Sarhili ubuqu ekunye noo nyana bakhe oo Sigcawu, oo Mtoto, oo Mcothama, kunye no mhlobo omkhulu okwayi ntanga ka Rhili; u Ngubo ka Malashe ka Khawuta ka Gcaleka, bekunye namaphakathi ka Sarhili amakhulu u Bhacela ka Khwaza uMgiqwa, kunye no Rhuneyi ka Qeqe umNgwevu. Wemnka wenjenjalo ke umkhosi ka Rhili uphuma kwa Centane eQhorha, wenjenjeya ujonge kulo nina ka Rhili kwa Bomvana; usiya kwa Nkosi u Moni - umhlophe ka Ntshunqe. U Sarhili wawayalela amaBomvana ukuba umkhosi wawo ugcwalise ngaku mlambo u Mthatha elunxwemeni nako Mqanduli, nako Xhorha uvale amazibuko, ujonge amaNqabe, amaTshomane nama Hegebe; ezi zizwana zazi phantsi kolawulo lwabaThembu, ngoko ke kwakulindelekile ukuba ziya kulwa ngakwicala lika Ngangelizwe.



Uthe umkhosi wamaXhosa wakuba ungenile ebaThenjini wagagana no mkhosi omkhulu wabaThembu namaQwathi kodwa loo mkhosi wanela nje zizithonga zokufika kwabafana/amakhaba anemitsi, akuzange kuliwe nento ekwisithuba semizuzu elishumi elinesihlanu, yaba ngu wayi-wayi nje bajika babaleka abaThembu, amaGcaleka engekabili namakhwapha. Kuthe kanti u Sarhili utsho khona xa abeka u Khiva emazantsi we Buwa kuba kuthe kanti kukho omnye umkhosi wabaThembu ozama ukurhawula u Sarhili ngemva. Walithethela apha ke umfana ka Xhoseni u iTsonyana wathi "Mabandla ka Bhurhu; isithonga sokuqala sesam, ukuhamba phambili ko kwam. Ukuyilawula le mpi ndakugqiba ndiye kuchopha endulwini ndibukele kusilwa amadoda akundifanele. Kokwam ukuhamba nayo le mpi ndiyifunze phambili lide litshone ilanga" . Wathi egqiba ukutsho wabe etsiba phambili edubula ewisa amadoda. Emnka amakhaba wase-Tsonyana kwanga kumnka amaNgesi, ekhululwa seyiphala ebaleni phambi kweyase Bathenjini. Konakala kwalapho. Aba-Thembu badudulwa, bawezwa iBuwa, seyingulowo nalowo efuna elakhe izibuko, bebona amabutho wase-Tsonyana ekhweza phesha ko-Mbhashe. Akuzange kuphele ne yure zibambene, wagqobhoza u Khiva ngaphaya kwayo eyaseBathenjini, wayisukela eyi nyusa eyehlisa ezo ngxondorha nemi wonyo yase Mbhashe. Uthe akuyichitha le ebejongene nayo, wagqithela ku mgca ongezantsi waqhubeka esiya phambili; uthe omnye umkhosi wabaThembu owawulapho ngase mgwali akubona umkhosi ongqindilili ka Khiva, Bachwayita kanobom aba-Thembu besithi : Yhekee Yavela eyakowethu!”. Kanti hayi ziinkomo zika Phalo, zibajikele nge mva, zabafaka emngqingweni (zaba rhangqa). Yaba yinyhikithya engazange yabonwa ebaThenjini leyo. Bambi basinda ngamacebo wooxam kwezo ziziba zo-Mgwali; bambi basinda ngamacebo amaqaqa, azifisa ehleli amadoda. Kwakubi kwezo ndada ze Buwa loomini. Ama Ngolothi, izinto ezahonjiswa zaxhotyiswa komkhulu ngu Ngangelizwe, kusithiwa ziyakwenza esamabutho ka-Tshaka; arholwa loo Mangolothi ngezandla emiqhokrweni li Tsonyana, axhelwa oku kweenkabi zebhokhwe; amanye afela phakathi kuloo miqhokro ebaselwe imililo, etshiswa ehleli.
Axhathisa sekunjalo ama-Zizi ka Menziwa, enza ezibukwayo kwezo ntili ze Thyalarha, kwasala kubo amashumi amathandathu wonke ethafeni. Emaxandekeni ngentla kulwe amaHlubi ka Ncanywa ka Zibi. Azibalula ke kambe amaNgele-ngele, ezixela ukuba wona azinkomo zika Bhungane omakhulukhulu, yaye wona awanakubaleka mXhosa. Kwasala amashumi amabini kuwo ethafeni; zafa into zika Bhungane zisifa njengamadoda, zingahlazekanga ngabugwala, Ubugorha babo abuzange buncede nto kuba banyathelwa ngu Khiva wagqobhoza ngaphaya kwabo, futhi babe ke beyekelwe sisizwe ababesilwela, abaThembu. Lithe lakugqiba apho i-Tsonyana lahamba la lalisa phambili pesheya ko-Mthentu. Kwasa ilizwe labaThembu lizolile lihleli lodwa, iziintaka neenyamakazi kuphela eziphithizelayo; wazihambela u Khiva engaphazanyiswa nayi mpukane, waya kulalisa kwakhona phezulu phesheya kwe Nguqa. Owa Komkulu umkhosi phantsi kuka Rhili no Sigcawu no Ngubo nawo wawusele uhambe kakhulu. Nanko unyuka, usiya kuwela u-Mbhashe phezulu, kwelo thafa le-Sithebe. Wangxama u-
Khiva ngoku, esithi kwi Tsonyana mabawungenele ngezantsi u-Mgwali; uze uthi lo ka Sarhili umkhosi wakomkhulu wona uvele ngentla. Kuthe Kanti um-Fundisi u-Hagile sel efikile ku-Sarhili ; uze kubeka umthandazo. Wacela ukukhe alumane indlebe ne Kumkani wathi;

Yhini na kangaka Nkosi? Ubuze kubetha inkwenkwe, uyibethile, Yhanela Mhlekazi wamomhle!  Wathandazeka ke kambe umzola omkhulu ka Hintsa. Wathi :  Mfundisi Unyanisile. Andiswele nkomo, andiswele mhlaba, ndize noswazi lodwa. uze uyiyale nawe lo nkwenkwe, ibe iyalekile Watsho wayiphethula imikhosi, wayibhekisa emakhaya. Akrikriza apho amatshantliziyo akwa Phalo. Abanye besithi Kufekethwe ngentombi yakomkhulu, mhakuyiwe ezinkomeni zabaThembu kuya kulunga kuba ziya kuqhutywa kungekho nenja ezakusivungamela". Abanye babesithi Kuyakulunga kukhe kuye kubuliswa esikolweni e-Mgwali kuba kuvakele ukuba Irhamba elinendevu’ u Ngangelizwe liye kuziqhusheka kwamFundisi.” Kanti hayi akasekho apho Umntu Omkhulu. Utshonelwe lilanga emini. Wasaba (wabaleka) ngehashe ethwele indlamafa yakhe nge ngobozi ilusana waya kuzifaka ekhwapheni le mantyi yamaNgesi. Apho ufike wathi "Nqanda Nkosi bangade baphele abantu ngu Sarhili". Wacokisa yena umfo ka wase Mangesini wathi "ukutsho uyazinikela nabantu bakho nomhlaba wakho kuMangesi?" Wavuma u Ngangelizwe engabhekisanga nto kumaphakathi kuba elamaphakathi ilizwi lathi makuthethe u-Hagile no-Sarhili. Into eyamothusa kakhulu u Ngangelizwe yamthi ndiii sisithonga sokufika kwe nkwenkwe ka-Xhoseni u Khiva e-Thyalarha, yafika yalitshisa ibhotwe lakhe yalingqongqisa, yashiyeka iKumkani ingcucalaza ingena mzi, yafana yaphiwa indawo yokufihla intloko ezityalikeni ngabefundisi. Uthe u Rhili akuba egqibile ukuthetha no mfundisi u Hagile; Wakufutshanisa ukuthetha kule mpi ikrikrizayo ukugoduka. Wathi Obonwe eqhuba iinkomo zaba Thembu aze azazi ukuba unetyala. Iinkomo Mhazisale zonke, zondle iinkedama ezingenatyala. Waqhutywa ngamandla umkhosi wagoduswa ukubuyela kwa Xhosa nganeno ko Mbhashe. Kubekho ilizwi lom-Fundisi elivakele kakubi kumatsha-ntliziyo akwa Gcaleka, nxa athi Ngokungena e-Mgwali niyakuchukumisa amaNgesi, nizibizele imfazwe enengozi . Athe Ngokucaphuka lelo lizwi, abanye banyathela bexhobile njalo kwelase-Dutywa ngokusinga emakhaya besithi Asoyiki mangesi thina, siwafuna wona kuqala; ngu mhlaba ka Phalo kakade lo”. AmaNgesi eDutywa athomalala; Anela li lizwi lika Hlathikhulu, imantyi yomlungu yase Dutywa, eyathi USarhili uhambe kakuhle ngokuphuma nangokubuya. Ngaphezulu koko uthandazekile, akabohlwaya gqitha abaThembu; ebefanelwe kukulwa. Yona Eyamageza ahamba eqhawula emkhosini olawulelwe enye indlela, ayingethethwa ngu Rhulumente wamaNgesi.” Wenjenjalo ke u-Hlathikhulu ukulixolisa ilizwe. Laxola ilizwe kwaba mnandi yaba zii ndyebo. Lo mfana ka Xhoseni: u Khiva uze kuqondwa kwezo ntuli zasebaThenjini, Kwazeka komkhulu nakwa Gcaleka wonke uphela ukuba kukho indodana kwa Bhurhu; iTshawe elifanele ukuphatha e-Tsonyana kwakuba sezikhalini. Igama lakhe laduma izizwe zonke kubaliswa ubugorha bakhe awabubonisa ebaThenjini. 


Imfazwe ka Ngcayechibi

Ke kambe kuyaziwa ukuhla kwale mfazwe, sele ku mzuzu ibaliswa. Ukuwenza mafutshane, Kwahluthwa, kwabethwana ngeminquma emgidini kwa Ngcayechibi e Bawa eGcuwa, kuxatywenwa ngento engekhoyo ngamanene ayehleli edudelana imidudo, ebikelana imigidi. kwakude kudala. Kwasilwa kwa-Ngcayechibi kwesika Ngqengqa e-Bawa, ema-Zizini e-Gcuwa. Lafika kakhulu i-Tsonyana kulo mdudo nenkosi u-Mxoli into ka Mbune ka Bhurhu ka Khawuta ka Gcaleka. Balawulelwa , asela
onwaba amadoda, latshona ilanga ehluthi. Ahamba awakwa Gcaleka kungekho nto. Yasala endlwini i-Nkosi u Mxoli ilibele
kukungcaza kumlingane wayo, bebekade bahlulelene nge ntsika lemini yonke. Wathi omnye Khawenze kuhle kuphume abantu, into zam zingabonelelwa". Kude kwavela umntu emnyango wathi Mayihambe inkosi, impi seyikrozile enye ingaphesheya. Wathi u Mxoli Hamba ndiyeza.” Kude kwangena umphakathi wase Tsonyana u Nkunzana wase Mangwevini wathi Hambani kuyahlwa, impi ayisekho, sele sisele sedwa ngoku apha”.  Yangxama ngoku inkosi yathi kumlingane wayo uNgcayechibi Natsikaa,ndinike kaloku ndihambe” Wathi omnye Unani na lomXhosa angade ahambe ayeke ukundifundekela apha?”. 

WacaphukauNkunzana wathi  Yin'leee!! Yinkosi le uthetha nayo akuyazi?”. Asuka avutha amanxila asana izandla. Kuthe kusanqandwa ngabanini-mzi, kwcsuka igeza laphosa ibhekile yotywala eziko, kwasuka kwa mnyama kengoku endlwini, anyathelana ngoku amadoda ukuya emnyango, yaziphosa phantsi inkosi yaphuma, asala amadoda endlini ekrwitshana kuba kuxinene akukho thuba lee ntonga. Athi kuba amaMfengu ngawo amaninzi futhi kuselalini yawo; abambana odwa, ayesathetha isiZulu ngalo maXesha, kuloo mkrwitshano kwavakala indoda isithi "ngiyekeni ngingowala ekhaya ningi krinyelani?". Elinye iphakathi lika Mxoli lalisele lixhagiwe macala onke libethwa; lasinda ngeqhinga lokusuka nalo lithi "ngingowala ekhaya ningshayelani?" wabe uyasinda ngalo ndlela; wathi jaju phandle kanti sele kukade zilila phandle apha, amadoda abilise amakhwapha agqebhana iinduma ezinga tsitywa ntwala. Yabuya naleya impi yayisele ihambile yakuva ukuba kukho intswahla nge mva; yaba lelimnandi elo ke kambe ku makhalipha wentonga. Walaliswa phantsi umninawe we nkosi uMxoli, Fihla; yafika eyakowabo ethweswe zantathu iinduma. Umphakathi u Nqeyi into ka Gixa, wabhuqwa; kodwa bamhlangula, bamthwala kodwa ngelishwa wafela endleleni. Kwaliwa onela amadoda yi nduku; kwade kwamnyama ebethana. Arhoxa amaGcaleka esithi awuba zizi sulu zemikhonto, abe wona engayiphethanga eyawo. Kube nzima ukunqanda ngengomso, kuba amakhaba (amakrwala) ayehlel evuthiwe kakade, yaye esithi iLihlazo into yendoda ede iqine ingazange yalwa mfazwe. Ngaphezulu koko izixhobo zokulwa anazo, kuba uthotho lwabafana ngelixesha bebevamise ukuya kusebenza eDokisini e-Kapa, apho babethi bathenge imipu; umfana ongenawo yayingothandayo. Koo Mahlalela, baba baninzi abarhweba iinkomo ngantathu nanga ntlanu bathenge imipu kula avela eKapa. Kwaye kukho ikhalipha elikhulu eligama lingu Sidubulekana, lisenza izinto ezinkulu ukuthuthela kwa Gcaleka imipu yama Mfengu liyixutha kooma Hohita phesheya kwe Tsomo. Amana ukupuluka amaqela ebulalana. Kwaba njalo ku Ndotshanga, mhla batyakatyana ngemipu eManzini wo mlambo iGcuwa, bayekana kwase manzini apho, kungekho abade bawela; Kwasa echolwa amadoda ehlabene, efele ndaweni nye ebambelele ngezikhali.


Wanqanda u-Sarhili, evene nemantyi ekuye u Wesi (West Fynn)  izama nhayo ivene neyama Mfengu imantyi, kodwa hayi tu kwabayi nqaba. Oka-Mbune (u Mxoli) uyalwa ngomphakathi obethwe wafa, nangomninawe wakhe (uFihla) ongacacanga kusinda. No Xhoxho into ka Maphasa, ungxamile ngabantu bakhe abathe bakuba bebikelwe umgidi kanti babizelwa ukubethwa.

u Fulele (SIR BARTLE FRERE)


Kude kwafika i-Rhuluneli, ize kunqanda nhayo. Yile Rhuluneli eya lunyukiswa ngumfo ka Lose. Ke kambe u-Sir Bartle Frere waye ngumfo oshushu, omagunya makhulu, ovela kwe lishushu e Indiya, kumbuso oqatha wama Ngesi. Uze exabene kade, esithi imfazwe idalwa ngabom ngama Mfengu avulelwe ziimantyi. Uwele iNciba, ngalemini u Elefu (Allyif), imantyi ese Ngqamakhwe, angcwaba umntana. Uxabane gqitha ke u Fulele akufika eNgqamakhwe esithi lama Mfengu kudala wawarhanela ukuba ngawo la aqhwaya imfazwe kumaXhosa, kuba wawabona esuka aphuma exhobile, phofu ngelawo esithi wona akhombisa ukuthembcka ku maNgesi.  Ayexhobe amaMfengu ehlaba umkhosi, esenza izithonga. Wathi u Fulele Bendisazi kakade, aba bantu basile, imantyi zaseMangesini abazithobelile mfazwe idalwa ngaboUhamba no Tshalisi (Charles) ngelo xesha atshoyo. Uthe yena u Tshalisi kunyana wakhe Akusancedi lutho ukuthetha naye. Hamba uye kuyihlo uthi aze afike kusasa athobe lomsindo”. Ngenene wenza njalo oka Lose (Ross).  Uthe esendleleni eya ku Fulele njalo wadibana nama Mfengu ezele apho ngase Tsomo exhobe efohlele, efungele ukuba akayi kuphoswa kukubonwa ngu yise wawo u Fulele, yaye ayengxamele ukubonisa ukuthembeka kwawo ku Mhlekazi lowo wase maNgesini. U Lose (Ross) wawaxelela elakowawo isiko lase Mbo wathi Leli khulu ityala ukusondela phambi kwe Nkosi enkulu kupethwe izikhali. Abulibaleki ubudenge bala maMfengu wase Nciba aye ku Fulele ephethe iintonga”. Watsho u Lose wathi "Umntu mhakaphathe intongana yokubetha ihashe yodwa. Aziqhusheka bu phuthu-phuthu engceni zonke izixhobo zawo amadoda. Wakhwelela yena u Lose waya kufika enqwelweni ka Fulele isemgama. Kwekhuu!! akazange awalibale u-Sir Bartle ama Mfengu ngokuzola, esithi angabantu boxolo, abalulamele umthetho. Wabuza inkosi yawo, wathi omnye Ikakhulu yimpi ka Luzipo ka Mvunga le”. Wathi kunobhala wakhe, "Libhale phantsi elogama, le nkosi ndikholiwe kakhulu yiyo". Akuhambanga xesha lide kwafika umpu omhle kunene; waphiwa wona umfo ka Mvunga ngu-Sir Bartle FrereAbabekhona apho bathi umhlekazi encoma nje abantu boxolo abanga xhobanga nokuxhobaKanti ngalo lonke elo xesha emva kwabo engceni kuzcle qhu yimipu, eminye ingxashiwe ibekwe buphuthu-phuthu, ityedwe kade, kuba ibekwa belindele ukubasa yakuthi thu eyama GcalekaWaya kufika eGcuwa u Fulele, wazihlanganisa imantyi, neenkosi zama Mfengu wenza intlanganiso. Walwa nabo bonke. Yathi iphakathi loo ntlanganiso kwagaleleka umfokazi elifunzile ihashe, egila nabantu, wathi Khawulezani madoda, amaGcaleka, aliwelile iGcuwa, nanga esiza kungena esikolweni Yathi duu yonke impi isiya kunqanda. Wacaphuka wabomvu u Fulele, wathi USarhili mhakeze apha yena buqu sithethe sobabini”.


Oka-Hintsa yena wakhumbula into awayibona engumfana; ukufa kuka yise ebulawa ngama Ngesi akuba ebiziwe kusithwa kuza kuxoxwa; ukuwenza mafutshane, wala u Sarhili wathi akazi kuya apho; u Fulele mhakaze yena. Wancama uFulele, wathi : Ilizwe Lifile”. Kwezi ntsuku kulwa i-'I'sonyana elikoma 'I'huthurha. Liphethwe ngu Mxoli ka Mbune, ufunnza eshushu ngu msindo ngokufa kwe phakathi lakhe kwa nokubcthwa komninawe wakhe u Fihla. Kule milo u Mxoli uncediswa ngu Xhoxho into ka Maphasa bathi Kuphalele igazi lenkosi mhakuliwe.” U Khiva yena umntaka Xhoseni usesezantsi e Nyumaga akakafiki kulo mlo uphethwe ngu mzi wakowabo wase Tsonyana. U Sarhili uthethe amazwi aqatha ku Maphasa esithi Nqanda wena usemdeni, ilizwe lingafi kukuhlutha kwamanxila akho. Koko u Maphasa unqande woyiswawada wazakuba ngu ndilele (akalwi mfazwe) ngelo lizwi lenkosi.

Ukungena kuka Khiva emlweni:

U Khiva akabanga nakho ukubukela umzi ka yisemkhulu u Bhurhu, usilwa nama Mfengu yena angathathi nxaxheba, nhakuba wayesalindele ilizwi elisuka kwi Kumkani yamaXhosa, ilizwi elixelayo ukuba ilizwe lifile na okanye hayi, futhi ukuba lifile imfazwe izakuthethwa nini phi ukuba iliwe njani. Uye ke umfo ka Xhoseni wa nyebeleza ngoko nangoko, wemnka namatsha-ntliziyo wakhe - iinkcani ezingaphosiyo, i'nto ezidubula zide zilale ngecala, into ezidubula zikhwele emahasheni. Besuka e Nyumaga kwa Centane, baliwela

ezantsi i Gcuwa ekungeneni kwalo e Nciba, Bathe befika nje apho, bahlasela amaZizi, bawatshayela ukusuka e Diya ukuya kutsho koma Klanisi. Yaqala yayimfazwe ngoku, kuba kulwa ababekude nomgidi lowaa wakwa Ngcayechibi, futhi bengenazo neenduma zawo. Akubanga phi achithakala amaZizi, indoda nganye yakhumbula amahlathi anqabileyo wase Nciba. Anyathelana amaZizi ukuya kungena emiqhokrweni yee ngxondorha, nasemi fanteni kulomawa made ajikele iNciba, entla ko-Njamkhulu. Ithe ifika eyama Gubevu impi, isuka kwa Ndabakazi, neyase kunene yase

Tholeni, nenxalenye yama Bhele ase Qeqe, kwabe sele konakele kakhulu; AmaWaba akwa Jama sele elinganisa iimfene ukukroba ezi ncotsheni zamawa ebikelana ukuba kuxa kutsha okabani ngoku kuba loo mawa alivelele kakhulu elozwe lase Nciba. Ibonile imikhosi yama Mfengu efikayo ebushushwini be dabi ukuba la ebefike kuqala abaleke angena ezi nqabeni akusancedi nto ukuya kudibanisa kuwo. Iinjengele zase Mamfengwini ezazikho apho, zathi mhakuhlangatyezwe le mpi yasemaXhoseni iphikele ukukhweza iGcuwa; zayifunza eyakowazo impi zehla. 


Zabambana ngezihlwitha kulo mathambeka wase Tholeni kude kufutshane ne dlaka lika Kumkani u Phalo; akwalunga emaMfengwini, kwaba nzima kunakuqala, zaangxama iinkomo zika Bhurhu zawathyala amaMfengu zawaqabelisa. Kwezokuqala izithonga kufe into ka Makhuphula, Phunguphungu. ama Gubevu awayekunye naye athi wadutyulwa ngu Khiva yena buqu umntaka Makhuphula. Lo Khiva wayedume ilizwe lonke emva kwe mfazwe ka Nongxokozelo yase Bathenjini, kwathi kanti bekungaxokwa, kuba wazidudula zonke ngale mini ezona mbethi nee nkcani zase Mbo, ezilahla phantsi, ezithoba amathambeka, umntaka Xhoseni usahleli kulanto yakhe wayiqala esengumfana e Buwa ebaThenjini. Ufele apho u Mathe into ka Mahlangeni, yakwa Khuboni, owaye kwa bokuqala abafunda ukuchwela eDikeni. Wangcwatywa ngcwabeni linye no Mbusi into ka Mbebe, umphakathi wakowabo. Baba liqela abasala apho. Yasinda eyase kunenc kuba  inyangwe” kutsho bona kambe; Litola elibukhali lakwa Msi, ixhego elawela u-Thukela seliqabuke kade, leza ngneno apha kwelase MaXhoseni liphete ezakhona izikhafulo. Isinde apho inkosi yakwa Gubevu u Faleni ka Ngwabeni. Abaleka ama Gubevu ayishiya elubala inkosi, Isindiswe nje ngu mshumayeli wakwa Lose (Ross), u Masala into ka Mpisane, usasa olude olufanelekileyoinzwana entsundu ehlekayo, eyaduma kudala kwa Gaga, ingeka gqobhoki, yazibonakalisa ukuba ingu mnini kubeth' intonga. Abaleka amaGubevu aqabela yasala inkosi iphelelweseyihamba ikhubeka isiwa kwelo thambeka li zikhotha zinamatye. Lazola igqobhoka elikhulu lahamba emva kwayolati Hamba kuhle ungangxami, kukhe kuphele iphika. Ndikhobogqitha kum ukuza kuwe. Ndiphethe umbaxa nje sokhe sibone. Hamba kuhle nkosam, kuphele iphika”. Kude kwabona iphakathi, u Mthathi, into ka Mpopiya, elinye ikhalipha lakwa Gaganto entloko izinduma macala onke. Yawakhalimela amaGubevu, yawabonga, yawathuka, seyiwalilela isithi Angade afe yedwana umntaka Ngwabeni sikho, sibukele, siphethe iintonga? Thina saluswe ngemikhonto yemfazwe?.” Athe amaGubevu akuva lamazwi; wavuk apho umsindo wabathakathi abavela baqhela ukuthimbisa bevingcelwe zizizwe zonke. Zaphethuka Iinkomo zika Nokhala, izala kulandelwa, Izigula mkhonto. Zafunza phambili kweka Bhurhu zabhek ezantsi, zaphuthuma inkosi. Kwafikwa namhla umshumayeli etsho ngehempe yodwanayo seyimajacwana yimiqaqoba. Babahlangula bobabini babaqabelisa. Oluthuli lakwa Njamkhulu luse loluka Khiva. Urhoxiswe apho umntaka Xhoseni ludaba oluthi inkosi yakhe uMaphasa ingu-Ndilele (ayilwi), kwaye iyafuduswa ngamaNgesi iwezwa iNciba isiwa eQonce. Erhoxa nje e Njamkhulu u Khiva, ngelakhe uya ku Maphasa, uya kumnqanda ukuba angaweleli kumaNgesi, koko ufike sele ehambile. Wasele egqithela phambili ejongise amabombo apho u Sarhili wayehleli khona.


E-NGUNDUZA.


Ukuxela ukuba akathethi, ayalwa amaGcaleka, afunza kwi Posi yase Ngunduza kwa Holandi. Yaqala malanga loo ngoma yemipu latshona ilanga kwa mnyama zisabambene ngazo. Langena ezinqwelweni iTsonyana likhokelwe ngu Khiva ubuqu, kwehla indaba; wawathyala amaNgesi esezinqweleni zawo, wawatshonisa ezintlanjeni, azibike ophakathi enqwelweni, kungafiki luncedo kuba wonke umntu wonele yile abambene nayo. Amadoda adubulana echophe phantsi kwee nqwelo. Ithi yakubasa, enye izikhahlele phantsi, isazi ukuba idangatye lozibizela apho zonke imbumbulu. Zide zazirhoxela iinkomo zika Bhurhu ngokuphelelwa zi mbumbulu.


Ubonile uSarhili ukuba uyonganyelwa, sekonakele, wafuna indoda eqinileyo, ethembekileyo, aya kuyithuma kwa Ngqika. Kubonwe u Khiva. Nhakuba eselula nje, kodwa ungoyena selesazeka, olikhalipha, futhi oyi ngqondi. Yathi inkosi Wela uye ku Sandile, uphuthume impi yama Ngqika. Uze uzame konke eze isiqu nawo, senze kunye esinako”. Ke uqale wawela uKhiva ngoku nyebeleza. Efikile kwa Ngqika, Whala ukuhamba uSandile wathi uhlutshwa ngu mlenze yena; ngaphezu koko akuko mfazwe ingamlungelayo kuba uhleli enkonkxeni urhawulwe macala onke zintshaba. Ngezantsi li Qoncc ne Monti, ngasentla ngu Komani no Daliwe (Cathcart), nge mpumalanga ngama mFengu, ngentshona langa li Dike ne Bhofolo. Watsho esithi "ndikhohliwe, Kanti ukuthanda ndiyathanda.Watsho kubonakala ukuba umbaxa. Kuba nango Nongqawuse waba njalo; wala ukuxhela wabuya walukuhleka waxhela. Waphindela kuSarhili u Khiva wabika. Waphindiswa ngu Sarhili wathi "uze ufake isikhuni uphembe, nhokuba uyala u Sandile amatshantliziyo akwa Ngqika ayakutheleka kuwe, uhambe ubuye nawo nize kum". Wahamba ke enelo zwi enama khalipha akwa Gcaleka. Bawela e Tyityaba, baqabela. Bangqubeka kumkhosana wamaNgesi owawusiya kugcina amazibuko, balwa nawo bawuchitha. Waqhumisa uthuli lo mkhosi ubaleka ukuya kufuna uncedo eQumrha. Wakho ophuma khona eQumrha uhamba neqelana lama Mfengu. Kwabonanwa eMpanza ngase Ngwenkala, kwathi makatha wabasunduza umfo ka Xhoseni, walala apho. Kuse sele ehamba, wamnika ukunene u Sihota, waqabula unxano, kwamnandi Khubusi kwi komkhulu lika Sandile. Wakhweza njalo iKhubusi, abonana amaphakathi no Sandile. Akhulelana amaphakathi amanye esithi mhakuliwe, amanye ema kweliya lizwi lika Sandile. Inkosi yona yaba mbaxa. Kwaba nzima kuloo ntlanganiso, ingxoxo ishushu, amaphakathi ka Sandile ekhuphelene izikhali ezakuhlabana phambi kwe nkosi. Umfo ka Xhoseni akathethi yena lonke eli xesha umamele. Yena ungu  Magubu axel' ulwandle. Sisingxami esishushu, esingafuni kuhlala phantsi”. Bethetha nje abanye ulibazise ngokukhweza Nciba, ukuze afake isikhuni aphembe kwa Ngqika. Sithe sakuqhuma isikhuni akuba esifakile u Khiva, kwekhuu! Zahlomela kakhulu iinkomo zika Rharhabe, nhakuba inkosi ingekazikhululi zangena bhakada emfazweni; wathi u Khiva ejika labe iQumrha lisitsha lingqongqa, u Mathanzima ka Sandile edibene no Makinana ka Mhala ka Ndlambe bayitshisa i Hotele yase Draaibosch yatsha yalu Thuthu.




ENTLANGANO YE-TSOMO.

Kuma Rharhabe ayephethwe ngu Mathanzima ka Sandile, kukho iqela elikhe lakroba ku Nyaba. Lifike ama Bhele exhathisile eludadeni ngaphesheya; lama Bhele ayekhokelwe yinto ka Mahlangeni, uGamalitshoyo, enenkulu yakhe u Rhobi. Lenza msinya ke kambe ixhego lako Dlambulo, elichana kunene. Kwawa babathathu emanzini ezibuko, kwezo zichithi ziphakathi. Babona ngoku ukuba lamadoda azigxumekile futhi awaqondakali ne nani lawo, kuba udada lunqabile, kwaye izibuko liphangalele, kukho iziziba ngentla nange zantsi. Impi ephikele ukuthyudisa apho yophelela emanzini. Bakhweza balandela abaye kuvingcela ama Zizi eNtlangano, kuba wona selesaziwa ngu Khiva, benga bahlobo, belulamile, bengena ngozi kuye. Nawo loo Mazizi ancedwa kwa ngum-Xhosa ogama lingu Ngqoko, into ka Qhaga, owayeqhele ukusela nawo emigidini. Wawela ebusuku, wawavusa sele kulelwe, wathi MaZizi Seyikho, iyafunza ekuseni”. Waphindela kumawabo (KumaXhosa) engazinto wona. Yanguye kanye nge ngomso umnini kufunzawangxola, wathuka, wambatha ukuqalekisa kwanga yingubo yakhe. Kanti umthakathi ufihla isenzo sakhe. Angxama amaZizi aziqabelisa buphuthu-phuthu ebusuku

iinkomo; Asaba neentsapho zawo. Kuthe xa kusisa, yabe kukade zinxakama iimfakadolo kulo mawa made akwa Skelewu. Laphuma ilanga eqatyeliswa ama Zizi sekuyi minyeko. Zathinjwa apho inkomo; wafela apho u Mashiyi, okuphela kwe gwangqa elalikho kwelocala loomini. Anqumama amaRharhabe, sele esiya kulo venkile ka Mashiyi Mpukane eNgqamakhwe. Athi Masijikeni siweze iinkomo, amanye amamFengu engekafiki”. Wala u Khiva wathi "Sesilapha nje, indlela yokuya emakhaya kukunyathela uZazela, kunqunyulwe umendo, kukhwelwe emhlana kula mfengu ingu Mkhiva yasemaZizini, adityaniswe no Silinga kuhliwe lo mmango; iGcuwa liwelwe e Zazulwana; kufakwe isikhuni kwezo ngxadana zimaweza ze “ Nyebethu yemFengu Intemlomo unee nkokho, kuphunyelwe njalo e Bika”. Hayi ala amadoda athi AmamFengu ayakuhloma onke emva kwethu, umlungu asimele ngaphambili, konakale sakuphumela iGcuwa”. Waphika uKhiva kuba ebona indlela ehamba umhlaba wama Zizi awathandayo, kuba ebone kwakudala ukuba akana ngozi kuye, futhi asoloko emvulela indlela. Wathi ke ukuphendula AmamFengu alwayo asezantsi, amanye asezi nkampini. Ingalo yethu yosilawulela, izikhali zisigecele indlela”. Livele apho ilizwi elide lamoyisa elithi Oka Hintsa ukuthumile wathi phuthuma uSandile. Koba lityala ukufika wedwa, Yothini yona inkosi ukuwela yodwa life kade? Woyiswa ke uKhiva lelo lizwi, wajika wabuya wawela kodwa erhana esithi  Bekuzaba mhla kwakuya kuhla indaba enkulu. Nokuba sifele apho kodwa bekuya kuqonda uMlungu ne Mfengu no Mxhosa wonke jikelele ukuba thina sili Tsonyana lika Bhurhu". Yaba kanti kukusinda kwe Tsonyana nama Rharhabe oko, kuba lama  Mfengu athi yena asezi nkampini kumhla afikayo. Aputhunywe ngu Elefu erhana esithi Ikho lento izakuhla kwelicala lase Nciba”. Alala imini yanye emakhaya, avuka asukela umkhosi ohlatywe kwesika Mdutyulwa e Nqancule. Kuba kaloku uKhiva usifakile isikhuni so mlilo kwa  Rharhabe, asele ekhwezela ama Ngqika akoma Bholo ephethwe li Xhonti lase Bholo - u Mthanzima ka Sandile.


E-NQANCULE.

Le iliwa ngu Mathanzima ka Sandile ekunye nama Ngqika, akuba u Khiva eyifezilc awayeye kuyenza; eyokungenisa ama Ngqika kule mfazwe ka Ngcayechibi. Wangxama ukuya kuthatha u Sandile emse kwa Gcaleka. Iqutyulwe eyase Kunene ka Mdutyulwa; yawelwa iNciba kwelase Bholo eCumakala, naphantsi ko Cinya. Wathyalwa Mdutyulwa ngama Ngqika waqatyeliswa i Nqancule sekukubi. Aqala ukufika kulapho ama Bhele ka Mavusoabona ukuba aku lunganga, adubula ehleli emahasheni. Wathetha umfo wakwa Ngqika wati Ngamagwala lawo ayoyika ukuma ngeenyawo! Phakathi mabandla ase mnzwini, Mabandla ka Rharhabe. Konakele!”. Amanye ama Mfengu ankqwila, angena
ehlathini elibi kunene phantsi kwenkalo ye Sihogo. Amanye emnka ngom-mango etsalele emazibukweni e-Tsomo kwa Sivanxa. La angasentla axakeka ngokungxama kwama Xhosa, athintelwa kulondlela. Ehla ngemiba yeemfene kulomawa aphesheya kwawa komkhulu, ehla kukubi amadoda engasa khathali. Lithi ixhego lasema Mfengwini elalikho apho ngalo mini Kwakukubi kweli lizwe ngaloo mini. Mna ndehla nga lowa mba ungentla kwala mthi umnyama. Wathi umfundisi owayekho Uyaxoka, ndiyawazi la mba, ndizingela phantsi kwawo, yi mfene yodwa ehla ngalowo". Lathi ixhego; "Unyanisile, ndafika apho ndimfene kade, ndiphepha imikhonto, ndaziphosa ndehla ndingasakhathali. Ude wancama umfundisi akuthi amanye amadoda awayekho "Unyanisile, Sambona sisehlathini. Waziphosa sathi ufile lowo. Sambona selesithi vu ethyolweni ngaphantsi wayinkunzi yemfene ukuhla ithambeka linamatye, etsalele ehlathini. Kwakukubi ngalomim, amadoda enza engacingi”.

Wahamba nayo inkosi yama Rharhabe uKhiva, kwawelwa kungekho nto. Zabonana iinkosi eNciba ezantsi ekungeneni ko Mnyama, kwelo nxowa lika Myeki ka Bhurhu. Kwacetywa, yathethwa imfazwe indlela emayiliwe ngayo, kungenelwe inkampu yama Ngesi ekwa Centane.


 IMINI YAKWA CENTANE.

Lemini yeyokuqondwa kakuhle. Kulapho imikhosi
yamaXhosa yaqobokayo yancama. eyama Ngqika
yanela ngaloo mini, yasaba, yawela iNciba buphuthuphuthu, ikhumbule ezinqabeni kwiintaba ze Mathole. Inkampu yamaNgesi yayikulo mango ubheka ngase kunene wokuthi tya ku Centane; uphumele lonkalwana ine hlathi lesilungu ngezi mini, kweli hlathi lase Njingini ku Nyokana, apho kukhiwa khona ingceke yabakhwetha - elo hlathi latyalwa emva kwayo le mfazwe lifihla amangcwaba wamaNgesi awela apho; kwakungekho hlathi ngalo maxesha, yayiyinduli nje engu mango. Le nkampu yama Ngesi ke yayilapho, yayinqatyiswe ngendonga zesoyi nangemisele. Izikhundla senkanunu zenziwe kakuhle. Mganyana phambi kweendonga kukho imisele yokuncathama ezona ndubuli ngo mpu. Eyase Bika impi yamaNgesi ayikude kuyaphi ukusuka apha, imikhosi inokuza msinya ngamahashe ithelele kule ikwa Centane. U Maphasa ukweyakhe inkampu ku Macibe, kufuphi kule
yamaNgesi. Apho usenkonkxeni kuba amaNgesi uyamrhanela, athi kuba ngasa kufika izigidimi zako mkhulu kwa Sarhili, yaye angomelezeka ngokufika kwama Ngqika, ade aphakame, angene ngaku Sarhili. U Sarhili akakamncami u Maphasa. Abathunywa bakhe basa hamba babuye. Uzakude aphakame angene ngakumawabo akubona impi ibambene phambi kwakhe. Liyavakala nelithi uMaphasa uthi uxakekile uxinwe yinkampu, uyakuphakama akabona ithuba elililo angene kumawabo - ku Sarhili.


U-Sarhili no Sandile ngeli xesha base Nciba malunga nokungena

ko Mnyama, kwelo nxowa lika Myeki ka Bhurhu. Ama Ngqika ashushu, ayabhavuma ngu msindo ngento eyenziwe ngu Maphasa. Athi Thina ma-Rharhabe sawela iNciba sashiya indawo yethu yase kunene, yasala yathatyathwa ngu Bhurhu; sazi yena ongo sengela Ikumkani yamaXhosa. Nanku namhlanje sifika Maphasa esengela amaNgesi. Inkosi mayisivulele siqale ngaye, simthwale nge mpumlo siye kumphosa kulo nkampu ayenze eyakowabo Kodwa hayi, walile oka Hintsa wathi "Mabandla akulo Mbombo, ukubinza uMaphasa kuyafana nhoku binza kum”. Kubanjwenwe kakhulu ngale ndawo; kuba amaphakathi

akomkhulu kwa Gcaleke ayedinwe kakhulu ngu Maphasa, ngoko ke aye akekelela kakhulu kwela lizwi lama Ngqika lokuba makakhe avunyelwe amaNgqika njengabakhuluwa bezindlu zase Kunene ukuba amgube uMaphasa. Nee mfazwe ezikade zisenzeka, u-Maphasa wonwabile uphunga ikofu eQonce namaNgesi; Ukanti nasebaThenjini akazange alwe, wadelela iKumkani akeza imbizile. Acebisa amaphakathi akwa Gcaleka athi Lamikhosi izayo ngaku Manyube mhayikhweze iKhobonqaba imfikele phaya ku Macibe u Maphasa, imqubule imchite, yandule ifunze seyi yonke enkampini kwa Centane”. Nakule ndawo akavumanga u Sarhili, koko wayilawulela apha kuye yonke, wathi mhakungabikho mkhosi uyakuvela kwelicala lino Maphasa. Lento iyabonisa ngokuphandle ukuba ukuba iKumkani yayisahleli imthembile uMaphasa ukuba uyakubuya aze kuyo ngokuba kaloku balikhaya - bangabazukulwana baka Khawuta bonke, badla sithebeni sinye emva ekhaya, basenga nkomeni inye. Ikumkani ibambe

ilizwi elixokayo elinikiweyo ngu Maphasa elithi : Ndiqhawuleni kule nkampu yama Ngesi, khon' ukuze ndivuke ndingene ngakuwe yakubambana impi”. Kwaba njalo ke; yahlangana yonke imikhosi emazantsi o Mnyama; kwelo nxowa lika Myeki. Yalawulwa apho ukutshona kwelanga ngu Sarhili. Icebo lakhe ilelokuba ihambe ngobusuku isondele kula nkampu amaNgesi ayehleli kuyo, ifunze kunye kwawukusa; yenze icici (isangqa), iyifake phakathi inkampu, u Maphasa yena imshiye ngaphandle kwecici elo; Kwaku lindelwe ukuba u Maphasa uyakulifumana njalo ithuba, ngokuthi aqhawulwe kule yamaNgesi, aze yena aphakame angene ngakumawabo, idliwe eyase mlungwini.


Ulawule
 wenjene u Rhili:


1 inkongo/iphiko lase kunene: iyakuba yeyako mkhulu (amandlutsha, iQawuka ne Ntshinga), iyakuphathwa ngu Hati, iyakuhamba impi iye kuyivelela inkampu kwelicala

langase lwandle eQolorha kulendawo inendlela esuka ku Centane edolophini; uyakuthi ke ayijikele ngaphaya emangweni nganeno ko Maphasa.


2. Phakati ngase kunene iyakuba ngu Mtshayelo, uphethwe ngu Mgwebi ka Ngxitho Ncamba; uyakuthi ke yena eyakhe impi ayihlomele kweyako mkhulu amaNdluntsha, uyivelele ecaleni nangaphambili inkampu.


Phakati ngasekhohlo iyakuba ngama Vclelo, ephetwe ngu Ngxitho ka Ncamba.


4 Ekhohlo iyakuba ngama Rharhabe ehamba nenkosi yawo, u Sandile. Wathi u Rhili, wena Sandile uyaku nqunqa ezontlambo zo Mnyama. uye ku khwelisa njalo kuMaphasa; unge uthi thu phantsi kuka Centane, uyijikele udibane nokunene kwaleya yako mkhulu: amaNdlutsha kwela phiko lase kunene emangweni ngaphaya kwayo. Wathi ku Sandile Nantso inkwenkwe ka Xhoseni, yohamba nawe, ikubonise amazibuko”. Nangona nje yayilicebo eli lilo eli elaliya kulunga; Lonakala zinto ezimbini:


Okokuqala: Kwasa ekuseni izulu likhumezela, ithe shinyi inkunguimikhosi yangabonaniAthe amaRharhabe engeka fiki kwindawo yawo, othuka zizithonga zisitsho nzima ngasekunene. Kanti u Ngxitho sele ewafunza amaVelelo. No Mgwebi unyana ka Ngxitho sele ewufunza uMtshayelo. AmaRharhabe aya buphuthuphuthu endaweni u Rhili wayewalawulele kuyo, wasele ewafunza u Sandile engeka pheleli ukuqabela.


AmaVelelo noMtshayelo, onele kukugabuka msinya kwe nkungu; hayike babazizi sulu zenkanunu, kuba beza ngo mango. Baye bengekadibanisi nama Rharhabe besakhululekile, icici lingeka dibani. Kula mpi yamaNgesi yayise Nkampini, Kwabakho abaphumayo bayihlangabeza le mpi yamaVelelo no Mtshayelo ifunzwe enkampiniAbenkanunu baziqabelisa kumawabo imbumbulu zawa phantsi zaqhushumba,

zangamaceba amaninzi. Aphela amadoda kukwaphuka iintungo. Wathetha apho u Mgwebi, inxele elikhaliphe kunene lika Ngxitho. Wathi "Phakathi nkomo zika Phalo, niye kungena enkampini, nibelekeke kwaba baze kunikhawulela". Ngokwenene kwabanjalo.


yazamiseka yonke inkampu yama Ngesi. Aqala ukwazana amadoda, ajongana ngqo ngamehlo, zabambana "Kunjani xa kunje. Lawo-ndini ! Kuphi nje Lawo ndini”; wasika amadoda umkhonto wamaXhosa, kwawa ilawo, kwawa imfengu, kwawa umlungu, iyatsho inzwinini yamakhwelo, neembongi aziyekanga ukuyintyontyela eyasemaXhoseni, nee njengele ziyayithuka ziyi funza phambili, Yathyalwa eyase Mlungwini yafuna ukubuya umva, Kanti kuxa kuza konakala. Athe esaqala ukuvana amaRharhabe no Mtshayelo ukuze angene ngemva, kanye xa
inkampu yamaNgesi izamisekayo sisithonga se nxele lika Ngxitho - u Mgwebi, yagaleleka
eka Maphasa. Yeza ibinza ishushu kumawayo, yaluqhawula uluhlu ekudibaneni. Yaba yintlungu enkulu leyo kuba amaXhosa ebinzwa yile ayebeke kuyo amathemba. Axakeka amaRharhabe kuba yawangena ngemva le ka Maphasa xa kanye amaRharhabe efika enkampini ebushushwini bomlo ebambene kakuhle namaNgesi enkampini apho. Uthe u Maphasa akuliqhawula ihlelo, Baphakama ngoku nabase nkampini. Yafunza nzima ngoku eyama Mfengu eyayikulo ntlanjana ingasekunene kwe nkampu. Laphela ihlombe kweyama Gcaleka, yathyalwa ngamandla, yarhoxa idandathekile. Eminye imnke ngalom mango uya kuLuyongo yaya kutshona e Khobonqaba. Emininzi imnke ne Kumkani yayakuhla nge Qolorha. AmaRharhabe axakeka gqitha, amadoda egilana. Eka Maphasa ize ithande
kuwo kanye amaRharhabe, yawangenela ngehlelo lokhohlo. Ama mFengu nama Ngesi ayi gqugqisa impi ka Sandile ngaphambili; kwakho nabaqala ukufika bevela ngomendo, abayingenela ngemva, Asinda amaRharhabe ngokumka ngehlelo lase kunene. Emnka onele kakubi zizithonga zika Maphasa edibene namaNgesi namaMfengu.


Akabangakho u Khiva ekuqalekeni kweli dabi. Akude kucace

kanye ukuba yayiyi ntoni isizathu soku. Likho kodwa ilizwi elixela ukuba ibe sesika

Sawule no Davide. iNkosi u Sandile ekho nje, akangi umfana angazibalula ekhona yena. UKhiva wanela nje kukuwabonisa indlela amaRharhabe, kwathiwa kuye

Kudala uhamba, kudala usilwa; Khawuhlale unike thina ithuba”. Wasala ngelo hlobo, wahlala kufuphi wabukela. Uthe ehleli u Khiva wabona ukuba hayi akulunganga ngakuma Rharhabe; waya engxamile ukuya ku khawulela loo ngozi. Wayifunza eyakhe ezama ukuphethula amaRharhabe, kwenziwe eyesibini. Kodwa awavumanga amaRharhabe, nhaye umntaka Xhoseni wahla waqonda ukuba onele ngokwenene amaRharhabe, awasafuni nokuva angxamele emva ekhaya, acinga amazibuko okuwela e Nciba; Emnka amaRharhabe encamile amanye akhangela ku Mpangele eQombolo, amanye aya kungena e Mbumbuzela, lawo ngamahlathi amakhulu asezantsi eMnyameni. Yindlela leyo eya emazibukweni ekwa welwa ngawo eNciba ngamaRharhabe mhla mnene. Lasala lodwa ikhalipha elikhulu u Khiva ne Tsonyana, kodwa nhalo iTsonyana linge lonke kuba elinye naliya liphethwe ngu Maphasa, leli alwe ngalo namaRharhabe wawagxotha; ukutsho oko iTsonyana lalahluke kubini, kukho eli lihamba no Khiva li lwela uSarhili, kubekho eli lihamba no Maphasa lilwela amaNgesi.


Uthe u Khiva akusala yedwa ethafeni, amawabo ebaleke wonke emnka agcwala amathafa; yaqala inkwenkwe ka Xhoseni yadla amaThambo we ngqondo. Ke kambe yayili gcisa elingaphazamiyo lo mfo; Ubonile kwangoko ukuba iNciba mhakangayiweli nama Rharhabe, makawayeke agoduke wodwa, Yona laa mpi isukele amaNdluntsha seyi mphangele ukuhla ukuya ngase Qolorha; ukuba angehla abhekise kwelo cala, angadibana nayo emantloko weGxarha, kuloo mhlaba ungamathafa uvulekileyo. Le yamaNgesi ise Nkampini, ingavingca imngene nge mva avaleleke; nama Mfengu abezii nkumbi ukuwela iGcuwa amxinanisele eyedwa. Uqonde kwangoko ukuba mhakayifunze eyakhe ngelixesha iseshushu, eyamaNgesi ingekavani ngokumkhawulela, isaphithizela ngokusukela le mpi yamaXhosa ibalekileyo. Wayifunza phambili umfo ka Xhoseni, wayikhwaza, phofu naye engaphambili. Lomfo ubengafunzi engemva, ubefunza ekwezi zitsalayo ngaphambili. Kumhla kwaliwa kengoku; amaGubevu alwa no Khiva apho, amadoda alukhuni angafane ashenxe, athi amncama ngaloo mini u Khiva, amqonda ukuba ungoyedwa ekuphatheni imikhosi. Yathyudisa inkwenkwe ka Xhoseni ne Tsonyana layo, bamshenxela, wenyuka ezo ntlambo zase Njingini ziphakathi kwe nkampu wada waya kuthi thu enkalweni ebengxamele kuyo, bamshenxela futhi, wayigqobhoza inkampu yamaNgesi. Phambi kokuba u Khiva agqobhoze ngaphaya kwayo inkampu, uthe thu phambi kweyakowabo - ela Tsonyana likhokelwe ngu Maphasa no Xhoxho. Akazange abhekise neli mdaka, wakhwela kubo; yanga kuhlangene ingwe ne ngonyama - ikhaya libulalana; unyana ebinza kuyise, noyise ebinza unyana. Wabavepha u Khiva, wabasunduza, waqabela, wagqobhoza ngaphaya kwabo, wazihambela. Abelungu nama Mfengu awazange amlibale u Khiva, amhlonipha kakhulu, negama lakhe labhalwa ezimbalini zamaNgesi; esitsho esithi "Umkhosi wasemaXhoseni ongazange ujike uflathele mnye kuphela, li Tsonyana elalikhokelwe ngu Khiva". Icaca phandle into yokuba ngale mini yakwa Centane, u Khiva wayezakwenza oku khulu ukuba wayenga khweletelwanga ngamakowabo - amaRharhabe ngokusuka athi makahlale phantsi yena balwe ngokwabo kuba kudala esilwa makaphumle. Eka Maphasa ikhweletela amaRharhabe; kaloku ngabantu bendlu zase Kunene bonke aba, bayakhweletelana.


UKUCITHAKALA KWA MA GGALEKA.


U Sarhili ulile iinyembezi yi ntliziyo ebuhlungu akubona ukuba uMaphasa akaneli kukubukela iKumkani yakhe ibulawa, koko ude waphakama nomkhosi wakhe wathi mayibe nguye oyigqibelayo. Walila zomela kuye u Rhili; yancama nemikhosi. Ayizange ibuye ibumbeke, ivane, ilwe. Isuke yachithakala, yalelo qelana lizama ukusabisa ezalo inkomo. AmaRharhabe awenzanga xesha ukuwela iNciba exhalele ukuvingcelwa emazibukweni ehamba ne nkosi. Awela eqonde kade ukuba owabo umcimbi seyikuku khusela amakhaya koma Khubusi, noma Gqolonci, nokusabisa iinkomo neentsapho zawo. Akuxakwa apho, kuyiwe ezinqabeni zakudala kwa Hoho. Yaba iyapela njalo imfazwe eyimfazwe - imfazwe ka Ngcayechibi.

UKUFA KUKA-KIVA.


Akuchitakala amaXhosa, yaba mininzi imikhosi yamaNgesi esukelayo. Yahamba indlela ngeendlela ithimba iinkomo, iqubulisa naphi naphi imihla yonke, kuba kungekho ongomkhulu. Kubekho owama Mfengu osinga emakhaya unyuka ngalomango uthatha amantloko e Shixini ne Qwaninga. Uve ngebhaqo ukuba ukho owama Gcaleka phezulu e Qhorha. Wasukela, wahlwelwa, walala. Uvuke kungekasi waya kuvingca ezantsi kwalandawo kubikwe ukuba lo mkhosi wamaGcaleka ukuyo. Wabhaqa abafazi ekuseni, babanjwa, bathethelwa baqhathwa kwathiwa "Sizakunibulala ngoku". Baxela bathi umkhosi ongentla apha e Qhorha ngoka Khiva. Athe amaMfengu kuba ayamazi, andulule kwalapho abakhweli bamahashe ukuba mabaye kubikela eminye imikhosi yamaMfengu kwamanye amacala ukuba u Khiva ulapha, adinga ukuncediswa. Bahamba kuhle bakhweza; abanye bafumana amanqina enkomo basele belanda umkhondo. Kuthe xa abangaphezulu bayayo kwihlathana elingeni, yathetha impampile ka Khiva enyeleni yeHlathi. Babona kujuba uNkosana into ka Mchweli, wesika Sokapase Ngqamakhwe. Bamchola sekuphelile imbumbulu yenze ikolo ebunzi. Anxakama wonke amaMfengu athi Nguye; ngu Khiva nge nkqu usahleli entweni yakhe yezolo”. Akhangelana ngoku amadoda, ahamba

efuna indawo zokuncathama. Afoxa la asehlathini ehamba ethimbisa. Yanyingeka intlambo, kwaqala kwaxakekwa, amadoda wasema Mfengwini esiwa macala onke, uKhiva ewavuthulula nge mbumbulu. Awa amadoda aba maninzi, amanye azi ngxwelerha. Amanye avukwa

lolukhulu ufefe, baphangelana ngokuthwala abenzakeleyo. Ahamba lawo athwele abonzakeleyo ebika kula eza nge mva esithi Kubi phambili phaya, kufumenene no-Khiva”. Ema ngoku amadoda abhunga, kuba akusalungi umntu akuvela kule ngxingwa. Amanye abuya umva ethanda ukuwela ezantsi akhweze nga phesheya, aze kumvelela ngemva ngaphezulu. Kuse njalo kuthe thu omnye umkhosi. Bawujika, aweza apha

kubo; waya kuvela ngemva ngaphezulu. Wacotha waya, abanye aba balibazisa, bemana bengathi baya funza. Kuthe bakusondela aba bangaphezulu, bawabona lamadoda, kuba

ihlathi eli belingashinyenanga. Badubula kunye bonke, bakhahlela iqela. Yafunza kunye yomibini imikhosi ngoku macala wonke, oka Khiva wangaphakathi ehlathini. Baba ngabanye abasindayo ngokuthyudisa behle intlambo kuba lithafa ngaphezulu kungekho namikhosi, iliqelana nje lamadoda. Wakhawuleza owama Ngesi, wathatha indlela ungxamile

kuba unenkomo zoku fihlwa. Kuse kubakho amaGcaleka afikayo, bafumana kulele apho kumadoda amakhulu la; onyana baka Xhoseni bobane, u Khiva nabaninawe bakhe bobathathu, Oonyana baka Mshweshwe, uyisekazi ka Khiva bobabini, Iphakathi u Mkwayi ka Gidana, kunye nento ka Dyasi isikhulu sase Tsonyana. Babathwala babangcwaba bonke kuloo ntlambo e Qhorha. Kwaba njalo ke ukuhamba kwelo gorha, lahamba nje ngendoda, lahamba namakhalipha walo elalihleli liwathembile, lithembekile nalo kuwo. Usapho lakwa Gcaleka lusaya kuqabuka lufunde ngalo mfo ngenye imini. Kothi kwakuba njalo, olandwa lama ngcwaba kwakhiwe isivivane esikhulu emangweni phezu kwawo kufunwe ingcibi ikrole elityeni elihle lamagama alandelayo:


KHIVA

IKHALIPHA,

LAKHONZA INKOSI

LATHEMBEKA

KWADA KWABA SEKUFENI

* * * *

Kuba ekuhambeni kwamaxesha bayakuzingca ngalomfo ka Xhoseni ka Bhurhu, ka Khawuta, babalisele amakhwenkwana wabo ibali lika Khiva, bafundise ngaye uku khalipha nokuthembeka nokuthanda iKumkani no Hlanga lwamaXhosa.

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i