AmaXhosa wo Mthonyama
Ama-Tshawe - Ezi ziindlalifa zika Xhosa; iKomkhulu lamaXhosa likuma Tshawe, ukutsho oko: ngawo iinkosi nee Kumkani zakwa Xhosa; esingabala kuzo OoPhalo, ooTshiwo, ooMdange, oo Gcaleka, oo Rharhabe, oo Mlawu, oo Ngqika, oo Maqoma, oo Sarhili, oo Hintsa, oo Sandile, oo Ndlambe, oo Mdushane, oo Tyhali, oo Bhurhu, oo Maphasa, oo Khiva, oo Xolilizwe, oo Bazindlovu nabanye, ngoo nyana basema Tshaweni bonke abo. u Tshawe, no Cirha, no Mqwambe no Jwarha ngaba ntakwe; bazalwa ngu Kumkani u Nkosiyamntu ka Malangana ka Mnguni.
Ama-Kwayi - ikwanga maTshawe la, ntonje agxothwa ko mkhulu ngenxa yesenzo esathi senziwa yi ntombi ka Gando eyathi yombatha no Kumkani uTshiwo.
Ama-Cirha - ngoo Ntswentswe aba, ooNojaholo, ooQhanqolo, ooMhlantlendlovu, iHlomla lidala lineeMpondo. Ibali lasemaXhoseni lithi, amaCirha ayeyona ndlu nkulu yamaXhosa, kodwa kwathi ubukhulu baxuthwa ngu Tshawe ngokukhalipha nangobu krelekrele bakhe. iBali lihambisa lithi, ngaminazana ithile zaphuma ezi nkosana; u Cirha no mninawa wakhe u Tshawe bephahlwe ngamabandla wabo, baphuma baya kuzingela. Kwathi ekuzingeleni apho, ibandla lika Tshawe labamba iMbabala ne Phuthi; laza ibandla lika Cirha labuya ne mbande yesikhova - labuya nelize ngesiXhosa esiphandle. Athi ke amaBandla ka Cirha asele ecela apho ku mninawa wenkosi yawo ukuba abahlulele kwezo nyamakazi; kodwa hayi wala uTshawe akavuma. Wathi u Cirha nokuba unikwe iphuthi akunani, oku kokuba ahlomle nhaye; kodwa hayi wala tu kwaphela u Tshawe, kwaye ebuza ku mkhuluwa wakhe ukuba "uzakuyenzani na inyamakazi encinane ngoluhlobo ekubeni uyiNkosi?"; uphendule u Cirha ngelithi "ilungile nhokuba incinane, okubalulekileyo kukuba indala ineeMpondo", zavela kanjalo izibongo zika Cirha ezithi "ihlomla lidala, lineeMpondo". Kuthe ke kuloo mpixano, kwade kwaba kanti kuyaliwa li bandla lika Tshawe ne bandla lika Cirha. uJwarha no Mqwambe baye badibanisa awabo amaBandla njengoo nyana bako mkhulu balwela inkosi yabo, besilwa no Tshawe. Ithe yakonganyelwa eka Tshawe, yasele icela izandla kulo nina kwisizwe sama Mpondomise. Ikumkani yama Mpondomise, u Sikhomo uthumele ibutho lakhe - ama-Rhudulu ukuba aye kunceda umtshana wakhe u Tshawe. Afikile ke ama-Rhudulu amnceda u Tshawe, yachithwa eka Cirha. Kwaba ke ngaloo ndlela ubukumkani buwela ku Tshawe, kuba busesezandleni zenzala ka Tshawe kuna kaloku nje.
Ama-Jwarha - ngoo Mazaleni abo, oo Mtika, oo Khatiti, oo Jotelo, oo Soga, oo Ndabase, izinto ezintle nhokuba sele zipheth' izikhali; izinto zika Mbelu, zika Mnangwe, ooMabunjw'ebhidlika njengo daka. NgamaXhosa womgquba amaJwarha; aphuma esendeni ku Kumkani u Nkosiyamntu ka Malangana ka Mnguni. Ku bukumkani bamaXhosa, amaJwarha angamagosa namaphakathi amakhulu, ngakumbi ku mzi ka Phalo wase Kunene; kuma Rharhabe. Umhlekazi uJotelo wayengu mphakathi omkhulu ka nkosi u Ngqika, u Soga wayeligosa elikhulu lika Nkosi u Sandile; kusenjalo nanamhlanje.
Ama-Qwambe - ngoo Holomi aba, ooTshazibane, ooTshanabe; ngamaXhosa omgquba nawo la. UQwambe ngu Mntakubo Tshawe no Jwarha no Cirha; bonke bazalwa ngu Kumkani u Nkosiyamntu ka Malangana ka Mnguni.
Ama-Ntakwende - ngoo Libele aba, ooQukwana, ooMboyi, ooLetha. NgamaXhosa omthonyama la nawo; akwangamaphakathi amakhulu akwaXhosa, kwicala lakwa Rharhabe. u Qukwana wayeliphakathi le nkosi u Ngqika, lawa eli gorha lasema Ntakwendeni kwidabi laseMalinde mhla amaNgqika ayesilwa nemikhosi ka Kumkani u Hintsa eno nkosi u Ndlambe; u Qukwana wawa no Jotelo wase Majwarheni no Ntlukwana uyise ka Neku wase Macirheni kwelo dabi lalishushu. U Qukwana uzala u Nxokwana, u Nxokwana azale u Ndesana, u Ndesana azale u Mlawuli; naanko lo mzi ku Centane kwilali yase Msento. Ngamaphakathi amakhulu la wakwa Ngqika.
Ama-Bamba - ngoo Rhaso aba, ooThangana, ooKrila, ooBhodlinja, amabandla akwa Khawuta, izinto zika Bholose, oo Nomazele, ooNkomozibomvu namathol' azo, ooGobingca, ooBhukuxumthondo uwujongis' emntwini. AmaBamba ngamaXhosa omgquba awaxutywanga, futhi ane Hlelo lawo ku mbuso wasemaXhoseni, ihlelo elibizwa ngokuba ngama Ndlutsha. Akwalapho kwelo hlelo amaNkabane.
Ama-Khwemta - ngoo Dabane aba, oo Sgadi, ooGqabaza, ooNcibane, oo Ntswentswe. AmaKhwemta kuthwa ayi Nzala ka Cirha, azalwa ngu Bonga unyana ka Cirha owalayo ukulwela uyise xeshikweni uCirha ebambene ngazo no mninawa wakhe u Tshawe; nto leyo eyenza ukuba akhutshwe kowabo, kwatsho kwavela esi siduko samaKhwemta. NgamaXhosa angangxengwanga la, amaXhosa womgquba.
Ama-Nzotho - ngoo Nyelezi aba, ooMaphango, ooDukashe, ooMalambedlile, ooGawul'ikhula, ooNabelemntwini. NgamaXhosa womthonyama la awangxengwanga.
Ama-Nkabane - ngoo Majeke aba, ooMthiwembotyi, oo Mayeye, ooNoqazo. AmaNkabane akwi hlelo lasema Ndlutsha kunye nama Bamba. Xeshikweni u Kumkani u Phalo namaphakathi wakhe babejongene ne nkohla xa kwathi kwafika abatshakazi ababini bevela kubaThembu naku Mampondo; yaba ngu Majeke wase Mankabaneni owaza nesi sombululo. Wathi omnye waba batshakazi makenziwe ukunene, aze athi omnye enziwe ubukhulu, aza ke amaBandla ka Phalo athatha unina ka Gcaleka amfaka kwindlu enkulu njengeyona nkosikazi iyakuzala iKumkani yamaXhosa wonke, athatha unina ka Rharhabe amfaka kwindlu yase Kunene; indlu yokunene inamandla ngaphezulu kwezinye izindlu zako mkhulu, ilandela ezithendeni ze ndlu enkulu. Bavela loo mini ubukhosi base Kunene kulo Rharhabe, ngokucetyiswa kwe Kumkani u Phalo ngu Majeke. NgamaXhosa omthonyama la, futhi asi siduko esidala kakukhulu esasikho ngexesha lika Tshawe no Cirha.
Ama-Xandeshe - ngoo Nyathela aba, oo Nyawana, oo Ntungwana, oo Xolo, oo Masende, oo Mphafa. AmaXandeshe nawo aphuma ku Cirha; angamaXhosa womthonyama.
Izizwe zamaXhosa eziphuma koo noQhakancu, kuBathembu, kumaMpondo, nakuma Mpondomise
Ama-Giqwa - ngoo Wohle, oo Ngqila, ooSijako,ooKhwaza, ooJikijwa, ooMvaba, oo Thotywayo, ooHleziphondo, ooMagqab'angadliwa nazibhokhwe. La luhlanga lwama Khoi olwaluzimele, nolwathi lalwa kakhulu namaXhosa ukusukela kumaXesha ka Kumkani u Tshiwo, sada saba kanti siyoyiswa ngamaXhosa ngexesha lika Kumkani u Hintsa, saba sifakwa phantsi kolawulo lwamaXhosa ngolo hlobo. U Hintsathi inkosi yesizwe samaGiqwa wabulawa ngu Mdange, xeshikweni u Mdange wayebambele u Phalo, walwa no mntakwabo inkosana u Gwali neyathi yabalekela kwa Hintsathi kwezo ntaba zakwa Nojoli; wafika u Mdange engabhungisanga, watshabalalisa. Uphindile u Rharhabe walwa kakhulu nesi sizwe sele sikhokelwe yinkosikazi u Hoho, xeshikweni u Rharhabe ezakhela ubukhosi bakhe baseKunene kwezo ntaba zase Mathole, koomaXesi, kooma Thyume, nakoo Ngcwenxa, wada waba kanti u Butsoloneentonga uyalithenga ngee nkomo elo zwe ukuze alihlale. Uthe yena u Hintsa akuphatha, wawacingela iqhinga amaGiqwa; wamema inkosi yawo ukuba bakhe baye kuzingela kunye bakhe ubuhlobo baqondane ngcono. Wawaqubula u Zanzolo engacingelanga amaBandla ase magiqweni; walicumza lonke elo bandla ne nkosi yalo lingacingelanga kuloo mahlathi wasemathole; saza ke isizwe samaGiqwa saba siyakhonza emaXhoseni. Wathatha enye yee nkokheli uMhlekazi wayenza igosa eliohezulu, waza no mkhosi wakwi hlelo le Ntshinga waluphathisa wona amagiqwa; kunanamhlanje amaphakathi amakhulu kwaXhosa kwicala lakwa Gcaleka ngamaGiqwa, naxa kusaluka unyana wenkosi umdlanga uqala kwi nkwenkwe yo Mgiqwa, igabulele inkosi yayo izigcawu njenge phakathi elikhulu.
Ama-Cethe - ngoo Chizama abo, oo Bhurhuma, oo Ncenceza, oo Ncoko, oo Mlowa, oo Mbambo zinomongo, oo Malahla aluthuth' ayatshisa wawanyathel' ungafa. Si sizwe esiphuma koo Noqhakancu esi.
Ama-Tshonyane - ooDikiza, ooSawa, ooMthuzimele, oo Hani. Baphuma kuma Khoi, NgamaGqunukhwebe la abantu benkosi u Phatho, no Chungwa noo Kama. Amagqunukhwebe si sizwe esadaleka ngexesha lika Kumkani u Phalo, xa amaXhosa ayesilwa ne nkosi u Mjobi wakoo Gaba, inkosi eyayivela e Lusuthu. Le nkosi u Mjobi yayisele iwoyisile amaXhosa, futhi nobukhosi yayisele iboxutha kuma Tshawe. Kwavela iphakathi lika Phalo, ekuthwa ngu Khwane; lathi eli phakathi "Nkosi ndine nduku esemgqubeni, nendicinga ukuba ingakunceda ukoyisa u Mjobi", u Khwane loh wayexela abantu awayeyalelwe ngu Kumkani loh ukuba ababulale, aba bantu yayingabantu-ngabantu abaninzi ababefunyenwe benetyala baza bagwetyelwa ukufa. Wathi kanti u Khwane akababulali ngokomyalelo we Kumkani, koko uyabagcina abasindise. Babesele bexubene nezizwe zama Khoi ezazihlala kufutshane ne Nxuba (Fish river); ngamafutshane, wabalanda aba bantu u Khwane ebathembisa ukuba iKumkani iyakubaxolela iphinde ibamnkele esizweni sayo ukuba bangayilwela kuloo mfazwe yayiyilwa no Mjobi. Enenni ke bazile balwa, bamchitha u Mjobi, baba ubukhosi bamaTshawe buyansinda ekuxuthweni ngu Mjobi. Kuloo Mlo owawulwelwe ku Centane kude kufutshane ne ndawo yase Qolorha; wabulawa umkhosi ka Mjobi, iKumkani u Phalo yayikhuphe umyalelo wokuba 'ze kungashiywa ne gcuntswana labo bantu kuba babenobungozi kakhulu. Kuthwa ooGaba babesilwa ngemikhonto bedubula nangee ntolo eziqatywe ithyefu; kodwa abazange bayinuke impumelelo kweli tyeli, wabulawa umkhosi wabo watshayelwa.
Ama-Qocwa - ooJojo, ooZikhali zika Rharhabe, ooButsolobentonga, ooNopotyi imbiz'encinc' eziphekelayo. Esi sizwe siphuma kuma Khoi, sisizwe esazikhonzela ku Rharhabe, sazenzela udumo njengabakhandi bezixhobo. Kunanamhlanje, amaQocwa angamagosa namaphakathi abalulekileyo kwa Xhosa, kwicala lakwa Rharhabe.
Ama-Gqwashu - ngoo Gxiya aba, oo Lawu, oo Sukwini, oo Tik' ayivumani ne pokotho ihla ngo mlenze, oo Mtshotsho use Bhelivile indiban' ise Pele apho kuxhentswa ikatal' ingeka khali. Esi sizwe siphuma koo Noqhakancu futhi sihlobene noo Sithathu nama Sukwini. Iqhawe lasema Gqwasheni ngamaxesha wamandulo esiliqondayo ngu Ntlebi iphakathi lika Ngqika. U Ntlebi ngulo waya kuba u Thuthula umfazi ka Ndlambe wamzisa ku Ngqika ukuba abe ngu mnkakhe, laza lafa ilizwe emaXhoseni kwaliwa eli dabi lase Malinde apho kwawa khona oo Nteyi wasema Daleni noo Qukwana basema Ntakwendeni, noo Neku basema Cirheni.
oo-Sithathu - ngoo Chisana abo, oo Khophoyi, oo Ndebe, oo Hase, oo Nkomo zibomvu. Esi sizwe siphuma koo Noqhakancu, futhi sihlobene kakhulu nama Gqwashe nama Sukwini.
Ama-Mpandla - ngoo Tshayingwe, ooMbona, ooMnqwazemfene. Esi sizwe siphuma koo Noqhakancu nhaso.
Ama-Cwerha - ngoo Gxarha, oo Vambane, ooSiyoyo, ooMahlalana ihlahl' eligawulwe layekwa kuba liding' abathezi beeNkuni. Ama-Cwerha aphuma kwisizwe sabaThembu, kwa Ngubengcuka, aza ke inxalenye yawo yaza kuhlala kwilizwe lamaXhosa ngokufudukela. U Makhanda Nxele, iTola elikhulu lo mkhosi kwa Ndlambe wayengowasema Cwerheni.
Ama-Ngwevu - ooRhudulu, ooMhlatyana, ooTshangisa, ooSikhomo, ooNxuba, izinto ezithandwa xa kukubi. Esi sizwe siphuma kumaMpondomise; nanjengokuba besixelile kwibali lika Tshawe; amaRhudulu athunyelwa ngu Kumkani wamaMpondomise u Sikhomo ukuba aze emaXhoseni azekuncedisa umtshana ka Sikhomo - u Tshawe kwimfazwe awaye yilwa no mkhuluwa wakhe u Cirha. AmaRhudulu akabanga sabuyela emva ekhaya akuba encede u Tshawe, asele ehlala egade uKumkani u Tshawe. Wasele ewanika ubuphakathi u Tshawe; kunanamhla asengamaphakathi abaluleke kakhulu kwi Komkhulu lamaXhosa kwa Gcaleka. uRhuneyi wayeli gosa eliphezulu lika Hintsa. AmaCirha ayehlala ahlale athi "u Tshawe uncedwe zezi ngwevu; ukuba bezingekho ngesimoyisile"; aphela amaRhudulu sele esaziwa ngokuba angama Ngwevu emaXhoseni, ukanti la amaRhudulu aphindela emva kumaMpondomise awalisebenzisi eligama lithi "Mngwevu" kuba iyinto eyaphela kubizwa ngayo lawaa ahlala emaXhoseni ayeye kunceda u Tshawe.
Ama-Mpinga - ooMawawa, ooSenzwa, ooMbhala ka Nkqoshe, ooNtomntwana ingaphum'uboya seyilungel'amadoda. Njengama Ngwevu/amaRhudulu; amaMpinga avela kwisizwe samaMpondomise. U Kumkani u Gcaleka weyela esizibeni ehamba no Mbhala unyana ka Nkqoshe wase Mampingeni. Nhaye ke u Mbhala wasele ezoyelisela kwalapho elandela inkosi kuba wayengenakho ukubuya yedwa iKumkani yakhe engakwazanga kuyikhusela. U Enoch Sontonga, umbhali wo mhobe wesizwe u "Nkosi sikelela i Afrika" ngowase Mampingeni; ungeva isizwe sama Mpondomise simbanga sisithi ungowaso, kanti hayi akunjalo - ngu mNgqika lo, ungum Mpondomise ngokwe mvelaphi, ngumXhosa ngokobuzwe.
Ama-Jola - oo Mphankomo, oo Qengeba, oo Phahlo, oo Sabe, ooThole lo mthwakazi, oo Ngwanya, oo Ndlebebomvu! Ngama Mpondomise womthonyama lawo, Zii nkosi ze sizwe sama Mpondomise.
Ama-Qhinebe - ooGqugqugqu ooZithonga zithathu, ooDuka namahlathi, oo Mkhomazi, ooHaha, ooMlunjwa. Baphuma kwisizwe sama Mpondomise; kodwa ngenxa yee mfuduko zamandulo, sele bebaninzi abangabemi basema Xhoseni nhoko besekho nabasahleli emva kwilizwe labo kuma Mpondomise.
Ama-Mpehle - Ngoo Cabashe abo, oo Dikane, oo Vete, oo Notyedo, oo Goc' iNyonga, oo Masila, oo Nkomo z'bomvu. Ngama Mpondomise womthonyama lawo, kodwa ke njengezinye izizwe zakuma Mpondomise bakhona emaXhoseni.
Ama-Dala - yimiGanu le, ooDala, oo Tyala ka Nteyi ibhulorhi ayiwelwa iwelwa ngama Dala kuphela. Ama-Dala ngama Bomvana, kodwa kukho umzi walapha emaDaleni obume kwa Rharhabe, kuma Ngqika ncakasana. Loo mzi ngoka Nteyi, uNteyi uzala u Tyala, uTyala azale u Ntsangani, u Ntsangani azale u Mhlontlo (hayi lo uyinkosi yama Mpondomise), u Mhlontlo yena azale u M'moshi; umzi ka Nteyi ngoku sele ume ku Centane e Nxaxho. U Nteyi wayeliphakathi elikhulu lika Ngqika, wayekho kwidabi lase Malinde - eno Qukwana uyise ka Nxokwana wasema Ntakwendeni. Nhaye u Nteyi wawa kwelo dabi namanye amaphakathi ka Ngqika. uMhlekazi u Xolile Ndevu ongasekhoyo: Ahh Gcinibandla, nguye incam yemiganu, ubekwalilo ne phakathi elikhulu lika Kumkani u Zwelonke Sigcawu ongasekhoyo.
Ama-Zangwa - ngoo Ncuthu aba, oo Khwalo, oo Mlanjana, oo Sohobese, oo Nkuma. Esi sizwe siphuma kwisizwe sama Mpondo ngokokusuka, kodwa sininzi kakhulu kwa Xhosa ngenxa yokufudukela khona.
Ama-Ntlane - ngoo Nqabane abo, ooSukude, oo Mkhondwane, oo Santsaba, oo Mthi ka Sihula. Ama-Ntlane nhawo ngama Mpondo omthonyama ngokokusuka, nhoko ekho afudukele emaXhoseni kodwa asemaninzi kakhulu emva kwa Faku, kwisizwe samaMpondo ukutsho oko, futhi anee dolophu zawo nee nqila ezilawulwa ngawo emva apho. Nalapha emaXhoseni akho, futhi maninzi ingakumbi kwisizwe sama Ndlambe. Ukuba afike nini kwilizwe lamaXhosa sithekelela ukuba afika ngexesha lee mfazwe zika Shaka ka Senzangakhona, inkosi yakwa Zulu eyayiwovuyavuya umhlaba wamaMpondo.
oo-Maya - Ngoo Yem-yem abo, oosophitsho, Oo magwa, Oo Ngqolomsila, oo Bhomoyi - abaThembu bo mthonyama. Esi sizwe ngabaThembu, safuduka sisuka ebaThenjini ngo 1830 emva kokuba sibulele iKumkani yabaThembu u Ngubengcuka. Kwabakho ingxabano eyayikho ko mkhulu, aza ama Maya amgwaza u Kumkani u Ngubengcuka; kwanyanzeleka ebalekile amnke apho; aza ke kwa Hintsa. Inkosi u Mgudlwa yi ntloko yama Maya.
Ama-Zima - Ngoo Yem-yem abo, oosophitsho, Oo Ngqolomsila, oo Bhomoyi - abaThembu, ooMaqatha lukhuni, ooMthemb' obhuzubhuzu. Ngabathembu bomthonyama aba, lukhona ugcuntswana lwabo apha emaXhoseni kodwa apho baninzi khona kuselizweni labo kuma Tshatshu. Owona mzi wamaZima uqondekayo kweli lamaXhosa ngulo wakwa Mqhayi. U Krune lo wayeyimbongi yesizwe kwa Xhosa ngu mzukulwana ka Mqhayi, u Mqhayi owayefike kwa Ngqika ehamba neduli elalize kutshatisa; kwathi ngenxa yokuba wayengena ntanga uMqhayi lo ekududeni naseku tyityimbeni, yamthanda inkosi u Lwaganda, yasele imcela imbongoza ukuba ahlale angabi sabuyela emva kuba inkosi le nhayo yayingena ntanga ngokuxhentsa. Wasele esiba liphakathi ke apho u Mqhayi, kuba inzala yakhe iselapha kweli lamaXhosa nanamhlanje.
Ama-Ngxongo - Ngoo Yem-yem abo, oo Ntsundu, ooSophitsho, Oo Ngqolomsila, oo Bhomoyi. Ngabathembu bomthonyama aba.
Izizwe zamaXhosa eziphuma ku BaSotho
oo-Gaba - Ngoo Cihoshe aba, oo Thithiba, oo mntuwomlambo, ooMjobi, oo Thikoloshe, oo Mbokod'emnyama ka Hili. NgabaSotho aba; bafika ngexesha lika Phalo emaXhoseni bebu buKumkani obuzimeleyo. Ulwile nhabo u Phalo bamoyisa, wancedwa ngamaGqunukhwebe sele ubukhosi bebuxuthile amaXhosa bezakuwafaka phantsi kolawulo lwabo. Ukanti yayikwa ngu Mjobi owabulala iKumkani yabaThembu u Ndaba esilwa nhaye, kukuze uMjobi abaleke ebThenjini aze kuma ngakumaXhosa, wafika wawaxhokosha nawo.
Ama-Mvulane - oo Msuthu, oo Ncilashe, oo Bhayi ka Khetshe. NgabeSotho aba abaluhlobo lwaba Fokeng, babefike kwa Xhosa nenkosi yabo eyayili kroti kakhulu u Mjobi.
Ama-Mfene - ooHlathi, ooLisa, ooJambase, oo Sanzanza, ooZangomv' eliweni, oo Msuthu; nhabo ngabeSotho bafike no Mjobi bevela elu Suthu.
Ama-Vundle - ooMsuthu, ooMfukeni, ooBhayi, ooKhetshe. NgabaSotho nhabo, bafika no Mjobi emaXhoseni.
Izizwe zamaXhosa ezivela e-Mbo nakwa Zulu
Oo-Miya - ooGcwanini, oo Sbewu, oosalakulandelwa; aba bantu baphuma kwisizwe samaZizi esaginywa ngamaZulu. Bafika kwa Xhosa ngexesha le Mfecane bechithwe ngama Ngwane ka Matiwane.
Oo-Rhadebe - ooMthimkhulu, ooBhungane, oo Ndlebentlezombini. Ngama Hlubi la, ayesi sizwe esinobu Kumkani baso obukhulu, sele baginywa ngamaZulu ngoku; bafika kwa Xhosa ngexesha le mfazwe ze Mfecane, bafikela ku Hintsa eGcuwa.
Ama-Zizi - oo Dlamini, oo Sibalukhulu, ooKhuze, oo Ngubonde. Baphuma kwisizwe samaZizi esaginywa ngamaZulu. Bafika kwa Xhosa ngexesha le Mfecane bechithwe ngama Ngwane ka Matiwane.
Ama-Bhele - oo Dlambulo, oo Qunta, oo Khuboni, oo Mafu, oo Langa, oo Ntshangase, oomadibandlela. Ngama Bhele la, ayesi sizwe esinobu Kumkani obuzimeleyo saza sachithwa ngu Matiwana wase Mangwaneni. Bafika kwa Xhosa ngexesha lika Hintsa, befikela e Gcuwa bakhinza kuye.
Ama-Khumalo - oo Mntungwa, ngama Khumalo la ka Mzilikazi.
Ama-Gubevu - ooMsuthu, ooNokhala, ooJiyane; Basuka kwa Zulu.
Ama-Tolo - ooVumba lempongo liyanuka, oo Zulu, oo Mchenge, ooDlangamandla, ooMabhanekazi; basuka kwisizwe samaZizi esele saginywa ngamaZulu.
oo Xaba - ngoo Nyambose, oo Dingiswayo, ooHlangalezwe, oo Nkomo, oo Mwelase, oo Mlotshwa, oo Nonkosi. Basuka kwa Zulu
Comments
Post a Comment