Skip to main content

Amaphakathi wakwa Xhosa.

amaphakathi e Nqadu nge xesha lika Ngangomhlaba ka Gwebinkumbi

Apha kwa Xhosa lento ibubukhosi nokulawula asinto imele amaTshawe kuphela. IKumkani nee nkosi zayo zonke ngokushiyana nangokulingana kwazo zinamaphakathi wazo; iqela lamadoda asisigqeba, iqoqo ne Bhunga. Ngala madoda adibana rhoqo eBhungeni axoxe izinto ezidla umzi. Ke kambe; njengobukhosi obamiselwayo, nobuphakathi nhabo bamiselwa xeshikweni kwakumiselwa ubukhosi, into ethetha ukuba ayinguye nabani na ongaba liphakathi lasebukhosini, nanjengokuba ingenguye nabani na onokuthi azifumane eyi nkosi okanye iKumkani. Ngeli phandle, ubuphakathi bulu xanduva lwemizi eyayimiselwe kwa mhla mnene xeshikweni kwakumiselwa ubukhosi. Kule mihla siphila kuyo sele sibona oosopolitiki, abatyali zimali besondele kakhulu ezinkosini nakwi kumkani zethu; sibona awona maphakathi wesizwe ebhekelisiwe embusweni wobukhosi. Akungebi bethu yeyona nto le eyenza ukuba ubukhosi bakowethu sibubone budodobala? Ngoba ke enyanisweni abusena mandla kwaye nee nkosi ne kumkani zethu sizibona kumatheko nakwi minyhadala yasebu rhulumenteni kuphela, sive koo nomathotholo nakuma phephandaba sele kusithwa umntwanenkosi akasekho. Nhakwi nkqubo yokubekwa kwenkosi nee Kumkani asiwaboni amaphakathi akwa Xhosa ethatha nxaxheba, sele lento iyinto yabantwana bako mkhulu namagosa aseburhulumenteni kunye nabefundisi bakwa Lizwi; kanti hayi mandulo bekungenjalo. Ubuphakathi buyenye yee ngalo zo mbuso no mthetho wasebukhosini obaluleke ngeyona ndlela. Eyona yenza umdla kuyo yonke le nkqubo ekuyiyo kule mihla kukuba: amagosa aseburhulumenteni (governors) nabafundisi bakwa lizwi (missionaries) bangamaziko ayephambili  kakhulu ngexesha lobukoloniyali, amaziko awayesetyenziselwq ukubulala nokudodobalisa ubukhosi, kwanoku gutyula indlela yokuphila yamaXhosa, amasiko nezithethe zawo; Kodwa ise kwangawo lamaziko na namhlanje abekwe phambili kwii nkqubo zako mkhulu, sibe phofu sikwixesha apho kusithwa sikhululekile kwi ngcinezelo naku makhamandela obukoloniyali. Ungabona xa kusombathiswa umntwanenkosi; abefundisi bakwa lizwi bebambe inkosi entloko beyithandazela, oo sopolitiki betshila, be ndolosa enkundleni yako mkhulu, begaya iivoti, besenza izithembiso ezingasokuze zifezekiswe kulowo nalowo ubukeleyo. Mhasivumelaneni mawethu ukuba ubukhosi bakowethu abusayi kuphinda bube namandla amaphakathi akowethu (ooMajwarha, ooMantakwende, oomaGiqwa, ooMangwevu) ebekelwe kude ngoluhlobo ebukhosini. 


Mhasikhe sijonge uluhlu lwawona maphakathi aphambili akwa Xhosa esiwaqondayo nawayemiselwe kwantlandlolo ngabadala nee ngqondi zesi sizwe, nebekumele ukuba ngawo adakasa koo Nqadu nakoo Mngqesha exoxa izinto ezidla lo mzi ka Xhosa. Awaphelelanga apha, xa sinokuwabala wonke kungatshona ilanga, kodwa aphambili nanga:


Kwa-Gcaleka


Le yindlu nkulu ka Xhosa wonke; ikhutshwa apha imithetho ebhijela isizwe sonke, izigqibo zithatyathwa apha, izibheno zamatyala zakulo lonke elasema Xhoseni ziziswa apha, nee mbambano okanye iingxabano eziphakathi kwee nkosi zasema Xhoseni zikwa ziswa apha, zisonjululwe yi Kumkani namaphakathi wayo kukhutshwe isigwebo esinga tsitywa nayi Kumkani uqobo.


Sijako - u Sijako yinto ka Bhacela, u Bhacela yinto ka Khwaza, u Khwaza yinto ka Ngqila, u Ngqila yinto ka Wohle, u Wohle ngoka Thotywayo, u Thotywayo ngoka Hintsathi iKumkani yesizwe samagiqwa esaginywa ngu Tshiwo. Ngama Giqwa la, ooJikijwa, ooMvaba, oo Thotywayo, ooHleziphondo, ooMagqab'angadliwa nazibhokhwe. abantu bakwa Sijako ema Giqweni ngama phakathi amakhulu walaph' emaXhoseni alandela uKhwane inkosi yama Gqunukhwebe, lowaa wayesebenzel' ubukhosi xa ukumkani uPhalo wayesilwa noMjobi inkosi yama Gaba. Zizinto ezi ebezimele ukuhamba phambili e Nqadu, nemicimbi yolwaluko lwamakhwenkwe wesizwe samaXhosa iphathwe ngabo, ingakumbi kweli xesha apho sijongene nenyhikihtya yokufa kwaba khwetha. Hazuba waya kutshona phi umzi ka Sijako; Magiqwa umkhosi wakwa Xhosa owawusaziwa ngokuba yi Ntshinga wawuphethwe nini, ikwanini aba be butha amakhwenkwe niwadidiyela, niwafaka ebudodeni khon' ukuze abe ngabakhuseli namakhaka eli lizwe lamaXhosa; natshona ngaphi umzi ka Gcaleka sele ugquba iimpungutye nje?


Rhuneyi - u Rhuneyi yinto ka Qeqe, u Qeqe yinto ka Ganya, u Ganya yinto ka Mpulu. Ngama Ngwevu la; ama Rhudulu, oo Mhlatyana, ooTshangisa, oo Sikhomo, oo Nxuba, izinto ezithandwa xa kukubi. Lo Mzi yayinguwo owawune xanduva lokuqokelela inkomo ku mzi no mzi wase Maxhoseni xa iKumkani izaku lobola inkosikazi ye ndlu enkulu - ukutsho oko umfazi oyakuzala eyona Kumkani yamaXhosa wonke; Xa zibizwa ezinkomo kwakuthwa li Sizi. Yayikwa ngulo mzi owawuno xanduva lokubutha amakhwenkwe, uwabuthele ku mkhosi wakwa Xhosa ekuthwa li Qawuka. Yayikwa ngulo mzi owawuno Tshawe uqobo lwakhe mhla efunza impi yakhe kuba khuluwa bakhe oo Cirha noo Jwarha noo Qwambi; Kazi amaNgwevu aya ngaphi njengoba sele yeyele ngo mkhono nje ko mkhulu.


Zii nduna ezi nkulu ke ezi zasema Xhoseni; enye ekwa nkulu elandela u Rhuneyi ngu Gwatyuza umfo ka Njimbane - u Faku isiduko, uno mninawa wakhe u Wholela lo kuthiywe ngaye ilali yaku Centane ekude kufuphi e Gcuwa; abantu baku Centane baya kuyazi loo Lali yaku Wholela. Omnye umphakathi ke owalekela la maphakathi angentla ngu Msasa into ka Tatsi emaNdluntsha emaNkabaneni kwa Majeke.


Kwa-Rharhabe



Kwa Ngqika, kwa ndlunkulu ka Rharhabe, ukunene bobu Kumkani buka Xhosa wonke. Lo mzi usisandla sokunene ebu Kumkanini buka Xhosa; ngulo mzi ogabulela izigcawu ikomkhulu lesizwe samaXhosa. Kwii mfazwe eziluthotho amaXhosa ayezilwa nama Ngesi, ngulo mzi owawuphambili, injalo nje wayidlala indima yawo wayifeza. Alapha amaQhawe angasokuze alibaleke kwimbali yamaXhosa, xa kuthethwa ngembali yamaXhosa ayingekhe iphelele xa lo mzi ungakhange ukhankanywe; Xa uthetha ngama Rharhabe uthetha ngama Ngqika, ama Ndlambe, imiDushane, ama Jingqi - amaJingq'angevayo, ama Ntinde, ama Hleke, ama Mbalu, imiDange, u Mngcangathelo, ama Toyise, imi Qhayi nama Gqunukhwebe njalo njalo. Lo mzi nawo unama Phakathi akwabaluleke ngeyona ndlela embusweni wamaXhosa, mhasikhe sijonge awona maphakathi ebekumele ukuba ayadakasa andolose e Mngqesha.


Thyala - Ayikho induna engaphezulu kuka Thyala kuma Rharhabe; u Thyala yinto ka Nteyi, u Thyala uzele u Ntsangani, u Ntsangani wazala u Mhlontlo (Hayi lo uyi Kumkani yama Mpondomise malawu ndini), u Mhlontlo ke yena uzele u M' moshi, waza u M' moshi. Ngama Dala la isiduko sawo; Lo mzi usuka kwa Bomvana waza wathi ngokufuduka kwa Gcaleka waya kuma kwa Ngqika, wathi kuba u Nteyi yayingumfo ohlakaniphileyo wazifumana engu mphakathi omkhulu walapho kwa Ngqika. Nanko lo mzi kule mihla ku Centane kwilali yase Nxaxho, nekulapho wathi wabekwa khona xeshikweni amaNgqika egxothwa kwilizwe lawo ngama Ngesi emva kwe mfazwe ka Ngcayechibi. Nibahle nonke MaDala, miGanu, boo Tyala ka Nteyi, ooBhulorho ayiwelwa iwelwa ngama Dala kuphela; umzi ka Phalo uyabudinga ubu nkokheli nobu kroti benu - u Vululwandle umntaka Sandile uyedwa ngaphoshonono kwe Nciba, urhangqwe zii mpungutye, nama Xhalanga aya ndanda phez' ko Mngqesha.



Soga - u Soga uzele u Festile, waza u Festile wazala u Henry, u Henry yena uzele u Joni, waza u Joni wazala u Somana. Ngama Jwarha la, oo Mtika, oo Mazalani, oo Khatiti, oo Jotelo, oo Soga, oo Ndabase, izinto ezintle nhokuba sele zipheth' izikhali; izinto zika Mbelu, zika Mnangwe, ooMabunjw'ebhidlika njengo daka. Nanko lo mzi ngezi mini kwilali yase Gobe ku Centane. u Jotelo uyise ka Soga wawa ngo 1819 kwi dabi lase Malinde, esilwela u Ngqika inkosi yakhe eyayigezile - kwathi kuba izifungo zizifungo wayilwela inkosi yakhe wayifela, akuba eyiphe la mazwi "Khangela ke mfo ndini siya kulwela wena ngoku, siyokufela wena ngenxa yokugeza kwakho; ooNyana bethu baza kukhula bengenabo oo Bawo - uzubagcine". Angakhala zome u Jotelo xa enokuvuka, abone umzi wenkosi yakhe udlala oo sopolitiki; Majwarha naya ngaphi?


Qukwana - u Qukwana uzele u Nxokwana, u Nxokwana wazala u Mboyi, u Mboyi wazala u Ndesana, u Ndesana wazala u Mlawuli. Ngama Ntakwenda la, oo Libele, ooQukwana, ooMboyi, ama Letha. Nanko lo Mzi ngezimini kwilali yase Msento ku Centane nokulapho wafuduselwa khona ngama Ngesi emva kwe mfazwe ka Ngcayechibi ngo 1878. U Qukwana wayeno Jotelo wase Majwarheni kwi Dabi lase Malinde ngo 1819, bawa kunye apho bebulawa ngu Ndlambe no Hintsa, befela lo mzi ka Rharhabe.



enye induna yakwa Rharhabe nguGaqa, yena uzele uNzima, u Nzima wazala uHokisi, uHokisi.Nango ke amaphakathi amakhulu akwa Sandile; ukanti alandela lawo ngu Vuso ozele u Zimasile, uphaya eQombolo kwilali yaku Centane. Omnye ngu Geza ozala  u Sifingo, nhaye nhanko kwase Qombolo kwilali yaku Centane. Olandela lowo ngu Falakhe, yhena use Ngcizela ku Centane. Ngamaphakathi amakhulu akwa Rharhabe lawo. 


Xa sisenjenje ke sicacisa ubukhosi basemaXhoseni; nhoko ukho omnye umndilili wama Phakathi kodwa la ngawona makhulu macala omabini, kwa Gcaleka nakwa Rharhabe. Nanjengoko besitshilo, ubukhosi basemaxhoseni asiyo nkosi yodwa kuphela, inee Nduna zayo nhazo ezilawula nayo; ubukhosi basemaXhoseni bunee nduna, buyalawulwa, bune qumrhu eliphantsi kobu Khosi okanye eliphantsi kokumkani elingumlomo wakhe. Nhaxa kusiza u Rhulumente esiza ko Mkhulu, i Kumkani okanye inkosi ithetha into egqitywe li qumrhu layo; hayi le yale mihla apho sibona khona amagosa ka Rhulumente ingawo akhokele ikomkhulu. Mhawabuye amaphakathi akowethu athabathe iindawo zawo, konakele kakhulu.

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i