Skip to main content

Amagama wee Nkosi ezaziphethe/ezazilawula nge xesha lesehlo sika Nongqawuse ngo 1856

Enye yeembali ezimbi kwa Xhosa sisi yhikili sika Nongqawuse, apho kwathi kwafa khona intlaninge yabantu bebulawa yi ndlala emva kokuba besabele ikhwelo elalivela kwi ntwazana encinci eminyaka nje iyi 15 kuphela. Kwakutheni ukuze amaXhosa inga bantu abahlakaniphe kangaka bamamele intwazana encinci ngoluhlobo? Ke kaloku kwa umfazi omdala kwa Xhosa ibinge mntu wayesima phambi kwee mpobola zamadoda abhekise lizwi; yenzeka njani lento yokuba isizwe sonke simamele imfeketho ethethwa ngu mntana sekude kwehle inyhikithya yokufa okungaka? Iimpendulo kulo mbuzo ziwutsho umzi wohlukane kubini inanamhla oku; bambi ubave besithi la maXhosa ayesenziwa bubudenge nobuphuku-phuku bokungafundi, abanye ubeve besithi lo mntu wayezenza isinyanya ezimele phakathi kwee ngcongolo emfuleni eziqabe udaka esithi u Nongqawuse makaxele ebantwini abakhulu ukuba ubone izinyanya yayingu mlungu owayefuna ukubulala amaXhosa; bambi ubeve besithi amaXhosa amamela umyalezo ovela kwi sanuse sobuxoki aze ke ngobudenge bawo ahlawula ngobom bawo, Bambi basola iinkosi ngobutunxa nobudenge, bambi bathi u Nongqawuse no Yise umhlakaza babethengiwe ngabelungu ukuze balukuhle amaXhosa khonukuze umqolo wamaXhosa ugotywe kungakhange kufe no mnye umlungu. Wokhumbula ukuba amaXhosa ayesele eneminyaka eyi 77 esilwa iimfazwe nabelungu ababengxamele emhlabeni wawo nakwi mfuyo yawo. Futhi kuzo zonke ezi mfazwe, amaXhosa ayephulukana nemihlaba nobutyebi bawo, nhoko nje nabelungu babechophe ngempundu enye kuba amaXhosa ayehlala-ahlale ahlasele kubelungu ngethemba lokuzuza imihlaba yawo eyayoxuthiwe. Ngalo nyaka ka 1856, amaXhosa ayegqiba kulwa eyona mfazwe yakha yande neyona yakha yambi ezimbalini; imfazwe ka Mlanjeni ukusuka ngo 1850 ukuya ku 1853 - Le mfazwe yawanxaphisa amacala omabini, amaNgesi kwelawo icala iifama nemizi yawo yayitshe yaluthuthu, kwanyanzeleka ukuba wonke umntu aqale phantsi, ukanti emva e Ngilani abantu babeqhankqalaza bedinwe kukuhlawula irhafu esetyenziswa kwii mfazwe zase Koloni. AmaXhosa kwelawo icala, ooVimba bokutya babephele tuu, indlala iphethe wonke ubani, nemihlaba yawo ingaphuthumekanga koko ephulukene naleyo ayesele nayo ngaphambili kwe mfazwe.

Inyaniso yeyokuba isizathu sokuxhelwa kwee nkomo asaziwa, futhi sasingaziwa nangelaa xesha; yayinguloo ethetha into yakhe, ingulowaa ethetha eyakhe; nto leyo yasenza isizwe saxabana sodwa: uMyeni exabana no nyana; no Nyana exabana no Yise. Yaba seso siphitha nyongo sinjalo; zabe iinkomo zona zibulawa ngamaThamba awayethambele umyalezo ka Nongqawuse, ebulala ezawo kwakunye nezo zamaGogotya (abantu ababengafuni ukuva umyalezo ka Nongqawuse). Wayethi lowo uwalimileyo amasimi wakhe avuke izityalo zisitshulwe nee ngcambu, athi ebelele enee nkomo eziliwaka, avuke enee nkomo ezilikhulu. Nesifo sika Manzabomvu sasithe gqolo nhaso ecaleni sibulala intlaninge yee nkomo; wabe umyalezo ka Nongqawuse usithi: "iinkomo zingcolile zonke, mazibulawe. Izinyanya ziqumbile kuba abantu abahlambulukanga baya krexeza, benza umbulo futhi bano buthi". Umyalezo onje awuzange uhambe nje kuma Tsha-ntliziyo kuba yayi yinto ayesoloko eyishumayela leyo yokulahla ubuthi; abe no Nxele no Mlanjeni kwiminyaka engaphambili babekwa shumayela umyalezo okwanjalo. Kwathi kwakuba nesifo sika manzabomvu sibulala iinkomo, umyalezo ka Nongqawuse wathandwa ngamatshantliziyo esitsho esithi zifa kuba zingcolile nezinyanya ziqumbile, mhazibulawe kuthotyelwe ilizwi elivela kwizinyanya. U Kumkani u Sarhili kwelakhe icala uwagwebile amatshantliziyo ngobuninzi, ezama ukuphelisa le mpambano, kodwa kwakuba ngasa kuvele amanye. Ude umntanenkosi waziyela ngokwakhe e Gxarha efuna ukuzibonela ngokwakhe ezi zinyanya; kodwa wabuya elambatha engaphethe nto ibambekayo. Wathumela phesheya kwa Rharhabe, suka ngoku nezinye iinkosi zajika zangama Tsha-ntliziyo, nto leyo elindelekileyo kuba iinkosi zakwa Rharhabe zezona bezihlala kufutshane namaNgesi kwaye ziluva ulwamvila lobukoloniyali; ngoko ke ayothusi into yokuba awona matshantliziyo maninzi okanye amaThamba yayizi nkosi zakwa Rharhabe ezazilahlekelwe yimihlaba bephulukene nolawulo lwabantu bazo. Uye u Sarhili wabona ukuba mhakabize imbizo yee nkosi zonke zasemaXhoseni, azibizele komkhulu e Hohita ukuze ikhe ixoxwe lento kakuhle, kuthathwe isigqibo.

Ilitye lesikhumbuzo le ntlekele ka Nongqawuse


Nazi iinkosi namaphakathi ezazikho kwa Sarhili embizweni:



 Kwi Komkhulu lamaXhosa wonke: kwa-Gcaleka:

SARHILI (Ahh Ntaba!) - Loh ngu nyana ka Hintsa, wayeyiNgotya yamaXhosa wonke kwa-Gcaleka na kwa-Rharhabe. Wayengelo Gogotya futhi engelilo ne Thamba; njenge nkokheli ekujongwe kuyo owakhe umsebenzi yayikukujonga ajongisise ukuba abantu bafuna ukuxhela okanye abafuni, aze athathe isigqibo acinga ukuba silungele sonke isizwe. Wayeminyaka ingama 47 ubudala. Zathi zakuxhelwa iinkomo, abantu besifa yi ndlala, wafuduka kwi komkhulu lakhe iHohita ku Cofimvaba wabalekela kulo nina kwa Bomvana; wagcinwa ngu Nkosi u Moni wamaBomvana unyana ka Ntshunqe ka Gambushe, nowaye ngomnye wenkosi ezikhonze emaXhoseni.

BHURHU  - Inkosi enkulu yase Thsonyana elandela u Kumkani u Sarhili ngobukhulu nangamandla; Lo ngunyana ka Kumkani u Khawuta eKunene, Ngu mkhuluwa ka Hintsa no Malashe ngokuzalwa. Wayengaphikisi nto kodwa engavumi nto umntwanomhle, exakiwe ukuba zixhelwe iinkomo okanye mhazingaxhelwa. Wayeminyaka ingama 76 ubudala. Wakhothamela e Thuthurha kwi komkhulu lakhe ephahlwe ngamaphakathi wakhe, bonke bafa yi ndlala. Bangcwatywa amalungu wemizimba yabo sele ingaphelelanga, bedliwa zizinja zabo ezazilapho ko mkhulu.

SIGIDI - Yenye yeenkosi zakwa Gcaleka; wayechasene kakhulu nokuxhelwa kwee nkomo - ukutsho oko wayeli Gogotya.

NGUBO - Ngumhlobo omkhulu ka Sarhili oyintanga yakhe ngokuzalwa nangokwaluka; waye yenye yeenkosi zakwa Gcaleka; ungu nyana ka Malashe umntakubo Hintsa no Bhurhu. Wayechasene kakhulu nokuxhelwa kwee nkomo - ukutsho oko wayeli Gogotya umzukulwana ka Khawuta. Wahamba no Sarhili baya kuxhwarha kwa Bomvana ngexesha le nyhikithya yokufa.

NGXITO - Yenye yeenkosi zakwa Gcaleka, yinkosi yama Velelo; ungu nyana ka Ncamba ka Gxaba. Wayechasene kakhulu nokuxhelwa kwee nkomo - ukutsho oko wayeli Gogotya , eminyaka ingama 75. Wasinda ekubulaweni yi ndlala; waza wakhothama nge mfazwe ka Ngcayechibi ngo 1877 kwidabi lase Bika sele eyi nkothovu ye xhego; yayinguye iTola lo mkhosi owawuhlasela e Bika, zathi iintelezi zakhe zakungasebenzi, wangqala ngqo emlilweni wee mbumbulu nee nkanunu zabelungu, wadutyulwa wabhubha.

MAPHASA - Yenye yee nkosi zakwa Gcaleka, kwisizwe sase Thsonyana. Ngu nyana ka Bhurhu omkhulu, wayechasene kakhulu nokuxhelwa kwee nkomo - ukutsho oko wayeli Gogotya. Ngaloo mhla amabandla ka Phalo ayedibene kwa Sarhili e Hohita, ingxoxo yeenkosi namaphakathi ishushu, amagogotya namathamba efunana eziqwini ngama bhunguza kuba lo mcimbi wawusele uwenze umzi awabona ngasonye kwa Rharhabe nakwa Gcaleka kwakunjalo - unyana efuna kuyise esiqwini, no yise efuna ku nyana esiqwini, umfazi ethembisa umyeni ngokumshiya agoduke, no myeni ethembisa umfazi ngokumgxotha. uMaphasa ke ngale mini uthi "Zinkosi zam, ayikho inkomo enokuxhelwa iphinde ivuke, kwaye xa singawalimi amasimi sityale - siyakutya ntoni na isizwe?". Waatsityelwa ngama gogotya aphantsa ukumtya ngamazinyo, wafana wavala ngelithi umntaka Bhurhu "Ingathi ngesifunda futhi siziqhelise ukutya ingca silungiselele ilixa apho sizabe singenanto yakutya; ngokuba kucacile ukuba iinkomo zona zizakuxhelwa, namasimi awazi kulinywa". Akuzange kubekho mntu umphendulayo, yaqhuba ingxoxo. Bathe abantu xa befayo yi ndlala zakuba iinkomo zixheliwe, wabalekela ebaThenjini kulo nina, wasinda kanjalo ekufeni yi ndlala. Emva kokuba isizwe sibuyile elubhacweni ngo 1865, wazibhekelisa kakhulu ku Sarhili, akathatha nxaxheba kwi mfazwe ka Nongxokozelo mhla amaGcaleka ayebetha abaThembu, ngelithi wayencedwe ngabo esifa. Imfazwe ka Ngcayechibi ngo 1877 yaqalwa sisizwe sakhe iThsonyana, yathi xa ivuthwa wakreqela kubelungu, wancedisa kwabona ekubetheni amaXhosa. Ubhubhe ngo 1890 eyinkosi ekwayiweyo/equnjelweyo zinkosi zakowayo.


Ekunene kuka-Xhosa kwa Rharhabe:

SANDILE - Inkosi enkulu yamaRharhabe wonke, nesandla sokunene sobuKumkani buka Xhosa. Umntaka Ngqika wayengelilo igogotya futhi engelilo ne Thamba; njengo Sarhili owabo umsebenzi njengee nkosi ezinkulu yayiku kondela ukuba isizwe esi basiphetheyo samaXhosa sifuna ukuya kweliphi icala, baze bona bakhuphe izigqibo/umthetho omawulandelwe. Kwakuthi xa kufika amaThamba, athi u Sandile "andizi kukhupha myalelo wakuxhela apha, ndivumelana nhani"; kuthi kwakufika amaGogotya ajike athi "Mna ndizakwenza into eyenziwa ngu Sarhili, ukuba uyaxhela nam ndizakuxhela, ukuba akaxheli, andizi kuxhela". Wayeminyaka ingama 37. Sathi isizwe xa sifa yi ndlala, wahlala kwakhe akagungqa, wancedwa zizihlobo ezazisebenza kwii fama zabelungu zamana ukuthumela into etyiwayo ukuze aphile umntanenkosi.

ANTA - Inkosi yama Gwelane, esinye se zizwana zakwa Rharhabe, ngu nyana ka Ngqika, kodwa kwathi ngenxa yokuba u Mntakubo Ngqika (u Ntimbo) wayengazalanga, wajikwa u Anta wadalwa wenziwa mninawa ka Ngqika khona ukuze indlu ka mlawu yase Kunene ibeno mntu; waba ngu mninawa ka Yise omzalayo ngolo hlobo. Umntwanomhle wayechasene kakhulu nokuxhelwa kwee nkomo - ukutsho oko wayeligogotya. Wayeminyaka ingama 44.

XHOXHO - Loh ngu nyana ka Ngqika, lo ilizwe lafa ngaye ngo 1834 edutyulwa liqela lamadoda wama Ngesi awayekhangela iinkomo zawo ezibiweyo, aza amdubula lama Ngesi ephuma endlini yakhe akuba efuna ukuqonda kuwo ukuba abantu bakhe babulawelwani na ekuseni bengenzanga nto; Laba ke liyafa ilizwe, kwabulawa no Hintsa ngo 1835. Wayelithamba - ukutsho oko wayekholelwa kakhulu kumyalezo ka Nongqawuse wokuba iinkomo mhazixhelwe. Wayemi nyaka ingama 46.

TOYISE - Le yenye yee nkosi zakwa Rharhabe, kwisizwe semiDushane; omhlobo omkhulu wamaNgesi. Ungu nyana ka Nukwa ka Mdushane ka Ndlambe. Wayeli gogotya, ukutsho oko wayechasene kakhulu nokuxhelwa kwee nkomo. Wayeminyaka ingama 36.

SIYOLO - Yenye yee nkosi zakwa Rharhabe kwisizwe sama Ndlambe, kwimiDushane; Unngu Mkhuluwa ka Siwani ngokokuzalwa; bangoo nyana baka Mdushane ka Ndlambe. Waye ngu mbanjwa yena ngeli xesha u Nkosi u Siyolo, evalelwe esiqithini se zothe (eRobben Island); wayeminyaka ingama 44.

MHALA - Ahhh Mbodla!! ngu nyana ka Ndlambe ka Mlawu. Le Yinkosi enkulu yama Ndlambe wonke, kwisizwe sakwa Rharhabe; wayeli thamba umntanenkosi - ukutsho oko wayekuxhasa kakhulu ukuxhelwa kwee nkomo, ewuthanda umyalezo oza no Nongqawuse. Wayeminyaka ingama  60.

BHOTOMANE  - Yinkosi enkulu yemiDange le; isizwe sakhe saba sesinye sezizwe zokuqala ukuliva ulwamvila lobu koloniyali ne nkohlakalo yamaNgesi. Imidange ilwe kakhulu nabelungu, sabe isizwe samaXhosa siphela singekalwi nabo; yathi ke imiDange yasisizwe sokuqala ukuphulukana neemfuyo nemihlaba yazo. Umntwanenkosi u Bhotomane wayeminyaka ingama 80 ngangaphezulu; futhi eliThamba - ukutsho oko wayewuthanda umyalezo oza no Nongqawuse, efuna ukuba iinkomo zixhelwe.

BULUNGWA -  Omnye woonyana baba ntakubo Nkosi Mhala, wayechasene kakhulu nokuxhelwa kwee nkomo - ukutsho oko wayeli Gogotya.

DILIMA - Inkosi enkulu yesizwe samaGqunukhwebe; lo ngunyana omkhulu ka Nkosi u Phatho. Wayelithamba, ewuthanda umyalezo ka Nongqawuse. Wayeminyaka ingama 30.

DONDASHE  - Enye yee nkosi zakwa Rharhabe kwisizwe sama Ngqika, ungu mninawa ka Sandile. Wayeli Thamba, ekholwa kukuxhelwa kwee nkomo, wayeminyaka ingama 28.

DYANI ka TSHATSHU - Le yinkosi yama Ntinde eyayilikholwa isindisiwe yamnkele u Yesu njenge nkosi no msindisi wayo; wayengawufuni nokuwubona umyalezo ka Nongqawuse - ukutsho oko wayeli gogotya. Wayeminyaka ingama 52.

FENI - le yenye yee nkosi zakwa Rharhabe kwisizwe sama Ngqika, ngu nyana ka Tyhali ka Mlawu kwindlu yakhe yase Xhibeni. Wayengaphikisi nto kodwa engavumi nto umntwanomhle, exakiwe ukuba zixhelwe iinkomo okanye mhazingaxhelwa. Wayeminyaka eyi 18.

JALI  - Le yenye yee nkosana kwisizwe sakwa Ndlambe, wayengafuni nokuwuva umyalezo ka Nongqawuse - wayeligogotya umhlekazi; wayeminyaka iyi 20 kuphela.

KAMA  - Le yenye yee nkosi zama Gqunukhwebe, wayeli Gogotya engafuni nokumbona u Nongqawuse. Nhaye umntwanenkosi lo wayelikholwa, emnkele uYesu njenge nkosi no msindisi wakhe.

KONA - Le yenye yee nkosana zakwa Rharhabe kwisizwe sama Jingqi. Ngu nyana ka Maqoma (Ahh Jongumsobomvu) kwindlu ka Maqoma yase Kunene, wayeligogotya umntwanomhle engafuni nokuyiva into ethi makutshatyalaliswe ukutya, wayeminyaka ima 30.

MAKINANA - Lo ngu Ndluzodaka, unyana ka Mhala Ahh Mbodla, kwindlu ka Mhala enkulu. Wayeligogotya engafuninto ixhelisa iinkomo, wayeminyaka ingama 30.

MAQOMA  - Ahh! Jongumsobomvu; le yeyona nkosi eyayidume kakhulu emaXhoseni neyona nkosi ibisoyikwa kakhulu ngama Ngesi ngenxa yokwazi kwayo ukuwabetha. Ngu nyana ka Ngqika lo, kwindlu yakhe yasekunene. Wayeli Thamba umhlekazi - ukutsho oko wayewuthanda umyalezo ka Nongqawuse ewushumayela. Wayeminyaka iyi 58 ngelixesha.

MATHE - Inkosi yasema Gqunukhwebeni, ngu nyana ka nkosi u Phatho. Wayeli Thamba umntwanomhle ewuthanda umyalezo ka Nongqawuse.

PHATHO  - Inkosi enkulu yesizwe sama Gqunukhwebe; u Phatho ngu nyana we nkosi u Chungwa (Ahh Mandoli), u Chungwa ngoka Tshaka. Wayelithamba umntwanenkosi, ewuthanda ngokwenene umyalezo ka Nongqawuse; wayeminyaka iyi 58.

NAMBA - Unyana ka Maqoma kwindlu enkulu, ukutsho oko leh yinkosi enkulu yama Jingqi. Wayelithamba umhlekazi, ekholwa ngu myalezo ka Nongqawuse; wayeminyaka iyi 28. 

QHASANA - Enye yeenkosi zakwa Ndlambe kwisizwe semiDushane. Ngu nyana ka nkosi u Mdushane, wayelithamba nhaye umntwanenkosi, ewuthanda lo myalezo wokuxhelwa kwee nkomo, wayeminyaka iyi 38.

OBA - Enye yee nkosana zakwa Rharhabe kwisizwe sama Ngqika, ngu mfo ka Nkosi u Thyali lo, Wayengaphikisi nto kodwa engavumi nto umntwanomhle, exakiwe ukuba zixhelwe iinkomo okanye mhazingaxhelwa na. Wayeminyaka iyi 26.

STOKHWE - Le yinkosi yama Mbalu, Wayengaphikisi nto kodwa engavumi nto  nhaye umhlekazi, exakiwe ukuba zixhelwe iinkomo okanye mhazingaxhelwa na.

NED - Lo ngunyana ka Maqoma owayengadibenanga nhakancinci nezinto zako mkhulu, ezisebenzela esibhedlele; wayeli gogotya nhaye engafuni nto ixhelisa zinkomo.

TOLA  - Yenye yee nkosi zesizwe semi Dange; wayekholelwa ngamandla ku myalezo ka Nongqawuse, wayeminyaka iyi 40.

SIWANI - Inkosi yemiDushane, wayeli gogotya engafuni kuxhela. Wayeminyaka iyi 30.

SMITH KA MHALA  - Lo ngunyana ka Mhala kwindlu yakhe yaseKunene; wayeli gogotya eganfuni kwanto ebiza igama lika Nongqawuse; wayemi nyaka iyi 27.


Amaphakathi ako Mkhulu:

SOGA - Wayeliphakathi le nkosenkulu yamaRharhabe; u Sandile (Ahh Mgolombane). Wayechasene kakhulu nokuxhelwa kwee nkomo; wayeneminyaka eyi 56.

TYHALA - Wayeliphakathi le nkosenkulu yamaRharhabe; u Sandile (Ahh Mgolombane). Wayechasene kakhulu nokuxhelwa kwee nkomo; wayeneminyaka eyi 55.

MJUZA  -  Le yinto ka Makhanda Nxele ka Gwala, uNxele liqhawe lase Maxhoseni elarhaxwa elwandle liqhwesha kwisiQithi sezothe (Robben Island); wayeliThamba umntwanomhleu Mjuza, ewuthanda kakhulu umyalezo ka Nongqawuse, wayeminyaka iyi 37 - eli phakathi kwisizwe sama Ndlambe.

NDAYI - Wayeli phakathi le Nkosi enkulu yama Ndlambe; u Mhala (Ahh Mbodla). Wayechasene kakhulu nokubulawa kwee nkomo.

NKWINTSHA. Wayeliphakathi le nkosi enkulu yama Ndlambe; u Mhala (Ahh Mbodla), ekwa ngu Malume ka Nonkosi, enye intwazana eyavela ithetha kwa umyalezo owawuthethwa ngu Nongqawuse; yona le ntwazana ingu Nonkosi ivele e Mpongo.

MHLAKAZA - uYise ka Nongqawuse; wayeliphakathi le Nkosi u Sibhozo ka Nzabele eziThenjini kwa-Gcaleka.

Izanuse:

NOMBANDA - Ngulo wayeno Nongqawuse kumfula i Gxarha, cebu kuhle e Qolorha ku Centane.

NONGQAWUSE  - Intombi ka Mhlakaza; mgulo waba no mbono wezinyanya ezathi mhakuxhelwe zonke iinkomo, amasimi angalinywa, nokutya kutshatyalaliswe; khonukuze abelungu batshayelwe sisaqhwithi siye kubatshonisa elwandle, zithi nee ntlanti zigcwale ziinkomo ezintsha, athi namasimi achume, athi namaqhawe asele alandulela eli esilwela eli lizwe loo Bawo avuke aphinde ahlale nhathi, kubeziziyolo kwa Xhosa njege mihla yakudala. Wayeneminyaka eyi 15 kuphela.

NONKOSI - Yi ntwazana yesibini eyavela e Mpongo kuma Ndlambe, yavela ithetha umyalezo omnye nalo uthethwa ngu Nongqawuse kuma Gcaleka. Wayeneminyaka eyi 11 Kuphela.


EbaThenjini:

FADANA  - Ibambela kumkani eBathenjini; kwathi kuba elibali lika Nongqawuse lalisele lifikelele nakwezinye izizwe ezingengawo amaXhosa, lalifikile naku Basotho kwa Mshweshwe; nalapha ke kubaThembu lade lafika elibali. U nkosi u Fadana waba ngowokuqala ukuwushumayela ebaThenjini efuna nabo baxhele; kodwa bala tuu kwaphela abaThembu besithi abayonto kwizinto zasemaXhoseni. Wayeminyaka iyi 60 u Fadana.

QHWESHA  - Inkosi yama Ndungwana kubu kumkani base Bathenjini kwa Ngubengcuka; nhaye wawufumana wawuthanda umyalezo ka Nongqawuse ekwelinye ilizwe; futhi efuna ukuba abaThembu baxhele njengamaXhosa; kodwa uNkosi u Joyi wala kwaphela esithi le into asiyoyethu yiyekeleni kubantu bayo amaXhosa. Wayeminyaka iyi 63 u Nkosi u Qhwesha.

JOYI - Ibambela kumkani lase Bathenjini; wayengafuni nokuva umntu oza nemiyalezo esuka emaXhoseni ethetha ngokubulawa kwee nkomo.


Abelungu ababebukele yonke into eyenzekayo bejongile:

BARRINGTON, Henry  - iGqwetha lase Qonce.

BROWNLEE, Charles -  umkomishinala ka Rhulumente kuma Ngqika; u Bhuluneli.

CATHCART, Sir George - iRhuluneli (umphathi) yase Kapa.

COTTERILL, Henry - uNyawontle wase Rhini.

CROUCH, John - Umrhwebi no mnini venkile kwa-Gcaleka.

CURRIE, Walter - inkumanda yo mkhosi wama Ngesi.

DOUGLAS, Stair - isiphathamandla kwimicimbi yezizwe ezimnyama.

EYRE, Lieutenant-Colonel William - iJoni elaliphambili nge mfazwe ka Mlanjeni.

FITZGERALD, Dr John - Umsunguli wesibhedlele sabantu aba mnyama eQonce.

GAWLER, John Cox - iMantyi kwilizwe lama Ndlambe kwa Mhala.

GREENSTOCK, William uMfundisi welizwi kuma Ndlambe kwa Mhala.

GREY, Sir George - iRhuluneli yasekapa.

HAWKES, Robert - iMantyi kumaNdlambe kwa Siwani.

KAYSER, Henry umfundisi wakwa lizwi e Qonce.

KAYSER, Maximilian - iToliki yesingesi nesiXhosa ka Henry Lucas.

LUCAS, Henry - iMantyi kwilizwe lika Maqoma no Bhotomane.

MACKINNON, George - Isiphathimandla samaNgesi kuma Ngqika; u Makinana.

MACLEAN, John - Esinye isiphathimandla samaNgesi kuma Ngqika.

MERRIMAN, Nathaniel - uNyawontle wase Rhini.

PORTER, William - igqwetha elikhulu eKapa.

REEVE, Frederick - iMantyi kwilizwe lika Kama emaGqunukhwebeni.

ROBERTSON, R Eustace - Imantyi kwilizwe lika Anta kuma Gwelane.

SMITH, Sir Harry - iRhuluneli yase Kapa; u Saqhwithi.

VIGNE, Herbert - iMantyi yamaNgesi kwilizwe lika Phatho no Jali.

WATERS, H. Tempest - Umfundisi wakwa Lizwi kwilizwe lika Sarhili kwa-Gcaleka.

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i