Skip to main content

u Bhurhu ka Khawuta


Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele iNciba lakuba lifikile ithuba, wenza njengokuba babenzile oo Rharhabe ka Phalo, noo Langa ka Gcaleka ngaphambili; walifulathela ikomkhulu wawela inciba nge njongo zokuzakhela umzi wakhe nhaye. Yawela ke le ndodana ka Khawuta, yazimisa iintlanti zayo e Qumrha elona nxowa layo ukwehla ukuya kuma e Khwenxurha, kodwa umzi wayo u Ngqamene ngqo ne Tsomo; ngaphaya kwe Kwelerha ibeyi mpi ka Ndlambe, u Ndabanduna. u Bhurhu uphume kowabo xeshikweni umbuso wasemaXhoseni wawu buthathaka kakhulu; iinkosana zisilwa zodwa zisilwela ubukhulu. u Ngqika wayebambene ngezi hlwitha no yisekazi wakhe u Ndlambe; athi u Ndlambe akuyisa ko mkhulu kwa Gcaleka le mbambano ngee njongo zokuba ixazululwe, ilungiswe - suke u Ngqika abethe kwa i Komkhulu aloyise, zithi nezinye izizwe zasemaXhoseni ezine mbambano nhaye zirhwaqele zisele zibusa apho kuye kuba zimoyika.


Ngo nyaka ka 1894 yakhothama iKumkani yamaXhosa wonke, u Khawuta.; phofu kungekho nto esinakuyibalula awathi wayenza eyenzela isizwe umntwanenkosi, kuba kaloku lo mlo wee nkosana ezazifuna ukuzimela wawuqale ku lawulo lwakhe, xeshikweni uyisekazi u Rharhabe wayezama ukumbhukuqa khon' ukuze abuthathele kuye ubukumkani. Wabe u Rharhabe engaziyekanga ukuzihlasela ezinye iinkosi zakowabo ngaphesheya kwe Nciba ezifaka ngaphantsi kolawulo lwakhe; nhazo ke kambe azimyekanga zilwile zisitsho zisithi iKumkani inye ngu Khawuta.  Kuthwa u Kumkani u Khawuta wayelala amabutho wakhe eme phezu' kwakhe emalusile emjonge ngeliso lokhozi, kusoyikwa ukuba uzaku getyengwa ngu yisekazi u Butsolobeentonga. Uthe aku khothama u Rharhabe, kwangena u Ndlambe njenge Bambela kuma Rharhabe. u Ndlambe ngoyena ulu nwenisileyo ulawulo kunye nomhlaba wamaXhosa kuba uqale waziginya zonke izizwe zamaXhosa wazifaka phantsi kolawulo lwama Rharhabe ukuya kutsho ngaphaya kwama Gqunukhwebe, ukuya kunqandwa yi Xelexwa nga phoshonono kwe Gqeberha. Besithe uthe aku khothama u Kumkani wamaXhosa wonke u Khawuta ngo 1894 amaGcaleka asala ebuthathaka, futhi engezelwe nto yanto zizizwe ezikhonze kwalapha ko mkhulu, ngeliphandle ikomkhulu lalidelekile futhi lingena nkokheli ihloniphekayo. Adibana ke kambe amabandla akulo Tete, agqiba ekubeni umthetho nobu kumkani bu banjwe ngu Bhurhu ivela tanci lika Khawuta encedisana no mninawa wakhe kanye u Khawuta, iNkosi u Nqoko ka Gcaleka; be bambele u Hintsa owayeyi nkwenkwana ngelo xesha. Ngokwenene ke kube njalo; kwathi kuba u Bhurhu wayeli gorha elikhulu, futhi engafani no yise u Khawuta yena owayesisi lulami. Yaqala into ka Khawuta amehlo wayo yawabeka kuma Rharhabe, isitsho isithi ixesha lifikile ukuba amaXhosa abuyiswe wonke abuyele ekhaya kwa Gcaleka. Yaqala yathumela umninawa wayo u Hintsa ku Ndlambe ngee njongo zokuba afunde umbuso nangee njongo zokuba aziwe ngabantu apho kwelo lama Rharhabe. Ufike apho u Hintsa kwa Ndlambe wolusa iinkomo zakwa Ndlambe ko mkhulu namanye amakhwenkwe wako mkhulu oo Mdushane noo Mhala; kwezo ziphaluka koo Kwelerha nakoo Gqunube; u Ngqika yena uli krwala ngeli xesha - sele ebuthabathile ubu khosi bakhe nge tshova engalindanga kubunikwa ngokuse sikweni ngu yise omncinci u Ndlambe. 


Kuthe kanye ngeli xesha u Ngqika wathimba u Ndlambe wamenza ibanjwa lakhe kuba esithi umnka nabantu bako mkhulu balandela yena; icebo lakhe u Lwaganda yayikukuzibonakalisa ukuba inkunzi nguye. Uthe ke yena u Ndlambe waqhawula apho ebu banjweni bakhe, wabhungca wabalekela kulo nina emaQwathini, ebaThenjini. Athe amaQwathi naba Thembu ngokoyika ezo ndlongo-ndlongo zakulo nzwilanga, zamthabatha u Ndlambe zamsa kowabo kwa Gcaleka ko mkhulu; ithe ke into ka Khawuta u Bhurhu yawuhlaba umkhosi wakowayo isithi mhakukhe kuyeku lungiswa lo Ngqika ndini ungevayo, ucacayo ukuba akayazi indawo yakhe. Kube njalo ke; kwaxhelwa iinkomo kwasikwa amaKhaka, kwa welwa kusiyiwa kwa Ngqika e Xesi ko mkhulu e Mkhubiso. Esitsho phofu u Ndlambe emkhosini xa uphuma ukuba "Ni qule bantakwethu niqiniseke; yi kwe'kwam leyaa ndiyayazi ikhuliswe ndim". Ama Gcaleka awazange ayinanze nokuyi nanza lonto, esithi "ixesha lokugeza liphelile ngoku, sithyile kwi ncwadi entsha apho wonke uMxhosa uzakuphathwa ko mkhulu kwa Gcaleka". 


Aphumile ke kambe amabandla akulo Tete, uthe umkhosi wama Gcaleka ukuba uwele iQonce ukhokelwe ngu Bhurhu no Nqoko; zawukhwaza ezantsi owakulo Nzwilanga eza ndlongo-ndlongo zakwa Rharhabe, oo Jotelo wase Majwarheni, noo Nteyi wase Madaleni, noo Qukwana basema Ntakwendeni. Uthe umkhosi wamaGcaleka xa use Debe usingise ngqo e Mkhubiso e Xesi, ewufunza ngokwakhe u Bhurhu - zathi wayi-wayi ezakulo Nzwilanga zawu hlangabeza. Akuzange kuphele nesiqingatha se Yure, zawabetha zawachitha amaGcaleka, zawasukela - yekoko ukubuya nganeno; ebizana ngemilozi ukugoduka. Athe akufika e Qumrha ama Ngqika asele elitshisa ikomkhulu lika Bhurhu, wasele ewelela ngaphesheya nhaye ebuyela kwakowabo kwa Gcaleka. Awaphelelanga apho amaNgqika, awaswantsulisa amaGcaleka aya kuwatshonisa e Mbhashe. U Ndlambe wabanjwa kwabuywa nhaye, wasele egcinwa apho ko mkhulu kwa Ngqika e Mkhubiso. Zithe ezinye izizwe, amaGqunukhwebe, ama Ntinde, imiDange njalo njalo zasele ziziphosa ku Ngqika; zisitsho zisithi nguye inkosi enkulu  kunazo zonke ezikhoyo emaXhoseni; zisitsho kuba zimoyika.

Wolukile ke kambe u Hintsa,  lakufika ixesha yaangena elu lawulweni indembelele, imbabalana ka Khawuta abayikhuza ukuhlaba ingekahlabi; ithe ke  kaloku into ka Khawuta u Bhurhu umkhuluwa ka Hintsa, yabathabatha abantu bayo yabakhomba ngqo ku Hintsa; isitsho isithi inkosi enkulu nantsi, yaligoba ne dolo kuye yakhahlela; zabuya nezinye iinkosi zakwa Gcaleka ezazisele zilifulathele ikomkhulu, zaza kukhahlela ku Hintsa; watsho umbuso waqina waluqilima. Athe ke amaNdlambe amthiya igama elitsha u mntaka Khawuta athi ngu Zanenzolo kuba enethemba lokuba ungoyena uyakuza ne nzolo kwa Xhosa; athe amabandla akulo Tete xa eshunqulela elogama ungu Zanzolo. Labe ke eli tyendyana lithandeka kakhulu kuba umfo lo wayeliciko elibi ecaca ukuba ukhulele phakathi kwezo ndlongondlongo zakwa Rharhabe, futhi kwabe kuhlonitshwe umkhuluwa wakhe u Bhurhu ngobukroti bakhe nobu nkokheli bakhe, nee nzame zakhe zokubuyisa umzi ka Malangana. Kuthe kanye ngeli xesha; u Ngqika wathi usafuna uku nyanyatha iminyani, oko kukuthi ufuna ukukhe olule iinyawo. Uye ke umfo ka Mlawu wawelela ngaphesheya kwe Nciba ngee njongo zoku rholotsha amaGcaleka; phofu engaxelele bani. uthe akuba se Tsomo wathi "ngubani na onokuya kundibuzela kuma Gcaleka ukuba ayeshoba ni na xeshikweni esiya kulo Nzwilanga exhobile ehamba no Ndlambe?". Eneneni ke kwenziwe ke oko; wayifunza u Hintsa eyakowabo ekunye no mkhuluwa wakhe u Bhurhu - kodwa hayi nangale mini, atsho phantsi amaGcaleka. Aleqwa amaGcaleka ngama Rharhabe aya kutshoniswa e Mbhashe kwakhona. u Hintsa wabanjwa wasiwa ku Ngqika ehamba ngee nyawo zakhe, eli krwala. Athe amabandla akulo Nzwilanga akumbona amsizela kakhulu umntaka Khawuta, zamcengela izikhulu zakwa Rharhabe oo Nteyi apho ku Lwaganda zathi "awusokuze ubulale inkosi yakho; lilishwa elibi elo ka Mlawu, ngu mntakwenu lo". Iye yagixa kanobom into ka Mlawu; kodwa yasele ithatha umkhonto wayo yawunika u Hintsa apho, yakhahlela - isitsho isthi "mna nawe sizalwa khayeni linye, mhakube luxolo phakathi kwethu kungangeni na mnye". Yamkhulula u Hintsa, zathi nee nkomo ebe izidlile into ka Mlawu yazibuyisela kwaku Hintsa. 

u Hintsa kwelakhe icala, akazange ayithande nakancinci into yokoyiswa kwe komkhulu ngu Ngqika amatyeli futhi wafunga esithi ixesha liyeza apho azakumbeka endaweni yakhe.  Uye ke u Ngqika ekungoyikeni kwakhe mntu, waqala ngokusikela abelungu amanxowa ku mhlaba ka Malangana engalazisanga ikomkhulu; waqwela ngokuthimba inkosikazi ka yisekazi wakhe u Ndlambe; u Thuthula intokazi ka Mthunzana. Uye ke u Ndlambe waza kuyibika eGcuwa lento ku Kumkani Hintsa kwi komkhulu lama Xhosa wonke; Yajwaqeka ngu msindo indembelele ka Khawuta, zathi nezo ntshiya zayo ziqhamileyo za rhwaqela, lwathi no thando awayenalo kwi wabo elingaphesheya kwe Nciba lwaphela nya!. Uye ke u "Zanenzolo" wayihlaba eyakowabo ekunye no Bhurhu umkhuluwa wakhe into ka Khawuta yasekunene, ne nkosi u Nqoko uyisekazi wabo, umntakubo Khawuta. iKumkani umkhosi wayo iwahlula-hlule ka thathu; ithathe i Qawuka yalinika isikhulu sakwa Gcaleka u Gxabagxaba, yamyalela ukuba aye kulalisa kwa Ndlambe angaphozisi maseko; ithe yakugqiba into Khawuta yathabatha ihlelo lase maNdluntsha yalinika u Rhuneyi iqhawe lasema Ngwevini, intanga ka Hintsa ngqo umdlanga owaqala kuyo mhla baluka. u Rhuneyi wayalelwa yi kumkani ukuba yena no mkhosi wama Ndluntsha baza kuba ngaphambili kowona mkhosi babe ludonga lwawo bawugabulele izigcawu, iye yathi ke iNgotya intshinga neyeyona ingu mkhosi omkhulu iyaku khokelwa nguye buqu ngokuncediswa ngu Bhurhu no Nqoko; bona bobathathu bayakulandela nge mva kwama Ndluntsha ezinyaweni zawo bohlulwe nje ngu mgama ozi khilometer ezilishumi; apho amabombo ajongise khona kuku Qoboqobo.  Baya kudibana nama Ndlambe, nama Gwali, nemiDange, nama Ntinde nama Gqunukhwebe apho kwelo thafa le debe najengoko kwakuvunyelwene. Eneneni ke ahlanganisana apho amabandla ka Tshiwo, umzi wasemaXhoseni wonke ulapho ngaphandle kwalo wakulo Mbombo, umzi ka Ngqika wona kwakudityenwe ngawo, uze kohlwaywa. Atsho amaXhosa ngo mkhosi ongqindilili owawungazange wabonwa ngaphambili, umkhosi owawusela imifula yome, nekwathi xa igwatyu ingoma yokuhlupheza amagwala isitsho, kubethwa amakhaka ngemiphini yemikhonto kwahlokoma amawa, kwavuka intlaninge yee nyamakazi ze pheselele emathafeni, zathi nee mfene nee nkawu kumahlathana akufutshane zagodla abantwana bazo nhazo zothuswe seso sandi soyikekayo sokuhlokoma kwama khaka. Ama Mbombo wona alalise kwi ntaba ka Ndoda nanjengoko u Rharhabe wayevamise ukwenza xa esiya kudla izizwe; ayelapha amaqhawe neziqhwaga zakulo Mbombo: oo Nteyi, oo Jotelo, babelapha oo Ntlebi noo Qukwana bekhokelwe ngu nyana we nkosi yabo: u Maqoma unyana ka Ngqika wendlu yakhe yasekunene. amaNgqika azanyiwe ukunqandwa noku lunyukiswa ngu Ntsikana umfo ka Gabha uMcirha, nowayengu mphakathi walapho ko mkhulu kwa Ngqika. Uthe u ntsikana xa umhlekazi u Ngqika aza kuyolela, ukutsho oko ezaku thethela umkhosi wakhe ngaphambi kokuba uphume uye kulwa: "Mhlekazi ndiyakubongoza, mhusa ukuthumela abantu bakho ukuba baye kulwa nabantakwabo, nawe mhusa ukulwa nabantakwenu ne nkosi yakho ngokuba akukho nto izakuba ntle ngakuwe, wonke lamadoda alapha awazi kubuya azakusala kwela duli". Uthe ukuba agqibe u Ntsikana, zabe zimxwaxwa zonke ezanto kulo mbombo zisithi "Yhini le, loh mzi ka Rharhabe wathethelwa zizanuse ukusukela nini? Ungongubani yena lo ka Gabha, ebefudula engumNdlambe nje ube ngumNgqika nini?"; oo Ntlebi noo Jotelo batsho ngezixwexwe zamakhwelo behlupheza umkhosi wakulo Mbombo; kambe ke ayelapha nama Jingqi, amaJingq' angevayo ihlelo lika Maqoma nekwakukade lifuna ukuzibonisa ubukhalipha balo. Loo ntetho ka Ntsikana ayizange ivelwe ntweni, wathuliswa kakubi sele ethenjiswa ngokuphiwa kulento yayiphethwe izakuphiwa u Hintsa no Ndlambe. Kweso sithuba umfo ka Gabha wathabatha iselwa waliphakamisela phezulu, waliyeka laphahlazeka phantsi lwaba zii ngceba, saaa amasi; akugqiba wathi "kuyakuba nje mhlekazi esizweni sakho ukuba ulwe nabantakwenu". Uthe akugqiba waxwaywa ingcawe yakhe umfo ka Gabha wanduluka wagoduka ehamba egixa endleleni bubuhlungu be ntliziyo. Wayolela u Lwaganda wathethela umkhosi wakhe wenjenje "Anisikhangeli na? silu lutho lwenu!! Ku njenjeyaaa kucim' ilanga kungenxa ka Ndlambe!! u Bawokazi.. mabandla ase Mnzwini, Hambani ke nixel'okwemihla; hambani niye kufa!! ikukuhlala kwethu kakade ukubulawa. Nditsho kuni mabandla ka Rharhabe, Mabandla ka Phalo ka Tshiwo ka Ngconde.

u Ndlambe yena wayolela kowakhe umkhosi wenjenje: Nako kambe mabandla ka Phalo, Mabandla ka Tshiwo, mabandla ka Ngconde - Kunje njeyaaa nje andenzanga lutho, andone bani, ndondle umntwana kuphela!! ndikhulise umntana kuphela; namhla ndikwa bulawa kwanguye, uphethele mna lohh izikhali".

u Hintsa yena uyolele wenjenje: wenjenje: "Mabandla ka Xhosa; Mabandla ka Malangana, mabandla ka Togu: Hambani ndiyanithuma. Hambani niye kunqanda elaa Hlahla; andilazi kwaye nhani anilazi - mhaze ibe yi nkwa ne nkwa!!"

Uthe akugqiba ukutsho u Zanzolo; wathetha wabhekisa ku Gxabagxaba, no Rhuneyi izikhulu zakwa Gcaleka wathi "ukuba unoyisile u Ngqika namhlanje nize ningabi sabuyela kum, ngoba ndakuzixolisa ngokuthi ndini krukre loo makhakhayi wenu"; wathi owayemkrwaqule emehlweni yhanga ingathi loo mehlo wento ka Khawuta atshawuza imibane, yanga nee mpumlo ziphokoka imisi, athi naloo mashiya wakhe yhanga ngamafu wee ndudumo. Wakhahlela umkhosi ku Hintsa ka Thathu; wabe sele ewukhomba phambili u Mdushane ka Ndlambe. Wathatha Indwe wayi nxibisa amakhaba; waza indwe wayibeka phambili; wathi amakhaba akuwanxibisa indwe wawabeka phayaa emva. Zithe xazi nqoza kakubi, zihlabana ngolunya; wena wakha wawubona umkhombe usilwa ne nyathi; laa makhaba anxityiswe indwe amane ehlehla, yathi Indwe ka Ngqika yakubona lonto yaqonda ukuba iNdwe ka Hintsa no Ndlambe iyoyika; zatsho zagxalathelana ezanto zakulo Mbombo zifunze kulaa ndwe ihlehlayo sele lamakhaba aphambi kwazo zingawa nanzanga nakancinci; kanti leyo yeyona ndwe. Umxhosa kwakudala udalwe wangu mntu lo usigadileyo isidima sakhe; indoda yo mXhosa ixolele ukuqwengwa iziquluba yi nja kunokuba ibonwe idlwayiza isilwa ne nja; nalapha ke kwaba njalo - yathi iNdwe ka Ngqika yaphikelela phambili phayaa kula ndwe imana ukuhlehla kuba besithi bona abanakuze balwe namakhaba, iintsana ezizalwe izolo koko bafuna ukulwa ne ndwe. Yaba ngu mbhodamo kelowo kuba eyona ndwe yayiyi leyo bona babecinga ukuba ngamakhaba. Watshixiz' umthi ko mny' umthi induku isidla okhakhayini lwamadoda, zagudlana zangquzulana izikhumba zenkomo, yaba ngu waca- waca afa 'madoda engayolelanga. Zadl' izilwangangubo u Hintsa eno yisekazi u Ndlambe nezinja zazo, Yadl' ingqanga yashiyel' ihlungulu, yadl' ingcuka yahlomlel' ixhwili, wadl' uHodoshe washiyel' impethu. Yahlatywa eka Ngqika yatyakatywa; wonke amaphakathi wakhe amakhulu neziqhwaga zakulo Mbombo ezaziwayo zasala apho e Debe; bathi nabasindileyo bagqityezelwa kuba yayingu myalelo we Kumkani lowo ukuba mhaze kungashiywa namnye. U Ngxokela umfo wakwa Ngqika owayehlaba kakhulu esoyikwa, nhaye wafa ngale mini. Kuthwa u Ngxokela waye ngumfo ongena kuqala ekulweni kuba wayethanda kakhulu ukuba phambili, ebushushwini kanye bedabi ahlabe enze iziqwenga. Kuthwa ibisithi imikhosi iphefumlelana ezindlebeni nje ne dabi lisiya eziphethweni abe u Ngxokela sele eli jaja ligazi ewile, kuthwe kusacingwa ukuba utshabile asuke avuke aqalise apho ebeyeke khona awise intlaninge yamadoda. Nanga lo mhla kube njalo, koko uboniwe ngu Bhurhu xa aphakamisa intloko; wathi umntanenkosi "Naaanko u Ngxokela ephakama; niyabona ke namhlanje nize nimqhawule intloko" laba ke lisala enkundleni ngolo hlobo iqhawe lakulo Mbombo. Yagxothwa eka Ngqika, yabaleka yaya kuzimela kwii ntaba zase Nkonkobe. Awela amaGcaleka abuyela ko mkhulu; u Bhurhu waye chulumancile kakhulu enethemba lokubuyela emhlabeni wakhe e Qumrha kodwa akubanga njalo kuba u Ngqika wabahlabela eyase mlungwini, eyafika yazidla kakhulu iinkomo zama Ndlambe ukuze u Nxele awakhokele aye kuhlasela e Rhini kwelo dabi lase Gazini. Akabanga sabuyela eQumrha ke kanjalo u Bhurhu, wasele exhwarha kude kufutshane ne Qumrha emathangeni we Nciba, ekungeneni kwe Tsomo e Nciba; noo nyana bakhe oo Myeki nabanye basele besakha imizi yabo kude kufutshane apho.

Ngo 1834 xa ilizwe lifayo ngo Xhoxho into ka Ngqika; u Hintsa wenziwa umbanjwa ngu Saqhwithi u Sir Harry Smith; phofu yena esiya ku Saqhwithi ngelithi wenza inkxolazwe kanti hayi uzisa ekufeni; Kuthe kwa kwehla esi sehlo, amehlo wamaXhosa ajika ajonga kwaku Bhurhu ukuba aye ku khulula umninawa wakhe. Eneneni uyile u Bhurhu enkampini yama ngesi ekunye no Gxabagxaba no Mthini ka Nkani ka Khawuta; ekubeni befikile Thyini uye walibanjwa nhaye u mntwanenkosi inyanga yonke ethinjwe ngama Ngesi ekhonkxiwe. Uthe akugetyengwa u mninawa wakhe u Hintsa; yaba ngu Bhurhu owenza amatile tile wokuba kukhululwe u Sarhili, kuhlawulwe naloo mdliwo wawufunwa ngama Ngesi, kutyikitywe nezi bhambathiso ezitsha eziquka kuzo ukuthatyathwa ko mhlaba wonke ophakathi kwe Xesi ne Nciba unukwe abelungu. Wayevuma nje umntwanomhle eyazi mhlophe ukuba asinto inoukuze yenzeke leyo. Eneneni ke bakhululwa u Bhurhu no Sarhili babuyela kwase Gcuwa. 

Umhlekazi u Bhurhu ukhothame ngo 1857 ngaso eso yhikili sika Nongqawuse, ebulawa yi ndlala akuba ethobele iKumkani yakhe waxhela; unyana wo mninawa wakhe u Sarhili. Zithe zakungazaliseki izithembiso zika Nongqawuse abantu besifa yi ndlala, nesizwe sichitheka zibalekela kwezinye izizwe oo Mampondo noma Mpondomise noo Bathembu; wathi u Bhurhu yena akazi kubhaca uzakufela emhlabeni ka yise kuba ebethobele iKumkani yakhe. Wahlala phants' uBhuru ke walindela ukufa; wabuya uDengana okwa ngumTshawe nhaye kwinzala ka Gcaleka waza kuhlal' ecaleni kuka Bhurhu, wabuy' uTyindye owaluke noBhuru umphakathi wakhe waya kuhlal' ecaleni kwakhe, wabuya uMaphonya into yaseMa Mpingeni yaza kuhlal' ecaleni kwakhe, wabuy' u Ngqelenga into yasemaBambeni yaza kuhlal'ecaleni kwakhe, loo maphakathi afa yi ndlala ekunye nhaye, befela apha e Thuthurha ku Centane.

Inzala ka Bhurhu


u Bhurhu besithe yinto ka Khawuta ekunene, u Khawuta ngoka Gcaleka, uGcaleka yena ngoka Phalo, u Phalo ngoka Tshiwo, u Tshiwo ngoka Ngconde, u Ngconde ngoka Togu, u Togu ngoka Sikhomo, u Sikhomo ngoka Ngcwangu, u Ngcwangu ngoka Tshawe.

UBhurhu ke endlini yakhe enkulu uzele u Maphasa no Myeki;

u Maphasa uzele u Gecelo ekunene, endlini enkulu wazala u Xhoxho (u Sodovu, umkhon' omhle zama nee nyembezi, u Nyam' iseluthangweni bayayoyika, u Mbhashe ne Nciba kuyalamana), u Xhoxho wazala u Mabobothi, u Mabobothi wazala u Nongudle (Ahh Dumehleli) lo ebekhe wabali bambela Kumkani e Nqadu xeshikweni ku khothame u Kumkani u Mpendulo Sigcawu (Ahh Zwelonke); u Nongudle yena uzele u Siyanda - nguye ophetheyo ke u Siyanda e Tsonyana; yeyona ncam ka Bhurhu leyo; ikomkhulu lise Thuthurha.

u Myeki yena uzele u Mfati (ahh Sitwayi), u Mfati uzele u Fudumele (Ahh Zwelidumile), u Fudumele uzele u Jokomba (Ahh Zweliphalele), u Jokomba uzele u Khubekile (Ahh Daluxolo), ukhubekile wazala u Desmond (Ahh Zweliyashukuma).

Omnye unyana ka Bhurhu ngu Xhoseni, u Xhoseni uzele u Khiva (Ahh Smangaye) iqhawe elikhulu lase Tsonyana owayeyi njengele kwimikhosi ka Sarhili nge mfazwe ka Nongxokozelo eyayibetha abaThembu, nakwi Mfazwe ka Ngcayechibi nekulapho wawela khona. uBhurhu mkhulu kakhulu asingekhe simgqibe kungagoba usiba kuphele ne tela sibhala ngaye kuba kaloku inkosi ayigqitywa. Kukho iziduko zasemaXhoseni (amaBamba sesinye sazo) kwa Rharhabe nakwa Gcaleka ezisazibonga ngaye nanamhlanje; bambi bade bacinge ukuba baphuma kuye loo Bhurhu esendeni kanti hayi akunjalo; kukuthi nje wayeyi nkosi enkulu kakhulu eyayikhe yabali bambela kumkani, yaza yaba nabantu abaninzi kunene kuba izalwa yi Kumkani kwindlu yase Kunene. Ukuzibonga ngaye ingeyonto intsha okanye ingazange yenzeka ngaphambili kuba zonke iziduko zamaXhosa wo mthonyama ziyamfaka u Khawuta ezibongweni zazo. Ungeva umnumzana othile esithi yena ungu Khawuta isiduko sakhe, uthi wakumbuza ukuba ungumTshawe na; athi "Hayi ndingu Mqwambe" okanye "Hayi ndingu Mntakwenda"; abe enyanisweni engaphosisi kuba zonke ezo ziduko ziyazalana kuba ziphuma ku Nkosiyamntu into ka Malangana ka Xhosa; ngoko ke bazibonga nge nkosi yabo phofu ekwa sisihlobo kubo. Mhasikhe sime apho singadanga sawulahla umkhondo ibe ke ne mpi yase Tsonyana ingadibani no mbengo omde ocima idangatye; mhasime apho namhlanje nina baka Nonqane, iNdlov' edl' igoduka, u Mavuth' ukuhamba axelis' umlilo, u Mathweth' ukuhamba axelis inyanga, ingwe ye thunzi, umhlophe ka Rhili ngu Sigcawu lowo isibi sase Nqadu.

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath