Skip to main content

u Makinana - Ahh! Ndluzodaka

 U Makinana yeyona ndlamafa kubo bonke ubukhosi bama Ndlambe. Uyise ngu Mhala (Ahh Mbodla) into ka Ndlambe enkulu, wabe u Ndlambe lowo engumninawa ka Mlawu into ka Rharhabe ukunene kuka Kumkani u Phalo, u Ndlambe no Mlawu bazalwa ngu mama omnye u Nojoli. Unina ka Makinana lowo ngu Nohute intokazi ka Ndaba inkosi enkulu yaba Thembu. Abafazi baka Mhala ke babelishumi elina mbini; abantwana baba ngamashumi omane (40). Amakhwenkwe ema shumi mabini neentombi zikwa ngako.

U Makinana uvelele e Xinirha ngase Mpongo (Macleantown), kulofama kuthiwa ngoku yeka Somats'ats'a, kwisiqingatha se Qonce ne Qumrha ne Monti, apho kanye zidibana khona zozithathu. Umnyaka avele ngawo umalunga nowe 1830, kuba waluke ngowe 1849 engekabi no ngqovu, waluka ngomnyaka ka Oba (Ahh Ngonyama) into ka Thyali, kunye nento zakowabo o Smiti, Mtshatsheni, Ndimba, noo Mngxokwane. Ngawo lowo mnyaka ama Ndlambe akhe ane ngxokozelo engencinci phakathi kwawo ewodwa, iNkosi u Mhala ahlulelene ne Nkosikazi u Nohute, kuhanjwa ezinkundleni. Noko ke asikafiki apho. U-Nkosikazi u Nohute ke ngenyaniso akazange abe namntwana uphuma kuye esibelekweni yena, koko kuthe kwaphakathi kwama khosikazi la kwakho enye eyathi yazala amawele, u Makinana no Mtshatsheni. Kuthiwe inkosikazi mayizithabathele elinye izanyisele libe ngunyana wayo. Unina wamawele lawo ke wayengumXhosakazi intombi yasema Kwayini. Uyanyisile u Nohute lentwana, wade waphuma amasi yalunyulwa, yakhula. Ithe xa iyinkwenkwana yenzakaliswa ngamanye amakwenkwe ngengozi, yakhutshwa iliso ngotolo, bekutolwa intaka. Udiwu phakathi kwesizwe luze kuhla ngelixesha lokwaluka kwala makhwenkwe sendiwaxelile. U Mhlekazi u Mbodla yena akalumkele nto, walusa inkwenkwe yakhe yase Kunene, awayeyithanda kakhulu, u Smiti, kulo Gqwarhu. Wacinga ke ukuba wonke amanye la ayakuya kungena kwelo suthu. Kanti hayi akabuzanga; inkosikazi u Nohute ivele yaqukeza ngoko nangoko yamema abafazi ukuba baze kusika ingca yendlu yo nyana wayo, kuba engeze unyana wayo ahambe engena kwii ndlwana zezicaka zakhe, watsho wakhupha ilizwi u Nkosikazi eliya kunyana wakhe lowo esithi mhaze angangeni kulondlu ka Smiti. Zaye imvula zazisina ngxi. Wothuke mva u Mhala, wabuza ukuba oku kukuthini na? Uxelelwe shu-sha ukuba unyana wenkosazana yabaThembu ufuna indlu yakhe, uqale apho ukuyothuka into awayenzayo yokunikela u Makinana ku Nohute. Koko ngoku kwakungasekuhle tu kwaphela, kube ngasa ejwejweza u Mhala esithi, "Kuya kulunga na ukuba nimenze inkosi u Makinana lo ezalwa ngum Xhosakazi, nje?" Lithe iphakati "nhawe uyi nkosi kodwa uzalwa ngumXhosakazi." Ubuze ukuba kuya kulunga na ke ukuthi mna ndibe negazi lomXhosa, aze abuye unyana wam oyi ncam abe kwangowegazi lomXhosakazi? Lithe iphakathi "Ewe, wena wanye ibele likanyoko um-Xhosakazi, u Makinana wanye ibele lenkosazana intombi ka Ndaba, ngoko ke anifani."

Hayi, u Mhala kunye nabalandeli bakhe ooNkovu nabanye, abayivanga lento; baye bejonge ekuthini kanye-kanye ingaba ngu Mngxokwane ongaba yinkosi, kuba unina ngum Thembukazi, nhoko engowendlwana encinane eba Thenjini. Icala lenkosikazi lime nkqi nhakuleyo ka Mngxokwane into lisithi, akanako unina ka Mngxokwane ukubangisana no Nohute intombi ka Ndaba, incam yabo bonke aba Thembu. Ngeloxesha inkosi u Sandile wayese Xesi, e Mkhubiso, (Burnshill); kwabonakala ukuba lempithimpithi mhayisiwe kuye ayi namulule kuba ngoku amaphakathi ayengxamelene eziqwini ibango macala omabini lishushu. Afike ema ngazo ama Ndlambe komkhulu kwa Mgolombane. Uve weva u Sandile namabandla akowabo akulo Mbombo, batsho ukugalela kwele nkosikazi icala,  besithi: 


"Nanimnika ubukhosi u Makinana ngokumanyisa ibele lentombi ka Ndaba, umThembukazi." Yaba iyaphela apho ingxoxo; wazinikela nhaye u Mhlekazi u Mbodla, esithi, ebengamthiyi nganto u Makinana, kuphela nje, ucinge ngokuzalwa kwabo ngabantu abamnyama. Kukuze ivele i Mbongi imbonge u Makinana isithi:

Mty'ongqongq' osukwe ngamadun' akowawo; Kub' usukwe ngu Ngetu no Tshunungwa. Sade sawoyis' umzantsi ka Nkovu. Ngu Mpondo bhekis' e Hewu;

Mkhumb' ongquthu wakwa Sihota”


Ukususela kulomini waba yincam evunyiweyo yama Ndlambe kulo

Ndilatashe indlu Enkulu; ingu Gqwarhu uku Nene; ingu Kondile ixhiba kulo Gaxa.

u Makinana akakufumananga kamnandi ukuba yinkosi kowabo, ngenxa yempithi-mpithi zee mfazwe no Nongqawuse.

Uthe eseli krwala u Makinana, lafa ilizwe ngeka Mlanjeni (1850-53), waba ke njalo uyazibula, nangani ama Ndlambe engayingenanga leyo imfazwe, kuba ayesakholwe yeyokosa eseva izivubeko ze dabi lase Mgwangqa, ngala mfazwe ye Zembe (1846-7.). Kuthe ngesi yhikili sika Nongqawuse (1857); u Mhlekazi uMhala, ngokuthobela u Sarhili, waba lithamba waxhela, kwa no Makinana. Kuthe ngoku sekufacwa, wabanjwa u Mhala wasiwa esiqithini kunye no Maqoma, u Makinana wabaleka waya kuzifaka phantsi kwe khwapha lika Sarhili; waye u Sarhili lowo ngokwakhe ebhacele kulo-nina kwa Bomvana. Bahlala apho ke e Mngazana. Kuthe kuphi u Mhala wakhutshwa esiqithini wagoduswa; kodwa akabanga nandawo kuba umhlaba wakhe wawabiwe wazifama, e Thanga, Xinirha, Gqunube, Kwelerha, Eludakaneni, Nxarhuni, ewe yonke ingingqi ye Xinirha. Ude wakhothama u Mhala lowo ngowe 1875; Ubiziwe u Makinana, sele ese Khobonqaba ku Centane ukuba aze kuthabatha indawo ka yise kuma Ndlambe; koko uthe uyawela labe ilizwe sele lifile ngale mfazwe ka Ngcayechibi; suke ngoku u Rhulumente wamthatha njengomntu oza nerhola lemfazwe, wahlaselwa shushu, waya kutsho kwa ku Rhili emva. Ukuyenza mfutshane lembali mandithi u Makinana lowo wasel' ehlala apo ku Rhili eba ngumfo wakhona, kwade kwayimini yokuba akhothame, emva kwale mfazwe yama Bhulu ngo 1902. Lo Makinana ke, igama eli lakhe walithiywa ngo Collonel McKinnon umphati wemikhosi yama Ngesi e Koloni iphela. Wayengu mqhambasholo womfo omde, omhle kunene; olizwi likhulu lirhabaxa, umfo ongaqhelwa nangu mntana amzalayo; kuba ubengena buncoko, ubuncoko bakhe nengqondo yakhe yonke isemfazweni kuphela, amaqabane avana nawo ibizizinja zakhe kuphela - ibutho lakhe awaluka nalo. Abafazi bakhe babe bathathu nge nkosazana u Nopasi, intokazi ka nkosi u Moni, umhlophe ka Ntshunqe, inkosi yama Bomvana. u Nopasi lowo naye uzalelwe liqadi engazalanga yena ngokwake. Inkoliso yabantwana baka Makinana zintombi.

Eyona inkulu ngu Nomrho; bekusakuthiwa ke ngabafazi ngu 'Somrho’ njengokuba u Sandile kwakuthwa ngu ‘So-Ema’ oko kukuthi ngu yise ka Ema; u Maqoma kusithwa ngu Sotase - oko kukuthi nguyise ka Tase. Bezihlonitshwa ngolo hlobo iinkosi ngamakhosikazi. Intombi zika Makinana ke zikholise ukwendela eba Thenjini. Unyana wakhe wase Kunene u Sihula wemnka eseli krwala waya kwa Ntliziyondise; ude wafela kulomazwe ngase Mafeking kwilizwe laba Tswana. Onyana abathe baphila ngu Mpondombini (Ahh Msintsi) owakhe waphatha kuma Ndlambe kulo Gaxa. Uthe akubhubha kwabizwa umninawa wakhe ongu Solani (ahh Silimela) kuba u Msintsi akazalanga. U Silimela lo ke uze nawo onke amandla namagunya obu Ndlambe, kuba uze ngobu ndilatashe, wongamela sonke isithili se Qumrha, nese Monti kwa nelali ezintlanu zase Qonce. Bendisitsho ke, ndisithi, bonke ubom nengqondo ka Makinana buse mfazweni; walwa ngeye Zembe wathamba ngeka Mlanjeni, walwa ngo Nongxokozelo (1875) ekhaphe u Sarhili esiya kubetha uKumkani u Ngangelizwe wabaThembu; walwa shushu ngo Ngcayechibi. Indlela u Ndluzodaka ebeyithanda ngayo imfazwe ne mpalalo-gazi ubesayilindele ukuba yonke inkosi ephuma esuthwini izibule - ukutsho oko; iye kudla iinkomo kwesinye isizwe kubeyi mfazwe khonukuze izibonakalise ukuba ngenene iyi nkosi.


Ukuphuma kuka Salakupathwa (Ahhh Gwebinkumbi) esuthwini ngowe 1896, kwathiwa ku Mhlekazi u Ndluzodaka makakhe enze izwi lokuyala njenge ndoda enkulu. Intoni!!! u Ndluzodaka! Ugwagaze ngelo lizwi lakhe lirhabaxa wathi:


"So’bona kaloku ngokuzibula ukuba kwaluke inkosi enkulu, ukuze nathi maxhego sikhe sifudumale.” Kwakhala inkundla yonke eyayilapho inqanda; kusithwa “Hayi mhlekazi kaloku soyisiwe ngamangesi futhi asisavumelekanga nhokuba sithethe nge mfazwe. Uba sikhe saviwa sithetha nge mfazwe siyakuhluthwa nale ntwana yo mhlaba sinayo iphiwe lama mfengu”. Waambombozela u Ndluzodaka eyiva engayiva yonke loo lonto esithi “izinto zajika ngenene; amaXhosa lah aqala nini ukoyoyika kangaka imfazwe? iyinto yawo nje leyo”.


Ubesakuthi u Ndluzodaka nhokuba uyahamba namaphakathi akhe, kubonwe sele esima athi amaphakathi xa emjonga, amfumane ondele phantsi; kanti uthabatha umdla ezimbovaneni, ujonge lemikrozo ibheka ngapha, nebuyayo, nethwele izinto, ne ngena emingxunyeni, - uve esithi, ngelozwi libi: "Niyabona ke! Niyabona ke! Lamadoda ke akazenzi kunzima kuwo!

Niyayibona le ijika nje icingile! Niyawabona la athwele iinkinga etshona kulo mngxhuma, acinge amawawo ase mgolombeni ngaphantsi phaya! Kuthiwa ingahamba imini u Somrho ejonge ezi mbovane ebona izinto zemfazwe kuzo. Inkabi yakhe ngu "Nkanti"; koko ayidumanga kuba akabanga kowabo yena ngokwakhe ubedla ngokuba nenkomo namahashe amhlophe obungeva abanye besithi, kulo "Ntaka Mhlophe," ude ucinge ukuba ligama lenkabi yakhona. Unyana ka Makinana ongu Silimela wangqulwa li Lizwi ese nkundleni etshila; athi amaXhosa mhakube le nkwenkwe iyathwasa, ingenwa yinkathazo ka nina. Waphika u Ndluzodaka wathi; "Hayi, ayithwasi lenkwekwe, yiyeken' ingab' iphind' itshile! ihliwa yinto eyeza no Bawomkhulu kwase Mkhangiso, enobawo e Nxarhuni” Wathi kanti u Mhlekazi lo unyanisile; kuba unyana lowo kwangalo eloxesha waba yingqekreza yomshumayeli we Lizwi. U-Makinana utyalwe ecaleni kuka Sarhili, no Sigcawu, no Dalasile phesheya ko Mbhashe e Mngazana.


Yanga ama Ndlamb' amatsha angaze awalibale amathambo ka Ndluzodaka, nhaka yise u Mbodla, e Mthumana, emanTloko e Thanga.

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i