Skip to main content

u Ngqika (Ahh Lwaganda)



Ebu Kumkanini bama Xhosa kukho abantu abaninzi kunene, abantu abazitshoyo ngobuntu babo, kwaye abazidlayo ngobuzwe babo; aba bantu bakhaliphile, bahle, bazi mvumi, baye ekuthetheni bengamabi amaciko. Abo bantu ke sesi sizwe kuthiwa ngama Ngqika (amaRharhabe). u Ngqika lowo yi nkosi enkulu yeso sizwe kuthiwa ngama Ngqika; abe ke phofu engeyiyo inkosi enkulu yama Xhosa; int' ekunayo wathi wazenzela igama ngenxa yezi zinto sesizibalile ngasentla, ukutsho oko ubukhalipha, ubuhle, ubuciko, noku cula.


Uyise ka Ngqika ngu Mlawu, kodwa ekubeni u Mlawu lowo wakhothama ese mncinane, futhi akukho nto iphi ithethekayo ngaye. u Mlawu uzalwa ngu Rharhabe; yileyo ke indoda enebali elide, neline ziganeko, kuba yena wakhothama sele eyi ndoda. u Rharhabe ke uzalwa ngu Phalo: eku kunene yena ku Phalo lowo ngentombi yaseba Thenjini; kuba inkulu okanye u Kumkani wamaXhosa wonke ngu Gcaleka nge ntombi yasema Mpondweni. Mhlawumbi ungacaca lo mlibo xa ndiwenjenje.


isende lika Kumkani u Phalo



 iNdlunkulu yamaXhosa                                                                                                   iNdlu yokunene

uKumkani u Gcalekainkos' u Rharhabe
uKumkani u Khawutainkos' u Mlawu
uKumkani u Hintsa (Zanzolo)inkos' u Ngqika (Lwaganda)
uKumkani u Sarhili (Ntaba)inkos' u Sandile (Mgolombane)
uKumkani u Sigcawu (Nonqane)inkos' u Gonya
uKumkani u Salakuphathwa (Gwebinkumbi)inkos' u Faku (hayi uFaku wama Mpondo)
uKumkani u Bhungeni (Zwelidumile)inkos' u Velile (Bazindlovu)
uKumkani u Mzikayise (Xolilizwe)inkos' u Maxhobayakhawuleza
uKumkani u Mpendulo (Zwelonke)inkos' u Jonguxolo (Vululwandle)
uKumkani u Ahlangene (Vulikhaya) -


Kambe aziphelelanga apha izindlu zika Phalo, koko sibala nje ezo zibaluleke kakhulu; indlu nkulu kunye nale ndlu yase kunene eyathi yazenzela igama.


u Phalo ngokwakhe uzalwa ngu Tshiwo unyana ka Ngconde ka Togu, ka Sikhomo, ka Ngcwangu, ka Tshawe, ka Nkosiyamntu, ka Malangana, ka Xosa.



u Nina ka Ngqika


Unina ka Ngqika ngu Yese, intokazi ka Xigxa, inkosana yaseba Thenjini. Le ntombi yi ntokazi ekuthiwa yehla ngo bulembu ukuya kwayo kwa Xigxa, kanti nalapha emzini wayo kwa Rharhabe kuthiwa yheza nge nkungu; nhoko u Xigxa lowo eyi nkosi yaseba Thenjini, ibingeze intombi yakhe izale inkosi enkulu, kuba u Xigxa yi nkosana ese zantsi ngokwezigaba zobukhosi. Ngako oko ke u Mlawu ukhothame engeka yizeki eyona nkosikazi engu ndlunkulu. u Mlawu waye nomnye umfazi ekuthiwa ngu Tsekwa, ekwathi ngaye kwazalwa u Ntimbo. La makhwenkwe mabini u Ngqika no Ntimbo akhe enza ingxoxo enkulu phakati kwesizwe sonke sasema Xhoseni esenza ibango ebukhosini bakwa Rharhabe.



iBango

u Mlawu wakhothama no yise u Rharhabe ngalomhla wasebaThenjini, xeshikwe u Butsolobentonga esiya kudla inkomo zabaThembu emmva kokukba ethe balobole intombi yakhe ngemigqutsuba yee nkomo, ngoko ke uya kuzikhethela iinkomo ezifanele kukulobola iTshawekazi kwimihlambi yakwa Ndaba ebaThenjini. Kuthe kwakuwa uyise ne ndlalifa yakhe kwelo duli, isizwe ke sijongise ku Ndlambe umninawa wakhe u Mlawu ukuba aphate ubukhosi; koko yena u Ndlambe waphikela ukwalatha ku Ngqika no Ntimbo esithi: "zikhetheleni inkosi, naba oonyana be nkosi yenu." Mhasitsho ukuthi enyanisweni isizwe sasingacingi nento ngala makhwenkwe ukuba angaba nobukhosi kuso, kuba oonina abangobafazi babelotyolwe sisizwe, futhi noyise waye ngazanga waphatha, wakhothama esyi nkosana, ebhubha nho yise u Rharhabe. Kuthe akungabuvumi u Ndlambe ubukhosi, athi ke amaphakathi, abanumzana ne zikhulu zakwa Rharhabe mhakayi thabathe le ntombi ibiza kuzekwa ngu Mlawu, amzalele umkhuluwa wakhe inkosi. Eneneni ke wakwenza oko u Ndlambe, ukuze le ntokazi izale intombi egama lingu Cebo.

Ekhothama nje u Rharhabe inkosi enkulu; uzele u Mlawu, u Ndlambe no Nukwa, nee ntombi ezimbini, u Ntsusa no Khinzeka. Bonke aba bantwana ubazele ngomfazi omnye u Nojoli. Siphindile isizwe sajonga kwaku Ndlambe ukuba athabathe ubukhosi, kuloko u Ndlambe nakweli tyeli akabuvumanga. Side isizwe ngokuncama safuna u Ntimbo, owaye yi ndyenge-ndyengana ezolileyo, nhoko ingabonakalisi mpilo yomeleleyo; aye esithi amaphakathi nezi khulu u Ngqika lo udlamkile kakhulu, undwebile, yi ndlongo-ndlongo akayi kulunga. Uthe kanti u Ndlambe yena ufuna kanye u Ngqika lowo, kuba wayesithi u Ntimbo akana mpilo; utsho esithi u Ndabanduna: "Ndobakho na ukungcwaba enye inkosi futhi?" (waye sitsho kuba ke ungcwabe umkhuluwa wakhe no yise ngexesha elinye). Kwahlaliwa ngolo hlobo ke ngu Ndlambe nama phakati akowabo.



uNgqika uthabatha ubu Khosi


Ekuhambeni kwe xesha, isizwe side sathumela kwi Komkhulu lama Xhosa wonke kwa Gcaleka ukuba mhalize kubekelwa iNkosi; aye ke amaphakathi evumelene ngo Ntimbo inkosana enga geziyo. Kuthe kwa phakati kwaba thunywa aba wathi kanti u Ndlambe ufake ilizwi ngasese kubathunywa abathile, ilizwi elithi mhaze baxele apho komkhulu ukuba ke yena ubona le nkwenkwe ingu Ngqika kuba iphilile, futhi yhomelele; enye le (u Ntimbo) ithambile; ayiyi kuba ngamehlo ka Gcaleka ikomkhulu lamaxhosa ngokufanelekileyo. Efikile okunene u Kumkani u Khawuta unyana ka Gcaleka, ibe zizi yunguma zeziyolo elizweni, ezithabathe iintsuku ezithile, kude kwathi ngomhla othile uKumkani waya kutsho ebuhlanti, uthe elapho wathi mhazi ziswe iinkosana zombini, okwenene za sondezwa kuye. Kuthiwa uthabathe isidanga sobuhlalu wasithi gatya ku Ngqika entanyeni, wathabatha intshuntshe wamnika esandleni. Emveni koko uthabathe irhwana (lo mkhonto mfutshane wokulwa amaZulu azenzele igama ngawo) walinika u Ntimbo, wathabatha isidanga wamti gatya ngaso. Sithe ke ngoku sonke isizwe sazi ukuba u Ngqika wenziwe iNkosi.



iZiganeko


Kuyavakala ukuba u Ndlambe wayigcina okunene inkwenkwe yomkhuluwa wakhe wade wayalusa: umdak' omnyama ongqongqo, osukileyo kanobom egadeni, idlongodlongo lomfo ofuze uyisemkhulu u Rharhabe, into engazange yaqalisa ukuyoyika into ephefumlayo; wabe umfo ephiwe emlonyeni, eliciko, eyi mvumi, kungekho mntu umogqithayo ngokududa nokutyityimba kulo lonke elakwa Xhosa, waye umfo omkhulu emhle ebusweni ukuya kutsho ozwaneni. Uthe esengu mkhwetha umfo ka Mlawu, wahle wabonisa ukuba akazi kuba nanto noyisekazi u Ndlambe. Loh moya mbi wawufakwa ngamaphakathi ako kwabo; ayephikele ukuthi u Ndlambe lo ufuna ubukhosi bakhe, uya bubulala obu buka Ngqika. Uthe ephuma esutwini uLwaganda wabe sele engasenanto noyisekazi lo, engamazi nokuba yintoni na; sele engqongwe zi zijorha zako Yese ezikhohlakele kunene, into ezathi ukumbiza u Ndlambe zathi ngu "Nduna," zaphikela ukuthetha ngokuthi "Lo Nduna we bhongo lo uza ku mnka nabantu kuba bamqhelile." u Ndlambe yena kwelakhe icala wayengazenzisi ukumthanda oku unyana wo mkhuluwa wakhe; nhoko wayezibona ezi zinto azenzayo. Bekuthi kuhleliwe zii nkosi kusuke kuviwe ngee ntonga sele zi nqoza; kanti kulwa amaphakathi wazo, ohlulelene.



iMfazwe

Kude kwathi ngelinye ixesha u Ndlambe esemathanga e Xoxowa (Pirie) ngase Khobonqaba wabona ifika inkosi u Ngqika ingqongwe ngamaphakati wayo; oo Jotelo umJwarha noo Nteyi umDala noo Qukwana umNtakwende noo Ntlebi into yase Gqwasheni. Uthe umkhosi lo uhamba uzingela, wasele uqonda ukuba masele ungena apho kwa Ndlambe. uQukeze u Ndlambe waxhela, exhelela inkosi yakhe, kodwa kuthe kusatyiwa loo nyama, nee nkosi zisa ncokola zingazi nto, zeva nge zikhali sele zisitsho kalu khuni; kwalala imikhuthuka macala omabini nge phanyazo, ziqalile ke iinkosi zahlukana ngemibono, yaba yile yathethelela abantu bayo, isithi abenzanga tyala. Kuloo mlo, yachithwa eka Ndlambe yasukeliswa, yabhekiswa kwi Mpumalanga ngase Nciba, yaya kuqatyeliswa kwezo ntaba zakwa Mathole. Yhekoko ukuya kuwezwa i Nciba phezulu, yashiywa kwezo zithuba ukuze izibonele. Kukuze ke u Ndlambe acinge ngokuya kulo nina ema Qwathini, wahlala khona apho ithuba elithile. Athe amaQwathi ngokoyika ukuthi kanti hleze u Ngqika eze kuwachithachitha nhawo kuba ekhusela u Ndlambe, amthabatha u Ndlambe amgodusa amsa kwelona khaya lakhe, amsa kwa Gcaleka kwi Komkhulu lamaXhosa. Ahleli ahlala nhawo ama Gcaleka no Ndlambe, ade abonakala ezilungiselela ukumgodusa. Aye ke amaGcaleka axhela intlaninge yee nkomo,  asika kunene amakhaka  wokulwa, Kuthe ngelingeni wabonakala ufunquka loo mkhosi wawo u ngqindilili, owawuphuma kulo lonke elakwa Gcaleka, ukusuka eMbhashe ukuya koo Cala ezantsi kwee ntaba zokhahlamba, ukuya kutsho koo Cofimvaba noo Tsomo, ukugudla ulwandle koo Gatyana noo Centane. u Ndlambe wayethe gqoloo esithi kuma Gcaleka "Mabandla akowethu, niqule niqulisise, yhi kwekwam leyaa ndiyayazi"; kodwa amaGcaleka engayithatheli ngqalelo lonto. Waphuma ke kambe loo mkhosi wakube unyangiwe li tola le komkhulu, wawuphuma kwi komkhulu lika Bhurhu ka Khawuta e Qumrha kuba zazilapho iintlanti zika Bhurhu; phofu umntanenkosi ebambele u Hintsa umninawa wakhe eyona Kumkani yamaXhosa. Yekoko ukuwela uMlambo iQonce, umkhosi wawukhokelwe ngu Bhurhu ikhalipha lasemaTshaweni no yisekazi wakhe inkosi u Nqoko. Kodwa kwalile ukuba lomkhosi wama Gcaleka ube phantsi kwalo mahlathana o Mngqesha kwiziphaluka ze Qonce, yhavela impi yee ndlongo-ndlongo, impi engevayo kunene ka Lwaganda ka Mlawu, yawachitha amaGealeka atsho ahamba ebizana ngama khwelo kwezo nduli nhakuloo majojo nee ntili; imisila iphakathi kwemilenze - bebethwe ngabaninawa kwaphela ukuqonda.



u Ndlambe wabanjwa nge zandla,kodwa wafana wasindiswa kwangama phakati; unyana wo mkhuluwa wakhe efunzele ekumgqithiseni amafu. Kuthiwa yafumane yagixa yalila inkewu enkulu into ka Mlawu, isithi: "Nindincedile bantwana bakokwethu, kuba lento ndiphantse ukuyenza ibiya kundizisela amashwa!". Akuba ebanjiwe u Ndlambe wathatyathwa wasiwa e Rhabula ngakwa Qoboqobo, wakhonkxwa apho, ukuba ahlale kulondawo, angahambahambi phakathi kwabantu, kuba abantu bamqhelile futhi bayamthanda basuke bamthabathe njenge nkosi enkulu. Ube lapho ke u Ndlambe esifa zii ndlala kuba engavunyelwe nokuba azingele ayephi. Kuthiwa ubesithi kanjalo akuthumela komkhulu kwa Ngqika ukuya kuzibika ukulamba, isuke inkosi iphendule ngokugavatha isithi: "Yitshoni acele kuzibaningeshe lowo!" Itsho ikhankanya omnye kula maphakati anaye, ithi ngomnye umhla xa icacile imphe, ithi ngomnye umhlaa igavathe ingafuni nokuva.



uKunyenyethwa kwemi Nyani

Emva kwethuba elithile ivakalisile into ka Mlawu esizweni sayo ukuba ifuna ngoku ukukhe iwele iQonce iye e Qumrha, iwele ne nciba iye ku nyenyetha iminyani kwa Gcaleka. Oko kukuthi iye kubuza kuma Gcaleka ukuba aye nyanga ntoni na ukuza apha kwa Rharhabe exhobile?


Okunene ke kuxhelwe kwa nyhikizwa kwa Rharhabe, kusikwa izixwexwe zama khaka, kwafumane kwayilonto. Kuthe kwakulunga yhe funqu loo mpi yee ndlongo-ndlongo zodwa, yhekoko ukuwela iQonce, kwafikwa u Bhurhu sele ebalekile wawela iNciba esiya kumaGcaleka akowabo, no Lwaganda ke uyiwelile iNciba ezithendeni zika Bhurhu esinge kulo Tete. Athe ayabona ama Gcaleka, abona sele erhiwulwa  macala onke oku kw mantshontsho erhiwulwa lu khozi. Abaleka amaGcaleka aziphosa emaweni, engekaphili nhalo manxeba ayewafumene ngalaa mhla ayegodusa u Ndlambe. Usizana olungu Hintsa owayese yinkwenkwe endala ngelo xesha wabanjwa ngezandla kuba wayenee nkani kakubi esithi akayi kushiya iinkomo zikayise nge mva emadlelweni, esitsho futhi esithi ayilo siko lakowabo yena ukubaleka. Le nkwenkwe, yasindiswa kwa ngama phakati, oo Jotelo noo Qukwana; into ka Mlawu sele imgiwulele irhwana, iza kubinza kuye igqibe ngaye. Ibuye yaphinda yagixa yalila kabuhlungu into ka Mlawu isithi: "ndimangel' ukuthi bantwana bakokwethu, yi nkosi yam le bendifuna ukuyenjenje. Kwaba ke kukusinda ko bom buka Hintsa obo; yasele into ka Mlawu iyalela impi yayo ukuba izibuyisele zonke iinkomo eyayisele izidlile kumaGcaleka; yaza yathabatha irhwana layo elo yayiza kuhlaba ngalo u Hintsa, yagoba idolo layo yamanga ezinyaweni u mntaka Khawuta yamnika lona, yathi "wena uyi nkosi yam - mhakube luxolo phakathi kwethu sisebenzisane" yathi yakugqiba yayikhulula inkwennkwana lheyo. Ngolu hlobo wayecinga umfo ka Mlawu wenze uxolo kanti hayi uphazamile; lento yokoyiswa kwama Gcaleka ngama Ngqika, yahlala ihleli engqondweni ka Hintsa, futhi ifunga ikwekwe ka Nobutho ukuba lo Ngqika lo iintsuku zakhe zibaliwe; singasalithethi ke ihlazo lokoyiswa kwe komkhulu kukunene; nto leyo eyenza intlaninge yabantu ikreqele ku Ngqika, wakhonya yedwa u Ngqika sele efuna ukuzimela ngoku, nemithetho sele engalindi ukuba isuke kwa Gcaleka, ezenzela ngokwakhe kuba uwoyisile amaGcaleka izihlandlo ezibini.



ukubhungca kuka Ndlambe ebu banjweni


Emva kwethuba elithile u Ndlambe esebubanjweni ude wafumana ithuba lokuba azikhupe eku khonkxweni, yhekoko ukuwela i Xesi ukuwela i Nxuba, yekoko ukuya kutsho e Mnyameni ngaphaya kwe Rhini. Athe ama Xhosa akuva ukuba u Ndlambe uphumile ebukhonkxweni, waya kuzimela kumhlaba wakhe; kwaphuma imfumba yabantu balandela yena, kuba babe mthanda ngoku ngazenzisiyo kakade. Kwa kamsinya u Ndlambe waba nempi eninzi kunene. Siqhekeke apho ke isizwe sama Rharhabe, yaphela into ethi "AmaRharhabe"; kwakho amaNgqika nama Ndlambe.



iMfazwe ka Thuthula ne Dabi lase Malinde


Kuthe ngeli xesha u Ndlambe ase Mnyameni, waba no mfazi ogama kuthiwa ngu Thuthula; intokazi ebinconywa kakhulu ubunzwakazi. La maphakati akhohlakeleyo ako Yese ayenzile lenkosana yawo ukuba iye ku m'ba u Thuthula lowo. Lento yasetyenzwa ikakhulu ngu Ntlebi, indoda eli Lawo ngomlibo wayo kuba ngum-Gqwashe. Ekucingeni kwakhe yena u Ntlebi wayezama ukuba kungahle kubuye kubuyelane unyana lo noyise; kanti ke lonto yeyona yawatshisayo amandla enkosana leyo; yashiywa ngabantu abalungileyo bakowayo, besonyanya elinyala lokwenza u m'bulo. Uphuthunyiwe u Thuthula ngama Ndlambe, athi ama Ngqika ayishiya inkosana yawo. Uthe u Ngqika akubona ukuba lento iyathethisa, kwaye imenza agxekwe futhu ashiywe ngabantu bakhe, wagoduswa u Thuthula, owa-fela e Mncotsho kuma Ndlambe sele engumfazi omdala.


e Malinde

Eli dabi lase  maLinde liliwe u Ngqika sele ekhe wadibana futhi nenkosi zasem-lungwini, ngakumbi u Lord Charles Somerset, owadibana naye kwi mbizokazi enkulu eyayise Ngcwenxa ngomnyaka we 1817; zazi lapha iinkosi ezindala zama Xhosa oo Ndlambe, oo Tshatshu (hayi owaseba Thenjini), oo Kobe, oo Nqeno, oo Mahote, nezinye; kodwa u Somaseti wasuka wadludla nalo mfana ka Mlawu, akazi hoya nangento le ezinye iinkosi. Zasele ziqonda ke ukuba lomfana selezithengisile kubelungu. Zagqiba ekubeni mhako hlwaywe, axuthwe amandla ngapha koko uzakude agqite emdeni wakhe azenze into angeyiyo. Umfundi uyakuqonda ke ukuba kwezi nkosi kwakungekho yayinokulwa no Ngqika; kungoko zathi zabhunga ukuba mhakaye kuxelwa kwa Gcaleka, futhi ziququzelele ukuba iKomkhulu li mohlwaye, zisitsho ezi nkosi zisithi iKomkhulu ziza kulincedisa kuba zaziyazi ukuba sele elohlule nhalo amatyeli amabini; iKumkani ngoku yayisele ingu Hintsa - owayengafani na nkosi yakha yakho kwa Gcaleka, isenza iziqwenga into ka Nobutho; iqale kuma Giqwa awayesele ohlule uyise u Khawuta, yawabetha axola asele nawo ezifaka phantsi kuka Hintsa eyicela iKumkani ukuba ibene Tarhu ngakuwo. Ithe ka Khawuta ukusuka apho yaya kungena ebaThenjini kulo nina, yadla iinkomo yashiya ezishiyayo; Kuthe kusenjalo, amaBomvana abaleka emaMpondweni akuba ebulele u Ngqungqushe, ebaleka uFaku unyana wakhe, aza kuzifaka phantsi kuka Hintsa ukuba awakhusele, kuba yayinguye owayetshotsha entla apho phesheya kwe Nciba, ebuyisa isidima samaGcaleka. Sithe kengoku isibi esikhethwayo kwezinye izibi; sathabatha amehlo sawaphosa ngaphoshonono kwe Nciba, salinda elona thuba lilungileyo oku kwe ngonyama ichwechwela inyathi. Zithe zakufika izithunywa zivela kwii nkosi zamaXhosa ngaphoshonono kwe Nciba zize kumangalela u Ngqika, wasele u Zanzolo ekhupha umyalelo wokuba makudityanwe eQonce ngaloo mhla wedinga; eli yayilithuba lakhe lokubuyisela amaGcaleka endaweni yawo; ukutsho oko ukufaka zonke izizwe zaseMaxhoseni phantsi kolawulo lwakhe. Le mfazwe yama Linde ke ngoko esona sizathu sayo yayi kukwaphula amandla ka Ngqika, ingesiso isizathu sika Thuthula, njengoko uninzi lucinga njalo. Zihlanganisene ke okunene izizwe zonke zasema Xhoseni, ama Gcaleka, ama Ntinde, ama Mbalu, ama Gqunukhwebe, ama Hleke, imi Dange nama Ndlambe kwelo thafa le Debe ngase Qonce. Yonke ke lonyakanyaka yomkhosi yayi phetwe ngunyana ka Ndlambe ogama lingu Mdushane kunye no Hintsa ubuqu. Oka Ngqika umkhosi wawu-phethwe ngu nyana wakhe ogama lingu "Maqoma. Omathathu lamadodana (u Hintsa, u Maqoma no Mdushane) kwakuxa angama krwala, engoo ntanga. Mhakwanele apha xa ndithi wachithwa u Ngqika namhla, ngembhubhokazit enkulu ehlasimlisa umzimba. Zasala apho ezo ndlongo-ndlongo zakhe oo Qukwana, noo Ntlebi, noo Jotelo nhabanye; uMaqoma wasinda ngokuzifisa, yabe iKumkani u Hintsa ithe 'ze kungashiywa nelinye ilitye linga nqikwanga, 'ze namhla afundiswe isifundo lamanene. inkosi u Ngqika yona yasinda ngokuthi inxityiswe njengomnye wabafazi bako mkhulu, xa umkhosi ka Ndlambe no Hintsa wawutshisa ikomkhulu lakhe. Yabaleka inkosi uNgqika yaya kuzimela kwii ntaba ze nkonkobe (winterberg).



iNzala ka Ngqika.

U Ngqika uzele kakhulu kodwa abona nyana bakhe babalulekileyo naba:


(1) inkulu ngu Sandile unyana ka Suthu intombi yakwa Tshatshu ebaThenjini.


(2) u Kunene ngu Maqoma unyana ka Nothonto, ngu Menyezwa igama lakowabo; u MaGaba.


(3) iXhiba ngu Tyhali unyana ka Nonibe.


(4) u Anta unyana ka Ngqika wathatyathwa wadalwa wenziwa umninawa ka Ngqika uyise, wabekwa kwa Ntimbo umntakubo Ngqika, u Ntimbo wafa engekazali. Yathatyathwa ke le mkosana yenziwa unyana ka Ntimbo ukuba ivuse umzi wakhe, igama lakhe lingacimi.


(5) u Xhoxho wenziwa i Qadi lakulo Tyhali.



Xa siyivala:


U Ngqika wayeli khalipha kowabo emaTshaweni futhi engena ntanga; kodwa ithe yakufika imipu wadangala; yaye ifike kunye noko hlwaywa kwakhe ngamakowabo. Njenge nkosi, ubengumfo omnandi ongoyikekiyo; ubebathanda abantu abahle ekuthanda ukutyibelwa ngezibongo, iyeyona nto ayithanda kakhulu leyo.



Kuthiwa imbongi yakhe ibisithi isathi thu emzini wako mkhulu ibe seyimtsho isithi:


"U Lwaganda ngu So Thsulubembe,

Umphambani nee ngcuka zigoduka,

Untloyiy' onendlwane wasemajojweni,

Irhamncw' elidl' umzi liwukhanyela,

Lisithi udliwa ngu Nyelenzi no Makhabalekile."



Kuthiwa ithe ngenye imini imbongi yalibala yingxoxo ihamba namanye amaphakathi yade yaya kufika komkhulu. Ive imbongi sele ibharhamlelwayi nkosi kusithwa:


"Yintoni na lento isidumisa isidumise ibuy' isithi tya??  Yibambeni!" Awu! Yaba belek' abasicatyana imbongi ukuya kungena ngesiko komkhulu. Enye indoda egama lingu Bhombotho, umfo owaye nobungxathu kanobom, uthe akubona inkomo ezi zuzwe yi mbongi wanga naye angakhe alinge ukubonga inkosi; koko uthe esathi: "Awu! Awu - !"... Weva ngento seyisithi; "Yhi bethu!! Yintoni na lento isihlambelayo? Yibambeni!!" Yeka ke ukugqotsa u Bhombotho ukuya kwela kwa ntsiza! Ubesel' aman' ukuthi emva koko xa akhanuka inkomo avele enkalweni athi: "Ndobe ndivele ke ndize kukuhlambela!" Bekusakuthi ke kwa kamsinya akhawulezelwe ngamathokazana athile.



Ngexesha lika Ntsikana, u Ngqika wayekholwe kanye nguye nee ntshumayelo zakhe zelizwi; kodwa ama phakathi wakhe ayichitha lonto ngokwenza umdudo onyanga ntathu, okunene walahla u Mhlekazi; nto kanti nhoko ulahla engalahli kuba ebethi emana eviwa etyandu-luka esithi: "Ndinomntu ngele ndibik' ezulwini!!!". Wabathanda kakhulu aba Fundisi babelungu bakufika, kuba wayesithi ngabona bantu baya kumbika ezulwini. Emdudweni ube yimvumi ne ntyulubi. Kuthiwa ube-sakuthi awuyeke umdudo ube ntsuku mbini nantathu ugubha, kwale ngolu usuku Iwesithathu, atih thuu umfo ka Mlawu kunye ne ngxilimbela ezikhethiweyo, zithi ukufika kwazo kunge kukufika kwee nkabi ze leqe, kufumane kube siphotshongela sesa-phontshane, kukhe kukhweleliswe amaxhego nabantwana! Uqalwe emva umdudo.



Ukufa:

Andingemgqibi u Lwaganda kuba ulilizwe liphela; ngako oko mandipheze ngelithi: Wakhothamela e Mkhubiso (Burnshill), eXesi, ngomhla wesithathu kwi nyanga ye Nkanga, ngomnyaka we 1829 (3rd November 1829). Ahh Lwaganda!!! 

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i