Skip to main content

u Mhala (Ahh!! Mbodla)

Niyakuzilela mna kunyak' ozayo.

u Mhala ngu nyana ka Ndlambe (Ahh Ndabanduna) owaba sesi khundleni sika yise, phezu kokuba uyise wayeno nyana abaninzi. Enyanisweni u Mhala loh wayifumana nge thamsanqa nangokuhlakanipha kwakhe nge ngqondo loo ndawo yokuba yeyona nkosi  inkulu yama Ndlambe, kuba kaloku:


  1. Uzalwa yintombi yomntu omnyama - ukutsho oko unina akazalwa bukhosini. Unina ka Mhala uzalwa ema Ngwevini.


  1. Okwesibini; u Mhala unaba khuluwa bakhe o Dyani, nabanye.


Eyona yona nto yamenza ukuba adalwe abe yi ndlalifa yama Ndlambe kukuba inkosikazi enkulu ka Ndlambe, u Noyena akazange azale, wathi ke unina ka Mhala loh wabe wayedalwe waba li qadi lako Yena ukutsho iqadi le ndlu enkulu. Athe nawona ma qadi asondeleyo, asuka akabi nabantwana bangama khwenkwe; waba ke ngoko uyasamela u Mhalana (kuba kwakutshiwo oko ukubizwa kwakhe ngokudeleka kwakhe).


Umntu makanga cingi nakanye ukuba lomfo ufumane wasizuza esi sihlalo sika yise ngenxa yalonto yobuqadi yodwa, - hayi, kubekho imisebenzi ebalulekileyo ayisebenzileyo yakholisa isizwe; waye umfo eneziphiwo zobu khosi ezingaphiwanga namnye koo nyana baka yise. Uthe esakhula wavana kakhulu nalo-makhwenkwe alibutho lakhe, ngalo maxesha wobutsha bakhe kungekaze kubekho nento yokuba whoze abe yi nkosi. Kukho intetho ephantsi kwii mfihlo zako mkhulu; intetho yokuba unina akazifelanga, wathi ngesi zathu esithile washenxiswa; waba ke ngoko u Mhalana ukhula eyi nkedama ngecala lika nina. Kuthe ngenxa yengxakangxaka zee mfazwe zaloo mihla, u Ndlambe akandule adale nkulu phakathi koo nyana bakhe, bade bonke bakhula bangama doda. u Mqhayi, omnye woo nyana  aba phambili baka Ndlambe, wayengesena bango yena kuba unina wayesele edaliwe wenziwa ukunene kwase kuzekweni kwakhe ngu Ndlambe. Ngoko ke eyona ndoda yayizi misele ukuxhomana no Mhala ngebango lobukhosi yaba ngu Dyani.


Kuthe kuphi sele ekhulile u Ndlambe, aqala ke kambe amaphakathi ukumfaka uxinzelelo umhlekazi ukuba atyumbe okanye adale oyena nyana uyakuba yi ndlalifa yakhe; ke kaloku kwii nkosi zamandulo yayisiba ngu msebenzi wamaphakathi lowo; hayi lento yale mihla yokuba isizwe sisuke sibone oonyana benkosi besezinkundleni zika rhulumente bebanga ubukhosi, abe nama phakathi engazinto. Phambili phayaa; bekufudula ingamaphakathi ayaziyo ukuba ngowuphi unyana oyakuthatha indawo ka yise, eyenza lento ngokujonga iimpawu ezithile koo nyana aba, aze amaphakathi acebise inkosi ngokoku kholwa kwawo. Ithi ne nkosi xa sele ilandulele eli; ibe kwangala maphakathi ayaku khunga indlalifa leyo; ayicebise ayifundise ukuphatha njengoba ebesenza kuyise wayo. Yilento kuthwa ngu Mbuso wasemaXhoseni keleyo. Naku Ndlambe ke kwaba njalo; yena ke u Ndlambe uye wawathatha amehlo wamaphakathi wakhe wawajongisa ku Mhalana; ibe phofu nawo amaphakathi ayesel' emjongile kakade ngenxa yeziphiwo zakhe zokuvana nabantu, nokupha. Kuthe kusenjalo wagula u Mhalana, kwabonakala ukuba ungenwe bubu lwelwe.

Akhawuleze afuna igqirha ama Ndlambe; lite igqirha ubulawa ngu mfo kayise: u Dyani. Ibisele ilithuba elithile le mpambano ikho phakathi kwezi nkosana, kuba nelika Mhalana icala lifune igqira loku bulala u Dyani - phezu kwe Xinirha kude kwakho ummango onamahlathana amabini ekuthiwa igama lawo kuse "Simangaleni." Imizi yakomkhulu ngeloxesha yayise Xinirha, ekuhlanganeni kwalo ne Gqunube ngakwintaba ka Ggebeni, - apho zidibana khona nangoku iziqingatha ezithathu, - i Monti (uGompo), i Qumrha ne Qonce.

Kuthe kwesi "Simangalo" kwaqondakala ukuba igqira lika Mhalana liya-khulelwa lelika Dyani, waya ephela ngokuphela u Mhalana. Kude kwathi kuphi amaphakathi ka Mhalana aqubisana negqirha lika Dyani, alibamba aya nalo ku Mhalana; afike alibuza ukuba kanene lilo na eli libulala inkosi le? Livumile. Kuthiwe ke kulo: "Ukuba uyabuthanda ubomi Mfengu ndini, nyanga lenkosi iphile, unyange ukuba ife leya!" Livumile igqirha, okunene lawenza ngoku lowo umsebenzi. Suke okunene waya echacha u Mhalana; uthe u Dyani akuva ukuba igqira lakhe libanjiwe laye selisebenza ngokuchasene nhaye, woyika, kuba uyayazi intsebenzo yalo, - wakhawuleza wabaleka, washiya konke anakho, neenkomo yonk' into, wagxagxamisela oku ko bomi bakhe, waya kutsho apho angaziwayo nanamhla ukuba kwakuphi na. Akukho nenzala ka Dyani ekhoyo eyaziwayo. Abanye bathi waphetshethwa li xhwele lakhe. Kwesi sithuba uye ephila futhi esomelela u Mhalana, wade wangumqaba-qaba; wabekwa nase bukhosini bama Ndlambe onke, wabufanela umfo ubukhosi. Umfo lo uncothukile egadeni! Ngobude ungaphezulu kwee nyawo ezintandathu (6ft.) yaye umfo lo liciko! Abamlinganiselayo bamlinganisela no Maqoma no Sarhili amaciko avunyiweyo kweli lakwa Xhosa lonke. Waye ke umfo lo ungu Mhala ewuthobele umbuso! Akukho nto yenziwayo Komkulu kwa Rhili angayithatheli phezulu; nango Nongqawuse waba ngu mphembeleli omkhulu wokuxhelwa kwee nkomo ngaphesheya kwe Nciba konke wakuba umthetho ukhutshiwe kwa Sarhili. Umfo unobulumko! Indoda ebona kude nasezimfazweni. Ngenxa yokuwuthobela kwakhe umbuso ka Kumkani u Sarhili, wade wenza ukuba unyana wakhe omkhulu u Makinana olukele apho Komkhulu khon’ukuze afunde umbuso nobukhosi. Inanamha oku; ikomkhulu lama Ndlambe lisaqukeza phambili kwizinto zekomkhulu lamaXhosa kwa Gcaleka.


u Mhala waba yintobela-mbuso Komkhulu kwa Sarhili njengoko senditshilo, umzi wakhe wathandwa kuku hanjelwa ngaba Hlekazi abo bakwa Gcaleka kanti nhoko aphakanyiswe kangako kwelona Komkhulu lakwa Xhosa, akayidelanga eminye imizana enganeno, enjenge komkulu lika Mgolombane (Sandile), wahlala ewunike yonke imbeko ewufaneleyo lo mzi; kanti nemincinane kanye enje ngama Mbalu (Nqeno), ama Hleke, ama Gwali (Nozingwe), imiDange (Bhotomane); wonke lama komkhulu ubesoloko ewanikile imbeko yawo, wathi ngokwenjenjalo oko uyazi zinzisa ukuba buqiniseke ubukhosi bakhe bakwa Ndlambe.


Nge Mfazwe ka Hintsa ngo 1834-1835. Lemfazwe iliwe u Ndlambe no Ngqika beminyaka mihlanu namithandatu bebhubhile. Ngoko yi mfazwe etyikityeliswa kwii nkosana ezincinane zodwa; u Mhala wayilwa kakhulu;  ne mfazwe ye Zembe eyayize ngo Sandile xeshikweni wayesala umhlekazi ukunikela ngo Tsili u Mngwevu kuma Ngesi, aza ke amaNgesi ayihlaba eyasemlumgwini impi. Nhale mfazwe u Mhala uyilwile ngokuzimisela esenza ukubusa kwinkosi yakhe u Sandile. Uthe ese Xinirha komkhulu wathumela ilizwi kuwo onke ama Ndlambe esithi: "Wonke um-Ndlambe makazi ukuba kule mfazwe ndiyalwa! Ngoko ke wonke ongase mpumalanga kwi Nxarhuni mhakeze kum e Xinirha! Athi wonke ongase ntshonalanga kwi Nxarhuni aye ku Mxhamli kwa Nyuba! Ize loo mikhosi yomibini iye kudibana e Gxinixerha, - iwele iXesi e Ziphunzana, uye kuvingcela umkhosi ose Ngqushwa!." Ke Kulemfazwe u Mhala akabanga nampumelelo mpela; eneneni yaba yeyona mfazwe afe kuyo ama Ndlambe ngesizathu esingekuye u Mhala, koko Siku Mxhamli umninawa wakhe, owasuka akawuthobela umthetho wenkosi le wokuba kuwelwe umlambo ngobusuku, wathi yena uyakuwela emini kuba sele ese mfazweni akasena kuba sahamba ngamathunzi. Lanto ingu Mhala yona yathi "uyabona ke; Ndiyi Mbodla mna into ehamba ngobusuku!" Watsho wawela ngempumelelo; Kanti u Mxhamli uyaku bulalisa abantu benkosi e Mgwangqa; afele apho nhaye. Yaba yinduli yezi-dumbu kuloo ndawo ama Ndlambe efela phezu kwenkosi yawo u Mxhamli wase Mnzwini. Kukuyo le mfazwe ye Zembe apho wazifumana khona u Mhala ezizibongo zithi:


“Ngumdak' olw' esigingqini se Gqorha;

Ngu hlathi le Rhurha lamulekile, - Lilo Lodw' ihlath' eline mbali;

Kub' itshate khon' i Mbodla ka Sigqeku.

Inkunz' ethethela imizi mibini, -

Ithethel' u Mnzwi nowakulo Gaxa”



Imfazwe ka Mlanjeni, u Mbodla wayefuna ngamandla ukuyilwa nhayo; koko ama Nalambe ayesacinga ngamafanankosi afele e Mgwangqa, kwiminyakana emine edlulileyo, - amnqanda ukuba angalwi; ayephetwe ngu Ndayi into ka Tsorha yasema Giqweni (Jikijwa), umphakathi omkhulu into eyakhe yamsindisa kwenye imfazwe u Mhala nge-waye bulewe. Kodwa aba maninzi ama Ndlambe awaphumayo aya kulemfazwe; yaye nenkosi le ilwenzile uncedo ku Sandile ngezinye indlela.

Ngo Nongqawuse (1857) sesitshilo ukuthi lenkosi yaba luncedo kwi Komkhulu kwa Gcaleka ukuyiphembelela lento yokuxhelwa; kodwa yathwala nzima kuba amaphakathi ayo abalukhuni kakhulu. U Mjuza into ka Makhanda (Nxele) noo nyana bakhe abaxhelanga; u Ndayi ka Tsorha noo nyana bakhe abaxhelanga, u Mvalo ka Nkovu ka Ncinda noo nyana bakhe bahlulelana phakathi, kukuze lo ungu Duna ayekuwa ebu Rhanugeni e Tapolisi. U Kunene kuka Mhala u Smiti naye wabali Gogotya akaxhela; kukuze afumane umhlaba e Dutywa. Amanye amaphakathi akavumanga ukusiwa e Dutywa; athe akanakuya kumvuyelela u Sarhili emhlabeni wakhe akuba echithakele.

Ngesi Siyikili sika Nongqawuse u Mhala wabanjwa wasiwa e-Kapa kunye no Maqoma omnye umphembeleli; uthe ekhululwa babe ubom bakhe bungasena xesha lide. Unyana wakhe omkhulu u Makinana, isithandwa sa Komkhulu kwa Gcaleka yena wabalekela ku Sarhili e Mngazana, wasinda ekubanjweni. Kukuze u Kondile eseyi nkwenkwe enkulu, abanjwe yena kunye no Gonya ka Sandile nabanye basiwe emfundweni e Zonnebloem e Kapa, yena wade wagqithiswa wasiwa e St. Augustine, Canterbury, apho waye fundiselwa izi-Bhalo (ubufundisi), babuya ngowe 1864, sebezimfundi ezifanelekileyo.


Abafazi baka Mhala babelishumi elinambini; bamzalela oonyana abangamashumi amabini neentombi ezikwangama shuminamabini; lonto idibene ngama shumi amane wabantwana. Oyena mfazi mkhulu kubo bonke yayingu Nohute intokazi ka Ndaba u Kumkani waba Thembu. Lenkosikazi ayizalanga; koko yazalelwa le linye lamaqadi ayo intokazi yasema Kwayini,; izala u Makinana lho, owayeliwele no Mtshatsheni. Abanye onyana balendlu inkulu, yakulo Ndilatashe (inkabi ka Mhala), ngo Mngxokwane, Feni, Sixakwe, Kameni, Masa, Sithethi, Zonke no Dalingozi. E-Xhibeni: kulo Gaxa (enye inkabi ka Mhala), kwintokazi ka Matiwane udade bo Mhlontlo iKumkani yama Mpondomise, - u Mtshekazi: kuzelwe u Kondile inkulu yakhona, Sonzobo, Makeleni no Totoyi. Kwicala lase kunene, - kulo Gqwarhu (enye inkabi ka Mhala): Ngu Smiti, Ndesi, Nomha, Ndimba, Tukushe, Jongole. Intombi zika Mhala zisiwe kakhulu ebaThenjini. 


Kukho ixesha obakhe bahluka phakathi ubukhosi bama Ndlambe; inkosi yane-layo iqela. Kubanjwene ngo Makinana. Inkosi uMhala ifuna ukudala omnye koo nyana, abe yinkulu, kuba ezalwa yinkosazana yaseba Thenjini. Waye u Makinana ezalwa ngu mXhosakazi nto leyo yayithetha ukuthi akanakuba yi ndlalifa ka Mhala. Ithi inkosikazi "Athini na u Makinana lo inguye nje umntwana owanye ibele lam?". Ide le mbambano yasiwa e Mkhubiso ku Sandile ngowe 1849. Uve weva u Sandile wagalela ngakwi nkosikazi u Nohute esithi "Nanimnik' obukhosi u Makinana ngokumanyis' ibele le ntombi ka Ndaba!" Yaye le nkosazana uthetha ngayo isisicaka sika Ndaba emva eba-Tenjini. u Mhala wanele sisigwebo sika Sandile, wanela nje ukuthi: "Mhlekazi wam into endibe ndingayithandi kukuthi mna ndizalwe ngu mXhosakazi uMamngwevu, lingabikho ke igazi lobukhosi ngelinye icala kanti ne ndlalifa yam iyakuzalwa kwangu mXhosakazi kuba lo mfana uzalwa ngu Mamkwayi; ndamnikela ku Mamthembu ngokungazali kwakhe u Mamthembu; bendingamzondi nganto u Makinana”. Yathi inkosi u Sandile “njengoba sele nditshilo Mbodla; nani mnika ubukhosi u Makinana xa nanimbeka emathangeni ka Mamthembu nimanyisa kumabele akhe”. Waba ke u Makinana uyabuzuza ubukhosi bama Ndlambe ngalo ndlela; kugweba u Mgolombane. Kukuze i-mbongi ka Makinana ivele sele isithi: 


Nank' umpondo bhekis' e-Hewu!

Umkhumb' ongquthu wakwa Sihota;

Nang' umty'ongqongqo wakwa Ndlambe.

Umty’ osukwe ngu Ngethu no Tshunungwa, Wada woyisw' umzantsi ka Nkovu;

U-So linzongo-nzongo kutolwa ngamanye.


Kuthe ngo mnyaka ka 1874, lazila lonke elasema Xhoseni; kuba kwafika umphanga ovela e-siqithini woku khothama

Kuka Njalatya isijorha so Nothonto;

Sentokazi ka Ngxiya yasema Ngqosinini;

U Nompondwan' uJongumsobomvu, u Maqoma into ka Ngqika. Uthe u Mhala akuwuva lo mphanga we ntanga yakhe, wangenwa lixhala lokuba seyinguye ngoku ozakufa, kuba naye wayesele engenampilo, enesifo sokungcangcazela; wamana ukutsho esizweni ukuthi: "Yalusani kakhulu kulo nyaka; kuba niya kuzilela mna kunyak' ozayo.” 


Okunene ngozayo unyaka we 1875 wakhothama nhaye. Watyalwa emzini wakhe e Mthumana, emantloko e-Thanga, kwisi qingatha se Qumrha, xa aminyaka ima shumi asibhozo walibona ilanga. Phumla njalo ke Mbodla; amaNdlambe nesizwe sonke siphela samaXhosa asisokuze sakulibala nemisebenzi yakho.

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i