Skip to main content

Amagama wezi lwanyana zase Ndle

 ama-Rhamncwa

iNgonyama: eli lelona rhamncwa lina mandla kuma rhamncwa wonke; esi silwanyana besizingelwa ngamaXhosa xa kufunwa isikhumba saso kuza kombathiswa iKumkani. Laliphuma ke ibandla ne kumkani leyo, kuphethwe imikhonto nama khaka. Wayesithi kelowo ungenalo ikhaka esandleni abe sisi sulu soku krwentshwa li rhamncwa elo.




iNgwe: Eli lelinye irhamncwa elina mandla kakhulu emva kwe ngonyama; eyona nto yenza ingwe ukuba ibenobungozi nanga kumbi kukuba yona iyakwazi ukugwencela imithi. Wayesithi lowo kuzobe ezifumene ekwi ngozi yoku gagana ne ngwe, abaleke akhwele emthini kube kanti akasindanga ngoba eli rhamncwa liwukhwela lula kakhulu umthi. Nalo eli rhamncwa ithi lakubulawa, isikhumba salo sisiwe ko mkhulu khon' ukuze inkosi yambathe; uyakuthi kelowo mzingeli ambeswe nge thokazi lwe nkomo ngomsebenzi wakhe. Umsila weli rhamncwa nawo ugcinwa apho ko mkhulu, uhlohlwe eluthwini lo mkhonto, 'ze kuthi mhla ubani emangele, kuthathwe loo msila uye kugxunyekwa enkundleni yaloo mzi umangalelweyo. Uyakuthi ke umnini mzi enjenjeyaa ukuya kusabela ko mkhulu. Athi ke amaXhosa "u Dyonta ukhutshelwe umsila we ngwe" oko kukuthi ubiziwe ko mkhulu emva kokuba emangalelwe.




iHlosi: Eli lelona rhamncwa lina mendu ngaphezulu kuwo wonke amarhamncwa; alinabungozi bungako ebantwini kuba linee ntloni kakhulu; lithi lakubona umntu libaleke lisithele. Abantu abaninzi bavamise ukulibhidanisa ne Ngwe kuba omabini anamabala. Kanti kulula kakhulu ukuwahlula; iHlosi linesisu esiphantse sathi nca emqolo okungathi lilambile, ebusweni balo linemigca emnyama apha emazantsi wamehlo ukwehla ukuya emacaleni wo mlomo. iNgwe kwelayo icala ine ntloko enkulu kunaleyo ye Hlosi, nobunzima balo bungaphezulu kobo be hlosi.




iMbodla/iNgada/iChathaza: Eli lirhamncwa eli ncinane xa ulithelekisa namanye, Li krelekrele ngeyona ndlela. Lihamba ngobu mnyama lizingele, emini alixhaphakanga kubonwa. Igama le Nkosi enkulu yama Ndlambe u Mhala ngu Mbodla; wakha wathi u mhlekazi nge mfazwe ye Zembe xa iinkosi zazixoxa namaphakathi wazo nge ndlela emakuhlaselwe ngayo e Rhini, ezinye iinkozi xa zazisithi mhakuhlaselwe emini kwa lunkqa; yavakala into ka Ndlambe isithi "Andizi kuhlasela emini mna ilanga lihlabe umhlaba, ndiyi Mbodla mna ndihamba ngobu mnyama". Umkhosi wemi Dushane wafunyanwa kwelo hlathi lingaku mlambo iNxuba ungalindelanga, latyakatywa ngee mbumbulu ngama Ngesi; wavela u Mbodla kwakusa nowakhe umkhosi ungenalo ne chaphaza. Eli gama lithi "iMbodla" liye alasetyenziswa kakhulu kuba kuhlonitshwa le Nkosi ingu Mhala, kwa gqama eli gama lithi iNgada okanye iChathaza.




iNgqawa: eli rhamncwa linee ndlebe ezi tsolo, xa li grhagrhama kungabaleka nesi gantsontso se ndoda; kanti hayi bethu asinabungozi bunabu zaza kangako emntwini xa ungali leqi, li grhagrhama nje ukukulumnkisa ukuba ungasondeli kulo. Liyi ngozi kakhulu kwi mfuyo; Izinja ezingama bhenqa izixhwitha ziye kuxela ku mnini 'zo; ungeva amaXhosa wale mihla xa ekhahlela lowo kuzube enze into encomekayo esithi "ohww ubonanje ubani-bani yi Ngqawa"; kunconywa umsebenzi wakhe. iNgqawa ixhaphake kakhulu kwii ntaba zase Kapa; kwiminyaka engaphambili ikhe yaxaka abantu ingakumbi izithandani ezikholwa kukuchopha kule ntaba zibuke ubuhle be dolophu. Ibifika ingqawa kwizithandani ezo apho kuloo ntaba yaziwa ngokuba yi signal hill ingabhungisanga igrhagrhame, yekoko umfana ne ntombi ukubalekela ukwaphuka umlenze, besithi torhwana ngelabo babaleka iNgwe okanye irhamncwa elikhulu kanti hayi yi iNgqawa nje qha. Nee mbaleki ekuseni izixhaphakele, ingakumbi imbaleki ehamba ne nja; iNgqawa ibe ilambile yona ibona ukutya kule nja ihamba ne mbaleki,




iNyhwagi: Li rhamncwa eliyi ngozi kakhulu emfuyweni eli; isibaya se ndoda ingasitya isitshayele xa ingazingelwa ibanjwe; iquqa umhla nezolo.




uMhlangala: Eli lirhamncwa elizondwa kakhulu ngabafazi kuba lizitya kakhulu iinkukhu zabo. "Deda mhlangala endaweni ye nyhwagi"; le yintetho/si saci esithethwa xa kubhekiswa ko mncinci xa kufika omkhulu. Xa iKumakani yamaXhosa wonke ifika kwa Rharhabe, iba yiyo enkulu kukhahlelwe kuyo.




iGqwalashu: Njengo mhlangala, eli li rhamncwa eliyingozi kakhulu empahleni emfutshane; igqwalashu lingasitya isibaya lisitshayele.



iZinja


iNgcuka: Esi sisi lwanyana esikhohlakele kakhulu futhi esingena ntliziyo; ixhoba laso lilitya liphila, alilibulali ixhoba landule litye, li luma lihlafune, liginye, liphinde liquntsule. Yonke lento liyenza ixhoba liphila lingafanga; lakuthi ke ixhoba lifele kwezo ntlungu zingu mangaliso. Ingcuka ikwasisilwanyana esimdaka kakhulu kuba sitya yonke into eyi nyama nhokuba ifile, nhokuba iyaphila na. 




iMpungutye: Esona silwanyana sidume ngama qhinga, kuba izinja zaba zingeli azisibambi lula; ithi impungutye isebenzise amaqhinga, ichame apha kanti ngokwenjenjalo ilahla umkhondo; izinja ziya kuhlala apho kuloo ndawo inomchamo zilanda umkhondo ongayi kuzisa ndawo kanti impungutye sele kukade icande amathafa. Kwii ntsomi zesiXhosa ezibaliselwa abantwana, u Dyakalashe ngoyena ukrele-krele futhi udume ngamaqhinga. Eligama lithi "Dyakalashe" lubolekwe ku lwimi lwesi bhulu "Jakkals"; athi ke amaXhosa ngokuyiloza elogama athi ngu Dyakalashe; kodwa elona gama lesiXhosa yi Mpungutye.




iXhwili: Esi silwanyana sifana twatse ne Ngcuka ngobuqhophololo nange nkohlakalo; nhaso simdaka kakhulu kuba sinesi khaka esingapheliyo esinevumba ngenxa yokutya izinto ezifileyo. Wokuweva amaXHosa ethukisela esithi "Sikhaka se xhwili". Nhaxa ubani eziqalele into engenasiphelo kuthiwa uziphathele isikhaka se xhwili.




iNgci: Esi sisilwanyana esikrele-krele oku kuka dyakalashe/impungutye, kodwa ngokwe nkangeleko sisondele kakhulu kwi ngcuka. u Kumkani u Sarhili xa abongwayo kuthwe "ngu Mavela elunguza okwe ngci ye ngcuka kwelabenduku kwa Mshweshwe"; wazifumana ezi zibongo emva kokuba edle iinkomo zabesotho; ufaniswa nesi silwanyana; kuba waye krele-krele kakhulu, engalwi no tshaba olunamandla futhi alubonayo ukuba lingamoyisa, athi nama kroti wakwa Gcaleka ethyala ngezifuba efuna kuliwe; angaze awukhuphe umyolelo umntaka Hintsa. Nakwezi mfazwe zamaXhosa ziluthotho azilwe nabelungu, ebengafane afumane awukhuphe umyolelo u Rhili koko ubesithi mawukhutshwe ngo mnye umntu. Kuye ke ngenxa yobu krele-krele buka Rhili, bokukwazi ukuyibona ingozi isekude -  amaGcaleka anda kakhulu ngokwenani aba maninzi ngaphezulu kwezinye izizwe.



Ezi hlala emanzini

iMvubu: Le yi nkosi yo mlambo, kuba zonke izilwanyana ezihlala emanzini iingwenya, iintini nezinye azilungi kuyo; zithi nezilwanyana ezifana nee ngoyama xa ziye kusela okanye zizingela apho emlanjeni, zigxothwe yi mvubu. Isikhumba sesi silwanyana kwenziwa ngaso iMvubu leh yokubetha. Lo mlambo wase Mampondweni kuthwa ngu Mzimvubu wawufudula unezi zilwanyana, ziyi nyambalala.




iNgwenya: inoburhalarhume kakhulu, ihlala emilanjeni. Amakhwenkwe xa eza kuqubha emlanjeni ayefundiswa ukuba mawaqale agibisele emlanjeni apho khon' ukuze izilwanyana ezifana nee ngwenya nezinye zi dede okanye ziziveze atsho amakhwenkwe aqonde ukuba kukhuselekile na ukungena emlanjeni apho.




uXam: uhlala emlanjeni nhoko afumana abonwe engena ezintlantini zemizi; bathi abadala kuzobe esiba ubulongwe ezakusinda indlu yakhe; asibazi ubunyani balonto kodwa esingayithetha kukuba akavani nezinja, ezingamabhenqa uzibhangxeka ngo msila, azinqashe kanobom zijike imisila ziyifake phakathi kwemilenze. Abafazi basemaTshaweni abalibizi eligama, bathi ngu ntsenteni kuba behlonipha u Xolilizwe. "uXam one nxeba uyawazila amanzi"; like latsho elinye iciko lasema Jwarheni ngenye imini kuba laline ngxaki elalisajongene nhayo, lisitsho lisithi eli rharha: lowo ujongene nee ngxaki kuyadingeka ukuba azinxweme okanye azicebule kwiziyolo nezi yunguma 'de kube kanti iyasombululeka loo ngxaki kusube ejamelene nhayo.




iNtini: ihlala emanzini nhayo; iyingozi kakhulu ingakumbi enamantshontsho. U'thuvi bayo bulunge kakhulu ekuhluphezeni inja, nasekuyiqoqosheni ingahambe ibeka amasinda naphi na.



Ezitya izityalo neMithi kodwa zinga vamanga kutyiwa ngaba Ntu

iNdlovu: Esona silwanyana sasendle sikhulu kakhulu kunezinye. Wo'va amaXhosa esithi "iNdlovu ayisindwa ngu mboko wayo" esxela ukuba umntu akasokuze onganyelwe zii ngxaki zakhe kuba zimlingene; ne ndlovu iyawuthwala umboko wayo umkhulu futhi usinda unjalo.




uMkhombe: Sesinye sezilwanyana ezikhulu nezinobungozi; umkhombe uyabalasela ngobungozi xa une thole, awufuni nto isondelayo. Athi ke amaXhosa "umkhombe ubhembesile" xa ebhekisa kulowo ube ncediwe waza akabonisa ukuba na mbulelo endaweni yoko asuke abe lugcwabevu ngu msindo, afune esiqwini ebantwini oku ko mkhombe ubhembesile. Inkosi u Gwali xa ibongwa kwakuthwa ngu "Mkhomb' ubhembesile" kuba wathi ubukhosi bulunge kuye kwakufa u Tshiwo; walwa no Mdange.




iNyathi: Esi silwanyana siyelelene kakhulu ne nkomo, kangangokuba kumanye amaxesha iyakwazi inkunzi ye nyathi ukukhwela ithokazi le nkomo. AmaXhosa ebeyizingela kakhulu inyathi nhoko isisilwanyana esinobungozi nje; ade athi amava wokuyoyisa abuzwa kwabavele tanci bona bayaziyo, "inyathi ibuzwa kwaba phambili". Esi silwanyana sesi sakha sabulawa ngama bandla ka Ntsinga ka nomagwayi wase mbo, usambatha zii mfutshane kanti zomlingana, ixhalanga elimaphiko amdaka - ngu Rharhabe lowo. Lo mkhosi wagagana no mhlambi wee nyathi ekungeneni komlambo iTsomo kumlambo iNciba xa kanye umkhosi wawusandula ukuwelela ngaphesheya usuka nganeno eGcuwa. U Rharhabe wayeseluhambeni lokuya kuzakhela umzi apho kwelo 'zwe lingaphesheya. Athe amabandla ka Butsolo beentonga akuthi ntla ngaloo mhlambi umnyama wee nyathi asele elivula ihlelo, yabanjwa ke loo nkunzi ye nyathi ngee mpondo zezo ndlongo-ndlongo zakulo nzwilanga yakuphela kwayo. Kwenziwe njengesiko, Kwathatyathwa ulwanga lwayo lwathunyelwa ku Gcaleka yena wayesale kowabo kwi komkhulu lamaXhosa.




iNdlulamthi: Esi silwanyana side ngokumangalisayo; side ngendlela eyodlula imithi ngobude.





Idawuwa: iDawuwa sisilwanyana esimile oku kwe hashe okanye i Esile; line migca emnyama. Asivanga kusithiwa liyatyiwa kuba kaloku ne Hashe ne Esile azityiwa kwa Xhosa.




Ezitya izityalo - Ezityiwayo

iMpunzi



iMbabala: "iMbabala entsundwana ka Khawuta, abayikhuza ukuhlaba ingeka hlabi - kazi koze kube yini na mhla yahlaba" 




iQhude:




iNqu/iNkonkoni: "uleqa inqu nge nja"; kubhekiswa ku mntu owenza into engayi ndawo; yi ntetho efanayo nale ithi "uleqa ukhozi nge nja". Inqu sisilwanyana esibaleka kakhulu futhi esingasokuze sibanjwe zizinja. Ukuze sibanjwe, senzelwa isisele soyele kuso.




iBhadi




iGogo:





iNgxungxu:





iXhama:






iMpofu: Esi sisilwanyana esibaluleke kakhulu ku Bathwa; basihloniphe ngale ndlela yokuba bade basinqule. Intombi yo mthwa yayithomba ngokuthi izingelelwe le nyamakazi, igazi layo babeludibanisa no dongwe baze bazobe emiqolombeni. Lemizobo igcwele imiqolomba nee ntaba kulo lonke eli lisemazantsi e Afrika yayizotywa nge gazi lale nyamakazi. Bebesithi abazingeli bamaXhosa bakuyibamba, bayise ku Bathwa, bahlawulwe ngezinto yinto: amayeza, iintsimbi ezihonjiswe ngohlobo lwaba Thwa njalo njalo. Abathwa bebebazonda kakhulu abelungu ngenxa yokubulala kwabo le nyamakazi, kuba kubo ibiyi mpilo futhi bengaziboni benokwazi ukuphila ingekho.




iLinqa:




iLiza:






iNkukhama:






iNxala/iNtlangu: Inxala iyelelene kakhulu ne Bhadi, zahluke nje ngo mbala.






iTshabanqa:






iPhuthi:







iNcanda: inyamakazi ezilimaza kakhulu izinja zabazingeli ngokuzihlaba ngee ntsiba.





iHodi: Lidume ngokomba imingxunya.





iNgulube/iNxagu: iNxagu okanye ingulube yi hagu yase ndle enobungozi kakhulu.






uMvundla/iNtenetya: uMvundla okanye intenetya sesona silwanyana sidumileyo kumaXhosa kuba sikho nhakuma bali okanye iintsomi zabantwana; yeyona nyamakazi yokuqala abafunda ngayo abantwana kunye no Dyakalashe. Amakhwenkwana akhulayo xa oluse impahla phayaa emafusini yeyona nyamakazi afundela kuyo le ukuzingela aze ahlomle apha kuyo. Ixhaphaka ngakumbi imivundla ngorhatya, xa ilanga lisanda kusithela, isibhakabhaka sise thyeli - ingakumbi ngesi qabu se mvula ye hlobo ebihamba nee ndudumo; wokuyibona ke itaka-taka, ibheka bheka imana ukugqathula iintyatyambo ihlafuna. Athi ke amaXhosa "umvundla uzeka indlela" xa esithi umntu ufuze uyise okanye unina. umzekelo: "Le kwekwe iyawalibele zii ntombi; ke kambe umvundla uzeka indlela kuba no yise wayekwanje". Elinye igama lo mvundla leli lithi "intenetya"; kude kuthwe umntu xa ezilalisile untenetyile, kuba umvundla xa ubuleqwa zizinja waza wadinwa uyakwazi ukuzilalisa okungathi ufile - ifike inkwenkwe inqande iwuthathe ngelithi ibambe inyamakazi; iwuxwaye igoduke nawo suke ithi isabilisa amanzi okuwuxhwitha, uvuke ubaleke, ubekanti usindile ngolo hlobo.




iNkawu/iNtsimango: iNkawu sisilwanyana esibathanda kakhulu abantu; kuthwa inkosi u Ngqika yayingafuni mntu uzibulalayo iinkawu esithi "iyakudliwa ngubani le ntlaka igcwele lama hlathi xa kubulawa abantu bayo". Xa kuye kuzingelwa ize ibanjwe, wayesithi mayiziswe kuye athethe nhayo, wofika ke eyidlalisa, eyibuza nemimibuzo okungathi uthetha no mntu, akugqiba ayiyeke ibaleke igwencele imithi; avakale umntanenkosi esithi "Yinlee ayitsho ngani na ukuba enkosi ka Mlawu, ndakube ndiyi sindisile lento?". Intsimango ligama elibhekise kwi nnkunzi ye nkawu esele indala. amaXhosa athi "unqweme lwe nkawu ludliwa babini owesithathu ngu mnqakathi" esitsho ebhekisa ku mcimbi okanye inyewe edinga ukushukuxwa ngabantu aba mbalwa ngoba ingonakala xa benokuba baninzi. Unqweme ke zi nyama zangaphakathi (amathumbu); inkawu yi nyamakazi encinci, no nqweme lwayo lukwalu ncinci lonele kwa imbinana yabantu ebanokuthi xa bebaninzi bangalufumani bonke.






iMfene: si silwanyana esingathandekiyo kuma Xhosa kuba sayanyaniswa nokuthakatha; ungava amadoda ecaleni ko thango esithi "Madoda niyivile lento yokuba le ndoda u Mqwambe ine mfene?" kube kanti ngolo hlobo sele kugqityiwe ukuthwa unobuthi uyathakatha, kuthwe ukhwela imfene ebusuku. Nama simi wamadoda aba sisi sulu ezi mfeneni kuba ziyawuthanda ngamandla umbona omtsha; uyakuthi lowo ugadileyo amasimi abiwe bubuthongo kuba ziyozelisa xa zizayo; uyakuthi evuka zibe zisenjenjeya iimfene ukugoduka, zimane uku khuza "Yohh... yohhh" zihleka lowo kusube elele ubuthongo. Kambe ke kukho ne nkolelo yokuba intsimi iyachuma xa kuthathwe isandla se mfene salaliswa kwi mbewu ekuza kutyalwa ngayo; okanye xa kuzanyiswe imbewu leyo ngeso sandla phambi kokuba imbewu ingene kwi plantali. athi ke amaXhosa "imfene yakho indala" xa ebhekisa kulowo uthe wafika sele kugqityiwe ukutyiwe, ingakumbi ukutyiwa kwe nyama. Umzekelo "Thyini Mntshilibe wafika kanye mfo ndini xa sikhukhuza amathambo, ithe kanti imfene yakho indala".





uNomatse





iMbila: Sesi silwanyana saswela umsila ngokuyalezela; atsho amaXhosa xa ekhuthaza umntu ukuba into mhakazenzele angayalezi abanye ngoba hleze baqale ngeziqu zabo balibale ngaye. Kuthwa iMbila yalibala kukucoca ezixhotyeni ilungiselela umsitho wezilwanyana xa zibuya kulanda imisila yazo ezaziyiphiwa; yathi ke imbila yayaleza uDyakalashe ukuba aze ayiphathele umsila, suka u somdyaki wathi akufumana owakhe wasele ethabatha nalowo we mbila wawuxomezelela kowakhe, watsho ngento ende yo msila. Yaba ke ngolo hlobo imbila iyaphoswa ngu msila; kunanamhla oku inesijungqe so msila kuba yafika sele iphelile yakuva ukuba u Dyakalashe usele ethatha nalowo wayo ibiwushiyelwe.






iDwele (iVondo): Le yi mpuku enkulu ngohlobo olumangalisayo, efumaneka edotyeni; ityiwa ngama khwenkwe.






iNgqumeya:






iQaqa: Yi nyamakazi enuka kunene; ethi xa ileqwa zizinja isuke isuze izitsho zirhaxwe lelo vumba zilahle no mkhondo. Athi ke amaXhosa "iqaqa aliziva kunuka" xa ebhekisa ku mntu ongaziboniyo ubunto bakhe.


Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i