Skip to main content

Izibongo zika Gonya ka Sandile

Umntanenkos' am uzalwa ngu- Nonanti intokazi ka-Ngqumana, um-Ngqosinikazi.

Li gwangq' elibu qingqi,

u bhulukhwe magwashu,

u Magudl' eboyeni kobo mlungu.

uPhath' enqineni watshw' ephangweni.

u Mpondo nkqi ze khwanga,  

ngu mpondo zihlab' izulu zingayi kulifikelela;


Umahashe shwak' emini besiwakhwele,

Funani nikhe nime ngama khul' e hlathi.

Niye nime nge khumbi lika Nyelenzi,

Niye nime nge hlathi lika Ndoda.

Ngu mntaka Sandile, u Nxaxheba yemazi yakulo Jingqi,

ngu Khuphan' inxaxheba ye mazi ukuz' abantu baphan' imihlomlo.


ngu Dindilili phantsi kwe ngubo,

u Ntamb' ihla ne nyonga.

uKhwez' icwarhu, ahamb' ebamba maduna 'kowabo.

u Mntwanenkosi ilizwi ngu mtyangampo,

Inkunz' elil' eKapa wev' okwa Gcaleka.

Kuthunyelw' u Wakashe ukuya ku Rhili,

Kuthunyelw' uPhanyaza ukuya emaGqunukhwebeni.

Babuya besith' umntanenkos' akasuswang' endaweni yakhe.

Comments

Popular posts from this blog

uKhiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika  Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...

Umhlekazi u Hintsa - By SEK Mqhayi

U HINTSA.   Zifikil' ii mini! zifikil' ii mini! Zifikil' iimini zokukhunjulwa kuka Hintsa. UHintsa lo ngoka Khawuta ka Gcaleka, UGcaleka lo ngoka Phalo ka Tshiwo, UTshiwo lo ngoka Ngconde ka Togu. Ulifincil' ikhulu leminyaka wafayo, Koko usatheth' iint' ezinkul' ezizweni zomhlaba Kuba kaloku thina kwa Xhosa , Sigwetywa ngovuko lwabafileyo. Iyaf' indod' ibuy' ivuke, Ivuk' indod' iz' ibuy' ife, Zakufik' iimini zokuthetha kwamathambo. Zifikil' iimini zesirhorho so Nobutho. ngu  Gangath' ilizwe Libe ngu mgangatho , u Mamnkeli wezizwe ngezizwe, ikhaya leentlanga ngeentlanga; Uyise weendwadunge ngee ndwadunge. Mbongen' uHintsa zizwe zomhlaba ! MaBhilitani nithe cwaka ngani na? Nina ma Mfengu? MaBomvana ningaba niyalibala? Nani be Suthu base Qhudeni, Ningathi cwaka na mhla ngo Hintsa? Mhla kuthethwa ngaye, mhla ngeemini zakhe? Phendula mfondini wase Mafukweni ! Andithethi nto ngawe wena wakwa Tshiwo Kwa Ngconde kwa Butsol...

AmaXhosa wo Mthonyama nezinye izizwe ezingabangeneleli nezisele zingamaXhosa ngoku

  AmaXhosa wo Mthonyama Ama-Tshawe - Ezi ziindlalifa zika Xhosa; iKomkhulu lamaXhosa likuma Tshawe, ukutsho oko: ngawo iinkosi nee Kumkani zakwa Xhosa; esingabala kuzo OoPhalo, ooTshiwo, ooMdange, oo Gcaleka, oo Rharhabe, oo Mlawu, oo Ngqika, oo Maqoma, oo Sarhili, oo Hintsa, oo Sandile, oo Ndlambe, oo Mdushane, oo Tyhali, oo Bhurhu, oo Maphasa, oo Khiva, oo Xolilizwe, oo Bazindlovu nabanye, ngoo nyana basema Tshaweni bonke abo. u Tshawe, no Cirha, no Mqwambe no Jwarha ngaba ntakwe; bazalwa ngu Kumkani u Nkosiyamntu ka Malangana ka Mnguni. Ama-Kwayi - ikwanga maTshawe la, ntonje agxothwa ko mkhulu ngenxa yesenzo esathi senziwa yi ntombi ka Gando eyathi yombatha no Kumkani uTshiwo. Ama-Cirha - ngoo Ntswentswe aba, ooNojaholo, ooQhanqolo, ooMhlantlendlovu, iHlomla lidala lineeMpondo. Ibali lasemaXhoseni lithi, amaCirha ayeyona ndlu nkulu yamaXhosa, kodwa kwathi ubukhulu baxuthwa ngu Tshawe ngokukhalipha nangobu krelekrele bakhe. iBali lihambisa lithi, ngaminazana ithile zaphuma ezi ...