Inkos'am yingungqu-ngungqu yentombi yase-Tso-nyana,
Umthi othe ukuwa wabhukuqeka,
Wabhekis' amasebe emlungwini. Umzi wenkos' ujongw' ezibukweni, Ujongw' e Ngxingxolo apho kulele khon' u Gcaleka.
Ngu-Ndancama elona gama lakhe, Umagam' enkosi ayandiphazamisa,
Uyandiphzamis' u-Rhili no-Sigcawu
Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...
Comments
Post a Comment