Skip to main content

Posts

Ukugxothwa kuka Mhlekazi u Maqoma e Ngcwenxa

intaba yo mnqwazi e Mathole   iNgcwenxa li gama le ntlambo; intlambo enge nkulu kuyaphi kodwa ingencinci nhoko. Umthombo walo mlanjana uqala uzii ngxangxasi kwezo ntaba    zakowethu, iintaba eziyi nqaba kuthi mhla ngee ngxaki nee mbandezelo, iintaba zethu ze gugu - iintaba zase Mathole; lo mlambo uphuma malunga ne ntaba yo Mnqwazi (Katberg gab'la makhumsha), zithi ke ezo ngxangxasi apho kuloo ntaba yo mnqwazi zenze umntyangampo wee mpindo ezijiko-jiko, uguguthe ke umlambo wenjenjeyaa uku nqumla amajojo kunye nhe ntili entle kunene, intili ibifudula isaziwa ngokuba kuse "singqengqeni" ngamaXhosa welo xesha; ukanti sele isaziwa ngokuba yi "Bhofolo" ngoku. U mlambo iNgcwenxa uyohlula kubini le dolophu, ugqithe wehle uye kugalela kumlambo omkhulu - umlambo omkhulu kunene, umlambo i Nxuba (Fish River). Lo ke ngu mhlaba ka Maqoma u Jongumsobomvu, umfo ka Ngqika kwindlu yakhe yokunene. Ibizinze apha into ka Lwaganda ne mpi yayo yama Jingqi, amaJingq'angevayo; ukusu

iMfazwe ka Thuthula - ne Dabi lase Malinde

iMfazwe ka Thuthula - ne Dabi lase Malinde u Thuthula: Le yi nzwakazi eyayi zalwa ngu Mthunzana; Mthunzana lowo singena nakani kwathini ngaye lokuba wayezalwa ngubani okanye wayengowase manini, onolwazi bethu angakhe aphose esivivaneni sitsho sizuze nto thina bantwana baka Phalo, ke kambe lento ingu mbona imnandi ngokuchubelana. Xa siqhubeka ne mbali yethu, u Thuthula lo waye eyeyona ntombi eyakhe ya' ntle ezimbalini kweli lase maXhoseni; ubuhle bakhe babunga zange babonwa ngaphambili, zaye nee nzwana nkqu naba numzana base maXhoseni bedumbe iintloko bobo buhle bale ntombi; ubuhle bakhe babuyi ndumasi - edume nakwa Gcaleka, nkqu nase baThenjini kwilizwe langa phandle. U Thuthula lo waye ntanga-nye no Lwaganda (u Ngqika ka Mlawu), nhoko nje babengazani nto ibhekele phi kodwa babekhula bonke, behamba imitshotsho nezinye iziyolo zakwa Xhosa ezihanjwa ngama khwenkwe kunye nama ntombazana kwelo 'zwe lakwa Rharhabe, e Xesi. u Ngqika kwelakhe icala ukhe wahlangana no Thuthula lo ebuts

Imfazwe ka Ngcayechibi (1877 - 1878)

 Imfazwe ka Ngcayechibi (1877 - 1878) Le mfazwe yaba yi mfazwe yesithoba neyokugqibela ku krozo lwee mfazwe ezathi zaliwa ngamaXhosa, ekhusela umhlaba wawo kwi Britain, isithuba seminyaka engamakhulu. Nhoko nje le mfazwe yathi yaba phakathi kwama Ngesi namaXhosa ebushushwini bayo naku vuthondaba, intsusa mabandla yayo ibe yi ngxabano eyathi yaba phakathi kwe qela lamadoda wama Mfengu ne qela lamadoda angama Xhosa akwa Gcaleka neyathi yehla emdudweni ku mzi we Mfengu egama layo lingu Ngcayechibi, umfo wase Gcuwa kwisithili sase Bawa. Umfundi makakhumbule ukuba ngaloo mihla; iGcuwa, iTsomo, iNgqamakhwe zazisele zixuthiwe ngama Ngesi kumaXhosa ngo 1857 emva ko Nongqawuse zanikelwa kuma Mfengu njengo mhlaba we bhaso ngenxa ye ntembeko yama Mfengu nee nkonzo zawo ayezinikela kuma Ngesi rhoqo xa amaXhosa esilwa namaNgesi. Wathathwa ke lo mhlaba ngama Dlagusha, wanikelwa ku mzi wase Mbo ngee njongo zokuba ube ngu mda phakathi kwalamaXhosa angevayo (gab'la maNgesi) naba Limi abamhlophe bam

u Ngubo ka Malashe

 u Ngubo ka Malashe " U Gampu ka mlenze, iNcwad' ene kroba ka Malashe, u Mthundezi wee Mazi ezino qhonqa. ngu Mtshangatshangiso umntaka Malashe." u Ngubo ngu nyana omkhulu ka Malashe, u Malashe uzalwa ngu Kumkani u Khawuta. Abantak'ubo Ngubo azalwa nabo ku nina asina nakani ngabo kuba asivanga nto ngabo. No Malashe uyise ka Ngubo asazinto ibhekele phi ngaye ngaphandle kokwazi ukuba uzalwa ngu Kumkani u Khawuta kunye nezi nkosi: u Bhurhu ekunene, u Hintsa endlwini enkulu, oo Mdingi noo Mbune nabanye emaqadini nase maxhibeni. Le nkosi u Ngubo yi ntanga ka Sarhili ngokuzalwa nangokoluka; futhi yabe ingu mhlobo wakhe omkhulu osenyongweni, beyi ntlaka ne xolo, be ngumtya ne thunga.; apho u Sarhili akhoyo no Ngubo wayeba lapho oku kwamawele ayesesizalweni so mfazi omnye. Kwaseku khuleni kwabo aba bazukulwana baka Kumkani u Khawuta bebengohlulwa yinto, baza ubuhlobo babo baqina baba luqilima nanga kumbi ngokuya bekhula. Egetyengwa ngama dlagusha nje u Hintsa uyise ka Sarhili