Skip to main content

Imfazwe ka Ngcayechibi (1877 - 1878)

 Imfazwe ka Ngcayechibi (1877 - 1878)


Le mfazwe yaba yi mfazwe yesithoba neyokugqibela ku krozo lwee mfazwe ezathi zaliwa ngamaXhosa, ekhusela umhlaba wawo kwi Britain, isithuba seminyaka engamakhulu. Nhoko nje le mfazwe yathi yaba phakathi kwama Ngesi namaXhosa ebushushwini bayo naku vuthondaba, intsusa mabandla yayo ibe yi ngxabano eyathi yaba phakathi kwe qela lamadoda wama Mfengu ne qela lamadoda angama Xhosa akwa Gcaleka neyathi yehla emdudweni ku mzi we Mfengu egama layo lingu Ngcayechibi, umfo wase Gcuwa kwisithili sase Bawa. Umfundi makakhumbule ukuba ngaloo mihla; iGcuwa, iTsomo, iNgqamakhwe zazisele zixuthiwe ngama Ngesi kumaXhosa ngo 1857 emva ko Nongqawuse zanikelwa kuma Mfengu njengo mhlaba we bhaso ngenxa ye ntembeko yama Mfengu nee nkonzo zawo ayezinikela kuma Ngesi rhoqo xa amaXhosa esilwa namaNgesi. Wathathwa ke lo mhlaba ngama Dlagusha, wanikelwa ku mzi wase Mbo ngee njongo zokuba ube ngu mda phakathi kwalamaXhosa angevayo (gab'la maNgesi) naba Limi abamhlophe bama Satilani (British Settlers). AmaXhosa wakwa Gcaleka kwi Komkhulu aye exinaniselene ku Centane, Ku Gatyana kunye nakwisi qingatha se Dutywa. AmaXhosa akwa Rharhabe kwi Kunene wona ayexinaniselene e Qumrha, Cumakala, nakwi siqingatha se Qonce. Wonke omnye umhlaba wadliwa wanikwa abalimi njengokuba sesitshilo. Kwahlaleka ke kunjalo, abantwana baka Phalo boluswe ngolo khozi ziziphathimandla ze Cape Colony. Ngemva kwesi yhikili sika Nongqawuse sango 1856 apho amaXhosa athi axhela iinkomo zawo, atshabalalisa yonke into eluncedo kuwo ekhohliswa si sanuse sobuxoki intombi ka Mhlakaza; amaNgesi kwelawo icala ayegqibile ukuba awophule umqolo wamaXhosa, futhi esitsho u Mhlekazi u George Grey umphathi we Cape Colony wangelo xesha esithi "AmaXhosa atshabalele, sekusele nje ngoku igcuntswana lawo. Izizwe nezi zwana ezise Mpuma Kapa ngaphesheya kwe Nciba zingawabetha ziwoyise amaXhosa, kuphelile ngawo". Kodwa hayi akubanga njalo, ngoba ngo 1872 u Sarhili wathi wabetha woyisa abaThembu engancediswanga ngu Sandile, waba phinda kwakhona ngo 1875; wawayeka ngokusuka akhalinyelwe kwanga Mangesi, emkhumbuza ukuba inxalenye yezizathu zokuyekwa kwakhe ahlale kukuba wayethembisile futhi esenza izibhambathiso zokuba akayi kwenza mfazwe nezizwe akhelene nhazo, uya kuhlala ngokuthula. Eneneni ke wagoduka u Sarhili engadlanga ne thole kuba Thembu futhi engazuzanga na mhlaba, eyona nto wayeyilangazalela kakhulu ngoba abantu bakhe babexinene kakubi apho babebekwe khona. Ukoyiswa kwabaThembu ngamaXhosa (amaGcaleka), yazothusa iziphathimandla eMpuma Kapa nkqu no Mhlekazi u John Molteno kuba yayinguye ngoku owayexhuzula imikhala kwi Koloni, yabenza lonto balwakhela umkhanya nangakumbi usapho luka Phalo. AmaXhosa kwelawo icala, le mpumelelo ka Sarhili yawenza akhukhumala, azithemba, ehlala ahlale akhombe imihlaba yawo leyo yathi yoxuthwa kuwo, afunge athi ngelinye ilanga ayakuyibuyisela kuwo. Ayethi na xa adibana nama Mfengu kwii ndawo zo rhwebo (Market), kusongelwane aqwele amaXhosa ngokuthembisa amaMfengu ukuwenza lanto aye yenze kubaThembu. Ngamazwi amafutshane, ilizwe lalimaxongo kuhleliwe phezulu kwe ntaba-mlilo eyayingaqhushumba nangawuphi na umzuzu.
Kuthe ke nge nyanga yo Msintsi (September) ngo nyaka ka 1877, kwesuka iqela lamadoda wamaXhosa wakwi sizwe sase Tsonyana; ukutsho oko isizwe se Nkosi u Maphasa ka Bhurhu e Thuthurha ku Centane, awela iGcuwa aza apho ku mzi ka Ngcayechibi emdudweni. Le lali iThuthurha ke yi lali esondele kakhulu kwii lali zase Gcuwa, kambe nabantu babede bahambelane, betyelelana macala omabini kuba besondelelene kakhulu. Athe amakhosikazi wase maMfengwini aboleka iimbiza zokupheka nemiphanda yokuhluzela utywala kumakhosikazi wamaXhosa eThuthurha kuba umcimbi wawumkhulu ngokwenene; kwaba ke ngalo ndlela amenyiwe amaXhosa kuloo mcimbi; leza ke ihlelo lase Tsonyana ngobuninzi balo laza kuzimasa. Ke, kweli qela lamadoda asemaXhoseni ayeze kuzimasa kwa Ngcayechibi singabala kuwo: 
  • uMntwanenkosi u Mxoli ka Mbune ka Khawuta umfo wasema Tshaweni.
  • u Nkunzana umfo wasema Ngwevini.
  • u Stemela into yase Makwayini.
  • u Thwana iciko lasema Bambeni.
  • u Ncitha no Ludwengu amakhalipha amakhulu wase Matshaweni.

Ayekho namanye ke amanene amaninzi ephahle abantwana benkosi. Kwatyiwa ke ngamadoda apho kwa Ngcayechibi umcimbi umkhulu ngolona hlobo, kwahlutheka kakhulu. Lithe xa lisiya ku nina ilanga, wakhupha ingxotha umzi wakwa Ngcayechibi njenge sithethe, lisitsho ikhaya lisithi makuchithakalwe, iphelile into ebekudityenwe ngayo; kodwa hayi ala kwaphela lamanene wasemaXhoseni kwa Gcaleka, esithi "makuziwe no tywala kuselwe, yintoni lento kakade amaMfengu enomona kangaka ngo tywala?". Kwakuthi kwakuziwa nobunye utywala, zivakale zisitsho izinto ezinkulu zisithi "utywala be mfengu abupheli ekoyini". Aphindile ala ukuhamba lamanene wasemaXhoseni yakuphela intwana yotywala eyayiphinde yakhutshwa li khaya, ekhalima esithi "yintoni na lento yo mona kuma mfengu yokugxotha abantu besonwabile, no mkhwa wokuvimba utywala?". Atsho ngoku lamanene esithi awazi kuhamba engekaziboni ziqongqothwa ziqutyudwa iimbiza zotywala ebezibolekwe kumaKhosikazi wawo. Kwesi sithuba yaqala ke kambe nemisindo yathanda ukunyuka, nee nduku zaba sezandleni. Kweso siphithiphithi kuphakame ndoda ithile ye Mfengu isiya kuchama, 'suka yagxadazela kuba yayityile njenga ndoda yonke eyayilapho, ithe ekugxadazeleni kwayo yasimelela ngo Nkosi u Mxoli. Kuthe kanti ngokwenjenje le ndoda yhone kakhulu, yaba sele ifakwa amabhunguza kanobom yi mpi yase Tsonyana kusithwa "Yintoni yona lento ibamb' inkosi yakugqiba ukuba yi nja". Iqhawuke kweso sithuba kanye ibhobhile, izinto zase Mbo, (ukutsho oko amaMfengu) azabi nakuyi nyamezela loo ndelelo yokuthukwa nokulandwa kwazo ngobuhlanga, zalahla igwangqa ngamandla ezikhumbeni zama doda izinto zase Mbo yaba kuphela. Yakhala kakhulu induku macalana omabini, inguphantsi phezulu kwi nkundla yakwa Ngcayechibi; kwathi kuba amaXhosa aye kulo mnyhadala ayembalwa ku maMfengu awayelapho, akhawuleza onganyelwa, kwada kwasala omnye wabo enkundleni, wabhubha zezo nduma wazibhaqayo. Lawela ke iTsonyana labuyela nganeno e Thuthurha, abantwana benkosi bevusisa, betyiwe kanobom yi nduku. Asele exhoba ke lamadoda ngezikhali, wahlatywa ke kambe no mkhosi "iwuuuu!! zibambene ngazo eBawa" laphindela iTsonyana kwase Gcuwa sele ngoku lingu mkhosi ongqindilili oxhobe ufe amacala, ucaca mhlophe ukuba uya kubulala; u Xhoxho unyana omkhulu we nkosi uMaphasa inguye okhekeleyo. Kwaliwa eBawa kwakubi, achithwa amaMfengu, kwaqokelelwa imfuyo ekufutshane (iibhokhwe, iigusha nee Nkomo) yawezwa nganeno kwe Gcuwa, kwaphindwa kwa welwa, sele ngoku sekuhlaselwa nakwezinye iilali ezinjengoo Zazulwana, Thanga nhazo zonke iilali ezi nxuse umlambo iGcuwa. NamaMfengu ke awuhlaba owawo umkhosi, kwesuka no phi, ko MaTsomo nakoma Ngqamakhwe kweziwa eGcuwa - lashushu idabi. Yathi iqina imini nge ngomso, kwabe kumaxhaphetshu kulo lonke elakwa Gcaleka, kuhlatywa umkhosi "Yeyele ngo mkhono e Gcuwa, zibambene ngazo eBawa, LiFile phuthumani nto Zika Phalo"; umkhosi wawuhlatywa ngolo hlobo emaXhoseni, aze athi lowo uyindoda akuweva la mazwi, aqubule umkhonto ne khaka asabele kwicala etsho ngakulo ingxolo, icala atsho ngakulo amakhwelo. 

Inkosi u Bhotomane ka Mthini ka Nkani ka Khawuta eyayakhelene nesizwe sase Tsonyana isizwe sika Maphasa ka Bhurhu ka Khawuta, ithe yakuyiva loo ntswahla yamakhwelo, yathumela ku Sarhili ixela ukuba iTsonyana liyalwa nama Mfengu eGcuwa. Wasele ke u Sarhili emyalela u Bhotomane ukuba aphuthume zonke ezo nkomo zazidliwe li Tsonyana azizise kuye. Eyenza lonto u Rhili ngee njongo zokuba ixoxwe lento, bathi nabo bathe bafumana ilahleko bathi bafumane imbuyekezo, nalowo ufunyenwe enetyala, agwetywe. Kuthe kanti lo mcimbi sele uphumile ezandleni, no Sarhili uqobo wayengasenako ukuwucima loo mlilo, ayesele ebuye wonke amaGcaleka ukusuka e Nciba ukugugutha ulwandle ukuya koo Qhorha, elapho e Thuthurha esithi akasokuze ajike engalwanga iyinto kakade ebeyizele leyo. Emva kwee ntsukwana, ufikile u Kumkani u Sarhili kwi ndawo yo mlo ehamba no nyana wakhe u Sigcawu bekwele iinkabi zabo zamaHashe, u Rhili ekhwele inkabi yakhe engwevu, ethe tyuu umnweba wakhe emagxeni, ehlome iintsiba ze Ndwe ezimbini kwi pasi lakhe entloko. Wayesiza umntwanenkosi nge njongo zokuza kucima loo madangatye; kodwa asuka amaXhosa avuya nangakumbi ngoku akumbona, nee mbongi  zakholwa kukumntyontyela zimtyibela ngezibongo zakhe, ziphemba, athi namakhaba (amaKrwala) angazange alilwa idabi awalawuleka esitsha zintambo efuna ukuzibonakalisa ubugorha, kuba ibiyinto ethandwa kakhulu ngalo maxesha into yokulwela isidima se sizwe, abantu bazenzele igama ne ndumasi ngokuba ngamagorha emfazweni. Ekufikeni kwakhe u Kumkani u Sarhili ube sele esaziswa nge simo ekusiso, izizathu zokuba kube kanti kuyaliwa, wabe sele exelelwa ne nani lamaXhosa ayesele ebhubhile - amadoda alithoba wase Tsonyana ayesele ewunabele uqaqaqa emlweni; wakhalima kakhulu esithi liphezulu kakhulu elo nani, esitsho esithi "Ayisokuze inyanyezelwe into yokuba ooNyana besizwe nabayeni  babafazi babulawe zizinja"; namanye ke amadoda abalulekileyo ayesitsho esithi mhakhe zi nqoze nokuba lusuku lunye, khon' ukuze inani lwabafi lu lingane macala wonke inkosi ivuma. Uyivume engayivumi lento u Sarhili emadolwanzima futhi eyiqonda mhlophe ukuba xa esilwa namaMfengu uyakuba ulwa namaNgesi; kodwa imisindo yayiphezulu kakhulu engasenakho ukuyithoba eyedwa, nezwi lakhe lalingasavakali ncam kuba abantu babesele bevathe iqaqa, belugcwabevu yimisindo ezele yi ntiyo ne nzondo; besithi "imini yaba bangcatshi bangama Mfengu inye yile".

Imantyi yasemaNgesini u Eustace eyayihlala kude kufutshane ne Komkhulu lika Sarhili, ithumele isigidimi kwiziphathimandla zayo e Koloni ibika isimo ekusiso, futhi ichaza ukuba amaMfengu ayalwa namaGcaleka. Uthe ke u Mhlekazi u Bartle Frere weza ngokwakhe buqu eGcuwa, wathi makubizwe u Sarhili eze kuye baxoxe; Kodwa wala u Ntaba wabetha nge nqindi phantsi esithi akasokuze ayenze lonto - esitsho emkhumbuza lo ka Frere ukuba ulibele na ukuba uyise, u Hintsa wabulawa ngaloo ndlela ngabantu bakulo Frere, waqwela ngelithi akanakho ukubizelwa emhlabeni wotshaba eGcuwa, u Frere mhakaze kwa Gcaleka xa efuna ukuxoxa. Uthe ke u Bartle Frere "yithani ku Sarhili mhakayazi ukuba ilizwe lifile, umkhosi wam uyeza, uze kumohlwaya, mhakayazi ukuba mna naye siyalwa kwaye sizi ntshaba"; Yaba ke ngale ndlela iqalile imfazwe yesithoba phakathi kwamaNgesi namaXhosa.

Idabi lase Gwadana

Ngo mhla wama shumi mhabini anesithandathu kwi nyanga yo Msintsi (26 September) ngaloo nyaka ka 1877; u Sarhili ubize wonke amaGcaleka ukuba mhawafike ko mkhulu e Qhorha. Wayelapha wonke umzi wamaGcaleka ngaphandle kwesizwe sase Tsonyana, isizwe sika Maphasa. Kuvumbuluka le mfazwe ka Ngcayechibi nje, sele kulithuba inkosi uMaphasa ingaboni ngaso 'nye no Kumkani u Sarhili. Nge mfazwe ka Nongxokozelo yango 1872 nango 1875 akazange abekho uNkosi u Maphasa, kukuze umkhosi waseTsonyana uphathiswe iNkosana u Khiva ka Xhoseni ka Bhurhu owayengowase Tsonyana naye futhi ehlobene ne Nkosi u Maphasa. Nakweli tyeli ke u Maphasa akazange alisabele ikhwelo elaye lihlatywe ko mkhulu, wenza okwese zolo, wahlala akaya. Kukho abathi elithanda laliphakathi kuka Nkosi u Maphasa no Kumkani u Sarhili lavela ngo 1857 ngemva kwesi yhikili sika Nongqawuse. Kwii Nkosi zase MaXhoseni zonke ezazikho e Hohita ko mkhulu mhla kuxoxwa ukuba mhazixhelwe okanye zingaxhelwa na iinkomo, uMaphasa nguye yedwa owayephikisana nalento esithi "ayizange inkomo yaxhelwa kanti iseyakuphinda ivuke"; waxwaxwa ke ziinkosi zakowabo kusithwa uyabhoxa; watsho wathula umntaka Bhurhu, walulamela umthetho wakowabo. Bathe abantu xa besifa yi ndlala, kungekho luvuko lwazi nkomo ngosuku lwesiXhenkxe, wathi "Benditshilo lo mfo wakuthi ungu Rhili usilahlekisile isizwe". Nkqu no yise ka Maphasa u Nkosi u Bhurhu wabhubha ebulawa yi ndlala ngo Nongqawuse, wabhubha namaphakathi wakhe u Tyindle, u Dengana, u Maphonya umfo wase Mampingeni, no Ngqelenga umfo wasema Bambeni, bebhubha kunye yi ndlala. Ukusukela ngoko ke u Maphasa wazibhekelisa kwi nkosi yakhe. Waye u Maphasa eyimele into yokuba amaXhosa mawalwamnkele ulawulo lwama Ngesi, esitsho ekhomba kuma Mfengu esithi "aba bantu bafika apha bezi mbacu bengenanto, kodwa khangela ngoku yonke into eyayifudula iyeyethu, ithatyathiwe kuthi yanikwa bona. Nathi siyakuba ne nkqubela mhla sizinikela ku maNgesi". Kodwa u Sarhili nezinye iinkosi zaziyikhaba ngawo onke loo ntetha, zingafuni nokuyiva. Ladaleka ke ngolo hlobo ithanda phakathi kwabazukulwana baka Khawuta, 'de baya kubhubha bengavisisani.

Ngale mini yedabi lase Gwadana ku Gatyana, u Khiva injengele yase Tsonyana eyayizenzele igama nge mfazwe ka Nongxokozelo ebaThenjini isabela ikhwelo, isendleleni no mkhosi wase Tsonyana, umkhosi usendleleni eya eQhorha ko Mkhulu, esendleleni njalo adibane no Ngubo ka Malashe ka Khawuta, nhaye esendleleni eya kwako mkhulu. Bathe bengekude kakhulu kuyaphi e Qhorha, bagagana no mkhosi ongqindilili wama Mfengu owawukhokelwe li gorha elikhulu lase Mazizini, u Bhikitsha. Lo mkhosi ka Bhikitsha wawudibene no mkhosi wamaNgesi ukhokelwe ngu mhlekazi u Lord Chalmers; lho waye lwe nama Zulu e Sandlwana. Lo mkhosi wawuxhobe ngohlobo lwee nduku zamagwala (imipu) olutsha yo hlobo lwee Martini Henry; kunye nee nkanunu ezimbini. Bathe ooNgubo no Khiva bakuwubona lo mkhosi, ababhungisa basele befunza kuwo. Adubula aqengqa ugodo amaQhawe wase Mamfengwini, esiwa amadoda kwicala lase MaXhoseni - kodwa engajiki ehlasela ngemikhonto. Ngelishwa le thamsanqa, iinkanunu zamaNgesi zaxinga, zala ukudubula, athi ke kuba amakhalipha wase maXhoseni yayingabantu abanemitsi, futhi ababehlaba kakhulu ngo mkhonto ngokungathi bayifundela lonto, athi eqhwanyaza amaNgesi nama Mfengu, zabe ezakwa Phalo sele zi phakwathi kwabo, zabe futhi sele zihlaba kanobom ngo mkhonto wakowazo ngobunono nangobugorha obukhulu. Athe akuyibona lento amaMfengu, ayifulathela inkundla abaleka, nto leyo yenza ukuba ibengu phantsi phezulu abanye bekhubeka, begilana, abanye besiwa ngaphezulu kwabanye - lonke elixesha amaGcaleka ayewelwe ngu mqa esandleni, exhelelwe exhukwana, esika, ebinza kanobom nge rhwana nange ntshuntshe. Kwafa imfumba yamadoda apho kwicala lase Mbo nasema Ngesini. uNgubo no Khiva basele beqokelela imipu yamaNgesi eyayisale enkundleni, ne nkanunu enye, baqhubeka babhekisa e Qhorha. Bafike ko mkhulu babika okwenzekileyo nge gugu elikhulu.  uRhili wathi "Awuu Be nithunywe ngubani na? Ngubani onifunzileyo ngoba bendinentlanganiso apha, ndithe kuni yizan' apha. Khon' ukuba beni cinezelwe be nikhathala yintoni kuba beni bizwe ndim. Andifuni mlo apha, umlo wokutya!! Kubi ukulwa ngokutya, Yintoni lento nilwa ngokutya nixel' impi kaMaphasa le ndisathetha nayo ngalento yokulwa ngokutya?". Waxolisa u Khiva kakhulu, esitsho esithi bebesoyika la mkhosi wamaNgesi ubulale iintsapho zabo. Itola lo mkhosi wasemaXhoseni u Ngxito umfo ka Ncamba ka Gxaba, umTshawe laba ke sele liqalisa lidibanisa iintelezi linyanga umkhosi; avuya namatsha ntliziyo, evuyela imfazwe nama Mfengu, imfazwe ekukudala ayilangazelela.

Ifike kweso sithuba imantyi yasemaNgesini eyayihlala kwi nqila ka nkosi u Moni ka Maphasa, u West Fynn, wacela ukukhe alumane indlebe ne Kumkani.

West Fynn: "Nkosi wenzani - Kutheni usilwa namaNgesi?. uyazi mhlophe ukuba uzakoyiswa futhi uzakuphulukana nolawulo nobukhosi bakho, imiqathango yango 1860 yokuvunyelwa kwakho ubuyele kulo mhlaba yayibeke yacaca lonto"

Sarhili: "Hayi Wesi; Andilwi nama Ngesi mna, futhi andikalwi na mntu. njengokuba ubona nangoku ndibize le mbizo ukuze ixoxwe lento ipheliswe".

West Fynn: "inankuyaa uNgxito enyanga umkhosi nje ewulungiselela idabi, utsho njani Nkosi? uyandikhohlisa?"

Sarhili: "Ndingayenza lonto ndibe ndiyenzelani Wesi? njengawe, nam andifuni mlo apha, ndifuna uxolo."

West Fynn: "Uyavakala nkosi yam, kodwa phambi kokuba ndihambe bendifuna ukuhlebela mna buqu ukuba omnye wabantakwenu ukujikele, ukreqele ku maNgesi. Uze ulwe uyazi ukuba lento izakujika nawe"

Sarhili: "Ngu nguwuphi ke lowo Wesi?"

West Fynn: "uMaphasa ka Bhurhu ufike kum kwii ntsuku ezimbini ezigqithileyo ecela endibongoza ukuba ndigunyazise ukuba awezwe inciba nabantu bakhe, 'ze abuyiswe xa lixolile"

Sarhili: "Wesi Wesi Wesi!!! Mhusa ukudlala ngam, kutheni undikhohlisa nje?" watsho umhlekazi ebufudumala.

West Fynn: "Nkosi yam, uMaphasa ndithetha nawe nje ukwizithili sase Monti nabantu bakhe kunye no Xhoxho, yheka lento mhlekazi ayizi kulunga."

Sarhili: Wesi undixelela ukuba u Maphasa akakho se Gcuwa emlweni noo nyana bakhe ngalo mzuzu?"

West Fynn: "Hayi Nkosi akunjalo, undicelile ukuba ndimweze inciba kuba esithi woyika wena uzaku mdla"

Yaba njalo ke ingxoxo ka West Fynn ne Kumkani; waziva u Rhili ephoxekile engazi nokuba aqale ngaphi ukulungisa. Uthe uyayiveza le ndawana kwi Bhunga lakhe, 'suka yakhatywa kwathiwa nase Bathenjini wayengekho u Maphasa, akukho nto izakuma ngenxa yokuba engekho. Wawunyanga ke umkhosi u Ngxito, wasele uphuma usingise eGcuwa uphethwe ngu Sigcawu, no Mtoto no Mcothama izinto zika Sarhili, no Dalasile.


Idabi lase Bika

Kuthe ekuseni ngomhla wamashumi mhabini anesithoba kweyo msintsi (29 September 1877) xa lithi chapha ilanga, ageleleka amaXhosa eGcuwa engabhungisanga. Umkhosi wawukhokelwe ngu Sigcawu Ahh Nonqane; uthe umkhosi wabancedani (amaNgesi nama Mfengu) wakubabona wasele ulungisa. Amangesi wonke athathwa afakwa kwi nqaba ngaphakathi, aze amaMfengu aphoswa ngaphandle khon' ukuze kulwe wona ikakhulu. Ahlasela amaXhosa ngamandla nangokuzimisela, ekhuthazwe yimpumelelo yawo yase Gwadana; kodwa ngelishwa adutyulwa atshayelwa loo mini, asele ejika ebuyela kwaku Centane ephoxekile.

Eli dabi yaba yi mbubhiso kwicala lama Gcaleka, ngoba amaNgesi awazange aphume kwi nqaba yawo, ayedubula engaphaya kwee ndonga ze nqaba, amaGcaleka azama ancama ukugqobhoza. U Ngxito itola lo mkhosi, wawela kweli dabi. U Bhikitsha wase Mazizini, owayeyinkokheli yamaMfengu walwa kakhulu ngale mini, wawabetha amaXhosa wawagxotha kungawanga nenye iMfengu. Ahlehlela kwa ku Centane, ku Gatyana nanga phesheya ko Mbhashe amaGcaleka, esiya kucinga qhinga limbi.


Idabi lase Drayibhoso (Draaibosch) - eQumrha

Kwesi sithuba, u Sarhili uthumele uKhiva ukuba aye ekunene kwa Rharhabe aye kubikela u Sandile noo Makinana ngale mfazwe yayisele ingxamele ukumxaka. Yahamba into ka Xhoseni no mkhosi, kodwa ingu mkhosi ongemninzi kuyaphi, waya kufika e Khubusi kwi Komkhulu lika Sandile. Kubizwe imbizo ngama Ngqika kwaxoxwa; amaphakathi ka Sandile oo Tyala ka Nteyi wase Madaleni bengavumi besithi badiniwe zii mfazwe banqwenela ukuphumla. No Sandile ke kambe akakhuphanga lizwi ligwebayo, koko bekuthi kwa kufika umntu ochaseneyo ne mfazwe, nhaye avume lonto athi uyakwenza njalo; kuthi xa kufika ooMayitshe noo ndiyalwa, aphinde avume kwaleyo ithethwa ngabo. Imantyi yaseMangesini eyayihlala phantsi kuka Sandile yabona kuphithizela ko mkhulu yagqiba ekubeni ikhe isondele iqonde ukuba kwenzekani. Ifike le mantyi u Sandile evathe imfene, esithi "Mandingaqalwa ngabelungu, ndisukelwe ndizihlelele; uBonanje ne nyoka iyaxhola xa ixhokoshwa". Uthe u Sandile engekasenzi isigqibo sokuba uyayingena le mfazwe okanye hayi; kwavela unyana wakhe wase Kunene ekuthwa ngu Mathanzima (Hayi lo wasebaThenjini), iXhonti lase Bholo, igorha elikhulu, wathi "Hazuba mna ndiyakuze ndimenze nini u Bawo azidle ngam xa engafuni kulwela amawabo; nabayaa o Mtoto noo Mcothama noo Sigcawu besilwela uyise Ikumkani yethu sonke, thina singoo ndilele?". Wathi ewathetha lamazwi u Mathanzima, wabe u Khiva sele eqalisile ukuzibasa iiHotele zamaNgesi e Qumrha; athe ke nama Khaba (amaKrwala ne Dodana) akwa Ngqika ayithanda kakhulu lonto, aqalisa adla iinkomo zama mfengu kwii lali ezikufutshane, ekwatshisa nemizi yawo. Yathi iphela imini labe iQumrha liluthuthu, kwa nee ntsapho zamangesi ziwafulathele amakhaya zibalekela eQonce. Elidabi lase Drayibhoso (Draaibosch) laliwa ngu Khiva no Mathanzima ka Sandile ngomhla wamashumi mhabini anethoba kweyo Mnga (29 December 1877). Aba ayangena ke amaRharhabe kwi mfazwe ka Ngcayechibi, ngalo ndlela asele ewela no Khiva awelela ku Centane bewoyisile amaNgesi kwelo dabi lase Draaibosch e Qumrha.

Idabi laku Centane


Kuthe ngo mhla wesi Xhenkxe kweyo Mdumba (7 February 1878), zabuya iintlola zamaXhosa zixela ukuba umkhosi wamaNgesi namaMfengu ulelise kwi nduli yaku Centane malunga nale lali yakwa Manase ingaphesheya kwe Njingi kwisi qingatha selali yase Gobe, kule ndawo sele inehlathi lesilungu ngoku. Wadibana ke umkhosi wahlasela ngoko nangoko usuka kwelicala langase lwandle. U Sandile no Khiva bekhokele umkhosi wama Ngqika babengakwicala lase Khohlo, amaGcaleka engakwicala lase kunene, ekhokelwe ngu Dalasile no Sigcawu. Ahlasela amaGcaleka ngolunya, esiwa ngobuninzi kodwa engajiki; uSandile no Khiva ababanga nakho ukuhlasela ngaxesha linye namaGcaleka njengoba babecebile, eli qhinga la phanziswa ngu Maphasa no nyana wakhe u Xhoxho abasuka bawavela ngasemva amaNgqika. Ngoko ke baqonda o Sandile no Khiva ukuba kuyakuba yingozi ukuba bangahlasela ngaxesha nye namaGcaleka, bakhetha ukuqondana ngqo no Maphasa, balwa naye nje u mzuzwana bamgxotha. Bathe xa bebuya, babuya sele amaGcaleka echithiwe ngamaNgesi, amaqhawe wakwa Gcaleka ethe waca kwelo thafa lase njingini. Abaleka ke nhawo amaNgqika, aza kuzimela e mnyameni kulo Mahlathi angase Nciba. Aba ke amaXhosa ayoyiswa ngalo ndlela kuba akuzange kuphinde kubekho dabi lingako, ngaphandle nje kwemiceyo apha naphayaa; no Sarhili wabe sele exelela u Sandile ukuba umkhosi wonke mawusele uphathwa nguye, awele nawo inciba uye kwi ntaba zase Mathole apho uyakuqhubeka khona usilwa; Yena Sarhili uzakuwela u Mbhashe aye kwa Bomvana apho aya kuxhwarha khona lide lixole.

Amagqabantshintshi
  • u Khiva ubhubhe kule mfazwe ka Ngcayechibi, wachwechwelwa engalindelanga, yena neqela lamadoda awayekunye nalo bayalelwa ukuba babeke izixhobo phantsi - wala tu kwaphela, walwa wawela kwalapho.
  • u Sarhili wawela uMbhashe no Makinana no Sigcawu akaphinda wabuya, wakhothamela e Sholorha kwa Bomvana ngomnyaka ka 1892; emva kweminyaka eyi 14 isizwe sakhe soyisiwe.
  • u Sandile wakhothamela eMathole kwi hlathi lakwa Zidenge ngo 1878, esilwa namaNgesi. Imfazwe ka Ngcayechibi yaphela akubulawa.
  • u Maphasa wathathwa phesheya kwe nciba emva kwe mfazwe ka Ngcayechibi, wabekwa nganeno kwe Qhorha ku Centane, athi amaNgesi makanikezele ngezixhobo zakhe. Wakhalaza engavumi esithi, xa ebekwa phakathi kwama Gcaleka engenazi xhobo uyabulawa ngoba azakuziphindezela kuye ngesenzo sakhe. Wesuswa e Qhorha waya kubekwa e Thuthurha ku mhlaba ka yise u Bhurhu.
  • u Ngubo wabanjwa ngu Nkqwiliso Ndamase wase Mampondweni, wathunyelwa e Siqithini apho wadontsa iminyaka elishumi. Wabuya waya ku Sarhili ngaphesheya ko Mbhashe.



iNkos'enkulu yamaGcaleka - iKumkani yamaXhosa wonke u Sarhili ka Hintsa
Ahh!! Ntaba


u jikuty' amaphambili phofu engawasingisi mntwini.
yi Ntsundu ka Nomsa ka Gambushe kwa Bomvana,
u ngxowa inemilenze yokufaka amaduna akowabo,
ooPhatho noo Sandile.

yi Namb enkuuuuuulu ebhijeli Hohita,
ovuk'emini akabonanga nto ngoba akayibonanga iNamba icombuluka.
li Lunga le gwaba lika Hintsa,
ngu Magan' iindlezana
u Mavel' elunguza njenge ngcu ye ngcuka kwabe nduku kwa Moshoeshoe.

Ahh!! Ntaba

     ...................................................................

iNkos' enkulu yamaRharhabe-Xhosa u Sandile ka Ngqika

Ahh! Mgolombane



Ugag' oluhamba lugongqoz' ukukhwez' iXesi.

Ngu Ndanda koo Vece, u Xesi magqagala, uMthunzi wabantu bengaka nje.

Isikhwenen' esidla kud' umkhoba, kuba sithe sise Gqoncini sabe sise Montini.

Ngu Sitshay' amakhamb' abelungu, uSitshaya ngaxilongo zib' iinqawa zihleli.

ngu Dong' olubomv' olwayam' abelungu, intak' esunduz' umqal' ukub' isuke - iyawufinyez' umqal' ukub' uhlale.

Ngu ngcungcu ayiseli kwabalekayo isel' ezadungeni ngokoyik' umlom' ukugoba.

Yi Namb' enkulu ejikel' izingcuka kuthwa nase Gqolonci ikhe yabonwa.

Ahh! Mgolombane

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath