Skip to main content

u Ngubo ka Malashe

 u Ngubo ka Malashe

"U Gampu ka mlenze,

iNcwad' ene kroba ka Malashe, u Mthundezi wee Mazi ezino qhonqa.

ngu Mtshangatshangiso umntaka Malashe."


u Ngubo ngu nyana omkhulu ka Malashe, u Malashe uzalwa ngu Kumkani u Khawuta. Abantak'ubo Ngubo azalwa nabo ku nina asina nakani ngabo kuba asivanga nto ngabo. No Malashe uyise ka Ngubo asazinto ibhekele phi ngaye ngaphandle kokwazi ukuba uzalwa ngu Kumkani u Khawuta kunye nezi nkosi: u Bhurhu ekunene, u Hintsa endlwini enkulu, oo Mdingi noo Mbune nabanye emaqadini nase maxhibeni.

Le nkosi u Ngubo yi ntanga ka Sarhili ngokuzalwa nangokoluka; futhi yabe ingu mhlobo wakhe omkhulu osenyongweni, beyi ntlaka ne xolo, be ngumtya ne thunga.; apho u Sarhili akhoyo no Ngubo wayeba lapho oku kwamawele ayesesizalweni so mfazi omnye. Kwaseku khuleni kwabo aba bazukulwana baka Kumkani u Khawuta bebengohlulwa yinto, baza ubuhlobo babo baqina baba luqilima nanga kumbi ngokuya bekhula. Egetyengwa ngama dlagusha nje u Hintsa uyise ka Sarhili, emshiya emhokamhokana nesizwe esikhulu ngolona hlobo - isizwe samaXhosa ukuba asiphathe, yayingu Ngubo owayeyintonga ka Sarhili esekhosi, eyeyona ndoda awayeyithemba ngako konke anako. Ke kambe isizwe samaXhosa ibisi sizwe ebesingenakuphathwa yi ndoda ethobileyo okanye e maka ngenxa yezi zathu ezininzi kodwa esingabalula ezi kuzo:

1. AmamXhosa ibisi sizwe esingenasi zinzo kakuhle, isizwe esasihleli nje sifuna ukuzivavanya ubunganga baso kwezinye izizwe, ingakumbi kweso sizwe samaDlagusha esasithe gqolo sisidla umhlaba ka Phalo.

2. Iinkosi nee nkosana ezithile zazithe gqolo zifuna ukuzimele geqe, ngezizathu ke ezaziwa zizo, iinkosi ezinjengoo Maphasa ka Bhurhu, noo Sibhozo ka Mnzabele ezithenjini ezantsi e Qolorha elwandle ku Centane - kulo mhlaba sele ume abantwana baka Ngqika; oo Feni ngezi mini. Ke yayiba lu xanduva lwe nkos' enkulu (iKumkani) ukugcina ezinkosi nezi nkosana zisemgceni ngokuzifaka umthetho nezohlwayo, izigwebe ukuze nezinye zoyike ukuzeka mzekweni, aze azimanye iinkosi zonke ngo mthetho azigcine zingu mzi omnye. Uthe akubhubha u Hintsa oyena mntu bezimoyika nebezi mhlonela, zaqala zatsho zavela nganye nganye kuba zimazi u Sarhili ukuba uminyaka nje eyi 27, kwaye useli krwala elisanuka ingceke.

3. Indlu yaseKunene ka Phalo (amaRharhabe) nawo ayesoloko ejonge umthetho no mkhombandlela kwa Gcaleka malunga nokulawula isizwe ngaphesheya kwe Nciba, kwakunye no m'ba owawusele uyi ntsinda badala - umcimbi wamaDlagusha nama Mfengu awayadakasa nangakumbi emva kokubulawa kuka Zanzolo, sele engawazi lamaXhosa nokuba asisiciko seyiphi na imbiza kuba umlweli wawo ebulewe. Ngoko ke kwakufuneka ingotya ekhaliphileyo futhi eqiqileyo engqondweni hayi ibhetyebhetye le yilo, khon' ukuze umzi waseMaxhoseni ulondolozwe, ugcinwe umanyene, uqoqosheke ungaqhwayani nezinye izizwe esimelene nhazo. Lento ke yayifuna umntu onelizwi elivakalayo futhi eli hlonelwayo ngoba yayingaqhawuka ibhobhile.

U Sarhili uluzuze ulawulo eselula, engena mava wakuphatha kuba wayengekaphekwa ngu yise, futhi kwaye kucaca ukuba eyona ndoda amaXhosa ayesele ejonge kuyo ngoku ngu Bhurhu ongu mntakubo Hintsa, kwakunye no Rhuneyi uMngwevu iphakathi elikhulu lika Hintsa. U Ngubo umfo ka Malashe wahle waqonda ukuba umfowabo uyakuba yi Kumkani engu nomgogwana ngoba akasokuze akwazi ukuphatha ngokukhululekileyo ephahlwe ngala maqhawe wako mkhulu athenjwe sisizwe sonke; kungoko wamcebisayo u Sarhili ukuba alishiye iKomkhulu lika yise eGcuwa, azimele geqe nawakhe amaphakathi awayeluke nawo, kuquka u Ngubo yena buqu. Baye ke basingisa ku Cofimvaba apho u Hintsa abhubhe eceba ukufudukela khona. Eneneni ke benjenjeyaa ukujongisa amabombo ngentla ne zwe; waza u Sarhili wemisa iintlanti zakowabo e Hohita - zavela apho izibongo zakhe ezithi "Yi namb' enkulu ebhijel' iHohita. Ovuk' emin' akabonanga nto kuba akayibonanga iNamb' icombuluka". No Ngubo engekude kuyaphi apho eHohita, ekwi bhunga le Kumkani, eyenye yamadoda ase mbusweni, axhuzula imikhala. Bakhula kunye ke u Ngubo no Rhili kukuhle, bedumile ngokukhalipha, ngoburharha nangobuciko. Naseku gxothweni kwakhe u Sarhili e Hohita ngemva kwesi yhikili se mbubhokazi ka Nongqawuse, babuyela kunye ku Centane kwa Holela bahlala ndawonye; kuvumbuluka le mfazwe ka Ngcayechibi ngo 1879 bakunye. 

Ke kambe nakuba hlobo abakhulu abasenyongweni ithanda liyavela ngokubangelwa ngabantu. Naku Ngubo no Sarhili kubenjalo, bazamile abantu ukubaxabanisa kuba bemonela u Ngubo besithi usondele kakhulu kwi Kumkani. Nge mfazwe ka Ngcayechibi, amaXhosa alwa nama Mfengu - u Ngubo no Khiva base ndleleni eya komkhulu e Qhorha, badibana no mkhosi wamamfengu odibene nowamaNgesi; ngoko nangoko bawuhlasela bawoyisa loo mkhosi kwi dabi lase Gwadana kude kufuphi ku Gatyana, bayenza lento bengafunzwanga - ukutsho oko bengafumenanga lizwi eliba gunyazisayo ukuba balwe, ilizwi elisuka kwi kumkani. Bathe bakufika ko mkhulu bakuba belugxothile utshaba, amaphakathi abaxina kanobom ngemibuzo, ebuza ukuba bebethunywe ngubani na ukuba benze lonto ngoba iKumkani isaxoxa namaNgesi. Bathe bona babone ukuba iintsapho ziya kuba semngciphekweni xa bethe bafulathela amakhaya, beshiya utshaba ngakwii ntsapho zabo; iviwe ingaviwa lento. Kuthe kwi Dabi lase Bika eGcuwa xa u Sarhili kufuneka ethethele umkhosi kodwa engavumi kuba esithi mkhulu lo mkhosi wamaNgesi, ukuba ufunza amaXhosa kuwo uyakuba usa oonyana besizwe nabayeni babafazi besizwe ekufeni; mhakuchithakalwe - uyekwe lo mkhosi wamaNgesi nama Mfengu - kodwa hayi ala tuu kwaphela amaXhosa esithi kungcono ukufa kunokuphila ubom be ntshontsho emhlabeni wawo, esithi "Kumkani sinike ilizwe emasiliphathe xa siya kufa" kodwa hayi akakwenzanga oko u Sarhili, uthethe into engavakaliyo, enethemba ukuba lo mlo usenganqandwa ungekayi ndawo. Amaphakathi ayithatha lento ayibeka ku Ngubo esithi iKumkani ithakathwe ngu Ngubo, ubuKumkani ubufunela kuye. Oyiswa amaXhosa kwelo dabi lase Bika ebethwa ngama Mfengu nama Ngesi, naleyo yathathwa yabekwa kwaku Ngubo. Wakhathazeka umfo ka Malashe intliziyo yali hlwili, waza wathi "Andisayingenanga ke le mfazwe xa kanti umkhosi ubulawa ndim" watsho wathabatha umkhosi wakhe wachithakala. U Sarhili eswantsuliswa amathafa nje ngama Ngesi nama Mfengu, u Ngubo uselubhacweni akasalwi. Kodwa wabuya waphinda wazithoba umntaka Malashe engenako ukubukela umfowabo, intanga yakhe igcwaliswa amathafa ileqwa okwe nyamakazi, wabuya walandela kwase khondweni lika Sarhili emkhangela nge njongo zokuba secaleni lakhe. Kuthe kwezo zanzwili, umzi uchithekile no Ngubo ebhadula ekhangela iKumkani yakhe oku kwe nkonyana li bhadula lifuna unina, wazibhaqa umntaka Malashe ebanjwa yi Nkosi yamaMpondo u Nkqwiliso unyana ka Ndamase wama Mpondo ase Nyandeni. Le nkosi u Nkqwiliso yayisebenzisana kakhulu nama Dlagusha, yaza yamthatha yamthumela kuma Ngesi njenge banjwa, yasele ihlawulwa ke umvuzo wayo ozii Ponti ezingamakhulu amabini ngo msebenzi wayo. Wathatyathwa u Ngubo waya kuphoswa esiqithini se zothe (Robben Island) apho oo Maqoma nezinye iinkosi zasemaXhoseni zafela khona zisilwela lo mhlaba. Wagwetywa ke u Ngubo iminyaka elishumi esebenza nzima. USarhili wayesele engena mzi, ehlala endle okwe mpunzi, egxothiwe ku mhlaba wakhe - engaphesheya ko mlambo u Mbhashe kuloo mahlathi. Kuthwa wayesithi akulijonga ilizwe lakhe ngaphesheya ko Mbhashe kubonwe ngaye sele ekhala kabuhlungu esithi "Umhlaba ka Khawuta bawudla ngabuni na ndingenzanga nto nje". Yonke le minyaka iKumkani isezimbandezelweni futhi ikhala ngo Ngubo umhlobo wayo omkhulu osenyongweni, inqwenela ukuxolelaniswa naye kuba yayisele isithi akusekudanga ilandulele eli phakade. Kuthe emva kweminyaka elishumi wakhululwa u Ngubo eKapa, wawela u Mbhashe nhaye esiya ku Rhili. Uthe akufika ku Sarhili, bahlala phantsi beli khaya kwathethwa, kwaxolelwana. u Sarhili naye wayesele exolelwe ngama Ngesi kodwa ejongwe ngeso lo khozi ekhutshelwe umqathango othi akufunekanga abonwe ehleli ne qela lamadoda asenanini elidlulileyo kwisihlanu, kwathiwa angabuyela ku Gatyana okanye ku Centane - iGcuwa, iTsomo, iNgqamakhwe, iCofimvaba ne ngxenye ye Dutywa ziginyiwe, zinikwa amaMfengu. Akabanga sabuyela nganeno ko Mbhashe u Sarhili, wakhothamela e Sholorha kwa Bomvana e Xhorha kulo nina ephahlwe ngama Bamba nama Nkabane - izinto zase Mandluntsha, kunye nee nkosi zakwa Gcaleka nakwa Rharhabe ezinjengo Makinana ka Mhala inkosi yamaNdlambe. uNanamhla oku iselapho loo Mizi yasemaXhoseni; ezilali: Kulo Ngcweleshe (inkabi ka Gcaleka), Kulo Zulu (inkabi ka Sigcawu), kulo Mbombo (inkabi ka Ngqika), kulo Gojela (inkabi ka Khawuta), esi Rhoshweni okanye kulo Thiso (inkabi ka Sarhili) ezise Xhorha ngaphesheya ko Mbhashe zathiywa ngeso siganeko soku bhubhela kuka Sarhili namafa nankosi wakhe ase Mandluntsha kwelo lizwe lama Bomvana ebaleka uku tshutshiswa ngama Ngesi encediswa ngu mzi wase Mbo (amaMfengu). Lilonke u Kumkani u Sarhili no Ngubo ba khothamele elubhacweni kulo nina ka Sarhili - kwa Bomvana. Ngethemba lokuba imimoya yabo abo bahlobo bakhulu iphumle ngo xolo futhi yonwabe kakhulu kunangaphambili kwelo zwe lingenazi nkxwaleko nazi ntsizi. Ahh Ntaba!

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i