Skip to main content

Kwa Centane


Esi siqangatha somhlaba siqala elu nxwemeni lo lwandle kwi chweba apho umlambo iNciba ugalela khona elwandle; xa unyuka ngo mlambo inciba, loo majiko jiko okanye ezo mpindo - zikusa ngqo ekudibaneni kwemilambo emibini: umlambo iGcuwa no mlambo u Mnyama, ku mzi wo nyana ka Bhurhu; u Myeki. Igama lo mzi we nkosi yam lo ngu Mnga ukubizwa kwawo; lo ngo mnye we mizi yase Thsonyana nosi sizwe se Nkosi u Bhurhu ka Khawuta. Le milambo (uMnyama ne Gcuwa) ithi yakudibana ibengu mlambo omnye iGcuwa, yehle yenjenjeyaa  iye kugalela kumlambo omkhulu iNciba. Lo ke, ngu Mda owahlula umhlaba wamaGcaleka kowama Ndlambe; nhoxa nje kwaloo mhlaba uphakathi kwe Chintsa ne Nciba ungowamaGcaleka, futhi ayekhe awuhlala kwiminyaka engaphambili; ukanti uKumkani u Gcaleka nge nkqu wakhothamela kwalapho eNgxingxolo, ukanti no mzukulwana wakhe u Bhurhu lo ukhe wagxumeka iintlanti zakhe e Qumrha kodwa wabuya wawelela kwanganeno kweNciba kuba elacala lalombethwe zii mfazwe ngaloo maxesha. Singaphambukanga emxholweni, kuba kaloku apha sithetha ngo Centane. Xa ugugutha unxweme ukusuka kwi chweba le Nciba elwandle, ukunyuka usingise ngase mpuma ye langa, uwele lemilambo: e Gxarha, e Ngogwana, e Qolorha, e Ngcizele, e Khobonqaba, e Ngqusi, e Nxaxho, e Chebe, e Gqunkqe, e Ngqwarha, e Sihlontlweni: yimilambo emikhulu yaku Centane leyo egalela elwandle, Umlambo wokugqibela li Qwaninga, lo ke ngumlambo owahlula u Gatyana no Centan. Uyakuthi ke xa usenyuka ngo mlambo iQwaninga, udibane nesithuba apho umlambo waku Centane i Qhorha ugalela khona eQwaninga; lo ke ngu Mda Phakathi kuka Gatyana no Centane, 'ze elunxwemeni umda owahlula u Centane ku Gatyana ibe li Qwaninga ngokwalo.



Ke kambe amaXhosa omthonyama afumaneka phantse kulo lonke iphondo le mpuma Kapa, kodwa apha nganeneno kwe Nciba: uGatyana no Centane ngu mhlaba wedinga kuthi maXhosa womthonyama, thina mabandla ka Phalo, Ka Tshiwo ka Ngconde ka Togu ka Sikhomo ka Ngcwangu ka Tshawe ka Nkosiyamntu ka Malangana Ka Xhosa.  Zilele apha iinzwana namadikazi, amaqhawe nama qhawekazi akwa Phalo kwizindlu zombini: eyaseKunene (ama Rharhabe) kunye neyako mkhulu (ama Gcaleka). Xandithetha ngamaXhosa womthonyama ndithetha ngezi ziduko zilandelayo: AmaTshawe, AmaKwayi, AmaCirha, amaBamba, amaJwarha nama Qwambe - ezi zizwe ke zili sende lika Nkosiyamntu ngqo. U Tshawe ke ngexesha lakhe walwa nezizwe waza wazifaka phantsi kwakhe ezo wathi wazoyisa, ezo zizwe ke nazi: amaNtakwenda, amaNkabane, amaNzotho, amaTipha, amaXandeshe, amaQocwa, amaNgqosini, kunye nesizwe esikhulu kakhulu, isizwe sama Gqunukhwebe: esi ke si sizwe sohlanga lwama Lawo okanye ooNoqhakancu; iziduko zesizwe samaGqunukhwebe nazi: amaMpandla, amaCethe, amaNqarhwane, amaGqwashu, ooSukwini, amaGiqwa, ooSithathu, kunye namaTshonyane. yayiluhlanga olu oluno bu Kumkani baso, kodwa saphela sele siphantsi kwamaXhosa kuba soyiswa ngamaXhosa, sanikwa u Khwane iphakathi lika Tshiwo elikhulu ukuba asiphathe. Kuthi ke kubekho nezizwe ezingaba ngeneli; oko kukuthi izizwe ezafudukayo kwiindawo zazo zaza kuhlala namaXhosa ngenxa yokukholiseka yimpatho embusweni wamaTshawe. Ezi zizwe ke zezi: AmaNgwevu, amaMpinga, amaQhinebe - zona ezi ziduko zisuka kubu Kumkani bamaMpondomise. Ke kambe, isizwe samaXhosa sasivana kakhulu nesizwe sama Mpondomise, kusendiselwana futhi akukho xesha apho ezi zizwe zibini zakhe zaphathelana izikhali, koko bezisuka zincedane nanjengoko u Tshawe wayencedwe kwangawo amaMpondomise xeshikweni exutha ubukhosi ku Cirha, ukanti ngo Nongqawuse - ikwangama Mpondomise la ayephambili ekupheni ukutya amaXhosa ewasindisa ekubulaweni yindlala, ukanti iinjengele zesizwe samaXhosa ziyile ukuya kulwa emkhosini ka Mhlontlo xeshikweni umntwanenkosi wayehlaselwa ngamaNgesi no mbuso wakhe wabhangiswa.

Ezinye izizwe zabangeneli emaXhoseni zezi: AmaNtlane nama Zangwa; ezi ziduko sele sizithanda kangaka kwa Xhosa zozibini zisuka kubu Kumkani bama Mpondo, zininzi kakhulu emva apho kowazo njengoba zizininzi nalapha kwa Phalo. Ukanti ke kwakwi zizwe zaba ngeneleli, zikhona ezisuka kuba Thembu, njengezi: ama Maya, amaNgxongo nama Nune; ezi zizwe zi zizwe zaseBathenjini ko Mkhulu. Kwathi nga mhla uthile kwabakho umlo ebaThenjini kubantwana bako mkhulu, kwaza kwabulawa u Kumkani wabaThembu owayekhaliphe kunene: u Vusani ahh Ngubengcuka! ebulawa ngama Maya la. Athe amaMaya akubona ukuba aza kubulawa ngabaThembu, abalekela ku Hintsa emaXhoseni - waye ke u Hintsa ngokwakhe wayenga ginyani ncam no Ngubengcuka, amatyeli ayesele emaninzi lithi ilizwe sele lisifa phakathi kwabaThembu namaXhos, kodwa kungenelele amaNgesi neetyalike, banqandwe iphele loo mfazwe ingekaqali. Ukufika kwama Maya ehamba nama Nune nama Ngxongo, wawamnkela u Hintsa wawenza izikhulu. Nanamhlanje iinkosi zakwa Mgudlwa ziselapha kwa Xhosa.

Asisokuze sizishiye izizwe zabe Sotho xa sisenza uluhlu lwezizwe ezingabangeneleli kwa Xhosa, ezo zizwe nazi: AmaNtshilibe (amaBhanqo), amaMfene, amaMvulane kunye namaVundle. Asinakuzishiya ke kambe nazo izizwe zakwa Bomvana (amaTshezi, imiGanu namaDala).

Nge mva kwee Mfazwe ezaziluthotho ezaliwa ngamaXhosa (amaGcaleka/amaRharhabe) esilwa ungonyamelo lobukoloniyali olwalusiza namangesi, aye achithwa chithwa kwimihlaba yawo amaXhosa, yaza loo mihlaba yathinjwa ukusukela ku mda wakwa Xhosa ose ntshonalanga ezantsi ku mlambo iXelexwa (Gamtoos river) ukuza kuthi Gaa ngo Mbhashe; ukugudla oo Cala, oo Ndwe, ooCacadu, ukuza kuthi gaa nganeno kwe Hohita ku Cofimvaba. Athathwa amaXhosa womthonyama azokuthiwa jwii kwesi siqangathana somhlaba siphakathi ko Mbhashe ne Nciba, axinaniselwa ndaweni nye oku kwee ntlanzi etotini; kwashiywa imbinana yee ntsatshana kula mihlaba yama Ngqika, yamaNdlambe, yemiDange, yamaGwali, yamaNtinde kunye nama Gqubukhwebe - e Ciskei. Una namhla oku amaRharhabe amaninzi azinze ku Centane, futhi kule mihla siphila kuyo sele ede ajika aba ngama Gcaleka, ade azilibala nhokuba angamaRharhabe futhi ayesuswe ngaphoshonono kweNciba; kuba kakade ingu mhlaba ka Gcaleka lowo emi kuwo - ukutsho oko umhlaba wakwa Centane. Ke kaloku uthe wakudliwa umhlaba ka Butsolobeentonga, u Haam-Haam ka sitsheketshe, ukhozi olumaphiko amdaka (ngu Rharhabe ke lowo) ukusukela e Xelelexwa (Jeffrey’s Bay) ukuza kuma e Nciba, wajikwa wenziwa iiFama zamaBhulu nama Ngesi, ze eminye imihlaba engentla (Cacadu, iNdwe, Cala, Cofimvaba, Tsomo, Ngqamakhwe, Gcuwa) yakwa Gcaleka yathathwa kwa bhaselwa ngayo izizwe ezazingalwi nabelungu njengathi. Ezo zizwe ke ngabaThembu (Hayi amaTshatshu - wona asincedisile kakhulu ekulweni nomlungu asifela) kunye nama Mfengu; ezi zizwe zombini zazi mva kakhulu uRhulumente wasemaNgesini futhi ziluthobele kakhulu ulawulo lwase Britain, kwaye ziwancedisa amaNgesi kwezi mfazwe zingaka azilwe nathi -  kodwa ke leyo indawana sakuze siyixoxe ngelinye ilanga, siyixoxe ngesihle singaxabenanga, sibe sihleli sisonke singabantwana bo mgquba sisakhana, sifundisana khon’ ukuze ishwangusha lokwahlulwa kwenzala ka Ntu ngu mlungu lingaze libuye liphinde lehle; Oku kwanamhlanje bendisafuna ukuthetha ngo Centane: umhlaba omhle kunene, onee ntili namathafa apho imfuyo igquba khona, amahlathi wesintu esiphila ngawo ekuzinyangeni iphila khona. Ilapha imilambo nemifula enamagama, oo Nciba umkhuluwa we Nxuba umlambo omkhulu wasemaXhoseni, oo Gcuwa umlambo apho iKumkani yee kumkani u Zanzolo (Hintsa) yayi zinze khona, oo Qhorha apho uNtaba (Sarhili) wafudukela khona emveni kokubhanga ko Mzi wakhe wokuqala e Hohita. Mhle u Centane yi ntombazana; yanga iinzalelwane zalapha zingayiphakamisa le ndawo yaziwe lihlabathi lonke, kuba kaloku kulapha umzi ka Xhosa wathyalelwa khona wonke, ukanti ne dabi lokugqibela elaliwa ngamaXhosa la lwelwa kwalapha ku Centane e Gobe, awa apho amaGorha amakhulu akowethu emva kweminyaka elikhulu exhathisile. U Centane ulikhaya lesintu - ikhaya lesiXhosa; ndizihambile iindawo ngeendawo kodwa isintu endisibone ku Centane andinakusifanisa nanto. Ukanti ke ne mfundo kule mihla ixatyisiwe kakhulu; ungabona ngexesha lee holide xa iinzalelwane zalapha zibuyile zonke: iimoto zodidi oluphezulu, ukanti nemizi iyakhiwa ayisafani nangelaa xesha langaphambili.

Mabandla ka Phalo u Xhosa mkhulu kakhulu, asisokuze simbale simgqibe, kungatshona ilanga sibalisa ngaso esi sizwe. IsiXhosa sethu sithu "umbengo omde uyawucima umlilo" ngoko ke ngaloo mazwi mandime nina baka:

Lu qwanga olu lushica, olutyiwa zingcuka nengonyama Kanti nhoko azisokuze zilugqibe.

ubamb' ingwe ngentamo, Afike ama-Xhosa seyipholile.

u rhamncwa alivelwa ngasemva, Nabalandayo babetha besothuka


Ngu Sigcawu ke lowo e Nqadu!!!


Ahh Vulikhaya!

Comments

Popular posts from this blog

uKhiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika  Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizw...

Umhlekazi u Hintsa - By SEK Mqhayi

U HINTSA.   Zifikil' ii mini! zifikil' ii mini! Zifikil' iimini zokukhunjulwa kuka Hintsa. UHintsa lo ngoka Khawuta ka Gcaleka, UGcaleka lo ngoka Phalo ka Tshiwo, UTshiwo lo ngoka Ngconde ka Togu. Ulifincil' ikhulu leminyaka wafayo, Koko usatheth' iint' ezinkul' ezizweni zomhlaba Kuba kaloku thina kwa Xhosa , Sigwetywa ngovuko lwabafileyo. Iyaf' indod' ibuy' ivuke, Ivuk' indod' iz' ibuy' ife, Zakufik' iimini zokuthetha kwamathambo. Zifikil' iimini zesirhorho so Nobutho. ngu  Gangath' ilizwe Libe ngu mgangatho , u Mamnkeli wezizwe ngezizwe, ikhaya leentlanga ngeentlanga; Uyise weendwadunge ngee ndwadunge. Mbongen' uHintsa zizwe zomhlaba ! MaBhilitani nithe cwaka ngani na? Nina ma Mfengu? MaBomvana ningaba niyalibala? Nani be Suthu base Qhudeni, Ningathi cwaka na mhla ngo Hintsa? Mhla kuthethwa ngaye, mhla ngeemini zakhe? Phendula mfondini wase Mafukweni ! Andithethi nto ngawe wena wakwa Tshiwo Kwa Ngconde kwa Butsol...