Skip to main content

iMfazwe ka Thuthula - ne Dabi lase Malinde

iMfazwe ka Thuthula - ne Dabi lase Malinde





u Thuthula: Le yi nzwakazi eyayi zalwa ngu Mthunzana; Mthunzana lowo singena nakani kwathini ngaye lokuba wayezalwa ngubani okanye wayengowase manini, onolwazi bethu angakhe aphose esivivaneni sitsho sizuze nto thina bantwana baka Phalo, ke kambe lento ingu mbona imnandi ngokuchubelana. Xa siqhubeka ne mbali yethu, u Thuthula lo waye eyeyona ntombi eyakhe ya' ntle ezimbalini kweli lase maXhoseni; ubuhle bakhe babunga zange babonwa ngaphambili, zaye nee nzwana nkqu naba numzana base maXhoseni bedumbe iintloko bobo buhle bale ntombi; ubuhle bakhe babuyi ndumasi - edume nakwa Gcaleka, nkqu nase baThenjini kwilizwe langa phandle. U Thuthula lo waye ntanga-nye no Lwaganda (u Ngqika ka Mlawu), nhoko nje babengazani nto ibhekele phi kodwa babekhula bonke, behamba imitshotsho nezinye iziyolo zakwa Xhosa ezihanjwa ngama khwenkwe kunye nama ntombazana kwelo 'zwe lakwa Rharhabe, e Xesi. u Ngqika kwelakhe icala ukhe wahlangana no Thuthula lo ebutsheni babo, ingekuko nokuba yinto ebabeyihlelile okanye beyicebile leyo, koko badibana nge bhaqo. u Thuthula wayekunye nezinye iinzwakazi ezi zintanga zakhe; bezii ntombi ezisele zinamabele (eziselungelweni lo kwenda ukutsho oko), bedibana ku mfula iThyume; uMhlekazi lo ekunye ne gqiza lamanye amakhwenkwe azi ntanga zakhe, besukela inyamakazi. Baye ke oo nkabi belele emveni kwe Mbabala leyo beyisukela, izinja zabo zisenza isankxwe, zilanda umkhondo we nyamakazi leyo yayivukile ekuzingeleni kwabo. Bathe xa bezaku nqumla umfula ithyume, be' ntlaa ngezo ntombi ezazi gcwelise apho emfuleni - zitsholoza, zivuma ingoma eyolisa umphefumlo; ezinye zazigcwalisa iingqayi zazo ngamanzi, ezinye zikhuhla imbola ku matye awayelapho - ziqaba, zimbi zichokozana nge mbola emhlophe ebusweni. Zithe ezi ntwazana zakubona loo makhwenkwe awayehamba ngo gaga, ebile emanzi, exhibitheka emva kwezinja - zaqala zathi xhungu kuqala, kodwa zabuya zaqaphela ukuba aba ngoo ntanga ndini. 

Ke kambe ibiyinto ibisele ifana nesiko okanye isithethe emaXhoseni le yokuba kuthi apho iintombi zidibane khona namakhwenkwe kubeyinto emnandi, kudlalwe umdlalo; lo mdlalo ubusenziwa zii ntombi emakhwenkweni, iintombi beziye zikrwele umgca zithi zakugqiba ziyalele amakhwenkwe lawo ukuba angakhe alinge awutsibe umgca lowo engakhange akhethe intombi akholwe yiyo kwii ntombi ezo. Wo' thi ke umfana aku khetha intombi akholwe yiyo, asele eyikhapha ayinqandele izinja, aheshe nezinye izinto ezingathi zibe yingozi kwi ntyatyambo leyo yase mathileni. Ebeye ke umfana ayikhaphe intombi aye kuyifaka kowayo esangweni ikhuselekile, akugqiba aqhubeke nohambo lwakhe, aku khathaliseki nokuba ungxame kangakanani na. Iintombi ke beziwuthanda kakhulu lo mdlalo kuba ibiyinto ehlekisayo ne yolisayo kuzo leyo; ooBhulu kwelabo icala bewuzonda kanobom lo mdlalo, kuba bethu bengenazo nee ndaba zokuncokola nee ntombi, bona bebekhetha ukujika bahambe ngenye indlela - nanjengoko umthetho womdlalo lowo wawuyalela wonke ubani. Nangale mini ke kuye kwaba njalo, zithe iintombi zakubona iintanga zazo ezingamakhwenkwe zathatha uluthi zakrwela umgca, zasele ziwayalela amakhwenkwe lawo ukuba mhawakhethe. Kwaqalwa ngo Ngqika kuba ibingu mfo omhle kakhulu lo, efanelekile, esukile egadeni kwaye engowako-mkhulu - nto leyo yayizenza iintombi zimwele nanga kumbi. Uye ke umfo ka Mlawu wasele ekhetha u Thuthula lowo, nanjenge siko kwanyanzeleka ukuba ampheleke amgoduse. Akazange abulibale ubuhle obungako umntaka Mlawu, wayithanda intombi leyo futhi endleleni egodukayo eyithembisa ngokuba uyakuthi mhla woluka ayizeke; phofu ithethiswa nje bubuntwana inkwenkwe ka Mlawu ngoba yayingaxhomekeke kuye into yokuba wothi azeke eyiphi na intombi, lonto yayixhomekeke kubazali bakhe; abe no Thuthula wayesele ekwi nqanaba lo kwenda engazi kulinda u Ngqika ukuba mhakoluke, ngaphezulu aye ekho namadoda ayesele ethetha thethana no yise u Mthunzana malunga noku mlobola.

Eneneni ke ude wenda u Thuthula, esendela kwelinye iTshawe; kwenye yee nkosi - wee ndela ku Ndlambe (u Ndabanduna), u Yisekazi ka Ngqika; ngesiXhosa sale mihla wee ndela ku Tat' omncinci ka Ngqika, u Ndlambe. U Ndlambe lo waye kwa bambele u Ngqika ubukhosi, kwaye singatsho sithi u Ngqika no mntakwabo u Ntimbo bakhuliswe ngu Ndlambe kuba uyise wabo u Mlawu waye khothamele emaQwathini ekunye noyise u Rharhabe xeshikweni babeyolanda iinkomo ze khazi le ntombi yakhe u Ntsusa akholwe zizo u Rharhabe kuba wayesithi ezo ayemlobole ngazo amaQwathi yimi gqutsuba engafanele kulobola mntana we nkosi, baba ke bayabhubha ngolo hlobo  bobabini unyana no yise kwelo dabi lase Xuka, bebulawa yinkosi yamaQwathi u Fubu edibene ne Kumkani yabaThembu u Ndaba. Ukutsho oko, u Mlawu akazange alifumane ithuba lokuphatha amaRharhabe, kodwa eshiya oonyana ababini - u Ngqika no Ntimbo; waza u Khawuta inkosi yamaGcaleka kunye namaXhosa wonke ya tyumba u Ngqika ukuba iyakuba nguye oya kuphatha amaRharhabe, abe kukunene kwase maXhoseni. Aye ke amabandla wakulo nzwilanga (amaRharhabe) abeka u Ndlambe ukuba abambele u Ngqika lowo. Ubumi ngolohlobo ke umbuso wase maXhoseni xeshikweni u Ndlambe ezeka u Thuthula emenza omnye wolo thotho lwabafazi bakhe. Waye ke u Ndlambe ka Rharhabe efanelekile bubukhosi, futhi ekhaliphile efuze uyise, wabuqinisa ubukhosi bama Rharhabe baqina baluqilima, eziginya nezinye izizwe ngaphoshonono kwe Nciba ezifaka ngaphantsi kwama Rharhabe, bakhula ubukhosi batsho ngo mhlabakazi omkhulu owogqitha nalowo we komkhulu kwa Gcaleka; nabantu bemthanda kakhulu, kuthi nhabo bangakholisekanga lulawulo kwa Gcaleka bawelele ngaphoshonono kwe Nciba baye ku khonza ku Ndlambe, latsho ne komkhulu labuthathaka kakhulu kuba no Khawuta wayesele ekhothamile e Mnyameni ku Centane, amaGcaleka esilwa odwa kungekho mkhomba ndlela, u Hintsa ngelo xesha uli krwala akakagcotywa nokugcotywa - ubanjelwe ngu mkhuluwa wakhe u Bhurhu noyisekazi wabo u Nqoko. Aqhubekile ke amaRharhabe akhula anamandla, sele ngoku egoloza ukuthatha umthetho ko mkhulu kwa Gcaleka, bambi besithi akunakuphatha amagwala.

Ukanti nakwa Rharhabe kuthe kanti  zikho iingxaki ngoba kuqalile kwavela ithanda phakathi kuka Ndlambe no nyana womkhuluwa wakhe u Ngqika. Elithanda singatsho sithi lisukele ekubeni u Ndlambe ezeke u Thuthula, eyona ntombi u Ngqika awakhe wayithanda ebutsheni bakhe futhi ekwane njongo ngayo, kodwa kwathi kuba wayeyi nkwenkwe akakwazi ukufezekisa loo minqweno, ibe ke futhi inkwenkwe kwa Xhosa inge mntu unelizwi livakalayo - inkwenkwe yinto egqityelwa ngooyise bayo. No Ndlambe wayengazi kujoja ukuba ye yiphi intombi ekholisa unyana wakhe. Kuye kwathi kobo buhlungu be ntliziyo ku Lwaganda, ubuhlungu bokwenda kweyona ntombi awayeyithanda, nhe mpumelelo ka Ndlambe ekwakheni isizwe sama Rharhabe - kwaqala kwakho abantu abangena phakathi kwabo, ngendlela efanayo ekwangenwa ngayo phakathi kuka Gcaleka no Rharhabe, ikomkhulu lisese Gcuwa; aqala amaphakathi ka Ngqika angxamele ukuba ngaba numzana amane emhlebezela esithi "Kutheni ingathi lo Ndlambe uyazilibala nje ukuba uli bambela? sazi Nkosinkulu inye thina, wena Lwaganda ka Mlawu". Zaye ezo ndlongo-ndlongo, oo Jotelo wase maJwarheni, oo Ntlukwana umCirha, noo Qukwana umNtakwenda no Ntlebi u Mgqwashe beqwela ngelithi "kude kuth'we ngu Ndabanduna nje lento ingu Ndlambe ingento yanto inani, sazi nkosi 'nye thina aph' eKunene, iXhalang' elimaphikw' amdaka - untloyiya onendlwane wase majojweni, ukhala alinameva kodwa liyahlaba; tsii-haaaaa-haaaa izikhali zika Rharhabe". Ayesitsho lamanene kucaca ukuba atsha zii ntambo afuna ukuzibonakalisa ubukroti ntonje ngu Ndlambe lo ume endleleni yabo, ozenza inkosi yabo. Umfundi wokhumbula ukuba amaXhosa wamandulo ayethi xa engamakrwala, isigaba esilandelayo ebomini ibe kukuzenzela igama emfazweni, ngokuthi ubelelona khalipha lakhe lakho ezimbalini njengo yihlo okanye uyihlo mkhulu. Ibithi ke inkosi yakwaluka ne butho layo, bathi xa bengamakrwala bawudibanise loo mkhosi wabo baye koxutha iinkomo kwesinye isizwe ngenjongo zokuzibonakalisa ukuba ngoku bangamadoda, bangabakhuseli be 'zwe labo kunye nenkosi yabo leyo boluke nhayo - bekusithwa ke ukubizwa kwesi senzo kuku Zibula; ukutsho oko ukuqala ngqa ukuya emfazweni. Ebesithi ke lamakrwala akungavunyelwa ukuba azibule okanye xa elityaziswa ukuba azibule, abe ngabantu abane ngcwangu ngenxa yokuba behlekwa ngobugwala ngabo babezibule ngaphimbili kwabo.

Nalapha kuma Rharhabe kubenjalo, u Ndlambe engawaphehleleli amabutho ka Lwaganda ukuba mawazibule, aqala amzonda, aqala nokumthyola ngokufuna ukuthathela ubukhosi bamaRharhabe kuye. No Ngqika ke waba phantsi kolo xinzelelo, wada woyisakala wamhlasela uyise mncinci - ooNyana bahlasela abakhuluwa babo kunye noo yise. Ngamafutshane, u ngqika akazange anikwe ngokuse sikweni ubukhosi bakhe koko waboxutha; nto leyo eyawahlula kubini umzi ka Rharhabe, la nzonza igama elithi "amaRharhabe"; kwavela ubu Ngqika nobu Ndlambe, ngoba xeshikweni ebaleka u Ndlambe ebalekela e Mnyameni (Alexandria) wahamba ne ntlaninge yabantu, kuba abantu babemthanda kakhulu; waza ke ngolo hlobo wakwazi ukuzakhela obakhe ubukhosi obuzimeleyo. Uthe akufika apho ngaphesheya kwe Nxuba u Ndlambe wasele ebetha amaGqunukhwebe ka Chungwa wawafaka phantsi kwakhe - watsho ngo mhlaba omkhulu oqala e Gqunube kude-kufutshane ne Gompo, ukugugutha ukuya koma Nxuba uye kuma nge Xelexwa ngaphaya kwe Gqeberha. Singatsho sithi u Ndlambe, kwii nkosi zakowabo nguye yedwa olihambe lonke eli lizwe lase maXhoseni kuba uzalelwe eGcuwa, wawela no yise baya kutsho koo Xesi nako Nojoli, ukanti sele esuka kugxumeka iintlanti koo maGompo (East London), koo Ngqushwa, koo Mnyameni (Alexandra), ukuya kutsho koo Nqweba, Ngqurha, nakoo Xelexwa.

Uthe ke u Ngqika akubekwa esihlalweni sakhe, eyinkosi elawula; kwathi ngaminazana ithile ehleli namaphakathi wakhe - iintanga zakhe, oo Jotelo uMjwarha noo Ntlebi wase Magqwasheni, noo Qukwana wase Mantakwendeni; u Ntlebi wakhumbuza inkosi ngale mini babedibana ne gqiza lee ntombi e Thyume xeshikweni bezingela, ekwa mkhumbuza nangaloo ntokazi imanzandonga ka Mthunzana; ekwabuza enkosini ukuba bakhaphana kwaphelela phi. Iye ke into ka Mlawu yasele iyibeka inyewe leyo, yabe isitsho nokuba ungomnye wabafazi baka yisekazi u Ndlambe. Livele apha kweso sithuba iqhinga lokuba makalandwe okanye oxuthwe ku Ndlambe, anikwe inkosenkulu. Kwathi kuba yayingabafana abaselula aba, abangazi nto kuyaphi ngemithetho yasemaXhoseni nemiphumela yezenzo zabo; ntonje be bhidwe ngala mandla makhulu abazibhaqa benawo bu mini - bavumelana oo rheme ukuba makalandwe u Thuthula. Aye ke lamanene atyumba u Ntlebi namanye amanene ukuba athathe olo hambo lude, aye kwa Ndlambe ko mkhulu e Mnyameni aye kuba u Thuthula u mnka Ndlambe. Ukwenzile ke oko u Ntlebi ngo chulumanco olukhulu, phofu engazi ingxaki enkulu azifaka kuyo. Uthe akufika e Mnyameni u Ntlebi, wathumela iintwazana ezincinane ukuba zihlebele iKumkanikazi leyo ukuba kukho iindwendwe ezisuka kwa Ngqika ezinqwenela ukuhlinza impuku nhaye. Eneneni ke iintwazana ezo zikwenzile oko, waza no Thuthula ngokuthyuluba oku khulu. Uthe xa efika kwizithunywa zika Ngqika, wabe u Ntlebi sele eyondlala imeko leyo ababeze ngayo; yasele intombi ka Mthunzana isikhulula isidanga eyayisijingisa entanyeni yaso, yasibhijela ngo khuko yasele ithumela iintwazana ezo ukuba zisibeke endlwini yayo apho ko mkhulu. Wasele esenjenjeyaa ke u Ntlebi nabathunywa behamba no Thuthula, encume oluka blankethe uMgqwashe kuba iqhinga lakhe lisebenzile. Bawela iNxuba, beza kufika kwa Ngqika e Mkhubiso - eXesi; uthe ke u Ntlebi waya kwinkosi yakhe u Ngqika wayixelela ukuba "laa nntaka ibikushiyile mntwanomhle ikhona", watsho u Mgqwashe ekhomba kumanye ama nqugwala ayekude kufuphi phofu ekwalapha ko mkhulu. Wonwaba kakhulu ke u Ngqika akuva ezi ndaba, kuthwa wayede wama dolwa nzima kukuya kubona u Thuthula, kangange ndlela awayemthanda ngayo wayemoyika nokumoyika.

Ngaphesheya kwe Nxuba, kwa Ndlambe uthe akungabonwa u Kumkanikazi - zageqeka iintloko zamadoda ebulawa, amaGqirha ebizelwe ko mkhulu ephosa amathambo, ekhangela umhlola, nabantu benukwa; iKumkanikazi idukile, akubonakali no mkhondo. Ngeli ngeni ezaa ntwazana zazithunywe ngu Ntlebi zide zaxela ukuba iKumkanikazi iphuthunyiwe ngamadoda athile, yaza yahamba nawo. Kuye ke kwa khangelwa umkhondo; mkhondo lowo uye wawukhomba kuma Ngqika umkhosi wama Ndlambe. Kwesi sithuba u Ndlambe uthumele iintlola zakhe kwa Ngqika ukuba zikhe ziye kurhogola ukuba ingaba akukho mntu ungu Thuthula ukhe wabonwa na kwelo lama Ngqika; zabuya iingxelo zisithi u Thuthula ungo mnye wamakhosikazi ka Ngqika. Nabantu baka Ngqika babesele beqalile ukumshiya besithi "u Mntaka Mlawu wenza um'bulo, xa amanyala esenziwa zii nkosi, kazi ngubani oya kugcina imithetho, akhokele nesizwe. Lo mfana ulahlekisa isizwe"; be mnka abantu belandela u Ndlambe, bambi bephindela ko mkhulu kwa Gcaleka - ngeli xesha uMbhekwa ntshiyini bath' uqumbile, inkunz' abayikhuz' ukuhlaba ingekahlabi; iphantsi phezulu ngaphesheya kwe Nciba iqinisa ubukhosi bayo, amaGiqwa sele igqibile ngawo - inkosi , ukanti nama Ngqosini esona sizwe ekwakukade sisokolisa amaXhosa ukusukela kumaxesha ka Tshiwo, wayesele egqibile ngaso u Zanzolo, ebulele zonke iinkokheli zabo emva kokuzimema ukuba mabakhe baye kuzingela, waza wawa wela - wawagwaza u Hintsa, wawatshabalalisa, wawabulala akwasala nenye inkokheli kuma Ngqosini, isizwe esasihleli nje sifuna ukuzimela; Athi amaGiqwa nama Ngqosini asindileyo asele eziphosa ku Zanzolo efunga ukuba aya kufa apho afa khona. Uye ke u Kumkani wathatha amaGiqwa wawabekela phezulu kwama Ngwevu, wawayalela ukuba enze umfela ndawonye nezinye iziduko, umfela ndawonye lowo wawuthiya ngokuba yi Ntshinga; Kwatsho kwa Qawuka (elikhokelwe ngama Ngwevu), kwatsho kwa Ntshinga (Likhokelwe ngama Giqwa), kwatsho kwaa Mandluntsha (ekhokelwe ngama Bamba, maxa wambi ngama Nkabane). Uye u Hintsa wathatha amehlo wakhe wawaphosa ngaphesheya kwe Nciba kwizizwe zakowabo ezazilapho (Ama Ngqika, amaNdlambe, amMbalu, imiDange, amaHleke, amaGwali nama Gqunukhwebe); efuna ukuzibuyisela kowazo kwa Gcaleka phantsi kolawulo lwakhe. Amamgqunukhwebe aba si sizwe sokuqala ukumane elilisela ngokuba wona angabantwana baka Hintsa, esitsho ku Ndlambe owayehleli nje ewahlasela ewafuna phantsi kwakhe.

Uthe u Ndlambe akuqinisekisa ukuba ngokwenene u Mnkakhe uxhwiliwe ngu Ngqika, waqonda ukuba namhla uzaku mfundisa isifundo, kwaye ufuna ukumchitha angabikho tu kwaphela. Uye ke u Ndabanduna wathumela abathunywa kwi komkhulu lakowabo e Gcuwa kwa Hintsa ebika inyala elenziwe ngu nyana wo mkhuluwa wakhe, inyala loku lala no nina - u m'bulo ukutsho oko. Efaka elityala nje u Ndlambe ko mkhulu, sele likho elinye awayesele elifakile ngaphambili - isiphoso esathi senziwa ngu Ngqika sokusika imihlaba yase maXhoseni, esikela abahlobo bakhe abelungu engadibananga ne ko mkhulu - futhi egqiba nabelungu izinto ezibopha isizwe sonke samaXhosa ekubeni ingeyo ndawo yakhe leyo. Kuthe kwakungena eli ityala, into eyonyanyekayo kakhulu emaXhoseni yokulala no nyoko; wasele eyifaka eyakowabo kulo Tete u Hintsa, wawela iNciba akuba ekhuphe umyalelo emaXhoseni wokuba mhakuye kubethwa u Ngqika.

Adibana ke kambe kwelo thafa lase Debe amabandla ka Ngconde, abandla ka Tshiwo, amaBandla ka Phalo. Wayelapha u Mdushane, into ka Ndlambe, wayelapha u Bhurhu into ka Khawuta, wayelapha u Ndlambe umfo ka Rharhabe: elila engasakwazi nokuthetha ebona loo mkhosi ungako wase maXhoseni, owagqibela ukudityaniswa nge xesha kusaphethe u Kumkani u Phalo, uyisemkhulu - usabele ikhwelo lakhe, uze ku mnceda.

Zifikile iingxelo ko mkhulu kulo Mbombo ku Ngqika ukuba u Hintsa, u Mdushane, u Ndlambe, u Bhurhu, ne Tola labo elikhulu lo mkhosi u Nxele, bene miDange, amaMbalu, amaGwali nama Gqubukhwebe sele bekwelo lama Ngqika, futhi sele beqalile ukuzidla iinkomo zama Ngqika emafusini. Kuye kwathi kuba amaNgqika ayezi ndlongo-ndlongo ezingena ntanga, awayithathela ngqalelo kuyaphi lonto; asuka ahlala intlanganiso exoxa ukuba mhakwenziwe njani na ngalo Hintsa ndini udelelayo, uza kulo mbombo equlile. Kweso sithuba kuvele u Ntsikana into yase maCirheni yathetha ibhekisa ku Ngqika isithi "Nkosi, nkosi mhusa ukulwa naba ntwakwenu - li lishwa eli akukho nto iza kulunga apha. Baleka, uxhwarhe kude kufutshane 'de ajike u Hintsa agoduke - ucele iTarhu kulungiswe lento". Kwathi kanti uzibhudile izingqi umCirha; zaphakama ii ndlongo-ndlongo zakwa Ngqika oo Qukwana noo Jotelo, sele besithi " Yhini le!! sekwathini lento lo mzi ka Butsolo-beentonga uthethelwa ngama Tola, ayaphi amaJwarha, amaBamba nama Qwambe? Khona ungongubani yena lo ka Gabha? ebengengo mNdlambe izolo oku?... Rrrrrraaa!!!". Oo Ntlebi basele besitsho ngezi xwexwe zamakhwelo, befunza sele befuna ku Ntsikana egageni. Kwesi sithuba into ka Gabha, isuke yathatha iselwa, yaliphakamisela phezulu - yaliyeka lawa phantsi laqhekeka, lazii ngceba; yakugqiba yathi "Nantsi into eya kukwenzeka kuni maMbombo, izolo oku ndibe ne thongo amakhakhayi wenu edliwa ziimbovane, akugqiba wee gwiqiqi umfo ka Gabha waphuma nge sango elila; kuthwa akazange akuphathe ukutya iintsuku ezine.

Uye ke u Ngqika ngamabhongo amakhulu futhi engenaxhala lanto, akuba ewuhlanganisile umkhosi wakhe, wakhupha izibulo lakhe: u Maqoma wamnika ixanduva lokuba akhokele ezo ndlongo-ndlongo, esithi 'ze zize nhelo krwala lingu Hintsa liphila. No Maqoma kuxa alikrwala, boluke nga nyaka mnye no Hintsa; nhoko u Hintsa engu yisekazi ka Maqoma. Uwuthethele ke u Ngqika u Mkhosi wakhe wenjenje: "Anisikhangeli na? silu lutho lwenu!! Ku njenjeyaaa kucim' ilanga kungenxa ka Ndlambe!!.. Hambani ke nixel'okwemihla; hambani niye kufa!! ikukuhlala kwethu kakade ukubulawa. Nditsho kuni mabandla ka Rharhabe, Mabandla ka Phalo ka Tshiwo ka Ngconde".

U Ndlambe owayeyi ngxididi zii nyembezi, bubuhlungu be ntliziyo obabubangelwa kukuqonda ukuba umzi ka Xhosa uphethelene izikhali, uza kubulalana kuphele ngawo, nge gama lakhe no Ngqika, besilwa nge mfeketho eyenziwe ngu mntana, umntana okwakhuliswe kwanguye; ekwazisola ezibhenca u Ndabanduna esithi mhlawumbi lento yenzeka kuba engamkhulisanga nge ndlela eyiyo umntana akuba eshiywe ngu yise; ukuba wayesiqinisile isandla angamfekethisi mhlawumbi ngekungekho nje. Wawuthethela ke umkhosi u Ndlambe wenjenje: Naaanko kambe mabandla ka Phalo, Mabandla ka Tshiwo, mabandla ka Ngconde - Kunje njeyaaa nje andenzanga lutho, andone bani, ndondle umntwana kuphela!! ndikhulise umntana kuphela; namhla ndikwa bulawa kwanguye, uphethele mna izikhali".

UHintsa owayesitsha zii ntambo sele efuna ukugqiba tuu ngo Ngqika, ukuze amanye umzi wakowabo ube luqilima njenge mini zamandulo, wathetha wenjenje: "Mabandla ka Xhosa; Mabandla ka Malangana, mabandla ka Togu: Hambani ndiyanithuma. Nqandani elaa Hlahla, andilazi nhani anilazi - mhaze ibe yi nkwa ne nkwa!!". Uthe akugqiba ukutsho u Zanzolo, wajika wajonga ku Rhuneyi into yase MaNgwevini no Khwaza uMgiqwa, wathi: "Ukuba u Mdushane ubuye nhani ningamoyisanga u Ngqika, nize nindiphathele intloko yakhe"; waduma wonke umkhosi "Ahhh Zanzolo", yanga nee ntaba zase Mathole ziyakhahlela nhazo; akhahlela amadoda ku Zanzolo kwahlokoma iintili, zathi nee ntsana zee nkawu zatsibela koo nina ezifubeni, zathi nee mpunzi ebezi zimele kwii nkanga ezikufutshane za vumbuluka. Kweso sithuba waphakama u Gxabagxaba into yase maZangweni, imvumi encanyiweyo enkulu yakwa Gcaleka, yacula igwatyu; nto leyo eyakhupha uvalo kuwona matyutyusi wamagwala ajika angama Gorha, aze athi amaGorha ajika angamadelakufa. Abetha ingqongqo Amagcaleka kuma khaka wawo kwahlokoma amahlathi, atshila kwelo thafa le Debe. U Mdushane njengo mphathi wo mkhosi, uye wathatha ii ntsiba ze ndwe wazifaka kuma khaba - waza iNdwe yahamba nge ntloko, ayathwala miqhele. Ukutsho oko, iNdwe ka Mdushane ibe ngaphambili, aze amakhaba abekwa nge mva; lento wayeyenzela uku khohlisa u Maqoma. amaXhosa ngabantu abazithanda, nabazihloniphe kakhulu. Indoda ehloniphekileyo yo mXhosa ixolele ukudliwa iziquluba yi nja ibe dlakadlaka kunokuba izithobe isidima ngokulwa ne nja. Kube njalo ke nalapha, ithe iNdwe ka Maqoma iphela yimikhonto yi Ndwe ka Mdushane eyenziwe ngathi ingama khaba; yabe ifunze kulaa Ndwe ingamakhaba inge mva ka Mdushane; Bengayazi ukuba eyona ndwe ka Mdushane yile bacinga ukuba ngama khaba. 

Agwazwa amaNgqika, esiwa ngobuninzi, yaba yi mbubhisokazi enkulu; akukho na mnye umzi kulo Mbombo ongazange ulahlekelwe lilungu lo sapho loo mini. Iintsana zakhula zingenabo ooYise emva kwe dabi lase Malinde; oo Nteyi wase Madaleni uyise ka Tyala, u Ntlukwana uyise ka Neku wasema Cirheni, u Jotelo uyise ka Soga u Mjwarha, oo Ntlebi, no Qukwana uyise ka Nxokwana wasema Ntakwendeni bonke bawa kweli dabi. UMaqoma unyana wamazibulo ka Ngqika wasinda ngezika zibi kweli dabi, wafunyanwa elu tywantsi ngamanxeba. Wathi ke u Mdushane lakutshona ilanga, wayalela umkhosi ukuba ukhanyise izibane, ukhangele onke amaNgqika asaphefumlayo kuqinisekiswe ukuba ayagqithiswa. Kwakusa, uye umkhosi wasingisa ngqo ko Mkhulu kwa Ngqika; kwafikwa kukhala ibhungane - u Lwaganda ethuthe konke ebalekele kwa Nojoli. Ufike wahlala kwezo ntaba no mkhosi omncinane, wathumela ku maNgesi, exela ukuba woyisiwe. Afikile amaNgesi eze ku mnceda kodwa wabe u Hintsa sele ebuyele kwase Gcuwa, no Ndlambe noo Mdushane sele bebuyele ngee ndawo zabo. AmaNgesi ke amfikela eyedwa u Ndlambe, adla inkomo azibonayo, aza athatha imbinana ayinika u Ngqika, asele esoxula nakwezo zakhe bezisele. Wakhala kabuhlungu umntaka Mlawu esithi "bendisithi ningabahlobo kum, kuthe kanti ndihleli nje nindigxeleshile". kukuze kuvele izibongo ezithi "ngu Mphambani nee ngcuka zigoduka; ooQhina ka qhonono, zala nkomo sizokudl' isigqoko".  Athe amaNdlambe akudliwa iinkomo ngama Ngesi, wasele u Nxele eyifunza e Rhini, kodwa ngelishwa oyiswa amaNdlambe ngama Ngesi. Wagxothwa u Ndlambe wawela iNciba waya ku Hintsa.

Emva kwale mfazwe laxola elase maXhoseni, u Hintsa ewubuyisile umzi wakowabo, umzi u mnye njengee mini ezingaphambili mandulo phayaa ngexesha loo Phalo noo Tshiwo. U Ngqika yena wakhothama ngo 1829, ebhubha sele engena bantu, no nyana wakhe u Maqoma sele engasavani naye ngenxa yezigqibo zakhe ezazimjikela rhoqo kubahlobo bakhe (abelungu). Yinto le eyamenza uMaqoma wabazonda nangakumbi, abanyepha, kwaye ebalumnkele engabathembi; wazisondeza kakhulu ko mkhulu kwa Gcaleka esebenzisana kakhulu no Hintsa no Sarhili; 'de waba kanti uyakhothama ngo 1873. 

uNdlambe nhaye ukhothame ngo 1829 sele eyindoda endala eqinileyo; no Mdushane kana njalo ukhothame kwango 1829 emva kukayise u Ndlambe. Amehlo wamaXhosa mbombozone ajika wonke ajonga ku Zanzolo njengelona themba lawo..

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i