Skip to main content

Posts

Izibongo zika Sandile

Ahh Mgolombane (1820 - 1878) Igama lakhe lokusabela ngu Sandile, ngu Mgolombane elokubuliswa. Umntanenkosi yinto ka Lwaganda (u Ngqika) kwindlu yakhe enkulu; uzalwa ngu Suthu, uMthembukazi wakwi sizwe samaTshatshu. Nhoko emncinci nje u Sandile ngokuzalwa koo nyana baka yise, abantakwabo - oo Maqoma, oo Thyali, noo Xhoxho, kodwa ungoyena uyinkulu ngoba uzalwa yi ntombi yo mThembukazi, abakhuluwa bakhe bona bazalwa zii ntombi ezingamaXhosakazi. Ngesiko lakwa Xhosa, umfazi wakwi ndlu enkulu ebelotyolwa kwesinye isizwe sangaphandle, alotyolwe ngenkomo zesizwe; kube njalo ke naku Sandile. Uthe akubhubha uyise ngo 1829, u Sandile eseyi nkwenkwana eminyaka ilithoba, uSarhili uKumkani wamaXhosa waza wabu bambisa u Maqoma ubukhosi, waza wabeka no nina ka Sandile u Suthu kunye no Thyali ukuba babe ngamehlo kwezinye iindawana zo mbuso apho kuma Ngqika. U Sandile yena bunikelwe kuye ubukhosi ngo 1847 akuba olukile, kumsitho owawumkhulu kunene; umzi ka Xhosa wonke ukho kuze kombathiswa inkwenkwe ka

Izibongo zika Maqoma

  Ahh! Jong'umsobomvu (1798 - 1873) Igama le nkos' am ngu Maqoma; ngu Jongumsobomvu abuliswa ngalo. Lo ngu nyana oli vela tanci kubo bonke oo nyana baka Lwaganda - u Ngqika into ka Mlawu ka Rharhabe ka Phalo ka Tshiwo. Uzalwa ngu Ngqika kwi ndlu yakhe yase Kunene, waza u Ngqika kwindlu yakhe enkulu wazala uMgolombane; ngu Sandile kelowo nge nkosazana yase Bathenjini kwisizwe samaTshatshu. u Nina ka Maqoma ngu Nothonto, u Menyezwa igama lako wabo, intokazi ka Ngxiya u Mngqosini. Le nkosi u Maqoma yazalwa ngo mnyaka ka 1798 izalwa ne wele layo eliyi ntombazana, egama lingu Nongwane; yona loo ntombi ye ndela emaGqunukhwebeni. Imbali ithi; elona gama le nkabi le nkabi ka Maqoma inkosi yama Jingqi ngu " Ntsilantle ", u Ntsilantle kant' u Bholoshiwe . Eli gama lale nkabi kuthiwa yali thiywa ngu yise ka Maqoma, u Ngqika; nge thuba uMaqoma waye ngu mkhwetha. Ukanti ukuze igama le bandla okanye isizwe sika Maqoma sibizwe ngokuba ngama Jingqi - kwathi kanti u Maqoma nge thu

Umnombo wama Xhosa

umnombo wama Xhosa Kubalisa : u Nkosi Ndumiso Bhotomane ka Ngqongongqongo ka Bhotomane ka Mthini ka Nkani ka Khawuta ka Gcaleka ka Phalo. Umhla : ngo mhla we 10 kweyo Msintsi 1967 Location : Rhwantsana, Centane Le nkosi ya' balisa yenjenje: Ndiza kuqala kuXhosa...lo amaXhos' abizwa ngaye...sisizwe esivela entla kwi-Afrik' engasentla...kwehla uXhosa— ekuphumile entla apho uXhosa ke wazal' uMalangan'... uMalangana ke wazala uNkosiyamntu... uNkosiyamntu wazal' uTshawe... uTshawe wazala uSikhomo ... uSikhomo wazala uTogu... uTogu wazal' uNgconde... uNgconde wazal' uTshiwo... uTshiwo wazal' uPhalo... ubukhosi ke bahluken' apho ke besiXhosa bakufika kuPhalo ngenxa yesenzo esenziwayo sokuba uPhalo wazek' abafazi iintombi zeenkosi zafi— zafika kuye ngemin' enye zizokwendela kuye...int' enqabileyo leyo eyayikade ingekho...zalawulwa k' ezo ntombi yintlanganiso yamaXhos' onk' ephela ngenxa yokuba bubukumkani bawo obo...ichule ke kuma

Imfazwe ka Nongxokozelo (1875)

Ngo mnyaka we waka elinama khulu asibhozo nama shumi asixhenkxe nesi thathu, ngo 1875 gabula makhumsha; kwathi kwaqhambuka imfazwe enkulu phakathi kwa baThembu namaXhosa - ncakasana amaGcaleka. Intsusa mabandla eyakhokelela ekudeni kufe ilizwe, abamelwane bambane ngezihluthu, baphathelane izikhali; yaba yi mpatho mbi nobugebenga obenziwa kwi ntombi ka Sarhili egama lingu Novili, ephethwe kakubi ngu myeni wakhe wakhe: u Kumkani wabaThembu u Ngangelizwe - " iRhamba eline ndevu lika Mthokrakra ka Ngubengcuka, uBhexesh' ilang'  aliqal' elwandle aye kuliyek' eGqili apho litshona khona, ngu Khala khulu li luml' abantwana, u Geza elagezelwa nga magqirh' akowalo kuba ligezelwe ngu Mngomeni no Gladile. uMthunz' ongqongqo wase Mbhashe oqhawuk' ubuy' uhlangana. u Ndlu inezibungu itshiswa ngabakwa mkhwekazi kwa Sarhili emaXhoseni. iNdlovu engango Faku ku Mampondo, indlov' engango Sarhili ku maXhosa, indlovu engango Mshweshwe kwabe Nduku eLusuthu. u Mkhw