Skip to main content

Imfazwe ka Nongxokozelo (1875)




Ngo mnyaka we waka elinama khulu asibhozo nama shumi asixhenkxe nesi thathu, ngo 1875 gabula makhumsha; kwathi kwaqhambuka imfazwe enkulu phakathi kwa baThembu namaXhosa - ncakasana amaGcaleka. Intsusa mabandla eyakhokelela ekudeni kufe ilizwe, abamelwane bambane ngezihluthu, baphathelane izikhali; yaba yi mpatho mbi nobugebenga obenziwa kwi ntombi ka Sarhili egama lingu Novili, ephethwe kakubi ngu myeni wakhe wakhe: u Kumkani wabaThembu u Ngangelizwe - "iRhamba eline ndevu lika Mthokrakra ka Ngubengcuka, uBhexesh' ilang'  aliqal' elwandle aye kuliyek' eGqili apho litshona khona, ngu Khala khulu li luml' abantwana, u Geza elagezelwa nga magqirh' akowalo kuba ligezelwe ngu Mngomeni no Gladile. uMthunz' ongqongqo wase Mbhashe oqhawuk' ubuy' uhlangana. u Ndlu inezibungu itshiswa ngabakwa mkhwekazi kwa Sarhili emaXhoseni. iNdlovu engango Faku ku Mampondo, indlov' engango Sarhili ku maXhosa, indlovu engango Mshweshwe kwabe Nduku eLusuthu. u Mkhwezeli wee ntlantsi eziqhashumbayo ziqhashumbel' uSarhili into ka Hintsa, yi njongane eyajong' amaXhos' eBhityi - Ahh Ngangelizwe.". Bezisitsho iimbongi zakwa Tato kowabo ebaThenjini xa zimtyibela.

'Phambi kokuba siqhubeke ne mbaliso yethu, mhasikhe senze amagqabantshintshi nge zehlo ezathi zenzeka ngaphambi kwale mfazwe ka 1875 onaye ngaphambi' kwe mfazwe ka Nongxokozelo. amaXhosa (amaGcaleka) akhe alwa nabaThembu aboyisa kwiminyaka emithathu engaphambili, ukutsho oko ngo 1872. Intsusa mabandla ibengu Kumkani wabaThembu u Ngangelizwe, owathi akubona amaXhosa echithakala ngo 1856/1857 ezi mbacu noo gobithyolo, esifa yi ndlala emva kokuba iziprofetho zika Nongqawuse zingazalisekanga; waqonda umfo ka Mthikrakra ukuba inkunzi nguye ngoku ngaphesheya kwe Nciba xa u Sarhili engento yanto. Uye ke u Ngangelizwe waqala ngamaBomvana, wawoja emsini: wazidla zonke iinkomo zawo, wathi loo mhlaba (iXhorha no Mqanduli) ayeme kuwo uyawudla ngowakhe. U Moni iNkosi yamaBomvana, ithe ke yasixela ku Sarhili esi senzo, njenga Kumkani yakhe - Ewe mfundi amaBomvana angaphantsi kobu Kumkani bamaXhosa, lo mhlaba azinze kuwo: uMqanduli ne Xhorha awuzuze mhla amaBomvana esimnka emaMpondweni xeshikweni ayesilwa no Faku u Kumkani wamaMpondo ngaphesheya ko Mthatha, aza ke abhaca amaBomvana, alincama elo lase Mampondweni, azakucela ukukhonza ku Hintsa; u Hintsa wawanika ke loo mhlaba (Mqanduli ne Xhorha), yena u Hintsa wawelela ngaphesheya ko Mbhashe. U Moni (u Mhlophe ka Ntshunqe) wayemangala kwi Kumkani yakhe ngokubikela u Rhili. Uye ke u Sarhili, akaphozisa maseko - wamoja emsini u Ngangelizwe ngoko nangoko, wazibuyisela kwaku Moni iinkomo kunye nomhlaba wakhe; zatsho nezinye izizwe ngoku zarhwaqela, zaqala zaqonda ukuba umfo ka Hintsa usenawo amandla okulwa nhoko edliwa yi ndlala nje.

Xa siqhubeka ne bali; ku mnyaka omnye okanye emibini ngaphambi kokuba life ilizwe ngo 1875 (ngo Ngxokozelo); u Ngangelizwe uKumkani wabaThembu, wathi wabetha ngolunya, entlitha ngokungenalusini iKumkanikazi yabaThembu egama lingu Novili; Kumkanikazi leyo yayizalwa ngu Sarhili uKumkani wamaXhosa. Indlela awambetha ngayo, wambetha ngokungathi uthi "ndifuna u Yihlo ngaphezulu".Abanye bathi wayembethiswa kukuba wayegqiba koyiswa kwelaa dabi lango 1872. Nangona nje u Novili wayebethwe wophulwa umlenze ngu myeni wakhe, wakwazi ukuqhwalela, angcambeze agoduke ngokuncedwa ngu Nkosi u Menziwa - inkosi yamaZizi (Mfengu) eyayime ebaThenjini ngaphantsi kuka Ngangelizwe, kude kufutshane nase Mbhashe; le nkosi u Menziwa yamthabatha u Novili yamsa kubantu bakowabo; ama Mbede, ayengekude kuyaphi apho e Mbhashe - amaBede amthatha wona amgodusa amsa e Qhorha ku Centane ku Yise u Sarhili. Wathi akuyibona intombi yakhe u Rhili ikweso simo, ixhwalekile zizivubeko zo myeni wayo; wakhathazeka kakhulu, kwaye waziva edeleleke kakhulu. Kodwa nhoko kunjalo, akazange u Rhili ayeke umsindo umongamele koko wazinika ixesha ecinga, futhi ewuxoxa lo mcimbi namawabo. Ekubethweni kwe Kumkanikazi u Novili, kwenzeka ukuba impelesi yakhe neyayi ngu Dadewabo ngokwesiXhosa, kuba yayizalwa ngu nkosi u Ngubo ka Malashe ka Kumkani u Khawuta; egama lingu Nongxokozelo isale ngasemva apho kwa Ngangelizwe ikhulisa loo nyana ka Ngangelizwe ogama lingu Dalindyebo (u Dalinyebo uzala u Jongilizwe, u Jongilizwe azale u Sabatha, u Sabatha azale u Buyelekhaya lho ukhoyo ngoku). Ngezizathu ezaziwa nguye yedwa ke u Ngangelizwe, uye wangena ku Nongxokozelo ngoku nge gqudu, emntlitha; wambetha wamkhupha umphefumlo. Kuthwa ithe iKumkani yakumbulala uNongxokozelo yamngcwaba, ingaxelelanga mntu futhi ingaxelanga nakowabo apho azalwa khona; ukutsho oko kwa Sarhili emaXhoseni. Uye u Ngangelizwe wayihlebela imantyi yo mlungu eyayilapho ebaThenjini, nhoko nje wayengathethi nyaniso malunga nokufa kwe mpelesi leyo engu Nongxokozelo; I'zwi awayelikhupha le lithi inkosazana leyo igulile, 'ze yanabela uqaqaqa - ne Mantyi ke ayizange ibone nyawo lwe mfene kulonto, ukutsho oko yasuka yamnkela oko ikuxelelwa ngu Kumkani.

U Sarhili kwelakhe icala emaXhoseni wathelwa thsuphe zii mpukane eziluhlaza ngokwenzekileyo; kodwa akafuna ukuphuma elubala azibonakalise ukuba uyakwazi oko kathi kwenzeka ku Nongxokozelo. Uqale u Sarhili wathumela amadoda kwa Ngangelizwe esithi uboleka u Nongxokozelo, umboleka nge njongo zokumenzela isiko le ntambo. 'Suka zabuya zilambatha izithunywa zika Rhili, ziphethe ilizwi elithi "uNongxokozelo uyagula, ngoko ke uthunyelwe e Gqirheni khon' ukuze afumane unyango". Uphindile u Sarhili wathumela abathunywa bakhe; 'suka ngoku babuya ne ngxelo yokuba kuthiwa u Nongxokozelo kokwa ku gula ebefumaneke kuko - ubhubhile futhi sele kulithutyana engcwatyiwe. Uphindile u Sarhili wathumela abathunywa bakhe isihlandlo sesithathu; kweli tyeli ebaphathise ilizwi lokuba u Nongxokozelo makagrhunjwe engcwabeni elo kubuywe naye aze kubekwa kowabo nanjengoko engendanga. Kuyo yonke lento u Sarhili wayesazi kakuhle konke okwakwenzekile, kodwa  ezenza ngathi akazi nto, injongo iku kufuna abantu bonke babone oku kudeleleka kungaka. Ithe kengoko into ka Hintsa yabiza enkulu imbizo ko mkhulu; iKomkhulu ngeli xesha lalisele lisukile e Hohita - eCofimvaba, sele lime ku Centane, ku Holela phezu ko mlambo iQhorha. Zafika iimpobola nezi handiba zamadoda, izibonda nee nkosi zonke zakwa Gcaleka, zeza kusabela. Wasele echaza ke u Sarhili kumawabo apho, konke okwakwenzekile, futhi esitsho esithi  ufuna ukumohlwaya umntana lowo ka Mthokrakra, ngoko ke "ilizwe Lifile", ukutsho oko isizwe samaXhosa nesa baThembu zine mfazwe. Ikumkani kwa Xhosa ibisenjenjalo kuba ilizwi layo alingo mthetho koko lingu mlomo wo mthetho; iKumkani ibibeka ingxaki ekuyiyo kwi bhunga lee nkosi namaphakathi, ibe sele isitsho nohlobo ebona ngalo okanye indlela ebona ukuba makwenziwe ngayo, ngokukhokelwa ngu mthetho - yakugqiba umcimbi lowo iwunikele kwi bhunga layo ukuba maliwushukuxe 'ze lize nesigqibo kuyo.

 Kwenjenjwalo ke nanga lo mhla; avumelana wonke amabandla akulo Gojela kwa Khawuta, ukuba lo mfanyana makohlwaywe ukuze zonke izizwe zibone ukuba u Sarhili useyiyo inkosi kwaye akay'onto yakudlala ezinye iinkosi. U Sarhili uye ke wathumela kowabo phesheya kwe Nciba ku Sandile, inkosi enkulu yakowabo apho ku Marharhabe, exela ukuba ulwa nabaThembu; wathumela nakwa Bomvana ku nkosi u Moni. Besele sitshilo kwimihlathi engentla ukuba kwa Bomvana ikwa likhaya lethu maXhosa; amaBomvana akhonza ku Maxhosa ukususela ngexesha lika Hintsa xeshikweni u Gambushe ebaleke emaMpondweni kwa Faku nabantu bakhe weza kuzifaka ku Hintsa, waza ke u Hintsa wesusa abantu bakhe (amaGcaleka) phakathi ko mlambo u Mthatha no Mbhashe waba wezela ngaphesheya, baba phakathi ko Mbhashe ne Nciba - waza loo mhlaba mhle kunene wawunikela ku Gambushe ukuba awuphathe, abe ngaphantsi kwakhe, kwabanjalo ke.

Umkhosi wamaGcaleka wawume ngolu hlobo: iNtshinga yayi khokelwe ngu Bhacela into ka Khwaza umGiqwa; i Qawuka liKhokelwe ngu Gxaba into ka Dalasile; uMtshawe, kunye no Rhuneyi into ka Qeqe; yasemaNgwevini, isiKhulu saseMaxhoseni. i Thsonyana lalikhokelwe ngu Khiva umfo ka Xhoseni ka Bhurhu ka Khawuta, u Mtshawe, kunye no nkosi u Ngubo ka Malashe ka Khuwuta ongu mTshawe naye. Omnye umkhosi (amaVelelo nama Bhangqo) wawukhokelwe ngu Sarhili no nyana wakhe u Sigcawu. Wawela ke umkhosi wonke wagcwalisa kwa Bomvana; wanwenwa wathi saa ukuya kutsho nge Xhorha. AmaBomvana wona ayekhokelwe ngu Moni, u Mhlophe ka Ntshunqe, u Mbambo zemnka zabuyelela ngaphantsi kwelitye kuyoyikeka kuba zilapha' iinzwana namadikazi. U Sarhili wayalela amaBomvana ukuba umkhosi wawo ugcwalise ngase Mthatha elunxwemeni nase Mqanduli, ujonge amaNqabe, amaTshomane nama Hegebe; ezi zizwana zi zizwe eziphantsi ko mbuso wabathembu, ngoko ke kwakulindelekile ukuba ziya kuncedisa u Ngangelizwe. Amabomvana wona kwelawo icala awenza owawo umsebenzi ngokomyalelo we Kumkani azijonga ezi zizwe, azi nqanda azakwazi ukuya kwenza intlanganisela kwa Ngangelizwe.





U Sarhili uthathe ingxenye yomkhosi wakhe wayithumela phambili, nto leya eyenza ukuba umkhosi usale uvelile uthe dle ngakwicala langase khohlo. Ukulungisa le ngxaki, uye wathatha iQawuka walithi tyuu ngase khohlo, waza wayalela inkokheli yalo u Rhuneyi ukuba makaye ngqo kwa Ngangelizwe ko mkhulu; mhaze ahlasele achithe kwa mkhosi ahlangana nawo endleleni yakhe. Enye ingxenye yehlelo lo mkhosi, iNtshinga phantsi kuka Bhacela, ya yalelwa ukuba ibe li liso kuwona mkhosi kwicala langase kunene, ihlale ikude kufuphi ku mkhosi.

Umkhosi wabaThembu wabonwa uthe thantalala kude kufuphi ne ndulana eMbizana (hayi iMbizana yase Mampondweni); ngaphambi kokuba zinqoze; amaKhaba akwa Gcaleka (abafana abazibulayo ukuya edabini) ahlehla abuya umva; nto leyo eyathi yenza ukuba abaThembu bacinge amaXhosa ayabaleka; zithe ke izithwala ndwe zase Bathenjini zaza ziphaphatheka zisukela la makhaba ahlehlayo; 'suke u Sarhili wafunza phambili ihlelo lase kunene nase khohlo, umkhosi wabaThembu wa ngqingwa waba sesiphakathini, nhoko wawumninzi kakhulu kunalo wamaXhosa. Ibe yinkwa ne nkwa, zixhwithana malunga nesithuba semizuzu engamashumi amathathu; zahlehla ezase baThenjini zibaleka macala wonke, kodwa wabe owona mkhosi ka Sarhili ungekalwi nokulwa, usabukele ukuba iyakuzala nkomo ni. Emva kwalo mceyo, abaThembu abaphindanga bafuna ukuma balwe. Ayesithi amaGcaleka amadala ayekho kwelo dabi xa echaza, athi: abaThembu abazange balwe nokulwa, babaleka bakrazuka imisintsila

Elinye ihlelo lo mkhosi wamaGcaleka phantsi kuka Khiva ka Xhoseni no Ngubo ka Malashe, lwa gagana nama Mfengu ka Menziwa igorha elikhulu lase Mazizini, khona e Mbhashe ngaku mlambo apho uhola wendlela u N2 unqumla khona ngezi mini. Owona mlo amaGcaleka angawulibaliyo nowona athi wawunzima ngulo, apho ayeqondene ngqo no Menziwa. Kuthwa amaMfengu alwa atyibilika e'thuvini ngalo mhla, ezimisele futhi amaGcaleka esiwa ngobunizi; kodwa ngelingeni u Menziwa walugoba uphondo wabaleka, eshiya ngasemva enkundleni, intlaninge yamaqhawe ase Mazizini.

Emva kokoyiswa kuka Menziwa noyeyona nkosi yase Bathenjini eyalwayo; amaXhosa aye angena ngobuninzi bawo ebaThenjini oku kwee nyosi zisakhela esidulwini; enethemba lokudibana nomkhosi wabaThembu; afika kukhala ibhungane. u Rhuneyi ne Qawuka bafike balitshisa ikomkhulu la ngqongqa, bebulala kwandoda abayifumanayo. uKumkani u Ngangelizwe kwafikwa engalindelanga kuba kuthwa wayengumfo odelela kakhulu futhi wayengayiqondisisi ncam ingxaki akuyo. Ukuba wayengazange abhinqiswe oko mfazi, agqithiswe njengenye yamakhosikazi, ngewayebulewe okanye ngewayebanjiwe ngama Gcaleka.

Ezinye zezi zathu ezaye zenza u Sarhili ukuba ahlasele abaThembu yayikukubuyisa isidima sakhe; kuba emva kwesi yhikili sika Nongqawuse apho amaXhosa afa ngobuninzi, aza oxuthwa umhlaba wawo ngabelungu, yazenza ezinye iziwe zicinge ukuba kuphelile ngawo, futhi yazenza ezinye izizwe zawadelela kakhulu kuba zicinga ukuba ubunganga bawo buxuthiwe. U Sarhili wayefuna ukukhombisa izizwe zonke ukuba useyiyo ikumkani njengezinye. Esinye isizathu yayikukuphuthuma imihlaba yakhe eyaxuthwa kuye ngabelungu baza babhasela ngayo izizwe ezikhonze e Britain, amaMfengu kanye nabaThembu abo. iGcuwa, iTsomo ne ngxenye ye Dutywa yathatyathwa yi Britain yanikwa amaMfengu; yaza i Cofimvaba, i Cala ne Ndwe zathatyathwa zanikwa abaThembu. AmaXhosa athathwa afunjwa kwa Centane, ku Gatyana nase Dutywa; axinaniselana kulo mhlaba mncinci kabuhlungu, engenakukwazi nokufuya okanye ukulima amasimi. Yiyo ke lento amaGcaleka ayehleli nje ejonge imihlaba yawo ayephulukene nayo, futhi efunga ukuba azakuyiphuthuma.



AmaNgesi wona kwelawo icala ayelindele ukuba u Sarhili uya kukoyiswa ngabaThembu, kuba nawo ayecinga ukuba abhubha kakhulu amaXhosa ngo Nongqawuse, aze akangenelela kuyaphi xa u Sarhili ehlasela ebaThenjini. Othuke xa kufika abathunywa baka Ngangelizwe, ebathume ukuba baze kucela uncedo, yeyele ngo mkhono. Baqala baxhoma amehlo bangenelela, bengena kwi cala lika Ngangelizwe. Uye u Sarhili wayenza yacaca mhlophe into yokuba yena akalwi na mlungu koko ebesohlwaya nje umntana ngesiphoso abe esenzile. Abelungu bamkhumbuza u Sarhili ukuba u Ngangelizwe ungaphantsi kwama Ngesi, futhi bamkhumbuza ukuba isizathu esawenza amaNgesi ukuba abe ne nceba futhi amvumele ukuba ahlale ku Centane naku Gatyana, kwakungenxa yokuba u Sarhili wathembisa ukuba akayi kulwa na mntu. Batsho besithi makaphume aphele ebaThenjini nemikhosi yakhe. Aba ke ayagoduka amaGcaleka, engafumananga mhlaba, kodwa emohlwaye kanobom u Ngangelizwe, futhi ezidlile nee nkomo ezingephi. Nezinye izizwe ezifana namaMpondo ase Nyandeni, kwa Ndamase zatsho zarhoxa, kuba zazihleli nje zimxhokosha umntaka Hintsa, zifuna ukumva amandla.

Le mpumelelo ka Sarhili esoyisa abaThembu, yawenza amaNgesi aba nexhala, futhi afunga athi uxolo alusoze lubekho u Sarhili esaphethe futhi enamandla, kufuneka oyiswe ukuze naku Sandile wamaRharhabe liphele nyaa ithemba lokuba bangaze baphinde balwe namaNgesi. AmaXhosa wona kwelawo icala ayevuke ulunya futhi ezithembile ngoku kunakuqala; sele kuthunyelwa kumaMfengu ngamatshantliziyo, kusithwa "sizakunenza lanto siyenze kubaThembu; sifuna umhlaba wethu ubuyele kuthi". Amamfengu kwelawo icala ayeziphendulela esithi "Ngo ncedo lwama Ngesi, sizakuwatshayela amaXhosa siye kuwagalela elwandle". Kwahlaleka kuyilo meko yokujongana ngezikhondo zamehlo; amaXhosa efuna umhlaba wawo futhi esithi azakuwuphuthuma; amaNgesi ayesoyika iindleko zenye imfazwe enkulu, kuba nakwa Zulu isimo sasingesihle tu kwaphela - u Cetywayo exabana namaNgesi, ukanti nakube Suthu kwa Mshweshwe naku Bapedi kwa Sikhukhune kwaku kwa njalo; kujongenwe ngezikhondo zamehlo, amaNgesi ekrokra ukuba ezi zizwe ziza ku Ncedana kungekudala. Akubanga kudala, lafa ilizwe emaXhoseni nge mfazwe ka Ngcayechibi - kuxabana amaMfengu namaXhosa. Kodwa Mhakhe sibe siphela apha nina baka;

Sopasi, ubhukux' umthond' engawusingisi mntwini,

i Ntsundu yo-Nomsa, u Ngxow' inemilenze yokufak' amadun' akowayo; oo Phatho noo Sandile.

iNamb' enkulu ebhijel' iHohita, ovuk' emin akabonanga nto kub' engayibonang' iNamb' icombuluka.

iLunga le gwaba lika Hintsa,

u Magan' iindlezana; u Mavel' elunguza njenge ngci ye Ngcuka kwabe nduku kwa Mshweshwe.

iNqab' enkulu, isilo esingaziwa mngxuma. Ngu Njenge nkosi yo mlambo sona silo singaziwa mngxuma.

Yint' enkomo zimalunga nezika Yise ubuninzi ziya ngokusela e mkhuthukeni,

ngu Tyab' inkobe elona gama lakhe, ude wanceda Mhlophe ka Ntshunqe umntanenkosi ukumnik' indawo yokuhlala.

ngu Mdaka ka Hintsa, usaliwa nga qhubu elisesiswini.

ngu Gwebityala, elisemva elibizwa yi mbongi.

uGwebityala lika Feni walizinzisa,

Ngu Nqanawa ezavalel' amajoni zaya kuwakhupha kwa Somtsewu e Mzimkhulu,

Ukuz' amaBhaca alwe nama Ngutyana.

ngu Nyoka yobugqi ngu mamlambo,

ngu Zwe lafa ngee mbiza zika Mbhune, ohww hay' ngomona amaMfengu wase Gcuwa, iGcuwa libhaliwe ngabefundisi.

Ngu Xakath' ugaga, igwangqa lika Mphohlo.

Ndithi gxothan' iimantyi ziye Mgwali apho zikhahlelwayo.

Incwadi ye mfazwe ibomvu nge gazi,

Ibe zililo kwabase mlungwini.

Ngu ncwadi zaphambana kwelika Xam, ukuz' amaBhaca alwe namaNgutyana,

amaMvulane akagidanga mhlana woluka, ath' ihasa eqadini lisisidonqa, alibala kukumshwabulela.

Hash' elingwevu, ndim dodwa na omdala ebantwini?

Nith' ezizinto ndizazi ngantoni na bethu?

into zonke zindongamele nje. Kundongamele ukulima nokulamba,

Bundongamel' ubuntu nobukhosi.

Bundongamel' ubuhle nobuciko,

Zindonqenile izizwe zade zacel' umlungu,

Ukuze zithi nje zakulil' izinandile, abizw'  u Fulele kuthwe wayek' amaMfengu kuba ohlwaywa ngu yihlo owawafak' ekhwapheni mhla afika. Kukuze lixole ngo Ngcayechibi, isizwe siwel' u Mbhashe.

Ahhh Ntaba!!

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i