Skip to main content

Izibongo zika Sandile

Ahh Mgolombane
(1820 - 1878)


Igama lakhe lokusabela ngu Sandile, ngu Mgolombane elokubuliswa. Umntanenkosi yinto ka Lwaganda (u Ngqika) kwindlu yakhe enkulu; uzalwa ngu Suthu, uMthembukazi wakwi sizwe samaTshatshu. Nhoko emncinci nje u Sandile ngokuzalwa koo nyana baka yise, abantakwabo - oo Maqoma, oo Thyali, noo Xhoxho, kodwa ungoyena uyinkulu ngoba uzalwa yi ntombi yo mThembukazi, abakhuluwa bakhe bona bazalwa zii ntombi ezingamaXhosakazi. Ngesiko lakwa Xhosa, umfazi wakwi ndlu enkulu ebelotyolwa kwesinye isizwe sangaphandle, alotyolwe ngenkomo zesizwe; kube njalo ke naku Sandile. Uthe akubhubha uyise ngo 1829, u Sandile eseyi nkwenkwana eminyaka ilithoba, uSarhili uKumkani wamaXhosa waza wabu bambisa u Maqoma ubukhosi, waza wabeka no nina ka Sandile u Suthu kunye no Thyali ukuba babe ngamehlo kwezinye iindawana zo mbuso apho kuma Ngqika.

U Sandile yena bunikelwe kuye ubukhosi ngo 1847 akuba olukile, kumsitho owawumkhulu kunene; umzi ka Xhosa wonke ukho kuze kombathiswa inkwenkwe ka Ngqika. AmaXhosa ayesele eneminyaka eli shumi elinesibini agqibela ukulwa nama Ngesi, futhi kujongenwe ngezikhondo zamehlo kucaca ukuba lingafa nanini na. AmaXhosa kwelawo icala ayekhwina enezikhalazo ngemihlaba yawo eyoxuthwa kuwo ngama Ngesi nge mfazwe ka Hintsa ngo 1835, nxalenye yaloo mihlaba yanikelwa ku maMfengu kwanga mangesi; mamfengu lawo ayewolwe ngamaXhosa la ezi mbacu ngo mnyaka ka 1820. Amangesi kwelawo icala ayekhalaza nge mfuyo yawo ethinjwa rhoqo mihla le ngamaXhosa - yonke ke lento yenza ukuba kujongwane ngezikhondo zamehlo. U Sandile esombathiswa nje ingubo yakhe, isimo simi ngolo hlobo. Kulo msitho, izithethi zase Maxhoseni zazi gadlela ziyala; u Tyhali wathetha wathi "Sandile, nabu ubukhosi siyakunika namhla; nhakuba sibuqhelile ngokuba nhathi singabantwana baka Ngqika. Uze uphathe umkhonto mfo ka Bawo, ubinze ngawo khon' ukuze ubuzuze ubugcine". Kuthiwa u Maqoma wanqanda esithi "Yhini le u Ngqika ufana nezinye iinkosi, unani lo mntwana uyalwa nge lishwa, uyalwa ngo mkhonto?".. Yahambisa into ka Nothonto yenjenje "Nabo ubukhosi, ke kambe uze wazi ukuba namhla abantu ngabakho, amaphulo ngawakho, ingca yeyakho, iinyoka zezakho, iinkomo zezakho, izimba le lakho, yonke into yeyakho". Esinye isithethi esathethayo ngu Mngxuma ka Tshangana umfo wase Mabambeni iphakathi lako mkhulu, yena wathi "Sazi Kwekw' inye namhla kuba asizange saluse, siyaqala ukwalusa ngawe lo. Ukutsho oko ndithi - nabo abantu bakowenu, uze ubagcine ungafekethi ngabo kuba ungu mthunzi wabantu bonke".

Ngokwenene ke kuthe kungekudalanga u Sandile ombathisiwe, no Sarhili ebuyele ko mkhulu e Hohita, lafa ilizwe. U Tsili, indoda yomXhosa ephantsi kwemiDange yangena evenkileni yomlungu owayene venkile kwenye yee lali za lapho kwa Mdange. Uye u Tsili wathatha izembe walivonya vonya, akugqiba waligusha ngaphantsi kwe khwapha ngelixa asakhangelayo enye into anokuyithenga apho evenkileni. Uthe umlungu akuyibona lento, 'suke wavutha wabibitheka  ngu msindo, ethyola u Tsili ngokuba lisela. Abelungu ababelapho e venkileni, baye bamfika kanobom u Tsili nge mvubu bemtyabula, bakugqiba ba mbhoya nge tyathanga bamdibanisa ne Lawu elalibaleke ebukhobokeni kwi Fama eyayise Cape colony.  Athe chuu lamadoda ukumqhuba emsa e Rhini ukuya kumvalela njenga saphuli mthetho sonke. Bemqhuba nje, kukho iqela lamadoda wakwa Mdange ayijonge yonke lento ngeliso lo khozi, futhi asezinyaweni, ayalandela apha nge mva. Athe akufumana ithuba elihle, ahlasela amkhulula u Tsili agoduka nhaye. Ithe yakuviwa lento zi ziphathamandla zase Cape Colony, zasele zithumela kwa Sandile ko mkhulu ukuba makakhuphe umyalelo wokuba u Tsili mhakabuyiselwe aze kujongana no mthetho; wathi u Sandile akazi kuyenza lonto, akazi kuxelelwa yi Cape Colony ukuba makenze ni ngabantu bakhe. Irhuluneli ngoku iye yabiza intlanganiso e Qonce iyalela zonke iinkosi nganeno kwe Nciba ukuba zifike, kodwa u Sandile akafikanga, usuke wathumela umntu endaweni yakhe, esithi aze axele ukuba uhlutshwa ngu mlenze. Irhuluneli yakhupha ilizwi elithi "uSandile ndiyamsusa kwisihlalo sobukhosi, futhi ungu mrhanelwa makabanjwe kuziwe naye kum"; ithe yakugqiba iRhuluneli yakhupha ikhulu lamajoni wayo ukuba aye kubamba iNkosi. Ithe indoda enkulu yasemaXhoseni eyayilapho "mhaze nichule ukunyathela mabandla wakubo, u Sandile unezinja kwaye azikhonkothi njee ziyaluma". Ngokwenene uphumile umkhosi wamaNgesi usingise ngqo ko Mkhulu; kuthe kanti u Sandile no mkhosi wakhe onamadoda okulwa angama 8000 bawulale kwezo ntaba zase Mathole lowo wamangesi, kwathi ukuba bawubone, bawuphanga bawutshayela; bakugqiba baphokoka ngaphaya ko mda wamaNgesi, betshisa zi fama besidla kwa nee nkomo zabelungu. AmaNgesi athe akubona ukuba le mfazwe izakutsala, agqiba ekubeni athumele ku Sandile esithi afuna ukwenza uxolo. Kuye ke kwadityanwa kwi ndawo ye dinga apho kwakuya kutyikitywa khona izivumelwano, kwenziwe uxolo; no Sandile ekho. Kuthe kanti AmaNgesi awazange aqalise ukufuna ukwenza uxolo koko ayefuna ukuxhwila inkosi, aye kuyivalela. Ngokwenene ke bakwenzile oko, baya kumvalela e Rhini yaba imfazwe iyaphela, nelizwe liyaxola ngolo hlobo. U Sandile akazange aphinde amthembe umlungu wade waya kufa, esitsho esithi "umlungu li xoki, andisokuze ndithembe zwi lakhe". Ukanti ne mfazwe ka Mlanjeni ngo 1850 - 1853 uyilwile u Sandile, wazixhela nee nkomo ngo Nongqawuse ethobela umthetho ophuma kwa Sarhili, esithi "andisokuze ndingayenzi into eyenziwa ngu Rhili". Wona amaphakathi wakhe amnqanda ancama. Ne mfazwe ka Ngcayechibi uyilwile, esitsho esithi "ukuba u Sarhili uyalwa aze oyiswe, nam andiyi kuba yinto yanto. Apho avuka khona, nam ndiya kuvuka. na lapho awa khona nam ndiya kuwa"; wangena kuloo mfazwe, wayilwa wafela kwakuyo. AmaNgqika awezwa inciba emva kokuba ilizwe lixolile, abekwa ku Centane; li lapho ingcwaba le nkosikazi yakhe enkulu u Noposi, e Qombolo. Ukanti noo nyana bakhe u Mathanzima noo Gumna noo Gonya noo Mnyango bangcwatyelwe apho e Qombolo ku Centane ku mhlaba wamaGcaleka. Nama Ngqika amaninzi aku Centane kwa Gcaleka nanamhlanje; oo Somana, oo Sifingo, oo Ntsangani, noo Ndesana nabanye.


Izibongo zika Sandile

Ahh Mgolombane

Ndibuzen' amathongo ndiwaxele!!

Ndiphuph' ikhwababa likhwele ndlwini,

iKhwabab' elimhloph' amaphiko.

Hehh!! ndithi singabantu bo gaga, ugag' oluhamba lugongqoza lakwa Ngqika,

Ugag' oluhamba lugongqoz' ukukhwez' iXesi.

Ngu Ndanda koo Vece, u Xesi magqagala, uMthunzi wabantu bengaka nje.

Isikhwenen' esidla kud' umkhoba, kuba sithe sise Gqoncini sabe sise Montini.

Ngu Sitshay' amakhamb' abelungu, uSitshaya ngaxilongo zib' iinqawa zihleli.

ngu Dong' olubomv' olwayam' abelungu, intak' esunduz' umqal' ukub' isuke - iyawufinyez' umqal' ukub' uhlale.

Ngu ngcungcu ayiseli kwabalekayo isel' ezadungeni ngokoyik' umlom' ukugoba.

Yi Namb' enkulu ejikel' izingcuka kuthwa nase Gqolonci ikhe yabonwa.

Yint' ebantu bantlaninge bagqibe 'li lizwe, kazi yoz' ithini na mhla ibabuthayo.

uLwandl' olubomvu ulidlelwe yini n' engakutyelanga nj' u Phalo?

ngu Sizek' u Nopos' aphekel' u Suthu ukubandez' amaxhiba ka Mlawu.

Int' ewe mthini lwavulek' ucango, ukuz' abantu baphathwe ngu mlungu.

Ngu Sibinza mamfengu abaleke, abalek' aye koo yise abelungu.

Nalo mhlophe ka Feni khanikhe niwu gcine,

uBhal' incwadi esinge kwenkulu inkosi ku Tela, Kub' u Tshalisi siyamkhalazela, ufan' ukwazana no Majelimane.

Ngu ndlela zinamachaphaz' egazi, u Ndlov' ine ntsente; u Mangange cwilika ka gomololo.

Ngu sela zokub' inkomo zo mlungu kwaphuk' ipulanga zise mnyango.

Whokh' uve xoki ndini wonganzingwa wedwa yeyo mlungu, kub' ufumane wayilwa le mpi imakhwenkwe.

Ngu Ndlel' ise montini mhla wabanjwa, ngu ndlel' ise Dikeni mhla wakhululwa.

Kwavalelw' iinkanunu mhla na wakhutshwa.

Nhani boo Mhala, nhani boo Toyise, hlalani kakuhl' aninal' ityala - ityala li ncinane lino Sandile kub' ethe naphakade aliyi kuxola eli lika Phalo; wancokola nge khulu lamadoda bab' abanye bencokola ngamakhul' wee nkomo.

Yi nkab' eqaliswa phambili ukufakwa, iqhawul' intambo yakuqal' ukufika;

ngu Zwe loniwe ngoo Kondile, ukuze zibe nkosana zonke ziphath' incwadi.

Ngu nkwenkwan' ingamoyikiyo no Ndlambe uyisemkhulu,

ukhe wabaleka ne nkomo ka Rharhabe, wayebandez' amaxhiba ka Mlawu.

Ndithi ngu Mthunzi wabantu bengaka nje, nabakwa Gcaleka nabakweli lizwe,

ngu Mntaka Ngqik' ugcinwe ngu Tshalisi, ukhe wamqhuba wamphumeza - wabuya wamnqanda wamgodusa.

Ngu Chibi li Ngqungu lise Thafeni, u chibi lifanelwe kukuselwa ngabashwabuli - oo Midange noo maMbalu.

ngu Ngalo inenkomo, ngu Hashe lidl' izitha zabakhekwazi,

Ngu mthi okhule wada wagabadela kuba nowakwa Ngqika uvele esandundwini.

Ahh Mgolombane 

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i