Skip to main content

Umnombo wama Xhosa

umnombo wama Xhosa






Kubalisa: u Nkosi Ndumiso Bhotomane ka Ngqongongqongo ka Bhotomane ka Mthini ka Nkani ka Khawuta ka Gcaleka ka Phalo.

Umhla: ngo mhla we 10 kweyo Msintsi 1967

Location: Rhwantsana, Centane


Le nkosi ya' balisa yenjenje:

Ndiza kuqala kuXhosa...lo amaXhos' abizwa ngaye...sisizwe esivela entla kwi-Afrik' engasentla...kwehla uXhosa— ekuphumile entla apho

uXhosa ke wazal' uMalangan'...
uMalangana ke wazala uNkosiyamntu...
uNkosiyamntu wazal' uTshawe...
uTshawe wazala uSikhomo ...
uSikhomo wazala uTogu...
uTogu wazal' uNgconde...
uNgconde wazal' uTshiwo...
uTshiwo wazal' uPhalo...

ubukhosi ke bahluken' apho ke besiXhosa bakufika kuPhalo ngenxa yesenzo esenziwayo sokuba uPhalo wazek' abafazi iintombi zeenkosi zafi— zafika kuye ngemin' enye zizokwendela kuye...int' enqabileyo leyo eyayikade ingekho...zalawulwa k' ezo ntombi yintlanganiso yamaXhos' onk' ephela ngenxa yokuba bubukumkani bawo obo...ichule ke kumadod' awaye ekho ke angamaphakathi ke kaTshiwo...xa aye elawula ke kolo zeko lukaPhalo...nguMajeke into yasemaNkabaneni...kwalawulwa ke inkulu— ezi ntombi ke zimbini yekaNdayeni neyakwaGqubushe-mpulomsini...yathi ke le kaNdayeni yenziwa ubukhulu...yathi le yakwaGqubushe yenziwa ukunene...umlawuli owayelawula ke nguMajeke indod' e'se inkulu indala...ke kwagqitywa ukuba ngenxa yesi senzo singazange sibekho umzi wasekunene makufuduswe ubheke kude uye kuba bubukhosi obumiley' apho bamela kwa eli cala likhulu bulawulwe lilo kuba bakhiwa kwalilo...kwavunyelwana ngolo hlobo ke yathi nemizi yeenkosi ngoko ukuqala uba mayithiywe yathiywa ngoko...ke yayisenzeka eGcuw' apha ke le nto kule lali kaMonakali ngelo xesha ngoku yile lali kaMonakali ngoku yayingeyiyo ke ngoko yayi— yayingumzi lowo wokumkani ekwakulawulwa kuwo...wathi kwalapho ke wafuduswa ke lo wasekunene wemisa ku— apha kwaNyila kulaa nduli omnye wamiswa pha' ngaphantsi kulaa nduli ke inomzi kaGqongo ngaphants' apha ngumzi kaFesi ongaphants' apha kule lali kaNyila yodwa apho lo wasekunene ya— yathi yenziwa mibini apho...uPhalo ke akugqib— kwakugqiba ukulawulwa ke yakuba ifudusiwe lo mizi...wathi k' umzi wakhe omkhulu wafuduka apha kwaqala omkhulu omkhulu k' umzi ke ngul' uzele u— uze uze— uni— umfazi wawo wazala una kaGcaleka waya kuma eKhwenxura kwiidistricts zaseMonti...uthe k' emveni koko ke wafuduka lo wasekunene waya kum' eQonce...ngelo xesha ke eQonc' apho kwakume abaThwa abemi bokuqala...kwafikwa ingabaThwa kwaliwa nabo ke nguRarabe...izizwe ke awemka nazo eGcuwa apha ke ukuze abe lapho ke aye kulwa nalo ma— nabo baThw' apho awazinikwayo ub' ahambe nazo ezixulelwa komkhul' apha ezahlulelwa komkhul' apha nanzi...yimiDange ngamaHleke...ngamaMbalu ngamaNtinde ngu Mngqalasi ixhiba likaPhalo nazo ke izizwe awemka nazo uRarabe mhla wabheka pha' eQonce ukuze afike kukho ke ewe abaThw' abo alwe nabo athi ke lo mfazwe ke njengemiyolelo awayeyolelwe ukuba naxa epha' uza kulawulwa apha wafika waxela ukuba uthe akufika pha' wafika ingabaThwa walwa nabo wabachitha ke...uRarabe ke uzekile yena wazek' umThembukazi umGcinakazi wazal' uMlawu wazal' uNdlambe wazal' uNtsusa wazala u— uGasela— wazal' uNukwa—gxebe wazala qha abantwan' awabazalayo uRarabe nguMlawu nguNdlambe nguNtsusa nguNukwa ba' bane kwindlu enkulu...wath' ekunene wazala uCebo waze ke yena uCebo akazala...kuthe ke kwabhungwa uba makanikw' umntwana wanikw' unyana kaNdlamb' omkhul' uMdushane...uMdushane ke uzel' uSiwani uSiwani ke—

uMdushane ke uzel' uSiwani
uSiwani wazal' uMenziwa
uMenziwa wazal' uGushiphela
uGushiphela k' uzel' uZimlindile

lo ukhoyo ke uyinkos' yemiDushane uToyise ke—

uNukwa lo wamagqibelo uzele uToyise— uzel' uGasela
uGasela wazal' uToyise
uToyise wazala uDom'
uDom' wazala uKadeni

nguye lo ke ngoku ndithethayo aph' aphethe khona uphethe eQonce eBulembu...ke uMlawu ke yena akuba ezekile abafazi bakh' abakhulu babini nguna kaNgqika nguna kaNtimbo...uNgqika ke— uNtimbo ke kukunene uNgqika ke— uNtimbo k' akazala yena...uNgqika k' uze— uNgqika k' uzele yena...wazala uSandile kanti ke noko isivelatanci ke esingeyonkosi ke noko inkulu e'be sibambele uNgqika lowo nguMaqoma into kaNgqika yasekunene eyaqala yavela kukunene kwavel' ekunene unyana wabambela k' wabambela uSandile...uSandile ke uzele—

uSandile uzele uGonya...
uGonya wazal' uFaku
uFaku uzel' u-Archie

ngulo uphay' eQonce ngoku...ukunene kukaSandile ke nguGumna...ma'khe ndiye kweli cala likhulu ke ngokwangoku ndithethayo ekunqweneleka ukuba ndiye kulo ke elikaRarabe...

uSandile ke 'be ndithe uzele uGonya
uGony' wazal' uFaku
uFaku wazala u-Archie

imi ngaloo ndlela ke u-Archie ngul' ukhoyo ngoku...ma'khe ndimke k' ekunene 'khe ndilahle ndibheke kwinkulu yamaXhosa...uPhalo ke kulaa mkakhe mkhulu intombi kaNdayeni wazala uGcaleka wazal' uGcaleka...uPhalo into yakhe enkulu nguGcaleka

uGcaleka ke uzele uKhawuta
uKhawut' uzele uHintsa
uHintsa uzele uRili
uRil' uzel' uSigcawu
uSigcawu uzele uGwebinkumbi
uGwebinkumbi ke uzele uMpisekhaya

uMpisekhaya ke ubhubhe engazalanga athi k' amaxhosa akub' engazali akub' exoxile afaka k' uZwelidumile umninawa wakhe owalekela yena esiswini kunin'...uZwelidumile ke yena wangumkumkani ke akub' ebhubhile uMpisekhaya...uZwelidumile wazala uXolilizwe l' ukhoyo ngoku akakazeki ke unab' abafaz' abazeke nje uza kubuya azekelwe inkosikazi kwakufutshane eyona iza kulawulwa ke yongamel' ubukumkani basemaXhoseni...ke izizwe zamaXhosa ke ubukumkani bazo bumi ngaloo ndlela...elikhulu k' icala ke nguXolilizwe lo ke uzalwa nguZwelidumile

uZwelidumil' azalw' nguGwebinkumbi
uGwebinkumb' azalwe nguSigcawu
uSigcawu azalwe nguRili
uRili k' azalwe nguHintsa
uHintsa azalwe nguKhawuta
uKhawuta azalwe nguGcalek'
uGcalek' azalwe nguPhalo
uPhalo azalwe nguTshiwo
uTshiwo azalwe nguNgconde
uNgconde azalwe nguTogu
uTogu azalwe nguSikhomo
uSikhomo k' azalwe ngu— nguTshawe
uTshawe azalwe nguNkosiyamntu
uNkosiyamntu k' azalwe nguMalandela
uMalandela k' azalwe ngu— nguMalangana
uMalangana ibe ngokaXhosa...

izizwe ke kweli cala lakwaGcaleka uthe ke uRi— uHints— uNantsika u— uHintsa uthe us— uGcaleka akuzala kub' ukunene kokuqala nguRarabe uthe uGcaleka akuzala ukunene yena...

wazal' uVelelo
uVelelo ke yena uzele u— uGxaba
uGxaba ke wazal' uDalasile
uDalasile uzel' uMdabuka
uMdabuk' uzel' uDaluhlanga
uGxaba k' ekunene
[uGxaba] uzele uNcamba
uNcamba wazala uNgxito
uNgxito wazala uSitata
uSitata wazala uSoya

kukunene kukaGcaleka ke oko...okukaKhawuta ke ukunen' unyana kaGcaleka omkhulu kuthiwe akukwenza uKhawuta...wath' ekunene

uKhawuta ke wazal' uBhuru
uBhuru uzele u— u— uMapasa
uMapasa wazal' uXhoxho
uXhoxho wazala uMabobothi

l' ukhoyo ngoku...ukunen' okulandel' oko ke e— ngamaJingqi kuHintsa kukunene kuHintsa kuloJingqi...ukunene kuHintsa ke nguNcaphayi ithol' lomThembukazi lasebaThenjini nasebaThenjini kwaTshatshu...

uNcaphayi ke uzele uDumalisile
uDumalisile uzele uDwayi

uDwayi ke ngul' ukhoyo nangoku uDwayi unonyana okhoyo nangoku kuthiwa ngubani na noko...ke ukunene okulandela oko okaRili ke ngoku kuba kokukaHintsa oko okaRili nguMcothama...uMcothama ke inkulu yakhe nguKrazukile...uKrazukile ke uzele naye inkulu yakhe ngusi— ewe nguBhota yabhubha mandithi ke okhoyo ngoku akuba ebhubhile uBhota nguKraz— unyana kaKrazukile omkhulu ngu— ok— uba— nguGawusha uGawusha ngul' ukwetyelwe ukuxhonywa efunyenwe enetyala lokubulal' uNgubezulu ubukhosi bakhe bushiyeke noNantsika ke ngonje noZanelanga abathi nguSelele nguye ke l' uphethe ngoku...okukaRili oko k' ukunene okukaSigcawu nak' ukunene nguXhelinkunzi uXhelinkunz' uzel' uThabathile uThabathile ngul' uphetheyo ngoku useBhojini aph' akhona...ndishiyek' apho...ndithi ke uZwelidumile unokunene naye ekuthiwa nguMadoda uMadoda— uMadoda-onk'— uMadod'-endlini...unyana kaZwelidumile wasekunene nguMadod'-endlini okhoyo ngoku...lirwala ke usandul' ukwaluka unina ke yintombi yasemaKwayini kwaphay' eNqadu...ngathi ke ndikugqibile ukunen' oko kukaGcaleka ngoku ndiza kukhe ndingen' emaqadini...iqadi lokuqala likaNgconde nguNtinde amaNtinde la uwabonayo eQonce liqadi ke elo...kuGcaleka ke nali k' iqadi elikhulu nguFaku...

uFaku ke uzele uRaba
uRaba ke uzel' uMdlabel'
uMdlabel' wazal' uSibhozo
uSibhozo wazal' uDimanda
uDimanda uzele uGlifis'

l' uphetheyo ngoku ngakaGcaleka ke lawo amaqadi...iqadi k' eliphantsi kwelo...nguMneke

uMnek' uzele uMdushane
uMdushane uzel' uSitokwe
uSitokwe uzele uNgcweleshe
uNgcweleshe uzele uFundakubi

nank' eDutywa...iqadi ke liphantsi kwelo kanjaqo lizele nalo lazal' uCende

uCende wazala uJoj'
uJojo wazala uMgengo
uMgengo wazala uVen'
uVena wazala uFeltman

useSebeni ngok' aph' ami khona kumhlaba wakwaGatyan' elwandle...ndiphele ke kumaqadi kaGcaleka amakhulu ndiza kuya kwa wakaKhawuta...eliKhawuta nguNkani

uNkani ke azal' uMthini
uMthini ke azal' uBhotomane
uBhotomane ke azal' uNgqongongqongo
uNgqongongqong' uzel' uNdumiso

ngul' uthethayo ke ngoku ke kule ntsimbi...ndigqithe ke kula magadi kaKhawuta ndize ke ka kaHints' amaqadi iqad' elikhulu kuHintsa nguMthirara elilandel' elo nguMbongoze— elilandel' elo nguNantsika ngu— nguMthirara ngu— nguMbongoze ngu— nguLudidi Ludidi Hintsa elilandel' elo nguNdima elilandel' elo hayi mandiphel' apho...ke nali k' ixhiba likaHintsa nguManxiwa owasexhibeni...ngulowa eb' ethe ngoNgcayechibi uRili wathi xa eb' exabene noRulumente wathi maku— iinkomo zakhe mazigcinwe nguye yonk' intsapho mayigcinwe nguye wathi ke makahlale engundilele ngenxa yokuba le mfazwe le inkulu le kaNgcayechibi hleze— hleze ewe oyiswe ukuba woyisiwe ke iinkomo zakhe mazigcinwe nguManxiwa njengexhiba uya— uya— uya kutya kuzo...uManxiwa ke ngokaHintsa ke wasexhibeni e— ndenje nje kukhw' iqadi likaRili ekuthiwa kuMtoto...uMtoto ke ngokaRili waseqadini azele uNtlakomzi l' uphetheyo ngoku eChafutweni...ma'khe ndithe ke nang' amagam' eenkabi awasekwayo ngexesha likaNgconde...ma'khe ndiqale ngamaxhiba lapha eliny' ixesha ndithe nguManxiwa elinye ke ndithe nguMgwebi

uMgwebi ke lo ngokaNgxito
uNgxito ngokaLutshaba
uLutshaba ngokaGcaleka

uLutshaba apha kuGcaleka walekela intombazana ekuthiwa nguVukela...loo ntombazana yalekel' uNqoko

uNqoko az' alekel' uKhawut' emhlana
uMgwebi ke ngokaNgxito
uNgxito ngokaNcamba— uNgxito ngokaLutshaba
uLutshaba ngokaGcaleka wasexhibeni

unjalo ke lo mzi ke kaMgwebi kub' uMgwebi ke lo yena uzele

uMgwebi lo yena uzele uZwelinzima
uZwelinzima ke wazal' uNgangolwandle

nguye lo ke useMtshayelweni eQwaninga lixhaba lalaph' elo eliphambili...kanti ke ixhiba lokuqala nguMngqalase elikaTshiwo...

lazal' uLutshaba
lazal' uXhonxa
lazala uMrawuzeli...

k' amagam' eenkabi ke [umzi kaTyhali ] oo heke ma'khe ndiye kwaNgqika ke inkos' ithi ma'khe ndiye kwaNgqika 'khe ndisuke apha kwaGcalek' apha ke 'khe ndiye kwaNgqika ['zifuna zonke] heke...'be ndithe— 'be ndithe

uHaji ngokaFaku
uFaku ngokaGonya
uGonya ngokaSandile
uSandile ngokaNgqika
uNgqika ngokaMlawu
uMlawu ngokaRarabe
uRarabe ngokaPhalo wasekunene

'be ndithe k' ukunene kokuqala nguMdushane nguCebo kwathatyathwa unyana kaNdlambe wanikwa uMdushane akangazali uCebo...oo ewe kwathathw' unyana kaNdlambe uMdushane wanikw' uCebo ngokungazali ekunene

uMdushane ke wazal' uSiwani
uSiwani ke wazal' uMenziwa
uMenziwa ke wazal' uGushiphela
uGushiphela uzel' uZimlindile

lo useQonce ngoku...'be ndithe k' amaToyise 'be ndithe amaToyise la uGasela ngumninawa kaNdlambe oz' emva koNdlambe...uGasela lo walekel' uNdlamb' emhlana...'be ndithe kodwa ke mandiqale kuloo ndlu uRarabe uth' akuzala kwindl' enkulu wazal' uMlawu wazal' uNdlambe wazala uNtsusa wazal' uGasela k' owamagqibelo...uNdlambe ke yena int' yakh' enkulu yayinguDyan' noMqhayi baze ke banukwa ngokuba uyise wayegula basukelwa babaleka bachithwa ebukhulwini babo ubukhulu ke bashiyeka noMhala uMhala ke into yakh' enkulu ngMakinana...

uMakinana k' uzel' uSilimela
uSilimela ke uzele ke u— uNantsika
l' uphetheyo ngoku uNgwenyenyathi...

nanku eMncotsho ngoku ndithethayo inkunzi yamaNdlambe ke yileyo...ke ekunene kukaNdlambe nguSmithi

uSmithi ke uzel' uHlathikhulu
uHlathikhulu uzel' uZenzile

uZenzile nank' eDutywa...ke ma'khe ndiye ke ngoku kuMdushane uMdushane ke kukunene kukaRarabe uzele uMenziwa— uMenziwa— uzele uSiwani

uSiwani wazal' uMenziwa
uMenziwa wazal' uGushiphela
uGushiphela uzel' uZimlindile

nank' eQonce...ke amaGasela wona izininawa kuNdlamb' apho ngokolekelana kooyise...uNukwa lo walekela uNdlambe

uNukwa ke uzal' uGasela
uGasela wazal' uToyise
uToyise wazal' uDom'
uDom' wazal' uKadeni

useBulemb' aph' akhona ngoku ndithethayo ngamaToyise ke lawo...mandize ke ngoku kokukaMlawu ukunene ukunene kukaMlawu ikulu kaMlawu nguNgqika ukunene yayinguNtimbo uNtimbo ke wayengazang' azale kwathatyathwa umninawa kaNgqika uAnta wasiw' ekunene

uAnta ke wazal' uBhobhozayo
uBhobhozayo wazal' uVelaphi
uVelaphi uzel' uSiwabese

l' ukhoyo ngoku nguye lo aph' eMsintsana...kukunene kukaMlawu k' oko...okukaNgqik' ukunene naku nguMaqoma oyena ekuzalweni kubo bonke oonyana bakaNgqika wavela kuqala...kwazalwa uMaqoma waza ke ngoku uKhawuta wamisela yen' uba abambel' uSandile kub' uSandile wayesemncinane...uMaqoma ke into yakh' enkulu nguNamba...

uNamba k' uzel' uJamangile
uJamangile k' uzel' uVelenzima

nank' apha eGqungqe ngoku int' ekunay' akaphathanga umnt' ophetheyo aph' eGqungqe nguJongizulu azalwe nguMhlabeni

uMhlabeni azalwe nguNdamase
uNdamase ke azalwe nguKona

uKona yinto kaMaqoma yasekunene unina ke ngumGqwashikazi una kaKona kukunene oku ke ophetheyo l' umkhulu ke int' ebang' uba angaphathi l' umkhulu ke zinkcithakalo zeemfazwe zokusolok' amaXhos' esilwa waze ke wavela 'se kuliwe lo wavel' ehlala kulonina uNamba ngowomThembukazi yena umTshatshukazi into kaMaqom' enkulu...uvele unantsika lo uJongizulu lo ngokaMhlabeni uMhlabeni ngokaKona ngokaMaqoma wasekunene...kunjalo k' ukunene kukaMlawu kukaNgqika mandiye kokukaSandile ukunene ndikugqibile okukaNgqik' ukunene ndathi— ndathi nguVelenzima uzelwe nguJamangile uJamangile uzelwe nguNamba uNamba yint' enkulu kaMaqoma uKona lo uzel' uMhlabeni kukunene

uKona ke wazal' uNdamase
uNdamase wazal' uMhlabeni
uMhlabeni wazal' uJongizulu

uJongizulu ngul' uphetheyo ngoku kukunene kuloJingq' oko...okukaSandile ukunene naku...umkaSandil' omkhulu nguNoposi ingcwaba lakhe lilaph' eQombolo akazang' azale...mandith' ukuzala kwakhe wazal' intombi yanye yaya kwendel' emaMpondweni ewe eMzimkhulu kuMdlangavi inkosana yamaMpondo engeyonkosi nasemaMpondweni...loo ntombi yayinguFitoyi loo ntombi kaNoposi inye ikukuphela kwayo kwathatyathwa ke eqadini uGonye wasiwa kwical' elikhulu uGonye ke walekelwa nguMathanzima lo bathi lixhonti laseBholo lo e'b' epheth' imikhosi yamaNgqika...uGonye ke lo yena ngowoNgqosinikazi unina wakhe nguNolenti intombi yasemaNgqosinini umkaSandile waseqadini...waphuma k' uGonye lowo waphuma uMathanzima uGonye wathatyathwa wasiwa kulaa ndlu inkulu kaNoposi wangunyana kaNoposi uGonye wazala ke kobu bukumkani bamaNgqika

wazala k' uFaku
uFaku wazala uHaji lo...

uMathanzima ke lo wasala ebuqadini

wazala uBonisani
uBonisani ke uzele ewe unyana wakhe

l' ukhoyo le ntwana andazi ukuba ngubani ke bethu uphumile engqondweni ngoku ngu— ngu— kodwa ke eqadini nguBonisani lowo kuMathanzima nguLindile unyana ka— ka— ndimkhumbule ngoku...eqadini

uMathanzima uzele uBonisani
wazal' uLindile

uLindile l' ukhoyo ke ngoku...mandithi ke uHaji ke yena— uFaku akabanga nakunene wazek' umfazi wamnye...ke uGonye lo wafundiswa wayefundisw' eKapa...wayesisandla semantyi eQonce ukuhla kwemfazwe kaNgcayechibi...imikhosi yamaNgqika yaphathwa nguMathanzima ixhonti laseBholo xa batshoyo amaNgqika...ke uHaji ke— u— uFaku ke u— uGonye akabanga nakunene uFaku akabanga nakunene uHaji akabanga nakunene kuba unyana kaHaji nguMxolisi abathi nguBazindlovu uzek' intombi kaPoto emaMpondweni ngoku ukubhosi ke bumi ngaloo ndlela...[uTyhali akukasixeleli ngaye ] mandithe ke uNgqika uNgqika uth' akuzeka wath' ekunene uNgqika wazal' uMaqoma uMaqoma ke nguyen' ungaphambili koonyana bakaNgqika bonke bephela ekuzalweni ngowoNgqosinikazi ke uNothonto una kaMaqoma...ke ekunene uzel' uMaqoma lowo ixhiba eli...ewe uTyhali ngokaNgqika wasexhibeni unina wakhe ngumQocwakazi ewe yintombi yalapha yazela k' uTyhali ke exhibeni uTyhali ke uzela uFeni wath' ekunene wazal' uNgonyama kanti ke ngobudala nguNgonyama owaqala wazalwa wavela ke noFeni ekuzalweni kanti ke noko ke ekukunene uTyhali ke uFeni ke uthe akuzala uzele yena

uNgubezulu abathi nguNtlikithi
uNtlikithi ke uzel' uDike
uDike ke uzele lo kuthiwa nguQala-indawo...

uTyhali ke ekunene uzele uNgonyama wazala uNombanjana uNombanjana uzele uBomvu uBomvu ke yintang' 'am lo kanye...ke uNombanjana lo walekelwa nguSibango uSibango nank' ephethe eGodidi wapenshenwa nguRulumente ephethe...ke uNombanjana lo unyana— uzele uBomvu uBomvu uzele le ntwan' iphetheyo ngoku phay' echebeni leKhobonqaba...umi ke njalo umzi wasexhibeni kwaNgqika...kanti k' ixhiba lakwaNgqika lokuqala nali...nguMnyaluza...ezele yena uMgodeli...wazala ke yena ezi ntwana zikhoyo lelokuqala ke elo xhiba...ma'khe ndithi ke ndiye kwizizwe ezifikileyo...ma'khe ndiye kwizizwe zasemaXhoseni ke ngoku ubukhosi ndisemi ndisabugqibile kubo [yiy' ezinkabini ]...heke! inkabi kaTshiwo nguMnqalazi

inkabi kaTshiwo nguMnqalazi
ekaGcaleka inkabi nguMtshayeIo
ekaKhawut' inkabi nguGojela
ekaHints' inkabi nguMali
ekaRili inkabi nguThiso
ekaSigcaw' inkabi nguZulu
ekaGwebinkumb' inkabi nguHolela
ekaZwelidumile nguNgqaqini...

zimi ngaloo ndlel' iinkabi zimiz' 'akomkhulu kub' imiz' 'akomkhulu ngokwesiko lesiXhosa ib' ithiywa ngeenkabi...ma'khe ke 'be ndisithi ma'khe ndiye phi ke ngoku ke ukuz' andinqand' umantyi athi mandiqal' apha...oo oo ndiza kungena ke kwimihlaba yentlalo yobukhosi balapha obumane buhamba busima...

ingcwaba likaNkosiyamntu likwaZulu lingase— likwaZulu
elikaSikhomo liseNtabankulu
elikaTogu liseQhokama eNgqeleni
elikaNgconde liseCumngce

le ndawo bathi iBadiville inesinala le likaNgconde elo

elikaTshiwo liseNgcwanguba
elikaGcaleka liseNxaruni
elikaPhalo lil' eliya eThongwana

phaya phay' emdeni emdeni kulaa ndlela ihla ithi isuke kuNdabakazi inkulu iya kugqitha kulaa mhlaba kaDyosini yahlul' uMthulu noDyosini isemdeni ingcwaba likaPhalo lilapho...uPhalo wafel' emaqadini amabini wafela kwelakwaMbiko wafela kwelakuloBhayi uMbiko ke sisirosha oko kukuthi kukubushula inkosi yesirosha...uMlatha eMwangwini wabhubhela kubafazi ke abazala loo madoda uPhalo...uGcaleka ufel' emaqadini kokwaboFaku kokwaboMneke [wangcwatywa phi?]

ungcwatyelw' eMsuze uGcaleka
uPhal' ungcwatyelw' eThongwane
uKhawuta ungcwatyelw' eMnyameni

kulo mhlaba kaNdiyalwa kwihlath' ekuthiwa yiMbubhuzela emantlok' alo ingcwaba lakhe lilapho uKhawuta

elikaHintsa ingcwaba liseMbangcolo kwaGatyana...
elikaRili liseTyholora phesheya koMbashe
elikaSigcawu liseMngazana phesheya koMbashe

limelene iTyholora eli noMngazana...elikaSigcawu liseMngazana

elikaGwebinkumbi liseNqadu
elikaMpisekhaya liseNqadu
elikaZwelidumile liseNqadu...

phay' eNgcwanguba ke kukh' into ema'khe ndiyibalule...kukho amaTshomane kukho amaNqabe kukh' amaHegebe kukh' amaTshezi...ezo zizwe ke ngok' sithetha nje wathi kub' uRulumente kaloku wayengavani nesi sizwe singamaXhosa ngokuba lukhuni nangokukhalipha wazithimb' ezo zizwe wazinik' abaThembu abaThembu ke bangena kuye ngenkonzo besilwa kwakunye namaXhosa la...wathi kuba kulawula yena nguy' inkunzi ngoku umoyisil' uRili amaNqabe ke ajoyin' ebaThenjini amaHegebe ajoyin' ebaThenjini amaTshomane ajoyin' ebaThenjini amaTshezi ajoyin' ebaThenjini zizizwe zalapha k' ezo...khumbula ke ingcwaba likaTshiwo lilapho eNgcwanguba...uyabona ke amaBomvana la ke ayeze nawo ngelo xesha amaBomvana namaTshezi ngabant' abanye int' enayo kwathi njengokuba bekhonzile kwahamba kwahanjwa kwahamba kwahamba kooninakhulu waze uRili lo waze uKhawu— uNantsik' uHintsa wazek' intombi ka— kaNtshunqe uNomsa yazal' uRili yazal' uRili yazala uMqoloza qha kuphela...waze ke ngonje uRili ke— uHintsa waxhumisa le mpi eli cala eli lamaBomvana langaphezulu kwamaTshomane kuye 'se ingathi lingaphezulu nje lakhuliswa nguRili...'be ndithe kuwe ezaa zizwe zipha' amaNqabe amaTshomane amaHegebe [ezithilini zaseMqanduli] wonk' uMqanduli ngowamaGcaleka...kwathi ke ngokungev' oku kwamaXhosa uRulumente wathanda ke ukunikel' abaThembu njengabantu k' abakhonze kuye yena abamvayo kuba nam 'be ndingenje njalo kumnt' okhonze kum...abaThemb' abazange babe nalu lwandle ayikho loo nto tu! abaThembu bagxothelwa ngasentla ngasentla ngapha nguTshiwo nguTogu noNgconde bangasentla kuphela ulwandle k' ukuza kwalo luza namangcwab' eenkosi zamaXhosa njengoko zinjalo ukusukela kuSikhomo kuTogu nakuNgconde nakuTshiwo nakuPhalo ndithetha uk— ezaa zizwe ke zipha' uMqanduli yi-ofisi yamaGcaleka ke ngok' uRulumente wathi kub' eli lizwe le lakhe wenza ngokuma kwakhe walungiselel' abaThembu kuba bekhonze kuye...khangela ke int' ekhoyo neXhor' eli wayelibanga uSabatha l' ukhoyo amaBomvan' akazang' avume ath' asizange sikhonze kowenu kubukhosi babaThembu thina sakhonza emaXhoseni...'zange sakhonza kuwe boyiswa ke ngokungavumi kwamaBomvana ebangwa yint' enye k' amaBomvana atsalwa nguNomsa una kaRili kube engudadeboyise wabo kuba uNomsa yintombi kaNtshunqe

uNtshunqe uzel' uGambushe
uGambushe wazala uMoni
uMoni wazala uNgonyama
uNgonyama wazal' uGweb'indlala
uGweb'indlala wazal' uNgubezulu
uNgubezulu ke wazal' uZwelenqaba

l' ukhoyo ngoku...yiyo ke loo nto ezinye ke izizw' ezafikayo zakhonza ngamaMaya ayechithwa nguNgubengcuka [aphi? kwesiphi isithuba?] alapha ke kuGxara uMbuyazwe into kaStokwe inkulu yawo yil' ilapha kwaGatyana eNqadu ekuthiwa nguMgudlwa ngokaMgudlwa kaSobhini Mgudlwa mh...mandibuye ke ndiz' apha ke ndize kweli lizwe...ndithi ndithi umzi waseMbo wafika ngo1818 wawufika ke kukumkani uHintsa wawusukelwa ngamaTshaka uxabene nawo...waza kugalelek' aph' eGcuwa uGcu— uHintsa wayemi kulo mzi womfundisi ngoku unecawe yaseWesile...bathe bakufika ke amaMfengu elambile esukelwa nguTshaka wawagubungel' uHintsa wawagcina...ath' akufika kuloo nyaka ala ngowesibini amaTshak' afika elandela wona...waze ke ngonje uHintsa akawavuma wawachitha ukuba angawuweli uMbashe lo abalek' amaTshak' abheka le esukelwa nguHintsa ngoku kuba eb' elandel' amaMfengu la...wathath' amaMfengu wawagcina wawakhonzisa ubukhosi bawo wabubuza wabunika inkosi ayinik' amashum' amahlan' eenkomo ekuthiwa yinkosi le...kwiinkosi zamaHlubi uMhlambiso lo ngomny' owaluswa nguHintsa...wawaba uHintsa wawab' amaMfengu wawaba amaMfengu wawabel' ubukhosi bakhe bonk' ukuba makaphile...uyabona ke l' ingapheshey' apha le nguNyila nguMvelelelo kuba wanikwa kwaVelelo...obu balaph' ubukhosi obu bakowethu ubukhosi nguNkath' eZingqayi...zathi ke neziduko zamaMfeng' ezingabantu zanikw' abantu njalo njalo...uVeldtmani lo Bhikitshi ngowasemaGiqweni kwaNgxala...nangoku uTshali lo usand' ukubhubha uyise wegqweth' eli e'b' etolik' eGcuw' apha eb' elala kuNzima es' apha kwibhodi yakuthi umphakathi wakuthi ngobuGiqw' obo uyise wayebelwe emaGiqweni nguHintsa...int' esenze sahlukana namaMfengu nabaMbo kuba eli gama lithi Mfengu litheth' inkcithakalo aba bantu isizwe abasiso ngabaMbo ibizo labo abanokubizwa ngalo Mfengu litheth' inkcithakalo...ngabaMbo aba bantu heke heke kumnt' [iMfengu ngumntu ohambayo] heke heke nkosi undivile le nto eli gama lithi Mfengu asilogama lasizwe ligama lokuchithakala nokuba ngubani na uhamba emfunguza utsho ndiyamfenguza ndiyamfenguza ngabaMbo aba njengokuba bevela kwaTshaka nangoku baneziduko ezikhomba pha' kwaTshaka pha' amaDlamini namaRadebe namaHlubi ewe nabaNantsika— nama— namaDlambula nazo k' izizwe zipha' ke ath' akufik' apha ke wawakhonzisa k' uHintsa wavana nawo wawabela nomhlaba wokuhlala kude kubheke emaNgqamakhwe nasemaTsomo ewaxuba ezilalini zakhe uHintsa...kwaza kushumayela ke abafundisi bokuqala baseWesile ooDyani bemka bezokushumayela wabanik' ithuba bahambe beshumayela ngoThixo...kuzokufika u— kuzokufika uElefu umfundis' owenz' uba amaMfengu ahlukane namaXhosa...ngumfundis' uElefu kukh' indlu ebhaliwey' aph' eGcuwa kule cawe yaseWesile kwathiwa Ayliff Memorial Church seso sikhumbuzo k' eso...wath' akufik' uElefu efika kuHintsa wamnik' uba ashumayele ke njengabany' abafundisi a'se begqithileyo wabanika ke bashumayela...wathi kanti udibene nalo mzi waseMbo uwuxelela ngoRulumente oya kuthi abe nenkonzo ephilileyo ngaphezu kwekaHintsa...mandithi ke waman' ukushumayela ke lo mfundisi ke ewaxelela wada wavumelana nawo uthe akuvumelana nawo...uRulumente waza kuwaphuthuma ngo1834 kuba evumelana nawo wawaphuthuma ngemikhosi engamxelelang' uHintsa engazi 'nt' uHintsa waza kumqubula ukuz' ayokufel' eNqabara uHints' ephuthum' amaMfengu wemka namaMfengu waya kutsho eNxuba eMqwashini uRulumente [eNgqushwa] eNgqushwa lo Mqhwashu k' useNgqushwa aph' ukhona apho amaMfengu wayewafungisa khon' uRulumente...nanz' izifungo wayewafungisa zona wayethi ewe ndifun' ukuba— ndifun' uba niya kundikhonza na bathi nkosi siya kukukhonza wathi nakufundisa] bathi sakufundisa wathi nakundilulamela bathi sakukululamela wathi nakugqobhoka bathi sakugqobhoka wathi ke imfazwe eza kum nakuyilwa nincedise mna bathi sakuyilwa nanzo ke izifungo eza zifungw' emQwashini ngamaMfengu...angabantu bakuRulumente kwelaa 'zwe ke from 1818 kude kuye ku1834 emka ngo1834 kuHints' apha...kwahlaleka kwahlaleka kwahlaleka kwehl' uNongqawuse...uNongqawuse ke ngo1857 uNongqawuse ke yintombi kaMhlakaza yasemaNgqosinini yayithetha eGxara apha yayithetha kule lali yaseziThenjini kule inoGlifisi

uGlifisi lo ngokaDimanda
uDimanda ngokaSibhozo
uSibhozo ngokaNzabela
uNzabela ngokaRaba
uRaba ngokaFaku
uFaku ngokaGcaleka

yayithetha ke ewe aph' eQolora loo ntombi ixela ngovuko lweenkosi ixela ngobutyebi obuza kubakho xa iinkomo zixheliwe kwalahlw' umbon' omdala...mandithi ke ndingalandi kakhulu ukulahlekis' iingqondo zenu...uHintsa ke wathumel' ubawo l' uBhotomane uBhotomane wayephi apho akhona wayeseNdwe phezulu emdeni weLady Frere apho wayephethe khona...kanti k' apho wayesuka khona wayesuk' aph' eNtlambe eyokuma eThulura eya kuma eKhwangane kule ndawo sikuyo ukuz' ay' apho esiya noRili ke ngoku uRili esiy' eHohita yena eya kuma khona...ke ngoku uNzabela ulaph' eQolora intombazana itheth' ilaph' eQolora uNzabela le ntombi ithetha ngolu vuko waya wathumel' ubawo waya wafika wakholelwa waya noRili zaya nezi nkosi zaya...intlanganiso yokugqibela yaseHohita komkhulu kuhlanganiswe zonk' ezamaXhos' iinkosi zikho [le ntomb' iphaya?] le ntombi ithetha eGxara apha kwaCentane ewe kwesikaNzabela kuloGlifis' apha le ithetha ngovuko ithetha ngobutyebi ithetha ngokuba kuza kuvuk' uHintsa ithetha ngokuba kuza kuvuk' uNdlambe ithetha ngokuba kuza kuvuk' uNgqika njalo njalo...kwakholelwa kuloo nto...ngoku ke uRili wenz' intlanganis' enkulu ku1857...wathi iinkomo mazixhelwe...wathumela ke kuSandile kwaNgqika uSandile wayephi wayemi eCumakala eStutterheim ewe yindawo enekomkhulu lakwaNgqik' elo kanti k' ingcwaba likaNgqika lona inkq' uNgqika aph' abhubhele khona ubhubhel' eXesi eMkhubiso...'se inguSandile l' ulapha eCumakala eStutterheim kanti ke uMlawu noRarabe bafela bephuthume beyokuthimb' abaThembu bafela eXuka...washiyeka ke uNgqika lo emncinane waya kwaluswa nguKhawuta esuk' apha uKhawuta esuka eNxaruni waya kumalusa eQonce...mandize kweli bali ndibalisa lona ke [uSarili wabiza intlanganiso] wabiz' intlanganis' enkulu uba makuxhelw' iinkomo ayabi nakuphikwa loo nto kub' ithethwa ngukumkani waye ke naye 'se ethumele ezinye iinkosana eziphantsi kwakhe zayingqina ukuba makuxhelwe ilishwa nedini likaRulumente ukuba afuman' ilizwe yenziwa nguThixo loo nto ewe ewe ke uthi k' uMaphasa kuloo ntlanganis' inkulu ingako ukho k' uyise kaMaphasa uBhuru...inkos' eyayikho kwezindala ezingoonozala yayinguBhuru ukhona uth' uMaphasa akubon' uba kuthiwa iinkomo mazixhelwe...uthi le nto le nto le ntwana le ntwana iyacela ithi ke ebukumkanini bakowayo phambi kokuba iyabona ukuba iinkomo 'se kuvunyelwene ukuba iinkomo mazixhelwe ithi ke ma'khe kuhanjwe kuyiw' ethafeni kuye kufundw' ingca phambi kokuba iinkomo zixhelwe ziqonde ukub' iinkomo zithe zakuba zixheliwe iinkomo zavuka siqond' uba zingaphila yingca na...ma'khe kuyiw' ethafeni ndiyacela ...hayi isicelo sakhe asakhe sihambele ndawo 'zange sikhathalelwe salahlwa wasuka wajika woyiseka k' uMaphasa...zaxhelw' iinkomo kwathunyelwa kuSandile uSandile waxhela...kwathunyela naku— ewe nakuSigidi elaph' eMpethu zaxhelw' iinkomo...kodwa ke nakwaNgqika uTyhali akazang' axhele uKhama akazang' axhele ewe neziny' iinkosi ubuninzi azaxhela kanti nakwaGcaleka ngokunjalo waxhela k' uRili nezinye noSandile bobabini ngobukhulu babo wath' uSandile int' eyenziwa nguRili andinakungayenzi ndiya kuzixhel' ezi nkomo wazixhela...kwathiwa ke kuya kuhlalwa iintsuk' ezisibhozo licebo k' elo elibonakal' uba lenziwa elalo nkohliso kuba bayaz' uba iintsuk' ezibhozo ukuba zigqithile akukho mntu uya kuphila...zegqith' iintsuk' ezibhozo laphum' ilanga kwathiwa lakuthi lakuphum' ilanga lakuba lapha lijike liyokutshona kwasempumalanga 'zange liyenze loo nto laaphuma laya kutshona mandithi imiqondiso ayizang' iphumelele emveni kokub' iinkomo zixheliwe zaxhelwa zagqitywa tu akukho miqondiso yakhe yenzeka kwabonakala ke ngoku ke ukuba abantu mabachithakale...uRili ke waya kulonina kwaBomvana kuba kaloku amaBomvana wathi makangaxheli yena kophilwa ngawo akaxhela ke amaBomvana...wa— wathi ke zakuphel' iinkomo akubon' ub' uxokisiwe waya kwaBomvana waya kuhlala khona kwaMoni...uMaphasa lo waya kwantombi yakhe eGqili emaVundleni uBhuru wathi yen' akanakuhamba wahlala phantsi wathi eb' elulamel' ubukumkani bakhe ngako oko ke nxa le nt' ingenakuphumelela yen' ufun' ukufel' apha wahlala phants' uBhuru wabuya uDengana ewe okwa ngumTshawe wenzala kaGcaleka waza kuhlal' ecalu kwakhe ebukhosini...wabuy' uTyindye owaluke noBhuru umphakathi wakhe waya kuhlal' ecalu kwakhe wabuy' uMaphonya into yaseMaMpingeni yaza kuhlal' ecalu kwakhe wabuy' uNgqelenga into yasemaBambeni yaza kuhlal' ecalu kwakhe bafa kunye naye loo maphakathi yindlala...abantu abafayo bamalunga nesigidi nguNongqawuse...kwachithakalwa ke uBhotomane waya phi yena wabheka kwaMhlontlo ebukhweni bakhe kulonina kabawo [kwaQumbu?] kwaQumbu kanye kanye nkosi wabheka apho waya kuhlal' apho...waze ke uRulumente wafika akubon' uba umhlaba lo akukho mntu uRil' umkile noBhotomane bemkile yonk' into...wawuthimb' uRulumente wathath' amaMfengu la eb' ewase phesheya kweNciba wawathumel' apha wawamis' eGcuwa wawamis' eNgqamakhwe wawamis' eTsomo...waza wathi la mhlaba uRili e'b' ekuwo noBhotoman' e'b' ekuwo eNdwe lo wakuCofimvaba wawunik' abaThembu ooMatanzim' aba waqal' ooMatanzima benyuka besuka ngapha' eGqili bez' apha ngoku kuba 'be besuka bengenakusondela nganen' apha ngeloo xesha kwakuhamb' uRil' apha hayi ba' bengenakusondela uRulumente wabanika laa mhlaba...ma maMfengu uwabonayo la...emva kukaNongqawuse wawanika loo mhlaba uRili ke wahlala wahlala wahlala wathumel' uBhotomane wathumel' unyana wakhe uDalasile baye kudibana noRulumente ukuba makabuye eze nganeno kulo mhlaba uthi uRulumente ndiwuthimbile oseGcuw' umhlaba ndiwuthimbile oseNgqamakhwe ndiwuthumbil' oseTsomo ndiyinik' emaMfengu loo mihlaba laa ndandiwathath' apha ndiwasa phesheya kweNciba ndiwabuyisele kuloo mihlaba ke lowa uRili wayekuwo kanye ndiwunik' abaThembu...ke ndithi makabuye eze kwaCentan' apha kulo wakwaCentane ndiyamnika wona naseDutywa ewe nakwaGatyana makeze...[wabuya?] naseXhora wabuya k' uRili waza kuba lapha kuHolela...uBhotomane ke wabuyela aph' eNtlambe eNtlambe ew' eThuthura eNkondwane eRwantsana ziindawo zakho k' ezo...kwahlaleka ke konwatyiwe kwahlaleka ke konwatyiwe kwahlaleka ke konwatyiwe...kuthe phay' eBawa kwesikaNqenqa emaNzotshweni pha' nanga kwasilw' utywala bomtshato wentombi wonyana kaNgcayechibi uKhewuthi ezek' intombi kaMsamo udadeboNazo eBawa...kwakho loo mgidi 1877 loo mgidi...kwehla impi kaMaphasa uMaphas' apho wayekho— wayelawulwe khona nguRili wayemlawule eKhobonqaba [eGobe] eGobe heke eGobe...imizi yakh' ib' ilaph' eGobe kanye kule ndawo inoFredi Soga ineskol' esidala phezu kweGobe kanye wayelapho k' uMaphasa impi yakhe izokuthi xha ngoXhobane lo...uyabona k' ukuma ke ngoko ke kwakungenziwa le ngxinano kwakuthiwa sa sa sa sa yaza kuma phesheya kwale yakuthi yenzelw' umda yenzan' umda ngeThuthura eli nale yakuthi impi kaMaphasa yakwaXhobane pha' yawela khona ke le mpi yakwaMaphasa yaya kusela pha' kwaNgcayechibi...nanzi iinkos' ezawelayo ngoNgcayechibi inkosi yaseTsonyane eyawelayo yile...nguMxoli

uMxoli ngokaMbune
uMbune ngokaKhawuta

owaseqadini owenziwa umninawa kaBhuru...oonina phofu ingemnyanga...nguye k' owawela ke nala madoda ndiza kuwabiza wayehamba noNkunzana wayehamba noStemela wayehamba noThwana wayehamba noLudwange wayehamba noNcitha wayehamba no— noThwana into yasemaBambeni namany' amanene ke 'se nditheth' abalulekileyo amadod' awayehamba nawo...ngawo ke la aqhal' imfazwe kaNgcayechibi ath' akuhlutha ukumka kwelanga ath' endaweni yokub' agoduke afun' uba makanikw' utywala afun' uba anikw' utywala kwathi kwakulandulwa athi iimbiz' e'be zibolekiwe akaziboni afuna zona...akavuma kumka akuhluth' anxila kwas'ke ke ngoku ke kwathi nxa kuphum' iMfeng' isiya kuchama nayo 'se inxilile ibambelele ngesandla kuMxoli lowo...yabethwa ke ngokub' ibamb' inkosi ngesandla iyiMfengu kwaliwa ke ukuze kuliwe ke ngoNgcayechibi kwaba njalo...yayiliTsonyana likaBhuru elo lalisenza loo nto...wathi akuyiva ke uBhotomane loo nto wathumela kuRili ukuba iTsonyana lilwile lilwe namaMfengu... wathi ke uRili kuBhotomane phuthum' iinkomo zamaMfeng' ezo kuba kwakuthinjw' iwaka... waziphuthuma k' uBhotomane eKhobonqaba kwaMaphasa lathunyelwa ke iwaka...ke kaloku ke uRulumente nxa eb' efun' ukuxoxa noRili ngale nto yenziwe nguMaphasa uxoxa ke uRulumente enemikhosi awayehamba nayo iinjengel' ezi kwakukh' imikhosi eyayiseGwadane imityin' emithathu emikhulu kaRulumente ikho l' iseBika...ithe k' uRili enentlanganiso yale nto kuHolela...yathi ke laa mpi ikwaGatyana yakubona ke le mikhos' iseGwadane yabon' uba mayingayi komkhulu...iya kuthi x' iya komkhulu intsapho yayo iya kubonw' icinezelw' ibulawe mayise isifa nentsapho yayo yase ifunza ke kwaliwa ke lachithwa ke leyo kaRulumente yayiyiqalil' imfazwe yachithwa waye uRili engekazi nto yath' ukubuya kwempi le yakhe ichithile yoyisile imoyisile uRulumente yathi uRulumente simoyisile silwile naye pha' uth' uRili 'be nithunywe ngubani na ngubani onifunzileyo kuba 'be ndinentlanganiso apha 'be ndithe yizan' apha khon' uba 'be nicinezelwe 'be nikhathala yintoni kuba 'be nibizwe ndimi andifuni kulwa kuliwe ngokutya kubi ukulwa ngokutya nixel' impi kaMaphasa le ndisathetha nayo...hayi 'se konakele waye ke uRulumente ke 'se efunza ukuze kuliwe ngoNgcayechibi uze lo mhlaba [uRil' engafuni] uRil' engafuni mh!...kwas'ke kwenzeka yas'ke yamoshwa ngamaVelelo namaNdluntsha namaMbombo kaNgubo la aqal' uRulumente ngos'k' ambone uba nanku athi wona uza kuwo abe esithi akanakuya kuHolela pha' ashiye imikhosi yiyo le 'se isiza...ke iza kucums' intsapho ase efunza kwaliwa ke yathi imikhosi le kaRulumente okokuqala yakhe yachithwa...waphinda ke uRulumente waza kunora akazi kuyeka ukuze kuliwe kwaba njalo le yaseBika 'se iye yesibini...waqala ke uRili ke eBik' apha hayi wachithwa...imini k' ezinkulu ekufunzwa kusas' ilanga litshone iindawo nanzi...kukh' imin' 'aseNgunduza eMsintsana awu amangcwaba aseplandeshini l' ilinyiweyo iphay' eNgunduza amangcwaba kaRulumente ewe amajoni akulaa plandeshi le ilinyiweyo awayesilwa noRili...loo mini ke yimin' 'aseGwadane imin' 'aseBika imin' 'akuHolela imini yaseNgunduza imin' 'akwaKhwabakazi imin' 'aseChebe imin' yaseSebeni imin' 'akwaCentana iimini ewe zase— zakuMpame nakuCwede naseGuze aph' uRili wayefunwa khona 'sele oyisiwe ngoku waya kuzinikela...uBhotomane uNgubo uJoyi yayizinjengele zemikhos' ezo zagutywa wagutywa uRili ke woyiswa ngoNgcayechibi lathinjwa ke eli lizwe lalawulwa nguRulumente kuba kunangoku...ma'khe ndime ndenzel' ub' undibuze nawe kweziny' iindaw' ongandibuza zona...ubukhosi bamaGqunukhwebe ma'khe ndiye kubo ...ma'khe ndiye kubo...amaGqunukhwebe ayengenabukhosi amaGqunukhwebe ngamaNqarwana...lo mnt' uzokubusa ebusiswa nguPhalo uPhalo ngokuya aph' eNx— eNantsika e— e— eKhwenxura nguKhwane nguGaba ngamagos' amakhulu ke lawo...uGaba ke ngowamaNgqosini ingengawo l' afike mva la ayefike kuqala angamaphakath' amakhulu ke lawo ayakuthi xa umntu onileyo kuthiwe makaye kulahlwa ngawo...wathi kant' uKhwane elahl' aba bantu kuthiwa nje bonile banezono kant' akabalahli ubagcina kule ndawo kuthiwa yiAlexanda ngapha ngaseRini...ithe ke kwafika uMjobi inkosi yamaNgqosin' ivel' eLusuthu ichithakile yenje njeya yaze ke yathi yakufika kuPhalo wayenik' umhlaba wob' ime yema ke...wayixelela ke ukub' iphantsi kwakhe mayaz' uba ngumhlaba wakhe lo iphantsi kwakhe yavuma loo nto nayo uba izokukhonza kuye ngok' iqhube yaqhuba yaqhuba yathi yakulunga yakuhlala kakuhle yakonwaba...yath' amatyal' aba bantu yath' izibheno ayazisa kuPhalo yajika yathimba...uPhalo k' ubuza loo nto kuMjoli ke uthi hayi ngabantu bam aba ndize nab' eLusuthu uthi hayi ngumhlaba wam lo nguw' owawuze kukhonza kum apha utheni ngoku uhluthi ngoku yintoni...wathi hayi ngabantu bam aba waya kohlwaywa k' uMjobi wathi andiyi kukuphela andiyi kwenza nto yimbi ndiya kuthimba ndiyeke kubantu bam ayingobakho wathi ungumntu wam wena...uliphiwe ndim eli lizwe...ke ndiza kukohlwayo ukub' akuva uth' akuva uthi andiva wamohlwaya ke...yathi yakuhlangan' impi yokuya kohlwaya kuthiwe impi yathi yakohlwaywa l' impi yachithwa le kaPhalo...wafunz' uGcaleka ngeyakokwabo ngeyakhe yachithwa wafunz' uRarabe yachithwa...wafunz' uMnqalase ixhiba likaPhalo lachithwa...wathi k' uKhwane wacinga ngala magqwira wayewafihl' eMnyameni wawaphuthuma esithwe ngamahlathi afunza wachithw' uMjobi...waqonda k' ub' uPhalo eb' esechithiwe noonyana bakhe bechithiwe nexhiba lichithiwe...ngoku ke yazi ke kudala ubukhosi 'be bungokukhalipha...yakuba ke yoyisiwe yoyisiwe woyisiw' owoyisiweyo...ngoku ke wathi akuchithw' uMjobi wachithwa wajika wazinikela...kwathiwa ke nantsi k' into xa uzinikelayo obu bukhosi 'be sikunike sathi yiba yinkosi sibuphelisile akuyi kuphind' ube yinkos' apha...int' ekukuyo uza kuba yibhodi int' ekuyo wena sikubonil' uba ulukhuni ukhaliphile...iinkos' ezi nxa zalukayo ziza kufukanyiswa nguwe...ziza kwaluswa nguwe [ingubani lo!] nguMjobi uMjobi uza ewe ke ziza kusekelwa nguwe uza kuba bubulunga bazo uza 'ba siza kukwenza uba uqinise zona ngoku kukhaliph' ukhaliphe ngako...wenjiwa njalo k' amaNgqosini ayasekela ayalusa ayafukamisa int' awagwentywa ngayo loo mini ngenxa yokuba lukhuni kutshiwo kuMjob' inkosi yawo...igama lenkabi yakhe yayinguMbudlu umzi kaMjobi kuthiwa kukuloMbudlu kwaMjobi...ke nanga nazi izizwe awayesiza nazo eLusuthu uMjobi nazi...ngamaVundle ngamaLaza ngamaMvulane ngamaKhumbeni ngamaQadi izizw' ezihlanu awaza naz' eLusuthu...ke ngok' uMjob' akoyiswa ke wagwetywa ke wenziw' ibhodi wenziwa ke uba mayibe nguye owalusayo afukamise asekele...kwaba njalo intombi yakhe xa zingekho iintombi zabaThembu yiy' eya kuphum' inkosi...kwenjiwa njalo...xa zingekhoyo ezabaThembu nezamaMpondo...yiy' eya kuphum' inkosi...ke uPhalo ke wenz' intlanganis' enkul' eNxaruni hayi e— e— eNantsik' eKhwenxura...wathi nants' into kwakuba kuzele impi yakhe yonke wathi nants' into ubukhosi bam 'be buse bumka namhlanje bumka nomnt' o'be 'ze kukhonza kum 's' endoyisa kuvele lo mphakathi unguKhwane...weza nala magqwira ndithe makalahlwe ngezono zawo kant' akawalahl' uyawagcina kuliwe ke ndoyisile ke ndimoyisil' uMjobi...nantsi k' into ngoku lo mphakathi namhlanje ndiza kuthi ndiza kumnik' ukukhosi ndiza kumpha ubukhosi...ndithi makabuliswe makuthiwe aa! Khwane! yadum' intlanganiso yonke yathi aa! Khwane!...yathi ke amagam' emizi yakho yobukhosi wathiye njengokub' ndiwathiya nam eli gama lobutshawe ndiya kunika uba uhlonitshwe ngalo njengokuba ndihlonitshwa ngalo kodwa phantsi kwam amatyala— aba bantu u— ndi— undiphumelelise ngabo ndiyakunikela ibe ngabantu bakho kodwa ke izibheno zakho mazize kum [ngamaGqunukhwebe ke lawo?] ngamaGqunukhwebe ke lawo...ke ndithi namhlanje mka komkhulu hambokum' eBhira...uthiye amagam' eenkabi uKhwane ke wemka ke waya kum' eBhira waqala ke wanabo bukhosi wabunikwayo wabuliswa wathiywa ke umzi wakhe ngenkabi kwathiwa kuloMangxwala emaGqunukhwebeni ekunene kuseMjadwini kwaKhama uKhwane ke uzele uTshak' int' yakhe enkulu yanguTyar' ekunene...

uTshaka uzele uCungwa
uCungwa ke uzele uPhatho

inkulu yakhe wath' ekunene wazal' uKhama

uPhatho k' uzel' uDilinia
uDilinia uzel' uNamba
uNamb' uzel' uMkhanya...

uMkhanya ngezi mini useGqunube wobukhosi bamaGqunukhwebe...ke

uCungwa ekunene— uCungwa ekunene kuka— kukaTshaka
uKham' ekunene kukaCungwa

uKhama lo kukunene kukaCungwa uCungwa— uKhama ke uzele uMani wazal' uHilini...i-ofisi yakhe aph' ikhon' iseXesi yamaGqunukhwebe ngoku ndithethayo ngezi mini...baba njalo k' ubukhosi bamaGqunukhwebe mhla afuman' ubukhosi babo babunikwa nguPhalo ukumkani owabunikayo ebunikela emi— eKhwenxura...ndiyaphela ke apho kuleyo indawo ...'be ndifuna ukukhe ndenz' imid' embalwa malunga ewe namaphakathi alaph' amakhulu ingengawo onke amaphakath' amakhulu apha kwaGcaleka nakwaNgqika iza kuba ngamadod' ambalwa ke andifuni kufeza onke amaphakathi lingatshon' ilanga...ndiza kuxela ndizam' ukuchaza le nto le nt' iziinkosi le nt' ibukumkani basemaXhoseni iyelele kubant' abamhlophe umbuso wabo kuba banamaphakathi abathethelwa ngawo inkos' iba nequmru eliphantsi kwayo eliphendula iindaba nezivela kuRulumente nezivel' ezizweni iphendule ngeloo qumru lixox' iquneru linikele yon' ithethe kunjalo ke ngokwesiko lesiXhosa...kwicala lakwaGcaleka emaXhoseni apha kwicala lakwaGcaleka ngawo la...uNumber one ngu— nguSijako into kaBhacela into kaKhwaza

nguSijako kaBhacela
kaKhwaza
kaNgqiya
kaWohle

ngumphakath' omkhulu walaph' emaXhoseni olandela uKhwane lowa wayesebenzel' ubukhosi xa ukumkani uPhalo wayesilwa noMjobi...ulandela yena ke lo mphakathi uKhwaza uSijako lo

uSijako ngokaBhacela
uBhacela ngokaKhwaza
uKhwaza ngokaNgqila
uNgqila ngokaWohle
uWohle ngokaThotywayo...

omnye k' umphakathi ngulo nguHedeni nguHlangabeza nguMake nguNtsheco nguHena nguGege nguWohle yiyona nt' inkulu ke kaWohle ke u— eli cala likaMake ebuphakathini...uMadolo ngokaKhwaza wasekunune...uMabala ngokaNgqila waseqadini ekunene nguMagele...ngamaphakath' alaph' amakhulu lawo ke ndiwabizayo akwaGcaleka iseken— alandelayo ke ngala nguRuneyi uyise nguQeqe

uQeqe ngokaGanya
uGanya ngokaMpulu...

yinduna ke leyo ke ekwa nkulu elandela leyo ke ngu— nguGwatyuza into kaNjimbane yasemaMpondweni unomninawa wakhe uWolela...omny' umphakathi ke owalekela lawo nguMsasa into kaTatsi emaNdluntsha...akho ke amany' amaphakathi awona makhulu ngala kwicala lakwaGcaleka la ndiwaxelileyo alandela uMajeki...'khe ndiye kwaNgqika uNumber one nguTyhala

uzele uNtsangana
uNtsangana wazal' uMhlontlo
uMhlontlo wazal' uMmoshi

l' usisibond' eNxaxho yinduna ke kweli cala lakwaNgqik' enkulu ekungekh' ingaphezu kwakhe...uNumber two nguSoga uSoga ke int' 'akhe enkulu nguFestile...uFestile k' uzel' uHenry wazala uJoni...ngumphakathi k' omkhulu wakwaNgqika ke lowo bobabin' abo olandela lowo ke nguQukwana ozel' uMbhoyi

uMbhoyi wazala uNdesana
uNdesana wazal' uMlawuli

uMlawuli ngul' useMsebe yinduna ke enkulu yakwaSandile leyo elandel' eziya...nanzi ke nantsi k' eny' induna nguGaqa uzel' uNzima uzele uHokisi uHokisi uzele ewe lo uphetheyo ngoku uNantsika heke hayi uphethe eNxaxha uKheyisela heke ngumphakathi lowo kanjaqo olandela lowo ke nguSomana uzele uGwebinibiza l' uphetheyo ngoku apha apha eKhobonqaba eKhobe gxebe...nango ke amaphakathi amakhulu akwaSandile alandela lawo ke ngu— olandela lowo ngu— lawo amaphakathi alandelayo ke nanga nguVuso ozel' uZimasile uphay' eQombolo ke omnye ngu— nguGeza ozal— ozala uSifingo nank' eQombolo...owesithathu nguFalakhe nank' eNgcizela ngamaphakath' amakhul' akwaSandile...ndicacisa ke ubukhosi basemaXhoseni ke xa nditshoyo ndimile ke kulawo akho k' amanye ngawona makhulu macal' omabini lawo ndicacisa ukuthi ubukhosi basemaxhoseni ayiyonkosi yodwa kant' ayinanduna...ubukhosi basemaXhoseni bunenduna buyalawulwa...bunequmru eliphantsi kwabo eliphantsi kokumkani elingumlomo wakhe noba liza— nobuRulumente ufun' uba ukumkan' athethe uya kuthetha ngenteth' ayifumene kwelo qumru lakhe njengokuba eya kuthi alibize ngexesh' aya kulibiza ngalo...ukutsho ke kukuthi ndiyema apho.

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i