Skip to main content

Izibongo zika Maqoma

 Ahh! Jong'umsobomvu
(1798 - 1873)

Igama le nkos' am ngu Maqoma; ngu Jongumsobomvu abuliswa ngalo. Lo ngu nyana oli vela tanci kubo bonke oo nyana baka Lwaganda - u Ngqika into ka Mlawu ka Rharhabe ka Phalo ka Tshiwo. Uzalwa ngu Ngqika kwi ndlu yakhe yase Kunene, waza u Ngqika kwindlu yakhe enkulu wazala uMgolombane; ngu Sandile kelowo nge nkosazana yase Bathenjini kwisizwe samaTshatshu. u Nina ka Maqoma ngu Nothonto, u Menyezwa igama lako wabo, intokazi ka Ngxiya u Mngqosini. Le nkosi u Maqoma yazalwa ngo mnyaka ka 1798 izalwa ne wele layo eliyi ntombazana, egama lingu Nongwane; yona loo ntombi ye ndela emaGqunukhwebeni.

Imbali ithi; elona gama le nkabi le nkabi ka Maqoma inkosi yama Jingqi ngu "Ntsilantle", u Ntsilantle kant' u Bholoshiwe. Eli gama lale nkabi kuthiwa yali thiywa ngu yise ka Maqoma, u Ngqika; nge thuba uMaqoma waye ngu mkhwetha. Ukanti ukuze igama le bandla okanye isizwe sika Maqoma sibizwe ngokuba ngama Jingqi - kwathi kanti u Maqoma nge thuba eseyi nkwenkwe wathi waphiwa inkatyana ye nkomo li phakathi lika yise eligama lingu Jiyelwa umfo wase maJwarheni owayeme e Thyume. U Jiyelwa wayebuka unyana we ntanga yakhe ekwa yinkosi yakhe u Ngqika ngokuyipha inkatyana ye nkomo khon' ukuze ibuyele ko mkhulu inkwenkwe leyo iqhuba into; ebesenjenjalo kakade amadoda wakwa Xhosa wamzuzu ukubuka iintombi noo nyana bawo okanye iintombi noo nyana boo ntanga babo. uthe ke u Maqoma wayithatha loo nkatyana waya kuyibeka ku Mdabe, no ngomnye wamaphakathi wakowabo.

Uthe u Maqoma xa ese suthwini engu mkhwetha, iintanga zakhe awayeluke nazo xa babehlangene apho esuthwini, zacela ukuba inkosi yazo le zaluke nayo ikhe ize ne nkabi ekuya kuthiywa isizwe no mzi wayo ngayo khe ziyibone. Ngokwenene ke iphuthunyiwe inkabi leyo, yabekwa phambi kkwaba khwetha abo. Bayibuka, bambi beyi bonga, iyi ntswahla yamakhwelo kuyi lonto; Baye abakhwetha abo bayithiya igama lokuba ngu Jingqi. Bathi "thina singama Bandla akulo Jingqi", kwasukela apho ke ukuba impi ka Maqoma yaziwe ngokuba ngama Jingqi; amaJingq' angevayo. Uthe akukhothama u Nkosi u Ngqika ngo 1829, ekhothamela e Mkhubiso, ebulewe sisifo sephepha (Tubercolosis); u Sandile inkulu ka Ngqika, yabanjelwa ubukhosi bayo ngu Maqoma iminyaka elishumi elinesibhozo - wabubuyisela kuyo ngo 1847 xa eli krwala u Sandile. Uthe akububuyisela ubukhosi ku Sandile, wafuduka yena waya kuma e Mthontsi, kufutshane nale dolophu yase Bhofolo - esingqengqeni. Uthe u Sandile engena ebukhosini, labe lisifa ilizwe kwango 1847 njalo, le mfazwe athi amaXhosa yi mfazwe ye Zembe. U Maqoma akayilwanga yena le mfazwe kuba ebengavumelani nayo, kuba wayesithi ilizwe alinakude life ngenxa ka Tsili. Uthe u Maqoma engayilwanga enjalo le mfazwe, kodwa akasinda ekwenziweni ixhoba nento yokudlala ngu Harry Smith; owathi edibana no Maqoma eBhayi, wamdubula nge nqindi ezi ndlathini, wamnyathela entanyeni, ekhonya esithi "Ndifuna ukubonisa zonke ezi Kaffir ukuba ndim inkosi enkulu, zona zizinja zam". Kuthwa u Maqoma waphendula enyathelwe ngamaquza entanyeni esithi "Uyinja nja ndini, futhi nalento uyenzayo uyenziswa bubunja; u Vitoliya uyandazi ukuba ndingowase bukhosini njengaye, akasokuze akuyalele ukuba wenze lento komnye umntu wase bukhosini". U Smith ngokwenjenje waba kanti uzenzele olona tshaba ku Maqoma, kuba inkosi le yafunga imunca iintupha isithi "Ndizakumbonisa u Smith ngoba ndiyabona undiva ngoo nobalisa".

uMaqoma yeyona nkosi ne njengele yakwa Xhosa ewonzakalisileyo kakhulu amaNgesi edibene nama Lawu; futhi esonqenwa kakhulu ngawo edibene kuba ibingoyena onalo icebo lokulwa namaNgesi futhi ewasokolisa; waphelela esiqithini ekapa nje umntwanenkosi kwakuthenwa amaXhosa ngama ngesi ukuze angabi nawo amandla namacebo okulwa ezo mfazwe zazilu thotho phakathi kuka Xhosa ne Britain. uMaqoma uwalimaze kakhulu amaNgesi mgale mfaze ka Mlanjeni, apho ilizwe lafa ngo nyaka ka 1850, yatsala imfazwe iminyaka emithathu kungekho siqabu. Nto leyo eyadala uqhankqalazo kwilizwe lase Britain kuba abemi belo lizwe babediniwe kukubona imali ye rhafu yabo kuthengwa ngayo izixhobo zo mkhosi olwa e Kaffraria, nanjengoko umhlaba wamaXhosa wawubizwa. U Lieutenant-General Harry Smith - eso sigebenga sagebenga u Kumkan' u Hintsa; siso esasiphethe imikhosi yamaNgesi. Kwanyanzeleka ukuba agxothwe kwisikhundla sakhe, wagoduka edandathekile emphefumlweni, umsila ewuqoshelise phakathi kwemilenze, ehlulwe tuu ngu Maqoma. Wabe u Maqoma engaxolanga tu kwaphela, esithi umfuna yena buqu u Smith, ufuna ukumbonisa into abhinqe ngayo; wabhungca u Smith ngalo mhla kwidabi lase Fort Hare, apho amaNgesi ayevalelwe kwi nqaba yawo, enkolonkoloza ngaphakathi - amaXhosa engadubuli eqengqa ugodo. Ukuba ayengafikanga amaMfengu ukuza kuhlangula amaNgesi, u Smith ngewayewile kwelo dabi njengo Colonel Fordyce owayethenjwe kakhulu e Britain kuba wayeli qhawe kwii mfazwe ezasiliwa e Europe.

uMaqoma kwindlu yakhe enkulu uzele u Namba, no Dalasile no Thini, waza kwindlu yakhe yase Kunene wazala u Kona.

izibongo Zika Maqoma:

Ngu Njalatya, u Jongumsobomvu, isijorha so Nothonto intokazi ka Ngxiya emangqosinini.

Yi Nyok' emnyama ecand' iziziba,

Ngu Nompondwana uphunguza na Mpofu,

Ngu Desh' oneqhubu - u Sayama ngentaba yo Mnqwazi, uhlwath' olumadolo luka Nothonto.

u Manqumla ntloko zemifulana zo nomshwaka

Yi Ntshuntshe nkulu yakulo Nomhina,

u Sivumbelen' axel' ingonyama.

ufa lakho lakudliwa ngabe ntaba kuba lakudliwa ngabase mamfengwini,

ubuyokwenzani na wena kuloo ntaba ka Sihota?

Ngu mathand' ukuba nee nkabi kanti yi nyaniso wokuzifuya,

Ngu mdak' ozikweliti ziphumelayo nhakuba nhoko zidla ngokubuy' umva.

Yi nkunz' engqukuva yese Ntolweni,

Godusan' imivundla sisenge kub' umntaka Ngqika ungxoxwa yimilomo.

Ngu Mathand' ukuhamba ne tyabhakazi, no Noxina no Fatuse.

Into eyadl' u Ngxebekana nee nqwelo zakhe akwanya lutho nhoko ku ndlela zinamaqhekez' eebhotile.

Ngu gqodoza nge ntshuntshe, uMvalo usekela masi aphalale

Yinto eyazibula ngo Ngcweleshe mhla yazibula nhoko uvele mva umzi wakulo Jingqi.

Ngu Ngqik' unee nkom' ezi bhada,

ukhutyelwe yini n' ukufunga ngo Nojoli ungu mntana nje?

Yi Ngwe ka Fodayisi,

iZulu eladum' ezintaben' emathole,

Lafik' eMthontsi lafeketha.

Lifekethe ku Fodayisi nezinja zakhe, no Smithi ulivile ligqekrez' eNgcwenxa.

ngu Nduma zingaphambili kuphela umntaka Ngqika, kub' ezingemva zezegwala, ingelilo nesiko lase maTshaweni kakad' ukuza ngo mva.

ngu Ndukw' ebomvu esekhosi ka Xhosa yokubeth' amaNgesi; ndukw'  esayibekelwa' emgqubeni ngu Phalo, Yarholwa ngu Rhili no Sandile sel' ivuthiwe, ayithath' amaNgesi ayiphos' esiqithini ngokukholwa yimivumbo, kant' iyaku mila ibengu mthi olulutho kuthi maXhosa!

Ahh Jongumsobomvu




Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i