Skip to main content

Posts

Showing posts from May, 2023

Izibongo zika Joni ka Soga, uMjwarha

le yinto yasema-Jwarheni, umninawa ka-Khaphetshu, e-Mgwali. Nguntloyiy' ontusi wakwa-Luphindo, Angaxwil' umnt' ukhanuk' inyama. Yinkom' equt' egwangqa, edla ngokuba thyoba.  Si sinc' esidl' umzi wakwa-Jotelo siwukhanyela,  Sithi udliwa ngu-Mabhoza no-Thyathyu.  Ngumemezan' u-Mabhoza no-Thyathyu,  Nithi: gitshimani sada sawugqibela'.  Ngumvontsh' ontamo, Undlu zemfengu zise-Mbhashe.  Nguwod' ukhohlwe nowokutsholozela, Kub' umdud' uwuzama nge ngqula.  Nguqolo dindilili,  uzamis' inkowane,  Urhutyu ngo-Nondyola.

Izibongo zika Gonya ka Sandile

Umntanenkos' am uzalwa ngu- Nonanti intokazi ka-Ngqumana, um-Ngqosinikazi. Li gwangq' elibu qingqi, u bhulukhwe magwashu, u Magudl' eboyeni kobo mlungu. uPhath' enqineni watshw' ephangweni. u Mpondo nkqi ze khwanga,   ngu mpondo zihlab' izulu zingayi kulifikelela; Umahashe shwak' emini besiwakhwele, Funani nikhe nime ngama khul' e hlathi. Niye nime nge khumbi lika Nyelenzi, Niye nime nge hlathi lika Ndoda. Ngu mntaka Sandile, u Nxaxheba yemazi yakulo Jingqi, ngu Khuphan' inxaxheba ye mazi ukuz' abantu baphan' imihlomlo. ngu Dindilili phantsi kwe ngubo, u Ntamb' ihla ne nyonga. uKhwez' icwarhu, ahamb' ebamba maduna 'kowabo. u Mntwanenkosi ilizwi ngu mtyangampo, Inkunz' elil' eKapa wev' okwa Gcaleka. Kuthunyelw' u Wakashe ukuya ku Rhili, Kuthunyelw' uPhanyaza ukuya emaGqunukhwebeni. Babuya besith' umntanenkos' akasuswang' endaweni yakhe.

Izibongo zika Ngqika ka Mlawu

 Nguso-Tshul' ubembe, uhlek' abaneligqo, Umphambani ne ngcuka zigoduka, Untsimangwana yakwa-Nkwebu, Unyok' emnyam' ecand' isiziba. Ngu xhalang' elimaphikw' amdaka, Untloyiy' onendlwane wase majojweni Uxhamakaz' oluphondo lunye Luka Ngcengulana elifel' efusini. Ngumafuman' alubhole nase-Mpembeni,  Ukhala alunameva phofu bathi luyahlaba. Lirhamncwa elidl' umzi liwukhanyela, Lisithi udliwa ngu-Nyelenzi no-Makhabalekile;  Umvalo ovalel' iinkomo zika-Phalo, Owowuvula ngowozek' ityala.  Nguso-Qaco, untshiki-ntshikazi  Ulima bemsusa ing' asindawo yakhe.  Oka Matshitshilili, uvumb' eligxoth' izizwe. Lwaganda phum' entangeni, wabe iinkomo, Ubumlala-nj'unyok' u Thuthula ubusithi woyiva phi n' imbadu kwedini? Ahhh Lwaganda!!

Izibongo zika Mtoto ka Sarhili

Inkos'am yingungqu-ngungqu yentombi yase-Tso-nyana, Umthi othe ukuwa wabhukuqeka, Wabhekis' amasebe emlungwini. Umzi wenkos' ujongw' ezibukweni, Ujongw' e Ngxingxolo apho kulele khon' u Gcaleka. Ngu-Ndancama elona gama lakhe, Umagam' enkosi ayandiphazamisa, Uyandiphzamis' u-Rhili no-Sigcawu

Izibongo zika Mcothama ka Sarhili

Umntaka-Rhili ngu gungqa nje ngepulu,  Yon' igungquzay' ukuba kuyalinywa. Ngu ndlel' ibhek' e-Ligwa,  ize ngesinq' ingekafik' e-Tyumbu. Ngu nkung' eselundini, ngu ngqel' isezulwini. Umka-Nongemane noka-Gwadiso batheth' inyaniso, Bathi mazibulaw' inkosi zisembini, zosixaka zakuza-lana.  Kwafik' intsimango kwafik' umoya, Bathi simang' abasema-Xoseni. Ngu-Ngindizayo umntan' enkosi, Uhlalele ntonina aph' abulawa khona? Yintw' emzi uyinqaba njenge namba. Ngu zulu liyazuza, nyukani lulwandlekazi Nize kubon' uno-Hayi kuba yindoda. Ngumthath' oqele ongangeni nezembe; Nguso-Ngcangcashe, udolo limdaka, Undingabhety' umlenze ndokufela ku-Nxumangele Ndingumnt' owohlala ekubonga phi na, Ndingumnt' ohlala eshukuma-nje? Ngu stompa ngengal' ukuba zintle, Bizan' ama-Tshaw' eze onke, Aze kubon' umntan' enkos' aph' azalelwe khona. Inamb' end' ejikel' umzi wakulo-Mvukela; Ngumang'

uHambo luka Mhlekazi u Andries Stockenström - ngo 1813

Lo ngu mfo owenziwa igosa lama Ngesi e Mpuma Kapa kwiminyaka ephakathi kuka 1836 no 1838, waye ewathanda kakhulu amaXhosa futhi engafuni kuliwe nawo efuna kubekho uxolo phakathi kwawo nama Satilani (British settlers), yinto keleyo eyamenza wazondeka kuma Ngesi lwaza ke ulawulo lwakhe alwabi lude kangako, lwathabatha nje iminyaka emibini. u Andries lo wazalelwa eKapa ngo 1792 wakhulela kwa khona waza wathi ngo nyaka ka 1813 wathabatha uhambo olusingise emaXhoseni kuba yayisizwe esasidume kakhulu esi ngalo mihla, kwaye nama Ngesi enomdla wokufunda ngaso. Uye ke u Andries lo wathabatha inxaxheba kolo hambo lwalugunyaziswe ngu rhulumente wase Kapa, ehamba noo gxa bakhe ababini - amagama wabo asiwafumananga.Kodwa uhambo lwabo luye lwaphuma ngo mbindi we Kapa, banqumla e Stellenbosch bekhwele amaHashe wabo, benjenjeya ukucanda ezo ntaba ze bholandi, banqumla koo Pele (Paarl), nakoo Vustile (Worcester), baza kuthi gahh kwi karoo. Wonke lo mhlaba wawusele udliwe ngama Ngesi nama Bhulu, amaLawo

iZibongo zika Sigcawu ka Sarhili

  Ahhh Nonqane!! Inkos' am ngumfusa ka-Rhili, Isixabela sentombi yakwa-Thato, Isixabela besoyika ngamehlo, Singazange sanento phofu. Nguso-Manangashe, indlov' edl' igoduka, Umavuth' ukuhamb' axelis' umlilo, Umathweth' ukuhamb' axelis' inyanga, Umagongq' ukuhamb' axelis' ilanga. Intw' entsente zilukhuni ngathi licangci, Ngathi licangci lase-Mlungwini. Ne ngcuka yase Bathenjini ikhe yajwaqa yaphuk' amenyo. Ndith' ovuk' emini akabonanga nto, Kub' akayibonang' inamb' icombuluka. Yaphuma lankwenkwezi ise-Mbangcolo kuyasa, Yaphum' inkwenkwez' emapoliseni kuyasa, Yaphuma lankwenkwezi phezu kwe-Bende kuyasa, Watsh’ umlil 'emantlok' o-Mndundu kuyasa. Ngubanina lo undithuka ndihleli, Ndenziwa umva kwendlu ndingumtshana, Ndingumtshana wentombi yakwa-Thato. Nants' into eyakhama kwatshon' inyanga, Bayawathi sisimang' abase-Maxhoseni. Ngu-Ngindizayo umhlophe ka-Rhili, Intw' enenkunz' ebomv

Amagama wezi lwanyana zase Ndle

  ama-Rhamncwa iNgonyama : eli lelona rhamncwa lina mandla kuma rhamncwa wonke; esi silwanyana besizingelwa ngamaXhosa xa kufunwa isikhumba saso kuza kombathiswa iKumkani. Laliphuma ke ibandla ne kumkani leyo, kuphethwe imikhonto nama khaka. Wayesithi kelowo ungenalo ikhaka esandleni abe sisi sulu soku krwentshwa li rhamncwa elo. iNgwe : Eli lelinye irhamncwa elina mandla kakhulu emva kwe ngonyama; eyona nto yenza ingwe ukuba ibenobungozi nanga kumbi kukuba yona iyakwazi ukugwencela imithi. Wayesithi lowo kuzobe ezifumene ekwi ngozi yoku gagana ne ngwe, abaleke akhwele emthini kube kanti akasindanga ngoba eli rhamncwa liwukhwela lula kakhulu umthi. Nalo eli rhamncwa ithi lakubulawa, isikhumba salo sisiwe ko mkhulu khon' ukuze inkosi yambathe; uyakuthi kelowo mzingeli ambeswe nge thokazi lwe nkomo ngomsebenzi wakhe. Umsila weli rhamncwa nawo ugcinwa apho ko mkhulu, uhlohlwe eluthwini lo mkhonto, 'ze kuthi mhla ubani emangele, kuthathwe loo msila uye kugxunyekwa enkundleni yaloo