Skip to main content

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

 

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

 

AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula.

Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwimi lumnandi kunene, olune Zaci nama Qhalo atyebileyo kakhulu; iiNgcambu yolu lwazi nobo bulumko ke buvela kwesi sikolo sokwalusa impahla edlelweni. ‘Wo’va into zase maXhoseni zicikoza, ziqhulana zise njenje:

 

 Boy 1 - “Ban-Bani Uyazazi intaka?”

Boy 2 - “Ewe ndiyazazi intaka”

Boy 1 - “Wazi ntaka ni?”

Boy 2 - “Ndazi iNkwili”

Boy 1 - “ukuthini kwayo?”

Boy 2 - “ubu ncinci bayo”

Boy 1 - “Yeh mfondini awuzazi man intaka”

Boy 2 - “Ndiyazazi intaka”

Lo mdlalo ke woqhubeka ixesha elide, amakhwenkwe ephikisana, ebiza amagama weentaka ngokohlukana kwazo; ngelinye ixesha kubonwe intaka kubuzwe igama layo, ze lowo kubuzwa kuye ayixele.

Makhe sijonge amagama wee ndidi ngee ndidi zee Ntaka nemifanekiso yazo:

·        iSakhwatsha / isaGwityi – sifumaneka emathafeni, kwi ngca ende, ungacinga ukuba lintshontsho le nkukhu esele lilidala.



·        Inkwali – ungafika iinkwali zilandelelana, zixhola xhola izinambuzane nee mbovane phantsi. Athi ke amaXhosa “akukho nkwali iphandela enye” oko kukuthi akekho umntu ozamela omnye.



Impangele - 

 



·        uDebeza -

 



·        iVukuthu -

                                          


·        IHobe/uNtamnyama - xa iHobe likhala, wofika amakhwenkwe elingaisa isikhalo salo esithi “Mhakhulu ndiph’ isdudu, ngomso ndiye diphini”



·        INtak'obusi – le intaka ikholwa kukutya ubusi, iyabanceda kakhulu abantu xabe singa, bekhangela iinyosi bephakula ubusi ngokuthi ibhabhe kude kufuphi nalapho kukho ubusi khona; athi ke lowo kusube ebhaqe iinyosi, ayiphe amacangca namathole – athi ke amaXhosa, “uze ungayi libali intakayo busi”; oko kukuthi – uze ungamlibali lowo uthe waku khokelela ku Ncedo lwakho.






IsiNqolamthi - 



·        U Ngximde -




·        UNogad'ilanga -





 IsiNagogo -




·        uMkholwane -


·      

  i  Ntsikizi (ayiTyiwa) – le intaka inqabe kakhulu, ivela xa kuza kunetha imvula enkulu, ehamba nee ndudumo ezimbi. Athike amaXhosa “ingakhala intsikizi, izilu liyazongoma”



·        uBhobhoyi – Le intaka ixhaphake xa ilanga lishushu kakhulu, likhuph’intlanzi emanzini; athi ke amaXhosa “ilanga ligqats’ ubhobhoyi” oko kukuthi; ilanga lishushu ngendlela emandla.



·        iNtleki Bafazi – Le intaka ithanda ukuba sehlathini phakathi; wofika ikhala oku ngathi iyahleka xa ibona abantu, ingakumbi xa ooMama betheza iinkuni ehlathini. Athi ke amaXhosa yi Ntlekibafazi.





iNtshatshongo - 






 
uXomoyi -





INdlazi -






 

·        iLunga le Gwaba - 




uPhezukomkhono - 




uBikhwe – le intaka ixhaphake xa kuphela ubusika, kuthwasa ihlobo. Athi ke amaXhosa “uyakuva ngo Bikhwe ukuba ihlobo lithwasile”; oko kukuthi uqabuke sekophulwe.





·        IsiKhwenene (asityiwa)– le intaka idume ngokulinganisa zonke izandi ezenzeka phambi kwayo, kuquka namazwi; athi ke amaXhosa “uBani-bani si sikhwenene” oko kukuthi uyakuthanda ukulinganisa.





·        iHlabaNkomo (Ali tyiwa) - le intaka ifana ne nkonjane, ibhabha phayaaa emafini, ikholwa kakhulu kukuba phakathi kwee nkomo ngoba itya amakhalane azo.





·        iGolomi -



·        isiKhova (asiTyiwa) - ixhaphake ebusuku, yonyaniswa nokuthakatha.





·        uDebeza -






iSeme - 


·        uMnqunduluthi / uThuthula-




 

·        iKhalukhalu -



·        iHemu -





·        iNdwe – le yeyona ntaka ibalulekileyo ne thandwayo kwa Xhosa; iintsiba zayo zithathwa zisiwe ko mkhulu, ze inkosi enkulu okanye iKumkani iwonge ngazo awona madoda akhaliphileyo kwezo mkhosi. La madoda akhaliphileyo ibutho lawo laziwa ngokuba yi Ndwe okanye izithwalandwe, lonke eli butho limilisela iintsiba zale ntaka kumapasi wabo, athwalwa entloko.




·        iNgqangqolo (ayityiwa) – ya yanyaniswa nokuthakatha.





·        uCelithafa -





·        iNgabangaba (alityiwa) -




uMdlambila -





·        IXhalanga/isilwangangubo (alityiwa) - yi ntaka emdaka kakhulu, etya inyama yezinto ezifileyo.




·        iNgqanga (ayityiwa) - yi ntaka yomkhosi, ebethi amaXhosa xa ephume umkhosi eyakulwa, ivele le ntaka ibhabhe phezulu ko mkhosi; athi ke amaXhosa xa abulisa iKumkani, inkosi okanye naye nawuphina umntu obalulekileyo “Ngqanga nee ntsiba zayo” oko kukubulisa iKumkani ne bandla layo lonke.





·        iSangxa (asityiwa)– lutshaba olukhulu kumantshontsho wee nkukhu




·        uKhozi (alutyiwa) - eyona ntaka itya ezinye, nee nyoka ezinobungozi.





·        iNgxangxosi (ayityiwa) - 




·        uSkhwalimanzi (akatyiwa)-




 uThekwane / u Qhimgqoshe (akatyiwa)-


·        iNgcwanguba -




iNtshiyane – ezi ntaka zincinci kakhulu ngokwesitho, zithanda ukuhamba ziligquba, ungaziva ukude xazikhala, zisitsho nge ntsholo. Athi amaXhosa “ukhala esimantshiyane” oko kukuthi ukhale kakhulu.



·       iNqilo – intaka yamaThamsanqa,lowo uvelelwe li nqilo endleleni kukholelwa ukuba indlela yakhe iyakuba ntle.





uMcelu - 




iNkwili - 






 












 


Comments

  1. Cela ukuhlomla pha kwi xhalanga. Utata katata wayedla ngokuthi erhawutini xa besilwa nenkatha babesimbatha iingubo, xa umzulu ehlaba ngalamkhonto wabo umkhulu, umxhosa lo uhlatywayo avule ingalo, okhe iphiko oku kwe xhalanga ze umzulu wabantu ajijisane nalomkhonto uxinge kule ngubo sibe sisitsho ke isigwebo😂.

    So Tshawe ndifunukuthi ndiyalingqina elagama lesilwangangubo.

    Bendicela kwakhona mdange ba u post(e) qho, ungatyhafi, intle lento uyenzayo kaBawo yenza nangakumbi.

    Enkosi

    ReplyDelete

Post a Comment

Popular posts from this blog

uKhiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika  Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...

Umhlekazi u Hintsa - By SEK Mqhayi

U HINTSA.   Zifikil' ii mini! zifikil' ii mini! Zifikil' iimini zokukhunjulwa kuka Hintsa. UHintsa lo ngoka Khawuta ka Gcaleka, UGcaleka lo ngoka Phalo ka Tshiwo, UTshiwo lo ngoka Ngconde ka Togu. Ulifincil' ikhulu leminyaka wafayo, Koko usatheth' iint' ezinkul' ezizweni zomhlaba Kuba kaloku thina kwa Xhosa , Sigwetywa ngovuko lwabafileyo. Iyaf' indod' ibuy' ivuke, Ivuk' indod' iz' ibuy' ife, Zakufik' iimini zokuthetha kwamathambo. Zifikil' iimini zesirhorho so Nobutho. ngu  Gangath' ilizwe Libe ngu mgangatho , u Mamnkeli wezizwe ngezizwe, ikhaya leentlanga ngeentlanga; Uyise weendwadunge ngee ndwadunge. Mbongen' uHintsa zizwe zomhlaba ! MaBhilitani nithe cwaka ngani na? Nina ma Mfengu? MaBomvana ningaba niyalibala? Nani be Suthu base Qhudeni, Ningathi cwaka na mhla ngo Hintsa? Mhla kuthethwa ngaye, mhla ngeemini zakhe? Phendula mfondini wase Mafukweni ! Andithethi nto ngawe wena wakwa Tshiwo Kwa Ngconde kwa Butsol...