Skip to main content

uRharhabe - Ahh!! Butsolobeentonga

 u Rharhabe


u Butsolo'beentonga, Lo ngu nyana we ndlu yase Kunene ka Kumkani u Phalo, u Kumkani u Phalo unyana ka Kumkani u Tshiwo. u Kumkani u Phalo wazeka iiNkosazana ezimbini, oko kukuthi watshata nee ntombi ezizalwa zii Kumkani ezimbini ezahlukileyo; nto leyo eyayinqabile ngalo Maxesha Kuba intombi ezalwa yi Kumkani ibiyiyo ezalela eso sizwe yendele kuso oyena nyana uyakuba yi Kumkani.

Adibana amaphakathi wasema Xhoseni, aze ayisombulula le ntsinda badala ngokuthi athathe enye yezi ntombi ayenze umfazi wendlu yokunene, enye ayenza umfazi wendlu enkulu; ngamanye amazwi umfazi oyakuzalela isizwe iKumkani. Unina ka Rharhabe ke yena wathi wenziwa ukunene, waza unina ka Gcaleka wenziwa ubukhulu, yatsho yavela le ndlu yokunene yadalwa ngokuse sikweni. Indlu yokunene nangona nje izimele phayaaa qelele, imithetho iyithatha apha ko mkhulu, zithi ke nezibheno zama tyala, neminye imiba ebalulekileyo iziswe apha ko mkhulu.

uRharhabe ke kwasekukhuleni kwabo no mntakwabo u Gcaleka, ube ngoyena ukhaliphileyo kakhulu, ingekuba torho u Gcaleka ebeli tyuyusi; nto nje uRharhabe ube engumfo okhaliphileyo, olikroti ngokwe ndalo. Ngenxa yesi sizathu kanye, aye amthanda kakhulu amabandla akowabo, amabandla ka Phalo, azisondeza kuye kakhulu kuno Gcaleka. Uqale apho kanye umoya weya ntlukwano nokungabikho ncam kwe mvisiswano phakathi kwezi nkosana; wabe phofu no Gcaleka oyena mfo uyakuba yi Kumkani enawakhe amaPhakathi awayesoloko emfaka umoya wokuba lo Rharhabe ndini uzakubuthathela kuye ubukumkani. Yaqala nemilo phakathi kwamaphakathi wabo yavela, phofu uYise wabo uKumkani uPhalo ukho usadla amazimba, iinkosana ziyakrutha kruthana. Kuthe kanye kwezo zithuba kusajongwe le yokungavisisani kwee nkosana; u Gcaleka wathwasa waba li Gqirha, nto leyo eyazoyikisa kakhulu iinkosi namaphakathi akwa Xhosa, ngoba intwaso yayisaziwa iyinto yabantu abamnyama (.i.e. abantu abangezizo iinkosi). Wavakala u Rharhabe esithi: "xa iKumkani yethu ili Gqirha, akukho namnye kuthi oyakusinda ekunukweni ngobuthi, uzakusibulala sonke, iKumkani yophikiswa ngubani?". Ke kaloku kambe, Amagqirha ebengazinuki ngobuthi iinkosi nee Kumkani Kuba ebezikhonzile ezoyika, xa ke ngoku iGqirha iyiKumkani uqobo, akukho namnye oya kusinda ekubulaweni. 

Kungenxa yezi zizathu (ukungavisisani kwakhe no mntakwabo kunye ne ntwaso yomntakwabo) ke ezenza ukuba u Butsolo'beentonga acele iintsikelelo kuyise u Phalo ukuba amvumele awele inciba aye kuhlala kunye nama Xhosa ayesele engaphesheya kwenciba; imiDange, amaMbalu, AmaGawali, amaHleke, amaNtinde nama Gqunukhwebe, wonke lamabandla ayesele eyiwelile inciba, yaye futhi sele izinkulungwane zeminyaka awelayo; egudle unxweme ukuya koo Chintsa, Nxarhuni, Gqunube ukuya kutsho ku Gompo. Waza ke uRharhabe wathi yena uzakuwela, angene kwisiqingatha esingentla azivulele apho ubukhosi bakhe, e neneni ke wavunyelwa ngu Yise; kwathunyelwa izigidimi kwii nkosi zakowabo zonke ukuba unyana wendlu yokunene u Rharhabe uyawela. Kwathunyelwa ku Langa inkosi yama Mbalu. kwathunyelwa ku Gwali inkosi yamaGwali, kwathunyelwa ku Mahote inkosi yemiDange, kwathunyelwa ku Ngethane wama Ntinde, kwathunyelwa naku Chungwa emaGqunukhwebeni.

Enziwa ke amalungiselelo wokufuduka, umzi no mzi wasemaXhoseni wakhupha unyana wamnye ukuze umntanenkosi aphelekwe, aphahlwe kwelo lizwe litsha aya kulo; onke lama lungiselelo enzelwa e Thongwane ko mkhulu eGcuwa. Kuthe kwathi kanti namhla kudibane ezona ndlongo-ndlongo zama kroti, i'nto ezathi zingekayiweli nokuyiwela inciba zabe ziyazi ukuba zizakuli zama zama elo zwe zilo vuye kutshotshe zona; kukuze zithi xazibonga inkosi yazo u Rharhabe: "Ngu zama zama ilizwe lizama zame".

uThe ukuyiwela oku iNciba uMntanenkosi, wayiwelelela phezulu; malunga ne Tsomo wabe efunzele koma Cumakala, ekho noyise uKumkani u Phalo emphelekile kodwa yena waphelela eQonce eZeleni, wemisa apho wabuya wajika waphindela kwase Gcuwa eThongwana apho akhothamele khona. Uthe umkhosi ka Butsolobeentonga ungekaweli kuyaphi, wahlangana ne Nyathi, yahlatywa yabulawa, kwathathwa ulwanga lwayo lwathunyelwa emva ku Gcaleka. Esi senzo sasibonisa ukuba uRharhabe nangona eyinkosi ezimeleyo njengazo zonke iinkosi zakowabo kodwa u Gcaleka nguye omkhulu, imithetho yesizwe samaXhosa sonke iyakuthathwa kwakuye, nezibheno zamaTyala amakhulu zakusiwa kwakuye. Zayiwela iNciba iindlongondlongo, kwafikwa kwemiswa nganeno kwe Qonce kwagxunyekwa. Kuthe kanti abathwa ababelapho, bebona le mpahla (iinkomo, iiGusha nee Bhokhwe) ingaka yala manene babona inyama, bangena kakhulu kuyo bazenzela bexhela, bezikhethela beshiya abayithandayo; ubani? Kwaba ngathi kuxhokoshwe ooNomeva, afaka umkhonto ne krwana ne ntshuntshe amaRharhabe yaba ku'phela, abe ethyala efunzele phambili kugxothwa abathwa. Kwesi sithuba Kuthe kanti sebengene kakhulu ku mhlaba we Kumkanikazi yama Lawo u Hoho, eyayihlobene ne Nkosi yamaLawo u Hintsathi eyabulawa ngu Mdange; u Hintsathi lo wayegcine inkosi u Gwali ngethuba le mfazwe yobukhaya Yama Xhosa eyayiphakathi ko Gwali no Mdange, u Mdange esilwela uPhalo unyana womntakwabo u Tshiwo.

uHoho akavumanga nakancinci ngo mhlaba wakhe, ulwile ngobu kroti obukhulu, kwaye futhi isiwa imikhuthuka macalana omabini kodwa ekugqibeleni yalugoba uphondo eka Hoho. Kodwa athi amaRharhabe ehleli nje, abe engonwabanga, ehlaselwa ngama Lawo, engahlelanga ngokuphumla; kulapho u Rharhabe wabonayo ukuba kungcono awuthenge umhlaba lowo. Wazikhupha ke iinkomo, zaqhutywa zasiwa ku Hoho, watsho wawufumana wonke lo mhlaba mkhulukazi unqandwa zintaba zase Mathole; ooQonce, Xesi (middledrift), Ngcwenxa (Fort Beufort), Dikeni (Alice), Khobonqaba (Adelaide), Qoboqobo; Okwethutyana wakhe wahlala waphumla.

Uthe ehleli njalo u Rharhabe, yakhothama inkosi enkulu uGcaleka, kwangena uKhawuta elu lawulweni, owayesemncinci engenakumelana no Rharhabe, watsho wafumana ithuba u Rharhabe lokuba makathathe zonke iinkosi zakowabo ezinganeno kwe Nciba, apha aziginye, azifake phantsi kolawulo lwakhe;  amaGqunukhwebe, imiDange, amaGwali, amaMbalu, nama Ntinde. Ezo nkosi aziyivumanga lonto tu kwaphela, zakhala zijweda zisithi iKomkhulu lazo ngu Khawuta, kwaye uPhalo wazinika inkululeko yokuba zizimele; nakwesi sihlandlo aka kholisanga kuthetha kakhulu uButsolobeentonga, usuke wafaka umkhonto no mnqayi emntwini, walitsho elase Maxhoseni nganeno kwe Nciba laphithizela, egxotha kwa nkosi engafuni Kukhonza kuye. Kwanyanzeleka iinkosi ezingafuni Kukhonza kuye zimkhwelele; amaGqunukhwe amka ayokuma koma Gqeberha nakoma Xelexwa, afika apho aginya iinkosi zamaLawo ezazime apho; zingene kanjalo kwaXhosa iziduko zamalawo ezifana na maGiqwa, amaGqwashu, amaSukwini njalo njalo. ImiDange nama Ntinde yaya kuma ngaphesheya kwe Nxuba kwicala la ngentla malunga ne dolophu ebizwa ukuba yi Graaf Reinet ngokwanamhlanje; Ngalo maxesha la m'mandla wawubizwa ngokuba yi Nxuba, inxuba yeThemba.

AmaMbalu nama Gwali wona awahambanga, asele engena ngaphantsi kuka Butsolo'beentonga. Kuthe kweso siphithi-phithi, imiDange nama Ntinde efunze phambili ezimisele ukuphuncuka tu kuphele kwisandla sika Rharhabe, ahlangana nabalimi bama Dutch ababenezi xwexwe zamasimi nee nkomo azixuthe kuma Lawo kwelo zwe, baye nabo befuduka besiza nganeno apha kwelasemaXhoseni. Lwaqala uqhushululu kwakhona phakathi kwaba balimi bama Dutch nemiDange incedisana namaNtinde, iinkomo zithinjwa macala omabini. Olu hlobo lwabantu belungalwi ngamikhonto, koko belusilwa ngee ntonga ezinkone, iinduku zamagwala (guns), kwaliwa kwanzima, aye nama Dutch ebona ukuba olu hlanga lutsha badibene nalo alufani nolu lwama Lawo nabaThwa, olu uhlanga lomelele kwaye no mbuso walo uluqilima awufani nezi ngqokelela zama gcuntswana wezizwe zama Lawo.

Kwesi sithuba kanye, u Rharhabe uzivile iingxelo zomlo owenzekayo kulo macala, waza wathumela kuma Dutch esithi "ngabantu bam abo, bathyaleleni nganeno ngapha ngakum ndiyabafuna."

Aba ayarhoxa ke ngolohlobo amaNtinde ne Midange, abuyela kwaku Rharhabe, amamkela njenge nkosi yawo enkulu. Kodwa amaGqunukhwebe wona awabuyanga eXelexwa nase Gqeberha, ahlala alwa, athi naxa oyisiwe arhoxe nje oko mzuzwana nganeno kwe Nqweba, aphinde awele kwakhona aye kwimihlaba yawo nge nkani. Kude kwaba ubukumkani buka Xhosa buyoyiswa ngu mlungu amaGqunukhwebe engangenanga ngaphantsi kuka Rharhabe, esithi ikomkhulu lawo ngu Gcaleka; nange xesha lika Phatho noo Delima bekunjalo. Inkosi ekhoyo ngoku yamaGqunukhwebe yolukele kwa Gcaleka isaluswa yiKumkani yamaXhosa eyakhothama ngo 2005 u Xolilizwe Sigcawu.

Uthe ke u Rharhabe akuba ezoyisile zonke iinkosi zakowabo nganeno kwe Nciba ezifaka phantsi kwakhe, watsho ngelizwekazi elikhulu, nesizwe esikhulu esiphantse sasikhulu kune komkhulu (u Gcaleka); watsho wonqeneka nakwezinye izizwe ngoku ezimelene namaXhosa, izizwe ezifana nabaThembu nama Qwathi ngethuba uFubu engekangeni phantsi kwabaThembu esazimele geqe, Kuba ungene ngaphantsi kwabaThembu nge xesha lika Vusani ahhh!! Ngubengcuka, unyana ka Ndaba, u Ndabenyamakazi.

Uye ke uRharhabe akazihlalisa kamnandi izizwe ezimelene naye, ezixhokosha, esenza ukuthanda kwakhe, sele ngoku kucaca ukuba ungxamele ukuginya abaThembu, iKumkani yabo u Ndaba sele ingu Mhlali eBhotwe lakhe, ithi imithetho eya ebaThenjini ayikhuphe u Ndaba ehleli ko mkhulu kwa Rharhabe, sele ngoku efana ne phakathi lalapha. abaThembu abakwazanga kuyimela lento ye nkosi yabo ehleli emzini wenye inkosi, benza icebo loku kumphuthuma bengasebenzisanga zigalo ngoba babengafuni ukulwa no Butsolobeentonga. Ekumphuthumeni kwabo abaThembu u Ndaba, wahle waqonda u Rharhabe ukuba uzakwenza nje isizathu nokuba sincinci sokulwa naba Thembu. Kwathi xa endisela intombi yakhe kubo, bayilobola ngemi gqutsuba yee nkomo ezingaphelelanga; ngoko kutsho kwakhe, waza wazithathela uxanduva lokuya kuzikhethela iinkomo ezifanele ukulobola umafungwashe wakhe ngokwakhe, kwii Ntlanti zama Dlomo.

Uthe ke Kuba ibingumfo ebengoyiki nto, yaye futhi ke zingeninzi nee nkosi ezinokulwa naye ngelo xesha; wathatha amadoda nje ambalwa, indwe wayishiya ngemva - awona madoda akhaliphileyo, wathatha no nyana wakhe u Mlawu, wafunza eBathenjini. Kuthe kanti namhla ufike inyanga ifile, Wathi uyazi qhuba iinkomo zaba Thembu uza nazo nganeno, babe abaThembu namhla bedibene namaQwathi basezinyaweni zakhe bayamlandela, betsho ngo mkhosi ongqindilili. Kwaliwa eXuka kwanzima; amaQwathi ebinza ngolunya Kuba amaRharhabe ebesele ingabantu abazondekayo ngenxa yokusoloko bephethe igazi, besoloko besilwa nezinye izizwe, kuthwa nama Lawo ebengamfuni kakhulu umXhosa ongu mRharhabe, ubesithi uMxhosa xa ethe ezingela iinyamakazi aze azibone ebanjwe ngama Lawo, ancinwe ngama Lawo am'buze ukuba ungumRharhabe na, uba uthe ke wavuma ibe kukufa kwakhe oko.

iKroti elikhulu lase Maqwathini, inkosi u Fubu yayikhona buqu kweli duli ebinza ngolunya ewakhomba phambili amadoda wakhe, esithi ze kunga bhungci nomnye umXhosa namhla, bonke mabasale eXuka; wabe ke uyalala kanjalo umntanenkosi uRharhabe ebulawelwa apho eXuka ngamaQwathi nabaThembu; yaba sisiphelo sika Butsolobeentonga ke eso u Rharhabe lo amaQocwa azibonga ngaye namhlanje xa esithi Butsolobeentonga. uJojo intanga yakhe yabe imkhonze kakhulu. Zavuya ke zonke izizwe zisithi "sifunyenwe ekugqibeleni esa sikhohlakali", aduma kakhulu amaQwathi ngokukhalipha, nabaThembu ababesele bedelelekile batsho bahlonipheka. Wabe no mntakwabo u Gcaleka sele wabhubha kwiminyaka engaphambili; sele ngoku kuphethe u Khawuta kwa Xhosa, engahlelanga kakuhle naye, ubuthongo engasabazi, elala ejongile, egadwa ngamaphakathi esoyika uRharhabe ukuba uza kuzo koxutha ubukhosi komkhulu kwa Gcaleka, uXhosa aphathwe nguye wonke. Ezo ndlongo ndlongo zakwa Rharhabe zithe zakuva ukuba inkosi yazo iwile, zafuna mpela ukuya kumphindezelela, into eyabenza bangakwenzi oko kukuba umkhosi kwa Xhosa awuyi edabini ungathethelwanga yinkosi yawo, unyangwe ngamatola akomkhulu; uMlawu naye wawa apho eXuka noyise, ashiyeka amaRharhabe ejonge ku Ndlambe umninawa ka Mlawu, wabe uNdlambe naye amaQwathi la ingabantu bakulo nina, ne ntombi ka Rharhabe ayivumanga tu kwaphela ukuba kuhlaselwe umzi wayo eyendele kuwo; yaba kukuphela ke kanjalo kweso sintsompothi. Kwathunyelwa ko mkhulu kwaGcaleka ukuba aze u Khawuta aze kukhetha inkosi eyakuphatha amaRharhabe; phakathi kwama Khwenkwe ka Mlawu, u Ngqika no Ntimbo; kuba uNdlambe wayengalufuni olo xanduva lukhulu kangako, ehlala esithi kumaphakathi ka Rharhabe "andiyo nkosi yenu mna, nazi iinkosi zenu khethani kuzo" atsho ekhomba ku Ngqika no Ntimbo. Wafika ke ngokwenene u Khawuta, wakhetha u Ngqika njengomntu oyakuphatha akufika kwiminyaka eselungelweni, wamnxibisa isidanga sobuhlalu, wathatha umkhonto wawunika u Ntimbo, wathi "nasi isixhobo endikunika sona, ngaso uyakugabulela izigcawu inkosi yakho le, njengoba no Rharhabe ebesenza ku Gcaleka". uKhawuta ukhetha u Ngqika ngokucetyiswa kwangu Ndlambe, ngoba u Ntimbo ubeyi nkwenkwana engena mpilo kakuhle, eyayingalindelwe ukuba ingaphila imihla emide; ngeso sizathu Ndlambe wooyika ukuba isizwe siphinde sifelwe yi nkosi, 'de naye asoleke anukwe ngobuthi kuthwe ezinkosi zibulawa nguye; avuma ke namaphakathi noxa nje wona ayefuna u Ntimbo, kuba ethobekile, engamfuni u Ngqika kuba uhlakaniphile. amaPhakathi ayengayifuni inkosi ehlakaniphileyo, ayefuna le azakuyiqhatha, ayiphathe ngokwawo. Kwabanjalo ke kwa Rharhabe, kwabamba u Ndlambe ebambele u Ngqika.

Lala kakuhle njalo ke kambe Butsolobeentonga; Rharhabe mfo ndini ka Phalo ka Tshiwo ka Ngconde ka Togu ka S'khomo ka Ngcwangu ka Tshawe:

Ahhh Butsolo'beentonga
Sibala mdaka,
Khozi olumaphiko,
u Sambatha ziimfutshane kanti zomlingana kub' esith' ezinde zimfihl' amadolo, 
uzama-zam' ilizwe lizama-zame.

uSinga siyohlasela kanti asiyi khona, 
Kuthi mhla siyakhona kung' asiyi khona.

Hham-Hham ka sitsheketshe,
Ntsinga ka nomagwayi waseMbo,
uMvalo ovalel' inkomo zika Phalo oyakuwuvula ngoyakuzek' ityala,
Ahhh Butsolo'beentonga!!! 

Comments

  1. Masibulele Tshawe ngalenjube usithungele yona , yimveli-ngqangi kaPhalo leyo into apha ababesithi yingqangénephiko yakomkhulu eyahlomla inxaxheba yayakwakha umzi wasekunene ,uyasondla isizwe sikaXhosa .

    ReplyDelete

Post a Comment

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i