Skip to main content

Izibongo zika Mhlekazi u Hintsa

                                                               Izibongo zika Mhlekazi u Hintsa

                                                                              Ahhhh Zanzolo

ngu soRharhoba, uhlwat' olumadolo luka Khala,
u mhle ka nyawose, u Zanzolo.
ngu mbhekwa ntshiyini bath' uQumbile,
u dumbel' imilenze, isibi esikhethwayo kweziny' izibi.

ngu Nondwangu, imbabala entsundu ka Khawuta
abayikhuza ukuhlaba ingekhahlabi kazi koze kube njani mhla yahlaba.
ngu Zigodlwana zemaz' endala zingalal' endleleni yazini kunyembelekile.

yi nkunz' eyadl' u Ngqika nee nqwelo zakh' eMalinde apha phantsi kwee ntaba zaseMathole kwelo thafa lase Debe,
Yadl' u Nteyi e Madaleni,
Yadl' u Ntlukwana emaCirheni,
Yadl' u Jotelo emaJwarheni,
Yadl' u Ntlebi emaGqwasheni,
Yadl' uQukwana emaNtakwendeni,
no Maqoma igorha elikhulu lika Lwaganda lisinde ngoku khalipha;
ath' amaRharhabe ahh Zanenzolo
kub' elixolisile elakwa Rharhabe lakuba u Ngqika elizama-zamile.

Yadla 'maGiqwa, yadla 'Mangqosini, 
Yadl u Matiwane e Mbholompo yamsakaza,
no Madzikane ka Zulu ifike sengqengqile ngokungxama kwamaGcina, 
Naaaani maMfengu!! inijonge yane mfesane.

yinto enkomo zimalunga nezika Yise ubuninzi,
ngu silo siyaziwa mbombo zone eBunguni, nakwele nduku kwa Mshweshwe.
uSilo sigqum' eNciba saviw' eBathenjini kwa Ngubengcuka,
siviwe ngu Ncaphayi eMzimvubu,
No Faku ka Ngqungqush' usivil' emaMpondweni.

Yi ncam ka Khawuta, ithole lee nkunzi zika Phalo,
int' eyadl' u Lwaganda ka Mlawu nee nqwelo zakhe mhla lafa emaXhoseni nge mfazwe yase Malinde,
mhla ngo Thuthula intombi ka Mthunzana,
ngalo mhla 'mabandla ka Xhosa 'yefunzwa ngu Zanzol' uqobo,
mhla 'yiwel' iNciba amaGcaleka equle agqiba,
Avum' amaNdlambe ka Ndabanduna,
Avum' amaNtinde,
Yavum' imiDange,
Angqina nama Gqunukhwebe,
Evum' amaBandla ka Phalo ngazwi linye - ath' u Ngqik' ugezile.
Wesuk' uZanzolo engena 'zwi la mlomo,
sesibon' ukuphuma 'madangatye ngamehlo,
sesibon' ukuphokozela kwe misi ngee mpumlo,
sesisiv' inzwinini yamakhwelo ngee ndlebe,
wath' umntu namhla isilo sijongolekile,
int' ababehlala besith' ikho, namhla ihlile;
Kuba bemjong' ezintshiyini bath' uqumbile.
Namhla ezo ntshiyi zixel' amafu mhla nge ndudumo,
namhla zitshawuz' imibane akukho kuphil' ebantwini,
wath' umntu namhla ku nyembelekile,
kwelakwa Rharhabe umhlab' ubhukuqekile,
Kwenzek' inyala nesikiz' emaXhoseni.
ngalo mhla yafumb' iNdwe phezu kwe Ndwe kwelakwa Hoho,
wadl' umkhonto egazini kwelakwa Hoho,
Watshixiz' umthi ko mny' umthi kwela kwa Hoho,
Satheth' isikhumba se nkomo kwelakwa Hoho,
sathi Gologongqooo - gongqoo - gongqooo kwelakwa Hoho,
Afa 'madoda engayolelanga kwelakwa Hoho.
Sadl' isilwangangubo nezinja zaso kwelakwa Hoho,
Yadl' ingqanga yashiyel' ihlungulu kwelakwa Hoho,
Yadl' ingcuka yahlomlel' ixhwili kwelakwa Hoho,
Wadl' uHodoshe washiyel' impethu kwelakwa Hoho.

Ngu Zanenzolo kwa Rharhabe kub' eligwebile elika Ngqika walizinzisa,

Naaaani ma Mabomvana

Ivela kude kakhul' imbali yenu,

Imbali yenu no Sorharhoba.

Uzigodlwana zemaz' endala, Zingalal' endle kunyembelekile.

Niyakundiva kakuhle ke nina,

Nindive kamnandi kanjalo,

Ndakuthi khumbulan' imihla,

Nyakana kwaf' uNgqungqushe,

Lafingiz' amafu lonk' elakwa Ndayeni,

Lakwa Mkhondwane, kwa Hlambangobubende.

Aqul' amaqhaji eniqulela,

Amnyam' amehl' enu linikhohlile,

Kway' ukufa kunirhawule macala.

Akavelang' eloxeshan' uZanzolo?

Wakhanyis' ubumnyama Bagxothwa,

Wolula iphikw' elide nazuz' umqolomba?

Zehl' izibilini zaphel' izingqala?

Aqal' amaxhegw' enu anibalisela?


Anenzel' iintsomi namangqubakazi!

Waqal' umlisela wabongisela,

Nomthinjana wenz' izango zeengoma.

Mhla ngemini embi mhla ngo gqumgqekre!

Mhla zavel' izizwe zaman' ukunqanuka,

Zaqula zagqiba zanqen' ukusuka,

Zicelwa Bukhali ngabakwa Ndayeni,

Zithenjisw' ezikhul' izithabathaba,

Wanqen' uNgubengcuka namaNgolothi,

Anqen' amaBhac' ukuphuthuma!

Anqen' amaXesib' ukuzixhokonxela.

Yayi mbondembonde kwelakwa Nyawuza!

Axhob'efohlel' amaqhaji namhla!

Zaye zim' indwalutho zika Zanzolo,

Zimi ngokwenkabi zakowazo

Ziqul' iintshuntshnama krwana (imikhonto),

Zisimelela nge ngo mncam,

Zivum' iGwatyu noSidyume,

Zijong' int' ephandl' iliso lakhe,

Elo liso linga gqange lomlilo.

Ngoko lusapho lukaGambushKomkhulu!

Bantwana Bomz' omhle ka Jalamba!

Babaliselen' oonyana ngezo ziganeko.

Abemkhul' uZanzolo kwelakwa Bomvana.

Uhlwath' olumadolo luka Khala!

Ofanelw' ukubongwa nethambo lakhe!

Amawak' alishumi angabi ntoyanto.

Amawak' alishumi abanamev' entloko,

Silapha nje kweli Xhorha kungaye,

Nanamhl' akukabi ndaba zalutho.


niiiiiina Mabandla ka Zulu. u Zulu ka Malandela,

Yaatyapha kambe iminyanya,

iminyanya yakowenu kwa Senzangakhona;

Kwa Phunga kwa Mageba komkhulu,

Iminyany' akwa Zulu ka Malandela.

Yatyaph' ukunimisa ningeka gabadeli nibon' iliso lika Zanzolo.

Beniya kwenz' inxetyan' elingeni,

Elingange lengwe endlovini,

Eliya kuphola ngalusuku lunye.

Ebeyintonin' umphathi mikhos' e Kumkanini?

Wayengayi kuz' aphind' awel' uMfolozi,

Wayengayikuz' aphind' awubon' uMzimkhulu,

Wayeya kugqibelis' ilanga no Thukela,

Ngekungekho sizwe sakwa Zulu.

Nani mbulelen' uNkulunkulu onophul' eziko lo mlilo nizoja,

Nixel' uvivingane luzitshabalalisa.

Wanikhup' ezinkalakahleni ze bhubesi,

Wanenz' isizwe nohlanga olukhulu,

Naduma nacand' izizwe ngezizwe,

Nade nanga seningangaye no Phalo.

Makabulelw' uNkulunkulu kwa Zulu!

Abe mkhul' uSishak' asishayeki,

Ulembe leq' amany' amaylembe,

Ze Nisibalisel' isizukulu ngo Hintsa.

Simlize ngeenkulungwan' ezilishumi zezinkomo umntaka Khawuta



kuuni Ma Mfengu!!!

Utshaba luka Hintsa malube lutshaba lwenu!

Isihlobo sakhe sibe sesenu.

Nditsho lula kuba nin' abaziyo,

Nanivel' eMbo mini nafika,

Emantlok'oThukela no Mzinyathi,

Naashiy' ingxokolo yase Nkandla,

Naashiy' iintab' ezintle zeSandlulube

Naabhungca ekrelen' eMhlathuze; 

Naphakathi kweentuph' eMphanza!

Nafik' ezizweni zanibhebhetha!

Bath' abaThembu "Hayini niza no Tshaka!"

Ath' amaMpondo "Dlulani nathi sizinikele!"

Zakhal' izizwana zatsho nge nzwinini!

Wath' umnt' eBuNguni!

Wath' umnt' eBuNguni, Kulaph' usizo lukhona,

Usizo lwembacu nee mfaqala,

Yiwani nijong' eBuNguni!!

Ngenkolo najonga, ngenkolo nasinda!

Nafikel' ekhay' eBukumkanini,

Nakhutshw' udaka, nengca, nemithi.

Nafakw' amasi, nenyama, nokutya.

Nadla nahlutha na hlamba-hlambeka

Zalibalek' iimini zo thuli nomkhonto.

Senqwadalala sem' iSishaka,

Amabandl' eMbumbul' ecim' umlilo.

Acinga kabini kathathu,

Ecinga ngokunzulu kanjalo,

Athumel' umthunyw' eBhilitani.

Ezam' icebokaz' elikhulu,

Kub' iSishaka sasibona kamhlophe ukuth' oko mkhont' akakulungelwa.

Iingqondi zawo zaziwaxelela, Izilumko zawo zaziwacebisa,

Zisith' uBuNguni yintabalala yolwandle,

Oweyela khon' akaphindi abuye.

UBuNguni ke ngu Zanzolo ka Khawuta,

Int' enezithanga zobu kumkani,

Int' enama Ndlutsha nama Jingqi,

Int' enama Mbombo nama Tsonyana,

Int' enama Gojela nemi Ngcangathelo,

Amabandla ka Ngconde weentshaba.

Amabandla ka Butsolo Beentonga.

u Shaka uthumel' izithunyw eBhilitani,

Kwa kwawa koweth' ako Nibe,

Oo Qhina ka Qhonono bemi Ngcangathelo,

Wathi Velani nina ngase Ntshona, Thina sivele ngase Mpuma,

Umhlaba yoba ngowenu, Inkomo zoba zezethu! 

Weva ngempuml' uQhina ka Qhonono,

Wayiyek' ingako ingenampendulo.

Sancam' iSishaka sika Senzangakhona,

Sancamela ku Khukhulela ngoqo.

Imfazwe yomtwana, yexhego, yeqhaji!

Kuz' amakowaso asigwaze ngasemva.

Yonwabani ma Mfengu nilibandla lika Hintsa.

Nakuman' ukumkhumbula nakulungelwa!

Hlez' ifologu lininikel' umva.

Nakumphatha xa niya kwa Thixo,

Engumntu ka Thixo yena ngokwakhe.

Waba likhaya ngeemin' ezimbi,

Waba lixhatha ngemihl' enzima,

Luhlwath' olumadolo luka Khala,

Ngu Zanzolo elibizwa ngasemva!



Ahhh Zanzolo



Comments

  1. Ahh! Zanzolo, inkunz'abayikhuz'ukuhlaba ingekahlabi, umzukulwana ka Gcaleka, umhlekazi.

    Siyabulela Tshawe ngeliphulo nelinyathelo ulithathileyo, usiphathele umnombo nemvelaphi yethu kumzi kaMalangana.

    Bendicela kananjalo ba uzame ubhala rhoqo.

    Enkosi

    ReplyDelete
  2. Isilo esifukame kwiziziba zomlambo uMbashe siman' ukuya ngokusela iNciba , inkunz abayaphula izigodlo phezu kweentlambo zenqabarha

    ReplyDelete

Post a Comment

Popular posts from this blog

uKhiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika  Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizw...

Umhlekazi u Hintsa - By SEK Mqhayi

U HINTSA.   Zifikil' ii mini! zifikil' ii mini! Zifikil' iimini zokukhunjulwa kuka Hintsa. UHintsa lo ngoka Khawuta ka Gcaleka, UGcaleka lo ngoka Phalo ka Tshiwo, UTshiwo lo ngoka Ngconde ka Togu. Ulifincil' ikhulu leminyaka wafayo, Koko usatheth' iint' ezinkul' ezizweni zomhlaba Kuba kaloku thina kwa Xhosa , Sigwetywa ngovuko lwabafileyo. Iyaf' indod' ibuy' ivuke, Ivuk' indod' iz' ibuy' ife, Zakufik' iimini zokuthetha kwamathambo. Zifikil' iimini zesirhorho so Nobutho. ngu  Gangath' ilizwe Libe ngu mgangatho , u Mamnkeli wezizwe ngezizwe, ikhaya leentlanga ngeentlanga; Uyise weendwadunge ngee ndwadunge. Mbongen' uHintsa zizwe zomhlaba ! MaBhilitani nithe cwaka ngani na? Nina ma Mfengu? MaBomvana ningaba niyalibala? Nani be Suthu base Qhudeni, Ningathi cwaka na mhla ngo Hintsa? Mhla kuthethwa ngaye, mhla ngeemini zakhe? Phendula mfondini wase Mafukweni ! Andithethi nto ngawe wena wakwa Tshiwo Kwa Ngconde kwa Butsol...