Skip to main content

Izibongo zika Sarhili

Izibongo zika Sarhili

Ahh!! Ntaba


ngu soPasi
u jikuty' amaphambili phofu engawasingisi mntwini.
yi Ntsundu ka Nomsa ka Gambushe kwa Bomvana,
u ngxowa inemilenze yokufaka amaduna akowabo,
ooPhatho noo Sandile.

yi Namb enkuuuuuulu ebhijeli Hohita,
ovuk'emini akabonanga nto ngoba akayibonanga iNamba icombuluka.
li Lunga le gwaba lika Hintsa,
ngu Magan' iindlezana
u Mavel' elunguza njenge ngcu ye ngcuka kwabe nduku kwa Moshoeshoe.


yi nqaba enkuuuuuulu, isilo esingaziwa mngxuma,
u Mdaka ka Hintsa.
ngu saliwa nga qubu esiswini,
ngu Gwebityala elisemva elibizwa yi Mbongi.


u Gwebityala lika Feni wali zinzisa,
ngu Nqanawe zavalela amaNgesi, zaya zawakhupha kwa Somtsewu,
ukuze amaBhaca alwe namaNGutyana.
ngu Nyoka yobu Gqi ngu Mamlambo.

ngu zwe lafa ngembiza zika Mbune,
hayi ngo mona amaMfengu aseGcuwa.
ngu Xakatha u Gaga, iGwangqa lika Mpohlo.
Gxothani iimantyi ziye Rhini apho zibuliswa khona,


Hashe elimhlophe ndim ndodwa na omdala ebantwini?
nithi ezi zinto ndizazi ngantoni na bethu?
izinto zindongamale nje -
bundongamele ubuntu nobuKhosi,
kundongamele ukuphatha nokulawula,
bundongamele ubukhulu nokuduma,
zindonqenile izizwe zaxelelana,
zindoyikile izizwe zade zacela u mlungu,
ukuze zithi nje zakulila izinandile,
wabizwa u Elefu kwathiwa wayek amamfengu,
kuba ohlwaywa ngu Hintsa mhla afika, wawafaka ekhwapheni.

kukuze lixole ngo Ngcayechibi, amaXhosa awele uMbhashe.

Ahhhh Ntaba!!




Comments

Popular posts from this blog

uKhiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika  Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...

Umhlekazi u Hintsa - By SEK Mqhayi

U HINTSA.   Zifikil' ii mini! zifikil' ii mini! Zifikil' iimini zokukhunjulwa kuka Hintsa. UHintsa lo ngoka Khawuta ka Gcaleka, UGcaleka lo ngoka Phalo ka Tshiwo, UTshiwo lo ngoka Ngconde ka Togu. Ulifincil' ikhulu leminyaka wafayo, Koko usatheth' iint' ezinkul' ezizweni zomhlaba Kuba kaloku thina kwa Xhosa , Sigwetywa ngovuko lwabafileyo. Iyaf' indod' ibuy' ivuke, Ivuk' indod' iz' ibuy' ife, Zakufik' iimini zokuthetha kwamathambo. Zifikil' iimini zesirhorho so Nobutho. ngu  Gangath' ilizwe Libe ngu mgangatho , u Mamnkeli wezizwe ngezizwe, ikhaya leentlanga ngeentlanga; Uyise weendwadunge ngee ndwadunge. Mbongen' uHintsa zizwe zomhlaba ! MaBhilitani nithe cwaka ngani na? Nina ma Mfengu? MaBomvana ningaba niyalibala? Nani be Suthu base Qhudeni, Ningathi cwaka na mhla ngo Hintsa? Mhla kuthethwa ngaye, mhla ngeemini zakhe? Phendula mfondini wase Mafukweni ! Andithethi nto ngawe wena wakwa Tshiwo Kwa Ngconde kwa Butsol...

AmaXhosa wo Mthonyama nezinye izizwe ezingabangeneleli nezisele zingamaXhosa ngoku

  AmaXhosa wo Mthonyama Ama-Tshawe - Ezi ziindlalifa zika Xhosa; iKomkhulu lamaXhosa likuma Tshawe, ukutsho oko: ngawo iinkosi nee Kumkani zakwa Xhosa; esingabala kuzo OoPhalo, ooTshiwo, ooMdange, oo Gcaleka, oo Rharhabe, oo Mlawu, oo Ngqika, oo Maqoma, oo Sarhili, oo Hintsa, oo Sandile, oo Ndlambe, oo Mdushane, oo Tyhali, oo Bhurhu, oo Maphasa, oo Khiva, oo Xolilizwe, oo Bazindlovu nabanye, ngoo nyana basema Tshaweni bonke abo. u Tshawe, no Cirha, no Mqwambe no Jwarha ngaba ntakwe; bazalwa ngu Kumkani u Nkosiyamntu ka Malangana ka Mnguni. Ama-Kwayi - ikwanga maTshawe la, ntonje agxothwa ko mkhulu ngenxa yesenzo esathi senziwa yi ntombi ka Gando eyathi yombatha no Kumkani uTshiwo. Ama-Cirha - ngoo Ntswentswe aba, ooNojaholo, ooQhanqolo, ooMhlantlendlovu, iHlomla lidala lineeMpondo. Ibali lasemaXhoseni lithi, amaCirha ayeyona ndlu nkulu yamaXhosa, kodwa kwathi ubukhulu baxuthwa ngu Tshawe ngokukhalipha nangobu krelekrele bakhe. iBali lihambisa lithi, ngaminazana ithile zaphuma ezi ...