Izibongo zika Mhlekazi u Hintsa
ngu soRharhoba, uhlwat' olumadolo luka Khala,
u mhle ka nyawose, u Zanzolo.
ngu mbhekwa ntshiyini bath' uQumbile,
u dumbel' imilenze, isibi esikhethwayo kweziny' izibi.
ngu Nondwangu, imbabala entsundu ka Khawuta
abayikhuza ukuhlaba ingekhahlabi kazi koze kube njani mhla yahlaba.
ngu Zigodlwana zemaz' endala zingalal' endleleni yazini kunyembelekile.
yi nkunz' eyadl' u Ngqika nee nqwelo zakh' eMalinde apha phantsi kwee ntaba zaseMathole,
Yadl' u Nteyi e Madaleni,
Yadl' u Ntlukwana emaCirheni,
Yadl' u Jotelo emaJwarheni,
Yadl' u Ntlebi emaGqwasheni,
Yadl' uQukwana emaNtakwendeni,
no Maqoma ikhalipha lika Lwaganda usinde ngokulambisa.
Yadla 'maGiqwa, yadla 'Mangqosini,
Yadl u Matiwane e Mbholompo yamsakaza,
no Madzikane ka Zulu ifike sengqengqile ngokungxama kwamaGcina,
Naaaani maMfengu!! inijonge yane mfesane.
yinto enkomo zimalunga nezika Yise ubuninzi,
ngu silo siyaziwa mbombo zone eBunguni,
nakwele nduku kwa Mshweshwe.
uSilo sigqum' eNciba saviw' eBathenjini kwa Ngubengcuka,
siviwe ngu Ncaphayi eMzimkhulu,
No Faku ka Ngqungqush' usivil' emaMpondweni.
Yi ncam ka Khawuta, ithole lee nkunzi zika Phalo,
int' eyadl' u Lwaganda ka Mlawu nee nqwelo zakhe mhla lafa emaXhoseni nge mfazwe yase Malinde,
mhla ngo Thuthula intombi ka Mthunzana,
ngalo mhla 'mabandla ka Xhosa 'yefunzwa ngu Zanzol' uqobo,
mhla 'yiwel' iNciba amaGcaleka equle agqiba,
Avum' amaNdlambe ka Ndabanduna,
Avum' amaNtinde,
Yavum' imiDange,
Angqina nama Gqunukhwebe,
Evum' amaBandla ka Phalo ngazwi linye - ath' u Ngqik' ugezile.
Wesuk' uZanzolo engena 'zwi la mlomo,
sesibon' ukuphuma 'madangatye ngamehlo,
sesibon' ukuphokozela kwe misi ngee mpumlo,
sesisiv' inzwinini yamakhwelo ngee ndlebe,
wath' umntu namhla isilo sijongolekile,
int' ababehlala besith' ikho, namhla ihlile;
Kuba bemjong' ezintshiyini bath' uqumbile.
Namhla ezo ntshiyi zixel' amafu mhla nge ndudumo,
namhla zitshawuz' imibane akukho kuphil' ebantwini,
wath' umntu namhla ku nyembelekile,
kwelakwa Rharhabe umhlab' ubhukuqekile,
Kwenzek' inyala nesikiz' emaXhoseni.
ngalo mhla yafumb' iNdwe phezu kwe Ndwe kwelakwa Hoho,
wadl' umkhonto egazini kwelakwa Hoho,
Watshixiz' umthi ko mny' umthi kwela kwa Hoho,
Satheth' isikhumba se nkomo kwelakwa Hoho,
sathi Gologongqooo - gongqoo - gongqooo kwelakwa Hoho,
Afa 'madoda engayolelanga kwelakwa Hoho.
Sadl' isilwangangubo nezinja zaso kwelakwa Hoho,
Yadl' ingqanga yashiyel' ihlungulu kwelakwa Hoho,
Yadl' ingcuka yahlomlel' ixhwili kwelakwa Hoho,
Wadl' uHodoshe washiyel' impethu kwelakwa Hoho.
Ngu Zanenzolo kwa Rharhabe kub' eligwebile elika Ngqika walizinzisa,
Ahhh Zanzolo
Ahh! Zanzolo, inkunz'abayikhuz'ukuhlaba ingekahlabi, umzukulwana ka Gcaleka, umhlekazi.
ReplyDeleteSiyabulela Tshawe ngeliphulo nelinyathelo ulithathileyo, usiphathele umnombo nemvelaphi yethu kumzi kaMalangana.
Bendicela kananjalo ba uzame ubhala rhoqo.
Enkosi
Isilo esifukame kwiziziba zomlambo uMbashe siman' ukuya ngokusela iNciba , inkunz abayaphula izigodlo phezu kweentlambo zenqabarha
ReplyDelete