Skip to main content

Posts

Idabi lase Mthontsi - 1851

“Anditsho ukuba hambani niye kubulala, ndithi hambani niye kunqanda elo Hlahla”  - Maqoma Idabi lase Mthontsi laliwa ngemfazwe ka Mlanjeni, 1850 -1853; lisiliwa ngu Maqoma into ka Ngqika evele tanci, nomkosi wama Ngesi.  u-Maqoma waye ngayilwanga imfazwe ye-Zembe eyayi phambi kwale ngo 1846-47, ngezizathu ezithile ezazikuye, waza ke wazigulisa. Ute nhoko agulayo wathatyathwa ngama Ngesi amsa e Gqeberha khon’ ukuze ashenxe phakathi kwemikhosi; amaNgesi ayesoyikela ukuthi hleze athi akuziva izithonga zo mlo aqale aphile ngqe. Kodwa naleyo into yaba neyayo inkathazo ku Maqoma, kuba ngo 1847 uthe u Saqhwithi (Sir Harry Smith) xa wayeza kuthabatha iintambo zombuso Kwi Koloni yase Kapa wegqitha ngaku Maqoma apho wayegcinwe khona e Gqeberha, kwathi kuba ngumfo lo owayesile esisaphuselana; wafuna ukubeka unyawo lwakhe entanyeni ka Maqoma, Koko u Maqoma wathi: "Ufuna ukwenza umsebenzi wobunja wena kuba uyinja; akakuthumanga lonto u Vitoliya ngokuba ngowasebukhosini njengam kwaye uyandazi u

Amaphakathi wakwa Xhosa.

amaphakathi e Nqadu nge xesha lika Ngangomhlaba ka Gwebinkumbi Apha kwa Xhosa lento ibubukhosi nokulawula asinto imele amaTshawe kuphela. IKumkani nee nkosi zayo zonke ngokushiyana nangokulingana kwazo zinamaphakathi wazo; iqela lamadoda asisigqeba, iqoqo ne Bhunga. Ngala madoda adibana rhoqo eBhungeni axoxe izinto ezidla umzi. Ke kambe; njengobukhosi obamiselwayo, nobuphakathi nhabo bamiselwa xeshikweni kwakumiselwa ubukhosi, into ethetha ukuba ayinguye nabani na ongaba liphakathi lasebukhosini, nanjengokuba ingenguye nabani na onokuthi azifumane eyi nkosi okanye iKumkani. Ngeli phandle, ubuphakathi bulu xanduva lwemizi eyayimiselwe kwa mhla mnene xeshikweni kwakumiselwa ubukhosi. Kule mihla siphila kuyo sele sibona oosopolitiki, abatyali zimali besondele kakhulu ezinkosini nakwi kumkani zethu; sibona awona maphakathi wesizwe ebhekelisiwe embusweni wobukhosi. Akungebi bethu yeyona nto le eyenza ukuba ubukhosi bakowethu sibubone budodobala? Ngoba ke enyanisweni abusena mandla kwaye nee

AmaXhosa wo Mthonyama nezinye izizwe ezingabangeneleli nezisele zingamaXhosa ngoku

  AmaXhosa wo Mthonyama Ama-Tshawe - Ezi ziindlalifa zika Xhosa; iKomkhulu lamaXhosa likuma Tshawe, ukutsho oko: ngawo iinkosi nee Kumkani zakwa Xhosa; esingabala kuzo OoPhalo, ooTshiwo, ooMdange, oo Gcaleka, oo Rharhabe, oo Mlawu, oo Ngqika, oo Maqoma, oo Sarhili, oo Hintsa, oo Sandile, oo Ndlambe, oo Mdushane, oo Tyhali, oo Bhurhu, oo Maphasa, oo Khiva, oo Xolilizwe, oo Bazindlovu nabanye, ngoo nyana basema Tshaweni bonke abo. u Tshawe, no Cirha, no Mqwambe no Jwarha ngaba ntakwe; bazalwa ngu Kumkani u Nkosiyamntu ka Malangana ka Mnguni. Ama-Kwayi - ikwanga maTshawe la, ntonje agxothwa ko mkhulu ngenxa yesenzo esathi senziwa yi ntombi ka Gando eyathi yombatha no Kumkani uTshiwo. Ama-Cirha - ngoo Ntswentswe aba, ooNojaholo, ooQhanqolo, ooMhlantlendlovu, iHlomla lidala lineeMpondo. Ibali lasemaXhoseni lithi, amaCirha ayeyona ndlu nkulu yamaXhosa, kodwa kwathi ubukhulu baxuthwa ngu Tshawe ngokukhalipha nangobu krelekrele bakhe. iBali lihambisa lithi, ngaminazana ithile zaphuma ezi nkos

Amagama wee Nkosi ezaziphethe/ezazilawula nge xesha lesehlo sika Nongqawuse ngo 1856

Enye yeembali ezimbi kwa Xhosa sisi yhikili sika Nongqawuse, apho kwathi kwafa khona intlaninge yabantu bebulawa yi ndlala emva kokuba besabele ikhwelo elalivela kwi ntwazana encinci eminyaka nje iyi 15 kuphela. Kwakutheni ukuze amaXhosa inga bantu abahlakaniphe kangaka bamamele intwazana encinci ngoluhlobo? Ke kaloku kwa umfazi omdala kwa Xhosa ibinge mntu wayesima phambi kwee mpobola zamadoda abhekise lizwi; yenzeka njani lento yokuba isizwe sonke simamele imfeketho ethethwa ngu mntana sekude kwehle inyhikithya yokufa okungaka? Iimpendulo kulo mbuzo ziwutsho umzi wohlukane kubini inanamhla oku; bambi ubave besithi la maXhosa ayesenziwa bubudenge nobuphuku-phuku bokungafundi, abanye ubeve besithi lo mntu wayezenza isinyanya ezimele phakathi kwee ngcongolo emfuleni eziqabe udaka esithi u Nongqawuse makaxele ebantwini abakhulu ukuba ubone izinyanya yayingu mlungu owayefuna ukubulala amaXhosa; bambi ubeve besithi amaXhosa amamela umyalezo ovela kwi sanuse sobuxoki aze ke ngobudenge bawo