Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Igama lo mzi we nkosi yam le kuthwa kukulo Dungashe - eTsonyana. Iziduko zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci ukutsho oko unyana owazalwa kuqala kubo bonke; ezalwa kwindlu ka Khawuta yase Kunene. Kwindlu enkulu yakhe u Khawuta uzele u Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, laza iQadi le ndlu enkulu ka Khawuta yangu Nkani. u Hintsa no Nkani noo Malashe bavele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe kwanguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula emhlabeni. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa eyona nkulu yakhe; ibengu Myeki uyise ka Mfati wase Mn...
Apha sibalisa amabali neziganeko ezathi zenzeka ngexesha uBukumkani buka Xhosa busazimele, bungekabikho phantsi kolawulo luka Rhulumente.