Skip to main content

Amagama wee Nkabi zee Nkosi

 




Kwa-Xhosa inkomo yinto exatyiswe kakhulu ngoba kuphilwa ngayo; isiko lenziwa ngayo, amasi la siwathanda kangaka aphuma ku bisi oluvela kwezi nkomo, iimfele zokwambatha, izikhaka zokubhinqa zoo Mama, iintambo zokubopha zikwenziwa ngezikhumba zezi nkomo, amasimi alinywa kwangezi nkomo kuvele ukutya, amatyala ahlawulwa kwangezi nkomo, ukanti nobuhlobo bukwakhiwa kwa ngazo.

iiKumkani, iinkosi, izibonda namanye amadoda ke azizityebi ebeba neyona nkabi ayithandayo kule mihlambi yawo; ze imizi yawo ayithiye ngegama laloo nkabi, kuthi ngamanye amaxesha isizwe seNkosi sithiywe kwange gama laloo nkabi yayo. Umfundi angazibuza ukuba yintoni isizathu soku? Kaloku esiXhoseni kuyahlonitshwa, inkosi ne Kumkani ayibizwa ngegama njengalento ikhoyo ngoku yabantu ababiza abantu abakhulu nabahloniphekileyo ngamagama.

Nanga amagama wee Nkabi nemizi yasemaXhoseni


Kwa Gcaleka (iKomkhulu Lama Xhosa wonke)

·        Eka Kumkani u Tshiwo ngu Mngqalasi – umzi wakhe kuse Mngqalasini, ungcwatyelwe eNgcwanguba.

·        Eka Kumkani u Gcaleka ngu Mtshayelo –  kodwa umzi wakhe wawubizwa ngoba kukulo Tete, nanamhlanje oku amaGcaleka kuthwa ngama Bandla akulo Tete. Ungcwatyelwe eNxarhuni (Nahoon) eMonti.

·        Eka Kumkani u Khawuta ngu Gojela, umzi wakhe kukulo Gojela. Ungcwatyelwe eMnyameni ku Centane.

·        Eka Kumkani u Hintsa (ahh Zanzolo) ngu Mali – umzi wakhe kukulo Mali. uNgcwatyelwe e Nqabarha ku Gatyana.

·        Eka Kumkani u Sarhili (Ahh Ntaba) ngu Thiso – umzi wakhe kukulo Thiso. Ungcwatyelwe e Sholorha kwa Bomvana

·        Eka Kumkani u Sigcawu (Ahh Nonqane)  ngu Zulu – umzi wakhe kukulo Zulu. uNgcwatyelwe e Mngazana ngase Mampondweni.

·        Eka Kumkani u Bhungeni (Ahh Zwelidumile) ngu Ngqaqeni – umzi wakhe iNqadu kukulo Ngqaqeni. Ungcwatyelwe e Nqadu ku Gatyana.



 

Kwa Rharhabe (uKunene kukaXhosa)

·        Eka Nkosi u Rharhabe (ahh Butsolobeentonga) ngu Nzwilanga, ntonje igama eliye la gqama leli lithi Nomagwayi; uNomagwayi wase Mbo. "Ayiwela iXuka amabandla akulo Nomagwayi, uNomagwayi wase Mbo; esingise imibombo emaQwathini eya kudla inkomo zabaThembu" - SEK Mqhayi. uButsolobeentonga uNgcwatyelwe eXuka emaQwathini, apho wawela khona ebulawa ngama Qwathi ekunye no nyana wakhe u Mlawu.

·        Eka Ngqika (Ahh Lwaganda) ngu Mbombo, umzi wakhe wawubizwa ngokuba kukulo Mbombo, amaNgqika kunanamhlanje asabizwa ngokuba ngama Mbombo. Ku Centane kwilali ezithile lisasetyenziswa kakhulu eligama kuba iselapho ingxenye yamaNgqika eyawezwa iNciba ngama Ngesi emva kwe mfazwe ka Ngcayechibi (9th Frontier war) ngo 1878. uNgcwatyelwe eMkhubiso, e Xesi.

·        Eka Sandile (Ahh Mgolombane) inkosi eNkulu yamaNgqika namaRharhabe ephela ngu Mbede, umzi wakhe kukulo Mbede. uNgcwatyelwe kwa Zidenge.

·        Eka Maqoma (Ahh Jongumsobomvu) unyana wendlu yase Kunene ka Ngqika, igama le nkabi yakhe ngu Jingqi, ikomkhulu lika Maqoma lalibizwa ngokuba kukulo Jingqi, abantu bakhe ze ibe ngamaJingqi; amajingqi angevayo. Kuzo zonke iimfazwe eziliwe ngamaXhosa namaNgesi, owona mzi ubuphambili kakhulu, no mzi obusoloko uphambili kumadabi okulwa umlungu ibingama Jingqi la. Ibiba ngu mzuzwana elasemaXhoseni lixolile, kuhleliwe ngoxolo, uve sele kusithiwa izwe lifile, zibambene ngazo Kulo Jingqi; ibeyilonto ke umzi wonke waseMaxhoseni ube nawo uyangena kanjalo kwimfazwe. Lo mzi ka Maqoma ubume e Bhofolo, esingqengqeni, ukukhweza ukuya kuma koo Khobonqaba (Adelaide). Nawo amaJingqi awasindanga ekugxothweni ngamaNgesi emva kweka Ngcayechibi ngo 1878; awezwa asiwa ku Centane, yiyo lonto lixhaphakile elogama lamaJingqi unanamhlanje kulo mhlaba waku Centane. Wakhothamela e Robben Island eKapa ngo 1876, wangcwatyelwa khona, aze amaJingqi aphuthuma amathambo wakhe ngo 1978, wabekwa kwa Ntaba ka Ndoda e Xesi.


iNkosi enkulu yaseKunene u Vululwandle ku Mzi ka Rharhabe ne Kumkani ka Xhosa wonke u Vulikhaya kwa Gcaleka asikaweva amagama eeNkabi zabo; ozaziyo angeza ngaphambili asixelele. 

Kodwa okwangoku mandibe ndisithi hlalani nibahle njalo nina baka;

Somanangashe, iNdlov' edl' igoduka,
u Mavuth' ukuhamba axelis' umlilo.
u Mathwethw' ukuhamb' axelis' inyanga,
u Magongq' ukuhamb' axelis' ilanga,
into entsente zilukhuni ngathi li cangci,
ngathi licangci lase mlungwini.

ngu Ngindizayo umhlophe ka Rhili,
Yint' enenkunz'ebomvu eyizuze ku Phalo ezek'ezakulo Nozwane
yaziyek' ezakulo Yakupa za zizi Gudu.

ndithi yint'ene ntong'emnyama engaziwa mXhosa,
int'enzipho zimnyama kuku phand'uhlanga,
nyakana zadliw' inkomo kwa Gcaleka,
ingwe ye Thunzi, umfusa ka Sarhili.

Ahh Nonqane!!!

ngu Sigcawu ke lowo; into ka Rhili ka Hintsa ka Khawuta ka Gcaleka ka Phalo, emaTshaweni.

maXhos' amahle!!



·         

Comments

  1. Lamnandi elibinzana mTshawe tsii latsho ndahlutha puqa , apha kuKumkani Rharhabe abathi inkabi yakhe nguNzwilanga , kwathiwa kusemnzwini welanga

    ReplyDelete
    Replies
    1. Yheke, Yheke!! Masilungise apho loo ndawana ka Rharhabe, u Butsolobeentonga, Ungeza nazo nezinye esizishiyileyo sizifake, ungoyiki tu!! Yeyethu sonke le mbiza singamabandla ka Phalo; kwaye ke umnandi ngokuchubelana. Ngxatsho ke mXhosa ���� nangamso.

      Delete

Post a Comment

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i