Skip to main content

Intlalo ka Xhosa




Kukho imposiso enkulu ethi ubuKumkani buka Xhosa bohlukene kubini; Abantu abakhuthaza le mposiso bathi le yantlukwano yenzeka ngexesha lika Kumkani u Phalo xeshikweni unyana wakhe wase Kunene u Rharhabe emwezela ngaphesheya kwe Nciba, eya kumakhela umzi wakhe kwelo zwe. Le mposiso ikwa za nezinye zee nkosana zase MaTshaweni zakwi ndlu yase Kunene ka Phalo ekubonakala mhlophe ukuba zine njongo zokwahlula umzi ka Xhosa, zizenzele obazo ubuKumkani obuya kulawulwa zizo, nobulinganayo nobendlu yako mkhulu ka Xhosa wonke.

 

Makhe senze amaGqabaza size nama nqaku, sicacise ukuba kutheni sisithi yi mposiso le:

·       Okoku qala, iNdlu yokunene ayilingani nendlu enkulu; kwa ntlandlolo, ekudalweni kwazo yenziwa yacaca loo ndawana ukuba azilingani, nangani nje izezona zindlu zibalulekileyo kwizindlu zako Mkhulu, kodwa inyaniso yeyokuba azilingani.

·       Okwesi bini, uRharhabe ngowendlu yokunene ka Phalo, aze u Gcaleka abe ngowendlu enkulu ka Phalo; ekubhubheni kuka Phalo ngu Gcaleka owangena ezihlangwini zika Yise.

·       Okwesi thathu, umlambo iNciba awuzange ube ngu mda phakathi kwezizwe zakwa Xhosa; kwange xesha lika Kumkani u Phalo nangaphambili ku Kumkani u Tshiwo naku Ngconde naku Togu. uRharhabe uthe ewela, zabe sele zikho izizwe zase maXhoseni ezazisele zimi kwelo lizwe liphesheya kwe Nciba, zigudle u Lwandle ukubheka phayaaa. Futhi zazisele zinee nkulungwane zeminyaka zilapho.

 

Kwezo zizwe singabala kuzo ezi:

1.      amaMbalu ka Langa – iNkosi u Langa, u Lutshaba, no Nukwa ngoo nyana baka Phalo bonke, bazelwe tanci ngu Kumkani u Phalo, ngabakhuluwa ku Gcaleka no Rharhabe, kodwa izindlu abaphuma kuzo kwezo zako mkhulu zinge zantsi kwezo kuphuma kuzo u Gcaleka no Rharhabe. uLanga wawela kuqala kuno Rharhabe, waza wasikelwa indawo ayakuma kuyo phesheya kwe nciba ne bandla lakhe, njengabantwana bonke bako mkhulu.

2.     amaNtinde - iNkosi u Ntinde ngu mntakubo Kumkani u Ngconde; boba bini bangoo nyana baka Kumkani u Togu. Naye u Ntinde wawezwa iNciba ne bandla lakhe, wasikelwa ngaphesheya, waza yena u Ngconde wasala ko Mkhulu nganeno kwe nciba, wathabatha iintambo zolawulo ku yise uKumkani u Togu lakufika ithuba.

3.      amaGwali – u Gwali ngu nyana ka Kumkani u Tshiwo ka Ngconde. Ungu Mntakubo Kumkani u Phalo. uGwali yena akayiwelanga ngakuthanda iNciba koko uyiwele akuba oyisiwe ngu Yise-mncinci okanye uYisekazi u Mdange; u Mdange lo wayebambele u Phalo, kuba uyise ka Phalo u Tshiwo wabhubha esemncinci u Phalo. u Gwali walinga ukubuthathela kuye ubukhosi, kodwa wachithwa ngu yise mncinci u Mdange. Wabaleka ke, u Gwali waya kuzimela kwa Hintsathi, umGiqwa iKumkani yamaLawo; wafika u Mdange engabhungisanga, wawagqugqisa amaLawo, wabuvuthulula baphela ubukumkani bamaGiqwa, akugqiba wabufaka phantsi kuka Xhosa, waze wawathoba amaGiqwa wawenza izibonda akuba embulele u Hintsathi. Kunanamhlanje amaGiqwa ngamaphakathi amakhulu kwi Komkhulu lakwa Xhosa; nantso inzala yawo u Sijako ka Bhacela ka Khwaza ka Ngqila ka Whole ka Thotywayo ku Gatyana, ngamaGiqwa lawo, inzala ka Ngqila zii Nduna ezinkulu ko mkhulu. Omnye wemiKhosi ka Xhosa ngamaxesha we mfazwe; iNtshinga ukhokelwa ngamaGiqwa, lize lona iQawuka likhokelwe ngama Ngwevu, inzala yawo ngoo Rhuneyi ka Qeqe ka Ganya ka Mpulu; zii njengele zakwa Xhosa ezo, abaphathi bemikhosi. 

uMdange akambulalanga u Gwali unyana wo mntakwabo, usuke wamsikela umhlaba apho ngaphesheya kwe Nciba; savela ngolohlobo isizwe samaGwali. Xeshikweni iNkosana u Rharhabe iwela iNciba, sele ku kade amaGwali azimisa iintlanti zawo kwelo zwe.

4.     imiDange – iNkosi uMdange ngu nyana ka Kumkani u Ngconde; u Mdange, u Hleke, u Thiso, u Gando uyise wamaKwayi; bonke ngoo nyana baka Ngconde, bangaba ntakubo Kumkani u Tshiwo. uThe akubhubha u Tshiwo umntakubo Mdange, u Gwali wafuna ubukhosi bubebo bakhe, encediswa ngu Ntinde uYisekazi; uMdange wabatsho bazi ntsalu, wababetha wabasukela ekhusela isihlalo sika Phalo. Ukuze xa ebongwayo kuthiwe ngu Mdange ka Tshiwo, nto leyo eyenza abanye abantu bacinge ukuba ungu nyana ka Tshiwo, kanti hayi akunjalo koko ungu mntakubo Tshiwo, bobabini kunye no Hleke, no Thiso, no Gando bazalwa ngu Ngconde.

No Mdange ke uthe akuba u Phalo ekhulile, intambo ezinikele kuye, wacela ku Mhlekazi u Phalo ukuba akhe awele inciba naye njengee nkosana zonke zako mkhulu aye kuba ngamehlo wakhe ngaphesheya kwe Nciba; ngelo xesha u Rharhabe no Gcaleka abakazalwa.

5.     amaHleke – sisizwe sika Hleke ka Ngconde; naye uwele iNciba wasikelwa apho kwakwelo zwe, wahlala nabantu bakhe abanikwe ko mkhulu apha.

6.      amaGqunukhwebe – amaGqunukhwebe si sizwe sika Khwane ka Lungane; u Khwane wayenge nguye umTshawe, koko wayeli phakathi lika Kumkani u Tshiwo. Ngexesha kuphethe u Tshiwo kwa Xhosa, kwafika inkosi yomSotho eyayilukhuni kakhulu, inkosi u Mjobi, uGaba; yaze le nkosi yakuba yamkelwe ngu Tshiwo eyisikele umhlaba, ayafuna ukumthobela njenge Kumkani, yaqala yadla nee nkomo zamaXhosa, isitsho isithi u Tshiwo aka nkosi yayo. Kambe, iTyala eliphakathi kwee nkosi ezimbini alixoxelwa enkundleni koko lixoxelwa ethafeni ngezigalo; Ngokwenene ke lafa ilizwe, zabambana ngazo kwa' mdaka. Yoyiswa eyase MaXhoseni, sele kucaca ngoku ukuba amaTshawe kumhla aphulukana nobu Khosi, buzakuwela ku Mjobi koo Gaba, ooCihoshe, ooNozinga umntu womlambo.

Uthe u Tshiwo sele ecinga ukuba woyisiwe, kanti u Khwane iphakathi lakhe, ehleli nje unenduku esemgqubeni, uno mkhosi omninzi kanobom awufihlileyo. Lo mkhosi ka Khwane ngabantu baka Tshiwo ababefunyaniswe benamatyala ko mkhulu, baze bagwetyelwa ukufa. Uthe kanti u Khwane aba bantu iKumkani imane isithi makababulale nje yena akababulali uyabagcina; sebade bangu mkhosi omkhulu. Waza nabo ke u Khwane yakuba inkosi yakhe u Tshiwo yoyisiwe ngu Mjobi; wayifunza, laqala phantsi iDabi, kweli tyeli eka Tshiwo -  uMngqalasi yalwa ngolukhulu ulunya, ingashiyi nenye into ephefumlayo, ihlaba ngamandla. Wachithwa le mini uMjobi nge mbubhisokazi enkulu. uKumkani u Tshiwo walibulela kakhulu iphakathi lakhe u Khwane, waza wathi “ukususela namhla, ndiyakunika eligama lobu Tshawe; awulo phakathi ngoku, uyi nkosi, ungu Tshawe”, yaduma inkundla imkhahlela u Khwane, akugqiba uKumkani wamsikela indawo yakhe ngaphesheya kwe Nciba, wamnika abantu ukuba abaphathe; savela njalo ke isizwe sama Gqunukhwebe. Ewela nje uMntwanenkosi, uRharhabe, sele kukudala amaGqunukhwebe ekwelo zwe, ukusuka kumlambo iQonce ekungeneni echwebeni ku Gompo ukugudla ulwandle, ukubheka phayaaa ngaku mlambo iNxuba.

u Khwane uzele u Tshaka (hayi lo wakwa Zulu), u Tshaka wazala u Chungwa lo amaTshonyane azibiza ngaye, u Chungwa wazala u Phatho; ekunene wazala u Khama. u Phatho yena wazala u Dilima no Namba. Yonke inzala yale mpi isekwelo zwe laphesheya kwe Nciba.

 

**iBimi njalo ke intlalo ka Xhosa ngaphambi ngokuvela kwale ndlu Yase Kunene, eyavela ku Kumkani u Phalo; naye unyana wendlu yase Kunene u Rharhabe uwezwe iNciba ngu Yise u Phalo ngokwe siko lako mkhulu, ewezwa ukuba aze abe ngamehlo we Komkhulu ngaphesheya. Kwashiyeka u Gcaleka ko Mkhulu, sabe siyadaleka ke isizwe esitsha samaRharhabe ngolo hlobo; hayi ukuthi kwa qhekekwa kubini. Ukuba olu yayilu qhekeko, lonto yayinokuthetha ukuba u Rharhabe ubeyi Kumkani ngexesha elinye no yise belingana, kuba kaloku isizwe samaRharhabe sidaleke uPhalo esaphila esidla amazimba, nto leyo ingenzekiyo yokuba unyana abeyi Kumkani uyise esaphila. Mhakhe sithi wayeyiyo iKumkani yesizwe esizimeleyo, ngoku esaphila uyise u Phalo Futhi isizwe siqhekekile; yayi ngomphi omkhulu kukho yena, ekho no Yise?**

 

 

Nantsi imizekelo yoo Nyana bezindlu zasekunene abazalwa ziiKumkani zakwa Xhosa ngokulandelelana kwabo:

 

1.     u Velelo ka Gcaleka - abantu bakhe ngamaVelelo. uVelelo uku kunene kwakomkhulu kwesibini, ukuqala nokusuka ku Rharhabe; u Rharhabe yindlu yaseKunene yokuqala kwa Xhosa eyazalwa ngu Phalo. Kungani engaqhekekanga yena u Velelo, Azenzele ubuKumkani obulingana nobo mntakwabo u Khawuta?

2.     u Bhurhu ka Khawuta abantu bakhe Li Tsonyana – iTsonyana lise Thuthurha ku Centane, kule mihla beliphethwe ngu Nkosi u Nongudlu Maphasa ongasekhoyo, lo ebekhe waba libambela Kumkani e Nqadu emva koku khothama kuka Mpendulo ahh Zwelonke. Yi nzala ka Bhurhu ka Khawuta leyo, yindlu yase kunene ka Khawuta. Kungani yena u Bhurhu lowo engaqhekekanga azenzele obakhe ubuKumkani obulingana nobo mntakwabo u Hintsa? Kwaye u Bhurhu imizi yakhe ibise Qumrha, nase Nciba, kodwa waphela sele ewelela nganeno wakha e Thuthurha ku Centane.

3.     u Ncaphayi ka Hintsa - abantu bakhe ngama Jingqi (hayi la ka Maqoma). Naye u Ncaphayi ukukunene, akazange aqhekeke azenzele obakhe ubuKumkani obulinganayo nobo buka Sarhili umntakwabo, koko usikelwe indawo yakhe wanikwa abantu wabaphatha; inzala yakhe ngu Dumalisile, isekhona nangoku ku Gatyana.

4.     u Mcothama ka Sarhili – naye u Mcothama ukukunene kuka Sarhili, iKumkani yamaXhosa wonke; Futhi ubedume phantse ngaphezulu kuka Sigcawu umntakwabo, ngoba u Sarhili ubhubhe u Sigcawu sele eyi ndoda eqinileyo, sele exuba nase ntloko kodwa engaphethanga ndawo kuba uyise esaphila, futhi inguye oyakungena emva kwakhe; wabe yena u Mcothama kukudala enesizwe sakhe njenga nkosi ikukunene. Wayeye athi u Sigcawu "no Rhili akadumanga u Hintsa esekho".

 

  uKanti nakwaRharhabe indlu yokunene ka Phalo, bakhona ooNyana bezindlu zasekunene; naba:

1.     Ngu Cebo ka Rharhabe, kodwa akazalanga u Cebo; ze kwathathwa unyana ka Ndlambe u Mdushane wayokubekwa kula ndlu ka Rharhabe, wenziwa ukunene kuka Rharhabe. Yaza inkulu ka Ndlambe yangu Mhala ahhh Mbodla – abantu baka Mdushane yimi Dushane; bakhona e Qonce, eDikeni naku Centane nase Dutywa.

2.     u Ntimbo ka Mlawu; u Ntimbo akazalanga kwaze kwa thathwa u Anta ka Ngqika wasiwa kwindlu yaseKunene ka Mlawu – abantu bakhe ngama Gwelane; naaabo ku Centane kwilali ekuthwa kuku Gwelane.

3.     u Maqoma ka Ngqika - abantu bakhe ngamaJingqi, Le yeyona nkosi idumileyo, neyona nkosi ibikwazi kakuhle ukufunza imikhosi yamaXhosa; u Sandile emkhulu ku Maqoma enjalo, ebengento yalutho ku Maqoma xa sibathelekisa ngezenzo zabo; kodwa kuba uku kunene yena futhi nangona ezelwe tanci nje, u Sandile mkhulu kunaye, nemithetho wayeyithatha kwaku Sandile. Abantu baka Maqoma bakhona abase Qonce, baze abanye babe ku Centane kwilali ekuthwa kuse Gqunkqe.

4.     uKona ka Maqoma – naye akaqhekekanga ku Tini, inkulu ka Maqoma – ingotya yama Jingqi.

 

Ezi nKosi sizikhankanye ngentla apha, ngoo Nyana basekunene, bonke baanikwa abantu nge gunya kuma Komkhulu abazalwa kuwo, baphatha bazi nkosi; kodwa izigqibo ezithile neminye imithetho nezibheno bezisa ko Mkhulu apho bazalwa khona; Lisiko elo kwa no mthetho wakwa Xhosa. No Rharhabe ukunene kokuqala, naye buqu wenze kanjalo; uthe sele emkile kowabo ko mkhulu eThongwana eGcuwa, emi eQonce eyi Nkosi yesizwe sakhe sama Rharhabe, kodwa eminye imithetho wayifumana emva kowabo ko Mkhulu ku Yise u Phalo eGcuwa; akubhubha u Phalo kwangena u Gcaleka, wayifumana ku Gcaleka imithetho njengee nkosi zonke zakowabo.

·        Okwe sine; u Rharhabe xeshikweni ewela iNciba, efikela kwezinye iinkosi zaseMatshaweni ezazisele zikwelo liphesheya kwe Nciba, wayephelekwe ngu Yise u Phalo, eze kumyaleza kwiNkosi ezazilapho ukuba naye uza kwakha ngaphesheya apho ame nazo, abe ngamehlo wakhe. Waza yena uRharhabe akagudla unxweme nanjengokuba kwakusele kukho iinkosi zakowabo apho, wangenela phezulu, embindini wazivulela esakhe isizwe koo Qonce, Xesi, Dikeni, Ngcwenxa, Khobonqaba, Qoboqobo.

·       Okwe siHlanu; Ngu Gcaleka owangena ezihlangwini zika Phalo iKumkani yakuba ikhothamile, waza naye wesuka eThongwana e Gcuwa, wawela iNciba; iKomkhulu lakhe walibeka e Qumrha. Akubanga kudala u Phalo ebhubhile, wabhubha naye u Gcaleka, e Bhubhela kwa phesheya kwe Nciba e Ngxingxolo kwindawo ekuthwa yi Mooiplaas ngezi mini. Lo ngomnye umzekelo ocacisa nje mhlophe ukuba iNciba ayizanga yaba ngu Mda phakathi kwabantwana baka Phalo; uba kwakunjalo iKomkhulu lika Gcaleka ngelalime kwanganeno kwe Nciba.

·       Okwesi Thandathu; Akuba u Rharhabe no Mlawu bebhubhile, kusele u Ndlambe yedwa; ibe ngu Kumkani u Khawuta ka Gcaleka owafikayo kulo Nzwilanga, eze kusombulula intsuma-ntsumane ekuyiyo; ngoba u Rharhabe wabhubha ne nkulu yakhe u Mlawu; nkulu leyo ingu Mlawu yayingeka zeki mfazi uyakuzala inkosi enkulu, kodwa enawo amakhwenkwana amabini: u Ntimbo no Ngqika. Ekugwebeni kwakhe u Khawuta, wathabatha u Ngqika wamenza indlu enkulu ka Mlawu, wamthi tyuu ngesi danga sobu Hlalu; waza wathatha u Ntimbo wamenza indlu yokunene ka Mlawu, wamnika Umkhonto, wathi kuye “cela isiza kwi nkosi yakho le, ucele namaPhakathi, uzakhele ubukhosi ngalo mkhonto, uyihloniphe inkosi yakho”. Uthe akugqiba ukwenjenjalo u Khawuta, wamisela u Ndlambe,u Ndabanduna ukuba abambele inkwenkwe leyo ingu Ngqika ide ikhule. uKumkani u Khawuta ngokwenjenje, wayesenza into elisiko lakowabo.

·       Okwesi Xhenkxe; uNgqika ubengu mfo obukhali kakhulu ofuze uyise mkhulu u Rharhabe ngokukhalipha; akalindanga nokuba ubukhosi abunikwe ngokusesikweni, usuke wazithathela ngokwakhe eselikrwala, ethyola uyise mncinci u Ndlambe ngokunamathela kubukhosi bakhe. Ithe lento xa iKomkhulu lamaXhosa nganeno kwe Nciba liyibuza, lifuna ixoxwe kakuhle, suke ngoku amabandla akulo Mbombo angxamela mpela ezintongeni. No Ndlambe wayesele ebalekele kwa Gcaleka, u Khawuta naye wayesele ebhubhile, ibambela kumkani ingu Nqoko; ebambele u Hintsa. Eneneni ke iKomkhulu liyile ukuya kumohlwaya u Ngqika lihamba no Ndlambe, kodwa wasuka walibetha u Lwaganda ikomkhulu walichitha; akaphelela apho, wawela inciba eswantsulisa iKomkhulu eliweza u Mbhashe, ethimba nee nkomo. Ngelishwa lento yonke yenzeka ngexesha abelungu bengxamele kumhlaba ka Xhosa ntonje bexakwe yi Ndlela yokungena; Baba ke bayangena ngoluhlobo abelungu, bathatha u Ngqika bambekela phezulu kuzo zonke ezinye iinkosi, izinto bezigqiba naye, sekungayiwa nako mkhulu kwa Hintsa ngoba iKomkhulu uyaloyisa. Ke kambe, zenzekile iziganeko ezinje zaba zininzi sele kuphethe u Hintsa nge nkqu. uHintsa ubengengo mfo ubhetyebhetye, yaye ezimisele ukubuyisela u Ngqika endleleni. Waqala wamkwaya, waza wazisondeza kuye zonke inkosi ezingaphesheya kwe Nciba, kuthi xa kudityenwe kuxoxwa izinto zesizwe, angabizwa yena u Lwaganda; athi xa ezama ukufaka umthetho kwi nkosi ezingaphesheya kwe Nciba, zisuke zimgatye zithi “iNkosi yethu ngu Hintsa”; ibimkhathaza kakhulu lento u Lwaganda, athi “nam ndiyiyo iKumkani”. Iye lento yaqina nangakumbi ukuvela kuka Nxele, u Makhanda. uNxele wayeshumayela imanyano phakathi komzi ka Xhosa, yaye ekhomba ebelungwini esithi mabatshayelwe bayokufakwa elwandle; lento ebengayithandi u Ngqika ngoba abelungu ebebafake ekhwapheni ebathanda, no Nina sele evana nomlungu othile amaXhosa ayembiza ngokuba ngu Nyengane ngenxa ye mpandla yakhe; u Van Der Kemp. Ngomnyaka ka 1818, u Ngqika nge nyhoko nyhoko yakhe, uxuthe umfazi ka Yisekazi u Ndlambe; u Ndlambe waya kumangala ku Hintsa, akalibazisa ke no Hintsa, wabe sele eyifaka eyakowabo yakulo Mali, wawela, wayalela ukuba wonke uXhosa ahlangane kwi thafa le Debe. Umkhosi wawukhokelwe nguye no Mdushane intanga yakhe; kwayiwa kuhlaselwa u Ngqika. Ngeli tyeli, wamoyisa. Latsho i Komkhulu lakwazi kwa khona ukuhlanganisa isizwe sonke ngaphantsi ko mthetho.

·       Okwesi Bhozo; ekubhubheni kuka Ngqika ngo 1829 inkulu yakhe u Sandile yayisencinane kakhulu ineminyaka e thoba nje kuphela; u Hintsa wamisela uMaqoma, no Thyali no nina ka Sandile u Suthu ukuba ba bambisane, bambambele u Sandile.

·       Okokugqibela; ooMaqoma, noo Thyali noo Anta noo Xhoxho zezona nkosi zilwe kakhulu no mlungu, kodwa zange babenayo into yokuba bazenzele bagqibe phesheya kwe Nciba, iKomkhulu nganeno kwe Nciba lingazi nto.

Amanye amaNqaku:

·       Xeshikweni lisifa kwa Xhosa ngeka Hintsa (6th Frontier); u Hintsa waya yena buqu no nyana wakhe u Sarhili kunye no Bhurhu kumajoni wase Britain ku Ndabakazi, ngee njongo zokuba kuxoxwe ngesi zekabani sale mfazwe kucacayo ukuba sele iqhuba phesheya kwenciba, kulo Mbombo. uMhlekazi u Hintsa wayesiya kula maNgesi ngee njongo zokuxoxela iinkosi zakhe nesizwe sonke njenga nkosi inkulu; esitsho esithi “lento inako ukuxoxwa iphele kwangoku ingekaqali, ngoba andikhuphanga lizwi lithi makuliwe”; Suka wadityaniswa ne mbumbulu, waqhawulwa intloko zezo zigebenga; nto leyo eyabenza u Thyali no Maqoma balwe nangakumbi, bephindezela iKumkani yabo, ne mfazwe yaqala ngokuse sikweni; yatsala iminyaka.

·       uHintsa ukhe waxabana ne Nkosikazi yakhe enkulu; u Nomsa ka Gambushe wakwa Bomvana, ze wamgxotha wagoduka wabuyela kwakowabo emva kwa Bomvana. Lafika ixesha lokuba u Sarhili inkulu ka Hintsa yoluke. NgesiXhosa ayoluki inkosana unina engekho. iiNkosi zako mkhulu kwa Gcaleka nama phakathi zatsho zancama zithethana ne Kumkani ukuba iphuthume iNkosikazi ukuze u Sarhili oluke; kwesuka uNjalatya, isiJorha so Nothonto, uMaqoma ngokwakhe, eze kuthetha no Kumkani. “Xa ungafuni lo mntana oluke, sesiphi esi sizwe sakowethu siyakuphathwa yi Nkwenkwe?”. Ngokwenene u Hintsa wamphuthuma uNina ka Sarhili u Nomsa, yoluka inkosana. Ukuba uXhosa wayesi sizwe esiqhekekileyo, wayenokuzihlupha ngani u Maqoma ukuba makuphuthunywe unina ka Sarhili? Wayezakuba ungenaphi kwizinto zesinye isizwe?

·       Nge Mfazwe ka Ngcayechibi (9th Frontier war); u Sarhili uxinwe ngama Mfengu nama Ngesi kunye nabaThembu; amaBomvana ayalelwe ngu Rhili ukuba mawangalwi koko mawagcine iinkomo; u Khiva ka Xhoseni ka Bhurhu uyathunywa ngu Sarhili ukuba aye kulanda uSandile “aze kumhlangula uyadliwa zizinja”. Eneneni wafika u Sandile, wayilwa lo mfazwe ngokukhulu ukuzimisela wade wabhubhela kwakuyo. Ukuba sasisi Sizwe esihluke kubini, u Sandile ngewayengazange angene mfazwe angazi kuzuza nto kuyo.

·       Ngesi Yhikili sika Nongqawuse ngo 1856; u Sarhili wabiza zonke iinkosi zaseMaxhoseni, ezibizela ko Mkhulu e Hohita, e Cofimvaba; oo Maqoma, oo Delima, oo Phatho, oo Sandile babelapho, waza u Sarhili wakhupha umyalelo wokuba iinkomo mazixhelwe. Ngokwenene zaxhelwa iinkomo – siyayazi intlungu eyathi yehla emva koko, akukho mfuneko yakuphinda singene nzulu kuyo. Ukuba sasingesizwe sinye, siphantsi ko mthetho omnye; babefuna ntoni ooMaqoma noo Sandile e Hohita kwii Ngxoxo ngokuxhelwa kwee nkomo? Babewuthobela ngabuni umyalelo ka Sarhili? No Nongqawuse wadibana no mbono wakhe e Gxarha ku Centane kwindawo ka Sarhili; ukuba sasingebanye, ngebabethe abangeni ndawo kwizinto zakwa Gcaleka.

·       Emva kokuba amaXhosa echithakele ngo Nongqawuse, ayishiya imihlaba yawo ikhala ibhungane, aya kuphila kwezinye izizwe (ebaThenjini, emaMpondomiseni, kwa Bomvana, emaMpondweni nase Lesotho); u Sandile waphiwa ngabeLungu iGcuwa, iNgqamakhwe, ne Tsomo ukuba ibezezakhe. Wala u Sandile, wathi akazi kuphiwa u mhlaba ka Sarhili zintshaba zika Sarhili, abelungu. Ukuba uyawuphiwa la mhlaba, uyakuwuphiwa ngu Sarhili. Kukuze kuwezwe amaMfengu e Ngqushwa asiwe kula mihlaba; amamfengu ke wona awazange athandabuze, awamkela ngezandla ezishushu lo mhlaba we Tsomo, iGcuwa ne Ngqamakhwe, esitsho esithi ukuba u Rhulumente uzakusi khusela ku Sarhili siyawuthatha, nto leyo eyawenza amaXhosa awazonda nangakumbi kunangaphambili amaMfengu.

·       Okokugqibela; kuthe emva kwe mfazwe ka Ngcayechibi, loo mihlatyana ka Sandile(amaNgqika) no Maqoma (amaJingqi) no Mhala (amaNdlambe), yasele iginywa ngama Ngesi, azicandela iiFama kuwo, awelela nganeno kwe nciba amaNgqika nama Ndlambe nama Jingqi kuba ayexinene kalusizi kwezo ntwanana zemihlaba yayishiyekile; waza u Sarhili wabanika u Centane phantse wonke kunye neendawana ezithile eDutywa. Kunanamhlanje oku amaRharhabe amaninzi azinze ku Centane.

1.     iNkosi enkulu yamaRharhabe u Velile ka Faku (hayi lo wama Mpondo) ka Gonye ka Sandile wazalelwa, wakhulela, wolukela ku Centane e Qombolo. U Wele inciba wayokwakha e Mngqesha, eQonce ngo 1959.

2.     isiKolo iThyali siku Centane; u Thyali ngu nyana ka Ngqika ka Mlawu ka Rharhabe. Le yinkosi yomNgcangathelo, umhlaba awayeme kuwo kuse Dikeni. iDyunivesithi iFort Hare li nxowa elalisikwa nguye, elisikela ii missionaries zelo xesha ukuba zakhe isikolo, ukuze umntwana womXhosa akwazi ukufunda.

3.     Kwa Feni – le yilali eku Centane ngase Lwandle; ithiywe ngo Feni, unyana Thyali.

4.     Isikolo iDondashe siku Centane naso, u Dondashe ngoka Feni ka Thyali.

5.     Kwa Nombanjana – Le yilali eku Centane, ezantsi ngaku Lwandle i Wavecrest. u Nombanjana ngoka Ngonyama, u Ngonyama ka Thyali ka Ngqika ka Mlawu ka Rharhabe la Phalo.

6.     iiNduna ezinkulu zakwa Rharhabe, amaphakathi ka Vululwandle Sandile azinze kumhlaba waku Centane; 'azi kwakuze kube njani mhla wawaphuthuma:

-        iNzala ka Thyala ka Nteyi, uMdala isiduko, nantso e Nxaxho ku Centane; u Nteyi owayeyi nduna ka Ngqika enkulu uzele u Thyala, u Thyala wazala u Ntsangani, u Ntsangani azale u Mhlontlo, uMhlontlo azale u Mmoshi.

-        iNzala ka Qukwana u Mntakwenda nantso e Msento ku Centane; uQukwana uzala u Mboyi, u Mboyi uzala u Ndesana, u Ndesana uzala u Mlawuli.

-        Inzala ka Gaqa nantso ku Macibe, kwa Ntinde ku Centane; u Gaqa uzala u Nzima, u Nzima uzala u Hokisi.

-        iNzala ka Somana umJwarha nantso eGobe ku Centane.

-        Inzala ka Sifingo nantso eQombolo ku Centane.

Ukuyisonga le nyewe; asizange saba sisizwe esohlukeneyo, lento yenziwe ngumlungu ebona ikroba elaba phakathi kuka Ndlambe no Ngqika, laze elothanda lakhula lade laphakathi kuka Ngqika neKomkhulu. Futhi no mlambo iNciba awuzange waba ngu mda phakathi kwethu; lo mda we Nciba wenziwe ngu rhulumente wobandlululo ngeminyaka yoo 1950 xeshikweni amaBhulu esakha uRhulumente wee Homelands (Transkei and Ciskei), lento ke yayisenzelwa ukusahlula ukuze singabi namandla; kwasetyenziswa amadoda athile ukuba ayiphumeze lento, yabhalwa nasezincwadini ze mbali yethu kwathiwa iNciba ngu mda owahlula u Gcaleka ku Rharhabe, kanti hayi akunjalo; iNciba ngu mda owahlula iCiskei ne Transkei hayi u Gcaleka no Rharhabe. iTranskei ayisiyiyo eyamaGcaleka kuphela; nezinye izizwe ezingengawo amaXhosa (AmaMpondo, abaThembu, amaMpondomise, amaBhaca) zafakwa kulo rhulumente we homelands owabizwa nge Transkei; yaza iCiskei yanikwa amaXhosa ayezinze ngaphesheya kwe Nciba, kwaba ke ngolohlobo uyaqhekezwa umzi ka Phalo. amaRharhabe maninzi kakhulu ku mhlaba waku Centane nase Dutywa, xa iTranskei ingumhlaba wamaGcaleka afunani amaRharhabe ku Centane, de kubekho izikolo nee lali ezithiywe ngoo nyana baka Rharhabe?

Ngexesha lika Zwelidumile no Velile ngoo 1960, ingekangeni ezingqondweni zabantu lento ye Transkei ne Ciskei, isiXhosa sisabanjiwe singekalahleki, wawusithi xa ubuza umRharhabe ukuba ngubani inkosi yakhe, aphendule athi “iNkosi yam ngu Velile, iNgotya ngu Zwelidumile”. Ingotya ke yiyona nkosi inkulu, iKumkani; asizanga sahlukana, sibanye iyantlukwano yethu idalwe ngu rhulumente we ngcinezelo esebenzisa abanye bethu, ebathembisa amaqithiqithi wasebu Rhulumenteni, nezi khundla; na namhlanje siyayibona lonto isenzeka, kukho iinkosana ezihleli nje ziyamxutha uMntaka Sandile, zimphembelela ukuba aqale obakhe ubuKumkani e ciskei, ciskei leyo eyadalwa ngu mlungu. Le into ayisokuze isise ndawo ngoba isizwe esingamanyenanga asi Sizwe esingamela nto. Ewe umntaka Sandile yinkosi enkulu, uku kunene kuka Phalo, Futhi nooyise mkhulu bazibonakalisile ubugorha babo besilwela uXhosa besakha la ndlu, ukuze lo mzi ka Xhosa ungabhangi; Ngoko ke naye umntaka Sandile ufanelwe yi mbeko enkulu, kodwa emasikulumkele ngabantu abafungele ukusahlula kuba bejonge abayijongileyo. Mandime apho bantwana be nkosi, amade ngawetyala.

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i