Skip to main content

eNqadu ityala aliboli alingo mafutha

iTyala aliboli alingo Mafutha




Ngo nyaka ka 1927 kweyo Mqungu, saphuma isigidimi komkhulu eNqadu simema lonke ibhunga (iinkosi nezi bonda) kwii nqila zonke zelase maXhoseni. iKumkani eyayibize eli bhunga ngu Mhlekazi u Mpisekhaya ahh!! Ngangomhlaba, ka Salakuphatha ahh Gwebinkumbi, ka Sigcawu ahh Nonqane, ka Sarhili ahh Ntaba, ka Hintsa ahh Zanzolo. Eneneni ke zagaleleka izijorha zamadoda ahloniphekileyo ngosuku olwalubekiwe, kukhwelwe iinkabi zamaHashe; bambi bebetha ngezika Tshiwo, qela naqela elingenayo likhahlele uKumkani, likhulule iisali nemikhala, lihlale ngokwendawo zalo; ithe iqina imini yabe inkundla ithe thantalala. 

Amadoda ebuzan' impilo, amanye ecebisana ngeengcambu emazidityaniswe ukulwa imikhuhlane, namayeza wee mfuyo. Namaqhula namayolisa engayekanga nawo. Kweso sithuba kanye, kuphakame u Bambaniso into ka Khalipha yase Mangwevini esi sithethi sakomkhulu yenjenje: 

"inzwi mawethu, Mabandla ka Phalo ndicel indlebe" Kwathi cwaka, waqhubeka: "andizi kuba mde mawethu, bendingubani na kambe mna ukuba ndingama phambi ko Xhosa wonke. iNkosi ithi mandicele umzi uzole ifuna ukuthetha" Watsho ekhahlela; yaduma yonke inkundla "ahh Ngangomhlaba" wathi gwiqi wehla. Yavel' iKumkani, u Mpisekhaya umfo ka Gwebinkumbi ka Sigcawu ka Sarhili ka Hintsa: 

"uDolo limdaka, uMthathi olushica ongangeni neZembe; isilo esifukama kumanzi we Nqadu, kwawe Nciba siya ngokusela" itsho imbongi xa imbongayo. Wathetha wathi: 

"Mabandla ka Phalo ka Tshiwo, izithethi besele ziwenzile umbulelo ngokusabela kwenu ikhwelo; Mna andizi kujikeleza, iXesha liphangwe yiNja; ndizakuya ngqo kulendawo ifele ithole... Apha size kuxoxa iTyala, tyala elo elenziwa yi Ntshinga ngexesha kusaphethe u Sarhili ngo 1838..." 

  

Kumfundi ongena nakani ngobuKhosi buka Xhosa; benziwa yi Ntshinga ne Qawuka. iNtshinga liqela leziduko lamadoda anegazi lasebukhosini - amaTshawe, amaZizi, amaTshezi namaGqunukhwebe... eliqela liphethwe ngama Giqwa, ngawo enza izigqibo zalo; kumaXesha emfazwe nawo Xolo. 

iMiba equka kuwo, ukwaluka kwamakhwenkwe, ukuxoxa ukuba imfazwe iliwe njani, nokuqokelela iLobola yeKumkani, yimiba ibiluxanduva lwe Ntshinga. iQawuka liqela lamadoda aneziduko ezingena gazi labukhosi; lona likhokelwa ngama Ngwevu. Uxanduva lwabo kukujongana ne mfuyo nezo Limo. 

  

Yaqhubeka iKumkani ibeka iNtshinga ityala isithi: "1. iNtshinga yantyontyela uSarhili ukuba ahlasele abaThembu, wabe engenamava ngeMfazwe. 2. Ngesi Yhikili sika nongqawuse yakhuthaza uSarhili ukuba kubulawe iinkomo. 3. IiNtshinga yathi iiBhokhwe mazityiwe kuba ngamaQhashu." 

4. iNtshinga yaqala imfazwe kwa Ngcayechibi, yaze inkosi ephantsi kwe Ntshinga u Maphasa ka Bhurhu wazisindisa ngokukreqela kubelungu akubona ukuba umthwalo ungaphezulu kwamandla wakhe, washiya isizwe sisengxakini sodwa" 

Yaqhubeka iKumkani yathi 

"Nantsoke sizwe sakowethu, yeyenu ukuba niyishukuxe, niyivele nkalo zonke, niyetyise, nakugqiba nize nesigqibo senu kum ndisive; Ndisatshaya" watsho esimelela ngo Totse uMnkabane. "Litsho Sizwe..." watsho uMnkabane "Jika nalo" yatsho inkundla. 

Waphinda waphakama uMnkabane wathi 

"Mhlekazi, iNkundla ibicela ukukhe ibhunge bucala" Waphendula uMhlekazi "Ndivile Majeke, thathani iXesha lenu" Awa evuka amadoda kuxoxwa; iiNtonga zomlomo zinqoza, kucikozwa, kutshila awona maciko mabi enkundleni de kwafikelelwa esiGqibeni. 

Kuthe emva kweYure ezithile, wavakala eyikhwaza inkundla uBambaniso yeh cwaka, uthethe wathi; "Ke kambe zidla zigoduka mabandla ka Phalo, nibizwe ngokuthenjwa ekhaya'pha. Umcimbi onje noko ungelula, kodwa awungebi yiNkohla kwii Ngqondi zasekhay'apha... iKomkhulu licela isigwebo" 

  

kwesi sithuba kubonakele u Xhoseni, u Mcirha ehlebezela iKumkani isigqibo senkundla, sele emane ukunqwala uKumkani kucaca ukuba ukholisekile. Wandula uXhoseni wabhekisa ku Kumkani ekhwaza wathi "iQonga lelakho Tshawe; Yhanga izicaka zakho zingathobel' ubunganga bezwi lakho" 

Yaphakama iKumkani yathi "Ukususela namhlanje, imiba ebikade ijonge iNtshinga ndiyinikela kwi Qawuka. Ukutsho oko, intshinga ndiyibekela ngezantsi ngenxa yezizathu ebesele ndizi khankayile... Molose, mfo ka Rhuneyi, Mngwevu; umzi waseMaxhoseni nanko ezandleni zakho" 

Kuthe kwakwenziwa esi saziso; Laphakama iQawuka nge Ngoma, la ndyondya igwijo, intsholo yamakhwelo kutyityinjwa. Ngalo lonke elixesha iNtshinga ikhedamile, ayinanto inakuyivuyela. Basuka kanjalo ubunganga kwi Ntshinga ka Khwaza (Giqwa), banikwa iQawuka lika Rhuneyi (Ngwevu) .

Comments

  1. Enkosi Tshawe, ndiyayi thanda le blog yakho. Ndifunda lukhulu kuyo

    ReplyDelete

Post a Comment

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

Imfazwe ka Ngcayechibi (1877 - 1878)

 Imfazwe ka Ngcayechibi (1877 - 1878) Le mfazwe yaba yi mfazwe yesithoba neyokugqibela ku krozo lwee mfazwe ezathi zaliwa ngamaXhosa, ekhusela umhlaba wawo kwi Britain, isithuba seminyaka engamakhulu. Nhoko nje le mfazwe yathi yaba phakathi kwama Ngesi namaXhosa ebushushwini bayo naku vuthondaba, intsusa mabandla yayo ibe yi ngxabano eyathi yaba phakathi kwe qela lamadoda wama Mfengu ne qela lamadoda angama Xhosa akwa Gcaleka neyathi yehla emdudweni ku mzi we Mfengu egama layo lingu Ngcayechibi, umfo wase Gcuwa kwisithili sase Bawa. Umfundi makakhumbule ukuba ngaloo mihla; iGcuwa, iTsomo, iNgqamakhwe zazisele zixuthiwe ngama Ngesi kumaXhosa ngo 1857 emva ko Nongqawuse zanikelwa kuma Mfengu njengo mhlaba we bhaso ngenxa ye ntembeko yama Mfengu nee nkonzo zawo ayezinikela kuma Ngesi rhoqo xa amaXhosa esilwa namaNgesi. Wathathwa ke lo mhlaba ngama Dlagusha, wanikelwa ku mzi wase Mbo ngee njongo zokuba ube ngu mda phakathi kwalamaXhosa angevayo (gab'la maNgesi) naba Limi abamhlophe bam