Skip to main content

eNqadu ityala aliboli alingo mafutha

iTyala aliboli alingo Mafutha




Ngo nyaka ka 1927 kweyo Mqungu, saphuma isigidimi komkhulu eNqadu simema lonke ibhunga (iinkosi nezi bonda) kwii nqila zonke zelase maXhoseni. iKumkani eyayibize eli bhunga ngu Mhlekazi u Mpisekhaya ahh!! Ngangomhlaba, ka Salakuphatha ahh Gwebinkumbi, ka Sigcawu ahh Nonqane, ka Sarhili ahh Ntaba, ka Hintsa ahh Zanzolo. Eneneni ke zagaleleka izijorha zamadoda ahloniphekileyo ngosuku olwalubekiwe, kukhwelwe iinkabi zamaHashe; bambi bebetha ngezika Tshiwo, qela naqela elingenayo likhahlele uKumkani, likhulule iisali nemikhala, lihlale ngokwendawo zalo; ithe iqina imini yabe inkundla ithe thantalala. 

Amadoda ebuzan' impilo, amanye ecebisana ngeengcambu emazidityaniswe ukulwa imikhuhlane, namayeza wee mfuyo. Namaqhula namayolisa engayekanga nawo. Kweso sithuba kanye, kuphakame u Bambaniso into ka Khalipha yase Mangwevini esi sithethi sakomkhulu yenjenje: 

"inzwi mawethu, Mabandla ka Phalo ndicel indlebe" Kwathi cwaka, waqhubeka: "andizi kuba mde mawethu, bendingubani na kambe mna ukuba ndingama phambi ko Xhosa wonke. iNkosi ithi mandicele umzi uzole ifuna ukuthetha" Watsho ekhahlela; yaduma yonke inkundla "ahh Ngangomhlaba" wathi gwiqi wehla. Yavel' iKumkani, u Mpisekhaya umfo ka Gwebinkumbi ka Sigcawu ka Sarhili ka Hintsa: 

"uDolo limdaka, uMthathi olushica ongangeni neZembe; isilo esifukama kumanzi we Nqadu, kwawe Nciba siya ngokusela" itsho imbongi xa imbongayo. Wathetha wathi: 

"Mabandla ka Phalo ka Tshiwo, izithethi besele ziwenzile umbulelo ngokusabela kwenu ikhwelo; Mna andizi kujikeleza, iXesha liphangwe yiNja; ndizakuya ngqo kulendawo ifele ithole... Apha size kuxoxa iTyala, tyala elo elenziwa yi Ntshinga ngexesha kusaphethe u Sarhili ngo 1838..." 

  

Kumfundi ongena nakani ngobuKhosi buka Xhosa; benziwa yi Ntshinga ne Qawuka. iNtshinga liqela leziduko lamadoda anegazi lasebukhosini - amaTshawe, amaZizi, amaTshezi namaGqunukhwebe... eliqela liphethwe ngama Giqwa, ngawo enza izigqibo zalo; kumaXesha emfazwe nawo Xolo. 

iMiba equka kuwo, ukwaluka kwamakhwenkwe, ukuxoxa ukuba imfazwe iliwe njani, nokuqokelela iLobola yeKumkani, yimiba ibiluxanduva lwe Ntshinga. iQawuka liqela lamadoda aneziduko ezingena gazi labukhosi; lona likhokelwa ngama Ngwevu. Uxanduva lwabo kukujongana ne mfuyo nezo Limo. 

  

Yaqhubeka iKumkani ibeka iNtshinga ityala isithi: "1. iNtshinga yantyontyela uSarhili ukuba ahlasele abaThembu, wabe engenamava ngeMfazwe. 2. Ngesi Yhikili sika nongqawuse yakhuthaza uSarhili ukuba kubulawe iinkomo. 3. IiNtshinga yathi iiBhokhwe mazityiwe kuba ngamaQhashu." 

4. iNtshinga yaqala imfazwe kwa Ngcayechibi, yaze inkosi ephantsi kwe Ntshinga u Maphasa ka Bhurhu wazisindisa ngokukreqela kubelungu akubona ukuba umthwalo ungaphezulu kwamandla wakhe, washiya isizwe sisengxakini sodwa" 

Yaqhubeka iKumkani yathi 

"Nantsoke sizwe sakowethu, yeyenu ukuba niyishukuxe, niyivele nkalo zonke, niyetyise, nakugqiba nize nesigqibo senu kum ndisive; Ndisatshaya" watsho esimelela ngo Totse uMnkabane. "Litsho Sizwe..." watsho uMnkabane "Jika nalo" yatsho inkundla. 

Waphinda waphakama uMnkabane wathi 

"Mhlekazi, iNkundla ibicela ukukhe ibhunge bucala" Waphendula uMhlekazi "Ndivile Majeke, thathani iXesha lenu" Awa evuka amadoda kuxoxwa; iiNtonga zomlomo zinqoza, kucikozwa, kutshila awona maciko mabi enkundleni de kwafikelelwa esiGqibeni. 

Kuthe emva kweYure ezithile, wavakala eyikhwaza inkundla uBambaniso yeh cwaka, uthethe wathi; "Ke kambe zidla zigoduka mabandla ka Phalo, nibizwe ngokuthenjwa ekhaya'pha. Umcimbi onje noko ungelula, kodwa awungebi yiNkohla kwii Ngqondi zasekhay'apha... iKomkhulu licela isigwebo" 

  

kwesi sithuba kubonakele u Xhoseni, u Mcirha ehlebezela iKumkani isigqibo senkundla, sele emane ukunqwala uKumkani kucaca ukuba ukholisekile. Wandula uXhoseni wabhekisa ku Kumkani ekhwaza wathi "iQonga lelakho Tshawe; Yhanga izicaka zakho zingathobel' ubunganga bezwi lakho" 

Yaphakama iKumkani yathi "Ukususela namhlanje, imiba ebikade ijonge iNtshinga ndiyinikela kwi Qawuka. Ukutsho oko, intshinga ndiyibekela ngezantsi ngenxa yezizathu ebesele ndizi khankayile... Molose, mfo ka Rhuneyi, Mngwevu; umzi waseMaxhoseni nanko ezandleni zakho" 

Kuthe kwakwenziwa esi saziso; Laphakama iQawuka nge Ngoma, la ndyondya igwijo, intsholo yamakhwelo kutyityinjwa. Ngalo lonke elixesha iNtshinga ikhedamile, ayinanto inakuyivuyela. Basuka kanjalo ubunduna nkulu kwi Ntshinga eyayikhokelwa ngu Khwaza ahh Gxabagxaba (umGiqwa), banikwa iQawuka lika Rhuneyi (amaNgwevu) into ethi nanamhlanje uNdunankulu wobukumkani basemaXhoseni buku Mangwevu - ooSikhomo, ooRhudulu, ooMhlatyana, into ezicingwa xakukubi - inkomo zika Gcaleka zka Phalo zka Tshiwo, zka Togu, zka Skhomo, zka Ngcwangu, zka Tshawe. Marhudulu niyithatha nini indawo yenu eNqadu? unduna nkulu ka Xhosa asimazi - sazi nina.

Comments

  1. Enkosi Tshawe, ndiyayi thanda le blog yakho. Ndifunda lukhulu kuyo

    ReplyDelete

Post a Comment

Popular posts from this blog

uKhiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika  Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...

Umhlekazi u Hintsa - By SEK Mqhayi

U HINTSA.   Zifikil' ii mini! zifikil' ii mini! Zifikil' iimini zokukhunjulwa kuka Hintsa. UHintsa lo ngoka Khawuta ka Gcaleka, UGcaleka lo ngoka Phalo ka Tshiwo, UTshiwo lo ngoka Ngconde ka Togu. Ulifincil' ikhulu leminyaka wafayo, Koko usatheth' iint' ezinkul' ezizweni zomhlaba Kuba kaloku thina kwa Xhosa , Sigwetywa ngovuko lwabafileyo. Iyaf' indod' ibuy' ivuke, Ivuk' indod' iz' ibuy' ife, Zakufik' iimini zokuthetha kwamathambo. Zifikil' iimini zesirhorho so Nobutho. ngu  Gangath' ilizwe Libe ngu mgangatho , u Mamnkeli wezizwe ngezizwe, ikhaya leentlanga ngeentlanga; Uyise weendwadunge ngee ndwadunge. Mbongen' uHintsa zizwe zomhlaba ! MaBhilitani nithe cwaka ngani na? Nina ma Mfengu? MaBomvana ningaba niyalibala? Nani be Suthu base Qhudeni, Ningathi cwaka na mhla ngo Hintsa? Mhla kuthethwa ngaye, mhla ngeemini zakhe? Phendula mfondini wase Mafukweni ! Andithethi nto ngawe wena wakwa Tshiwo Kwa Ngconde kwa Butsol...

AmaXhosa wo Mthonyama nezinye izizwe ezingabangeneleli nezisele zingamaXhosa ngoku

  AmaXhosa wo Mthonyama Ama-Tshawe - Ezi ziindlalifa zika Xhosa; iKomkhulu lamaXhosa likuma Tshawe, ukutsho oko: ngawo iinkosi nee Kumkani zakwa Xhosa; esingabala kuzo OoPhalo, ooTshiwo, ooMdange, oo Gcaleka, oo Rharhabe, oo Mlawu, oo Ngqika, oo Maqoma, oo Sarhili, oo Hintsa, oo Sandile, oo Ndlambe, oo Mdushane, oo Tyhali, oo Bhurhu, oo Maphasa, oo Khiva, oo Xolilizwe, oo Bazindlovu nabanye, ngoo nyana basema Tshaweni bonke abo. u Tshawe, no Cirha, no Mqwambe no Jwarha ngaba ntakwe; bazalwa ngu Kumkani u Nkosiyamntu ka Malangana ka Mnguni. Ama-Kwayi - ikwanga maTshawe la, ntonje agxothwa ko mkhulu ngenxa yesenzo esathi senziwa yi ntombi ka Gando eyathi yombatha no Kumkani uTshiwo. Ama-Cirha - ngoo Ntswentswe aba, ooNojaholo, ooQhanqolo, ooMhlantlendlovu, iHlomla lidala lineeMpondo. Ibali lasemaXhoseni lithi, amaCirha ayeyona ndlu nkulu yamaXhosa, kodwa kwathi ubukhulu baxuthwa ngu Tshawe ngokukhalipha nangobu krelekrele bakhe. iBali lihambisa lithi, ngaminazana ithile zaphuma ezi ...