Skip to main content

Amagama emiLambo yakwa Xhosa


Amagama emiLambo yakwa Xhosa





 

Isizwe sakwa Xhosa sesinye se zizwe ezifumaneka kwiphondo le mpuma Kapa (Eastern Cape); zikwalapha kweli phondo ke phofu nezinye izizwe ezikhulu ezifana nesama Mpondo, esaba Thembu, esama Mpondomise, njalo njalo. Isizwe samaMpondo sizinze Phakathi ko mlambo Umtavuna ngentla ngakwi phondo lakwa Zulu Natal, ukuza kuthi ga ezantsi ku mlambo u Mthatha. Ukanti esaba Thembu sona isizwe siphakathi ko mlambo u Mthatha ukunyuka ukuya embindini we phondo le Mpuma kapa, ukuya kuma nganeno kwe Phondo le Free State kumlambo iGqili (Orange River). iSizwe sama Mpondomise sona sime phakathi ko mlambo uMzimvubu, iTina ne Tsitsa kumda ongasentla, sehle sizokuma kumlambo u Mthatha kumda ongezantsi.

Ndingawenzanga made; esona sizwe ndifuna ukuthetha ngaso kodwa namhlanje sisizwe sika Phalo; ukutsho oko isizwe samaXhosa, sona sizwe eli phondo le mpuma Kapa laziwa ngaso, nolona hlanga lu krwempane kakhulu nomlungu (amaNgesi nama Bhulu), sislwela imihlaba yaso ekuhluthweni ngama Bhulu nangama Ngesi. Esi sizwe samaXhosa sinobu Kumkani obukhulu kakhulu, futhi bunezithanga (provinces); alapha amaGcaleka (indlunkulu yamaXhosa wonke), alapha amaNgqika (indlu yokunene kubu Kumkani bamaXhosa), alapha amaNdlambe, alapha amaNtinde, alapha amaMbalu, alapha amaGqunukhwebe, ilapha imiDange, kunye nama Hleke; Ngaphezulu koku akwalapha kwakuso amaBomvana kuba inkosi enkulu yamaBomvana u Gambushe ngexesha lee Mfazwe ze Mfecane yeza kukhonza ku Kumkani u Hintsa nge njongo zokufuna ukhuseleko kuba kaloku uxolo lwalungekho kwizizwe zabeNguni ngaloo mihla, waza ke u Hintsa wayi sikela umhlaba ogudle unxweme le nkosi ingu Gambushe, umhlaba ophakathi komlambo uMthatha elunxwemeni ukuza kuma ngomlambo u Mbhashe kwase lunxwemeni njalo. Ukanti zilapha nezizwe zase Mbo (amaMfengu); iinkosi zama Zizi ooNjokweni, ezama Hlubi oo Mhlambiso, nezama Bhele oo Mabandla beza kukhonza nabantu babo ku Hintsa ngeminyaka yoma 1820, ngamaXesha enkcithakalo ngee mfazwe ze Mfecane. Singatsho sithi esi sizwe sakwa Xhosa sikhulu kakhulu kwaye umhlaba waso ubanzi kakhulu; ukuQala ku mlambo uMthatha ugudle unxweme lwe Indian Ocean ukuya kuma ezantsi e Xelexwa (Gamtoos River); ngu mhlaba wamaXhosa wonke lowo, ukanti ukungena ku mbindi we Phondo lwe Mpuma Kapa, uguguthe uye kuxhaswa zii Ntaba zase Mathole nee Ntaba zakwa Nojoli kwi dolophu yase Sommerset East nganeno kwe Nxuba, ikwangu Mhlaba ka Phalo nawo.

 

Nanga amaGama emilambo emikhulu yasemaXhoseni nezizwe zamaXhosa ezazi zinze kuyo:

Mbhashe (Dutywa) = amaGcaleka 

Xhorha = amaGcaleka & amaBomvana 

Nenga = amaGcaleka & amaBomvana

Qwaninga (Gatyana) = amaGcaleka

Nqadu (Gatyana) = amaGcaleka

Qhorha (Centane) = amaGcaleka

Khobonqaba (Centane) = amaGcaleka

Qolorha (Centane) = amaGcaleka

Nciba Great Kei (Centane) = amaGcaleka

Tsomo = AmaGcaleka & amaMfengu(aba-Mbo)

Qumrha (Komga) = AmaGcaleka

Cofimvaba = AmaGcaleka 

Hohita = AmaGcaleka

Cala = amaGcaleka 

Indwe = AmaGcaleka

Gcuwa (Butterworth) = amaGcaleka & amaMfengu (aba-Mbo)

Chintsa (East London) = amaNdlambe

Khwenxurha (East London) = amaNdlambe

Gqunube Gounubie (East London) = amaNdlambe & imiDushane.

Nxarhuni Nahoon (East London) = amaNdlambe & imiDushane.

Qonce Buffalo River (East London & King Williams Town) = amaNdlambe, imiDushane & amaNgqika

Ngqushwa (Peddie) = amaGqunukhwebe.

Xesi Keiskamma (Middledrift) = amaNgqika.

Khobonqaba Koonaap river (Adelaide) = amaNgqika.

Ngcwenxa Kat River (Fort Beaufort) = amaNgqika.

Nxuba Great Fish River (Port Alfred) = amaNdlambe.

Qhorha Bushman’s river (Kenton on Sea) = amaNdlambe.

Coyi "Kowie" (Port Alfred) = AmaNdlambe.

Gquma Bloukrans river (Port Alfred) = AmaNdlambe


Hukuwa Steyns river (Port Alfred) = AmaNdlambe


Chitywa  Coerney river (Port Alfred)  = AmaNdlambe

Nqweba Sunday’s river (Port Elizabeth) = amaGqunukhwebe, amaMbalu & imiDange.

Ngqurha Coega (Port Elizabeth) = amaGqunukhwebe, amaMbalu & imiDange.

Qhagqiwa Swartkops (Port Elizabeth) = amaGqunukhwebe.

Gqeberha Baakens river (Port Elizabeth) = amaGqunukhwebe.

Xelexwa Gamtoos river (Jeffrey’s bay) = amaGqunukhwebe.

kk***Zikhona iintlambo, nee ntlanjana koko sibalula eyona milambo mikhulu***

nnNina baka "Hham-Hham ka S'tsheketshe, uKhozi olumaphiko amdaka, u Sambatha ziiMfutshane kanti zakumlingana kuba esith' ezinde zimfihla 'madolo; u Ntsinga ka Nomangwayi wase Mbo, u singa siya khona kanti asiyi khona, singe asiyi khona kanti kumhla siya khona. Ngu Rharhabe ke lowo, Ahh!! Butsolo beeNtonga ✋✋✋"




a

Comments

  1. Blog yakho inikisa umdla-if that's the correct word- please post more often.

    ReplyDelete
  2. Oooh madoda Mdange kaTshiwo hayi Tata mandibambe ngazo zombini 🤝 intle into oyenzayo, wonke umntwana womngquba kuyafuneka ajikele aze kweliziko ulwazi lwesizwe siyaludinga kakhulu njalo nje

    ReplyDelete

Post a Comment

Popular posts from this blog

uKhiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika  Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizw...

Umhlekazi u Hintsa - By SEK Mqhayi

U HINTSA.   Zifikil' ii mini! zifikil' ii mini! Zifikil' iimini zokukhunjulwa kuka Hintsa. UHintsa lo ngoka Khawuta ka Gcaleka, UGcaleka lo ngoka Phalo ka Tshiwo, UTshiwo lo ngoka Ngconde ka Togu. Ulifincil' ikhulu leminyaka wafayo, Koko usatheth' iint' ezinkul' ezizweni zomhlaba Kuba kaloku thina kwa Xhosa , Sigwetywa ngovuko lwabafileyo. Iyaf' indod' ibuy' ivuke, Ivuk' indod' iz' ibuy' ife, Zakufik' iimini zokuthetha kwamathambo. Zifikil' iimini zesirhorho so Nobutho. ngu  Gangath' ilizwe Libe ngu mgangatho , u Mamnkeli wezizwe ngezizwe, ikhaya leentlanga ngeentlanga; Uyise weendwadunge ngee ndwadunge. Mbongen' uHintsa zizwe zomhlaba ! MaBhilitani nithe cwaka ngani na? Nina ma Mfengu? MaBomvana ningaba niyalibala? Nani be Suthu base Qhudeni, Ningathi cwaka na mhla ngo Hintsa? Mhla kuthethwa ngaye, mhla ngeemini zakhe? Phendula mfondini wase Mafukweni ! Andithethi nto ngawe wena wakwa Tshiwo Kwa Ngconde kwa Butsol...