Skip to main content

Posts

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

uRharhabe - Ahh!! Butsolobeentonga

  u Rharhabe u Butsolo'beentonga, Lo ngu nyana we ndlu yase Kunene ka Kumkani u Phalo, u Kumkani u Phalo unyana ka Kumkani u Tshiwo. u Kumkani u Phalo wazeka iiNkosazana ezimbini, oko kukuthi watshata nee ntombi ezizalwa zii Kumkani ezimbini ezahlukileyo; nto leyo eyayinqabile ngalo Maxesha Kuba intombi ezalwa yi Kumkani ibiyiyo ezalela eso sizwe yendele kuso oyena nyana uyakuba yi Kumkani. Adibana amaphakathi wasema Xhoseni, aze ayisombulula le ntsinda badala ngokuthi athathe enye yezi ntombi ayenze umfazi wendlu yokunene, enye ayenza umfazi wendlu enkulu; ngamanye amazwi umfazi oyakuzalela isizwe iKumkani. Unina ka Rharhabe ke yena wathi wenziwa ukunene, waza unina ka Gcaleka wenziwa ubukhulu, yatsho yavela le ndlu yokunene yadalwa ngokuse sikweni. Indlu yokunene nangona nje izimele phayaaa qelele, imithetho iyithatha apha ko mkhulu, zithi ke nezibheno zama tyala, neminye imiba ebalulekileyo iziswe apha ko mkhulu. uRharhabe ke kwasekukhuleni kwabo no mntakwabo u Gcaleka, ube ngoy

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi