Skip to main content

Izibongo zika Matiwane ka Masumpa - iNkosi yama Ngwane

 u Matiwane wayeyi nkosi yesizwe sama Ngwane esasi zinze ku mmandla osele usaziwa ngoku ngokuba yi Kwazulu Natal. Esi sizwe sasakhe entla ngakwi ntaba zo khahlamba, simelene futhi sihlobene nesizwe sama Hlubi, nhaso esasakhe kwalapho. Njenge zinye iinkosi zaba Nguni zelo zwe la ngentla, nhesakhe isizwe sachithakala ngexesha lee mfazwe ze mfecane; xeshikweni iinkosi zaba Nguni zazibambene ngezihlwitha, isizwe sivukela esinye, esinye siginye esinye. uMatiwana wahlasela wachitha isizwe samaHlubi kwaphela nya ngaso, sabhaca kuba sisachithakele kuna kaloku nje. Ingxenye yamaHlubi yaya e Lusuthu kwi Nkosi u Moshoeshoe, yathi enye ingxenye yaya ku Kumkani u Hintsa kwa Xhosa, yathi imbinana yasala ikhonza kwa Zulu ku Tshaka ka Senzangakhona. Uye u Matiwana wahlasela isizwe sama Bhele wasichitha; abaleka amaBhele ekunye nama Hlubi aya kufika kwi komkhulu lamaXhosa e Gcuwa ku Hintsa. Uthe aku khova ukusichitha isizwe samaHlubi nesamaBhele u Matiwane wasele efuduka nhaye ngokoyika ukuhlaselwa ngu Tshaka. Waqala wafudukela e Lusuthu apho wafika walwa kakhulu no Moshoeshoe kungekho ogoba uphondo. Kuthe kuba u Moshoeshoe wayengu mhlobo omkhulu we Nkosi u Tshaka, wahla waqonda u Matiwane ukuba akuyi kuba kudala agaleleke umkhosi wamaZulu uze kumchitha. Ngenxa yezo zizathu, agqiba ke amaNgwane ukuba mawalifulathele elaba Suthu, awele umlambo iGqili aye kumisa iintlanti kumhlaba ka Ngubengcuka ebaThenjini. Athe efika amaNgwane ebaThenjini abe sele eyifunza impi yawo kumaQwathi, nesisesinye isizwe esikhonze kubaThembu. Ithe yakubikwa lento ku Kumkani u Ngubengcuka; u Vusani ka Ndaba - u Ndabenyamakazi wasele exhoba futhi ethumela kananjalo ku Kumkani u Hintsa wamaXhosa ukuba aze kumpha isandla, ngoba "laa nkosi ye Mfecane eyachitha amaHlubi nama Bhele ibisilwa no Moshoeshoe ifikile ebaThenjini kwaye sele iwachithile namaQwathi". u Faku u Kumkani wama Mpondo nhaye wathelwa thsuphe zi mpukane eziluhlaza ngalo m'ba; yasele iqubula ezayo into ka Ngqungqushe yenjenjeya ukuya kwa mkhwenyana kwa Ngubengcuka. Kwelakhe icala u Faku wayejonge ukudla iinkomo Kuma Ngwane kuba iintlanti zakhe zazikhala ibhungane, iinkomo zakhe zazidliwe yi mpi yamaZulu nawayeyilwa eyedwa umntaka Ngqungqushe engancediswa bani, injalo nje wayilwa wayigxotha kuba akazange akhonze kumaZulu; wazilwela wawabetha wawajika amaZulu abuyela kwasemva ekhaya kwa Bulawayo. Zadibana ke ii Kumkani zo ntathu, eyaba Thembu, eyama Maxhosa kunye neyama Mpondo zayikhomba ku Matiwane imikhonto yazo. Ngamafutshane ke, wachithwa u Matiwane e Mbholompo cebu kuhle e Mthatha ebaThenjini, edliwa nge mbubhisokazi enkulu. Into eyazenza nezinye izizwe zaba Nguni bangentla ukuba zingaze ziphinde zinqwenele ukuhlasela ngaphesheya ko Mzimvubu; yayikwa ngulo mfela ndawonye ka Hintsa, no Ngubengcuka owanqanda amaBhaca - isizwe nhaso esasisuka kwalapho kwelo zwe langentla. Uthe aku khothama u Tshaka ka Senzangakhona, iNkosi yamaQwabe u Nqetho waqoqosha imithwalo yakhe kwa Zulu engazimisele ku khonza ku Dingane; wayikhomba emaXesibeni; amaXesibe asele exela ku Faku. Wafika u Faku wayithi nqwam-nqwam jwi lo Nkosi yama Qwabe yaba kuphela; wasele ezidla ne nkomo zayo. U Dingane wathumela izigidimi ku Faku esithi "zii nkomo zako mkhulu ezo, zubyise"; wala u Faku kwaphela esithi uyakuzigodusa mhla neze komkhulu lama Mpondo zibuyisiwe kuba zazikwadliwe ngawo amaZulu ku mnyaka ongaphambili.

imbongi yase Mangwaneni ibisakuthi xa imtsho u Matiwane:

Umasekelembana onjengo Gasa osekel' ubombo. Usomntombi ngokuzala izintombi.
uMatiwane igwalagwala lakithi elimadolo abomvu. Obheje amehlo wabhej' umlomo Ngokuphuz’ igazi lamadoda.

Wayeya ngoBheje omelamayo; Ufika ngqondo nge nkonkoni ivuka,

Isivukane sakithi, esavukel' aBantu nasemadlelweni. Indose eBonwe ngaBavuki Bokusa,
iBonwe nguMqumbela kaMpekana,

YaBonwa ngu Khathazo u mntaka Manatha.

Onqotho nhlanu zenkabi kaSibhenya,
Osimelele nge njongolo waza wawela,
Eya kwezika Dungunyane ka Khatha,
Wathwal' ujojo wadl' amadoda komka Jojo ngase Cokiseni.

Nkomo egade ngamandla ingancengi ukwaphuka, Uhaladuna kaMaBizw'-asaBele,

Ungana BaBuya ngantango BeBesadanile. Izulu lidum’ ezigcawini zakwaNtshosho, ABamemeli Bonke BayayiBona imiBani. Unsukamini Bamakhela imikhanya.

U Bizeke nganyanganye wavuma uMatiwane,
Kanti amakhosana awonina, aBizw’ iminyakanyaka. Isihaya sadl' esinye isihaya,
NgoBa sidle sikaBheje kaMthanyelo.
Sola maBizo ukufana nelakhe.

Inginginya yakithi uSomaliwase,
Okhangele umuntu adel' ithole,
Ongenathole wadel' umntanakhe, Ongenamntwana wadel ikhuba lakhe lokulima.

Uvemvane Iwakithi olumaBala zibhaxa, NgiBalubheke Lwarhwaqabala ;

Lwanjenge nguBo yodadewaBo uNomagenge.
Odle aBamhlophe waze wadla BaBomvu
A BaBomvu kwakungabase khabonina emaNtshalini,
Sish’ abandlebe zikhany’ ilanga.

mbizana Bayipheke phezu koMondlo, Baphek’ uMatiwane,

Yaphuphuma imbizana yamcish’ uNxumalo. Ukhalo luseMondlo lusadanile,
Lungasahlali amaqoqo kaGwaBini. uSiphelezel' aBantu njengaBayeni,

Ngo Baphelekezela uNdwandwe eza ngoBuso, Waphelezel' uShaka waseMBeleBeleni

uMatiwane wafak’ amashoba waze wawaphambanisa, Kwanga yinkosi yakwa Mashobana,
Ubhinca kade waze wafinyaniswa. Engafunyaniswanga ngamaNdwandwe, Uyakufunyaniswa ngamaNxumalo,

Unokhonkothwayo okhonkothwe yizinja zakwaBhaca.

Uphuzi Lwenabele kwaKhatha ekhaya.
Umoya womzansi ungidinile.
Bathi nangu uMatiwane, ngisho engakafiki uGwabini. Ivuso elidl' umntwana esesiswini,

A Badala Bodwa aBayosinda ngokuzi Balekela.

Ubhoqo mnanjana kudla kwendlala,

Khona siyokudla sikwamukana.
Ubhelekeqa a Bantu ongamBoko wendlovu, Won’ uBhelekeqa aBantu kuNongamulana.

  1. Hamba simuke wena Bakwalayo,
    Singayi eBuNguni, siyokuya eBuNtungwa, Lapho a Bantu Bafa kuluphala.
    Ungedla ’muthi kosala iziphunzi,
    Ezosala zi Baloyisa.

  1. Ivila elidl' amaBhele ezikhuthali,
    NgoBa ladla kaMpangazitha kaMlotsha,
    Wamfaka phansi koludumayo uMpangazitha kaMlotsha. Umqaqambi ongalizulu eliphezulu,
    ImbaBala kaMashiyi noDlomo egweb’ igijima,
    Unkomo zehla ngo Buwolokohlo,
    uhogo uyaBaBa njengeshongwe,
    Omlambo ombokodo ziBushelezi.
    Isixhumo senxala sikaMashiyi,
    Sesiphelile isixhumo senxala emaHlutshini, Kwangesakithi, kwangesikaMasumpa.

Wadl’ uSidlayi, wasemaMpembeni, Wadl' uMagadla emaMpembeni, Wadl uZitha emaMpembeni,
Wadl' uMpelerhwane emaMpembeni, Wadl' okaZengeni kumakhosikazi, Wadl okaKheswa kumakhosikazi, Wadl' uNongazi kumakhosazana, Wadl uMthimkhulu kaBhungane

UmashwaBadelane ngokushwabadela indlubu namakhasi. Uzulu liyasa liyasiBekela,
Usitshananaza siyimvula yehlobo,
Yona kuyokusa itshananaza.

Usigaba ngokumuka, uMatiwane unjengamanina, Wona enelizwe lokumukela.

Iuhleka ngameMo akwa nobadina,
Umboni wesihlangu ayekwesakhe, WayengaBoni isihlangu ayengqokwem, Waphath’ esimnyama samfanela,
Kwanga yingubo yodadewabo uNomagenge.

Wayithetha ngelunga eNdinaneni Kwa nobadina, Eyakudl' uNgobe eMdletsheni.
Wadl' UMahlaphahlapha kaNkwela eMhlangeni,

Wadl' uNonsukela ephethe izembe, imfutho zakhe zambolela, Wadl' uQunta eLenge, umhloli wezinkomo ophakamayo, Kanti aBahloli Bezinkomo Bayazinyonyobela,

Babehamba emathunzini ezintaba.

Umsingi wazansi uGwabini,
KwaBanjani Matiwane Bokusinge lapho ilanga lishona khona, Lalishona ku Faku emaMpondweni,
Lishona ku Mkhulwane emnyango emaMpondweni.
Umtha Bela-nkwela emazi bukweni,

Umwelase ongaweli ngaziBuko, Owela ngezihlengele zomfula,
isiqa saBeNtungwa sokuqomisa.

hlathi labehlane Bazokuphephela aBezindlu naBezindlwana. Intambo ka Mholwa uNtshintshini.
Umkhondomubi ongalandwa. Ulandeni maqili-ndini, Ungabe ngowe ndlondlo, ungabe ngowengonyama.

Udada Lwengobe, Bamb’ aBemukayo,

ungani saliwa kaBanjwa muntu uGwaBini.

ingqalamba eyehlul' amany’ amakhosi,

UndaBa wakoLanga.
IciBi elise nkundleni kwaNoBadina, Othandayo angayigez’ ingqakala.

sihlahla esisenkundleni kwaFihlelwayo, Ngesenqayi ngesesibhelebhele, Bayasigawula siyawaqund’ amazembe, oDlengezelwa waseLuyengweni,

oZwide umntakaLanga, oShaka wase mbelebeleni.

Unkomo zabhal' emidal imizila,

Zabhala ekaBhikisha, kaNomagugu. Ingqulwane equng’ aBathakathi, Equng' u Mbinda, yaqung’ uSabiwa, Insozisela kaMasumpa no Tshani.


Comments

Popular posts from this blog

uKhiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: ngu S’mangaye!!! ngu Lunda Lukhuni ludik' abatshana, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. igwangqa eli ntsundu lika  Xhoseni; inkunz' ekhonya phez' kwezi ziba zenyumage, ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Mgolombane ka Lwaganda, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. Amagqabantshintshi ngo bom bakhe: u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani uKha...

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizw...

Umhlekazi u Hintsa - By SEK Mqhayi

U HINTSA.   Zifikil' ii mini! zifikil' ii mini! Zifikil' iimini zokukhunjulwa kuka Hintsa. UHintsa lo ngoka Khawuta ka Gcaleka, UGcaleka lo ngoka Phalo ka Tshiwo, UTshiwo lo ngoka Ngconde ka Togu. Ulifincil' ikhulu leminyaka wafayo, Koko usatheth' iint' ezinkul' ezizweni zomhlaba Kuba kaloku thina kwa Xhosa , Sigwetywa ngovuko lwabafileyo. Iyaf' indod' ibuy' ivuke, Ivuk' indod' iz' ibuy' ife, Zakufik' iimini zokuthetha kwamathambo. Zifikil' iimini zesirhorho so Nobutho. ngu  Gangath' ilizwe Libe ngu mgangatho , u Mamnkeli wezizwe ngezizwe, ikhaya leentlanga ngeentlanga; Uyise weendwadunge ngee ndwadunge. Mbongen' uHintsa zizwe zomhlaba ! MaBhilitani nithe cwaka ngani na? Nina ma Mfengu? MaBomvana ningaba niyalibala? Nani be Suthu base Qhudeni, Ningathi cwaka na mhla ngo Hintsa? Mhla kuthethwa ngaye, mhla ngeemini zakhe? Phendula mfondini wase Mafukweni ! Andithethi nto ngawe wena wakwa Tshiwo Kwa Ngconde kwa Butsol...