Ahh Mgolombane (1820 - 1878) Igama lakhe lokusabela ngu Sandile , ngu Mgolombane elokubuliswa. Umntanenkosi yinto ka Lwaganda (u Ngqika ) kwindlu yakhe enkulu; uzalwa ngu Suthu, uMthembukazi wakwi sizwe samaTshatshu. Nhoko emncinci nje u Sandile ngokuzalwa koo nyana baka yise, abantakwabo - oo Maqoma, oo Thyali, noo Xhoxho, kodwa ungoyena uyinkulu ngoba uzalwa yi ntombi yo mThembukazi, abakhuluwa bakhe bona bazalwa zii ntombi ezingamaXhosakazi. Ngesiko lakwa Xhosa , umfazi wakwi ndlu enkulu ebelotyolwa kwesinye isizwe sangaphandle, alotyolwe ngenkomo zesizwe; kube njalo ke naku Sandile. Uthe akubhubha uyise ngo 1829, u Sandile eseyi nkwenkwana eminyaka ilithoba, uSarhili uKumkani wamaXhosa waza wabu bambisa u Maqoma ubukhosi, waza wabeka no nina ka Sandile u Suthu kunye no Thyali ukuba babe ngamehlo kwezinye iindawana zo mbuso apho kuma Ngqika. U Sandile yena bunikelwe kuye ubukhosi ngo 1847 akuba olukile, kumsitho owawumkhulu kunene; umzi ka Xhosa wonke ukho kuze kombathiswa inkwenkwe...
Apha sibalisa amabali neziganeko ezathi zenzeka ngexesha uBukumkani buka Xhosa busazimele, bungekabikho phantsi kolawulo luka Rhulumente.