Skip to main content

u Khiva ka Xhoseni




Izibongo Zakhe:


Ahh S’mangaye!!!…

ngu Lunda Lukhuni,

u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu.

yi ngangalal' u mntaka Xhoseni.

ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo,

ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu.

Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe,

wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi,

Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini.


Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka.

ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Sandile ka Lwaganda kwa Ngqika,

ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Makinana, u Mkaninana ngu Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe.

…………………………….................................................................................................


Amagqabantshintshi ngo bom bakhe:

u Khiva yinto ka Xhoseni, ka nkosi u Bhurhu, ka Kumkani u Khawuta ka Kumkani u Gcaleka. uNina asimazi; asingephosisi kuba eneneni u Khiva u ngomnye wee nkosana  zamakhosikazi amancinci ebekuvame ukuba singazinto ingako ngazo, kodwa kwathi kuba umfo ebekhaliphilie kakhulu yhaye eli kroti; imbali ayamlibala tu kwaphela ngenxa yezenzo zakhe. Asibazi abakhuluwa okanye abaninawa baka Khiva, kodwa esikwaziyo kukuba uzalwa ngu Xhoseni ka Bhurhu ka Khawuta, futhi okunye esikwaziyo kukuba igama Lakhe belisoyikwa futhi lihlonitshwa kakhulu zii Ntshaba zama Gcaleka.


Le nkosana yazenzela igama okokuqala nge mfazwe ka Nongxokozelo ngo Nyaka ka 1872; apho amaXhosa ayesilwa khona naba Thembu. Eneneni u Khiva yi nkosana encinci kakhulu kunezinye kodwa kwathi kuba iinkosi ezinkulu zakowabo zase Tsonyana zazi mkwayile uKumkani u Sarhili, zimqumbele ngenxa yesiganeko sika Nongqawuse sokuxhelwa kwee nkomo; kodwa u Khiva akavuma ukulahla inkosi yakhe - wathi chuuu eyincekelele eyikhonza.


Ngo Nyaka ka 1872 u Ngangelizwe ikumkani yabaThembu, umfana owayeli krwala, esingaqikelela ukuba wayemalunga neminyaka engama 30 ngelo xesha; watshata ne ntombi ka Kumkani u Sarhili - u Nomkhafulo. u Ngangelizwe wayengu mfo obethayo ebafazini kakhulu; no Nomkhafulo intombi ka Sarhili ayizange isinde kuloo mpatho-mbi yo myeni wakhe, kwade kwathi nga minazana ithile wabethelwa ooGqirha nezicaka yile Kumkani. Kuthwa indlela le awambetha ngayo nge nduku wayengathi ngumntu lho uthi “ndifuna uyihlo ngaphezulu”. Eyibhaxabula nge nduku nje inkosazana u Ngangelizwe, kugcwele ngamadoda ako mkhulu ngase nkundleni, kodwa akukho nenye kuwo emnqandayo.


Indlela awambetha ngayo wada wamophula umlenze. Ekubethweni kwakhe, kwenzeka ukuba abalekele ku Nkosi u Menziwa iZizi, iMfengu yase Bathenjini ka Ngangelizwe; u Menziwa lowo owambalekisela u Nomkhafulo ku Yise u Sarhili ku Centane e Qhorha.


Eneneni uSarhili ubize imbizo enkulu yama Gcaleka, exela lento yokubethwa ko mntwana wakhe ngu Ngangelizwe iKumkani yabaThembu. AmaGcaleka ayekulungele kakhulu ukulwa nabaThembu kuba imihlaba yamaGcaleka oo Cofimvaba, oo Cala, noo Ndwe yayixuthiwe ngu rhulumente wase Britain emva kwesi yhikili sika Nongqawuse, yaza lemihlaba yanikwa abaThembu njenge bhaso ngenxa ye ntsebenziswano yabo ngaku maNgesi ku thotho lwee mfazwe amaXhosa ebezilwa ne Britain. amaGcaleka ayehleli nje efuna isizathu esibambekayo esinokuze siwenze alwe nabaThembu khona ukuze athathe umhlaba wawo ubuyele kuwo. Ukubethwa kwe nkosazana ngenzodo nango lunya okwabethwa ngalo u Nomkhafulo yaba sisizathu esaneleyo sokuba ilizwe life.


Kwathi kuba amaNgesi ayewajonge ngeliso lo khozi amaXhosa, kuba esithi aweva awaluthandi uxolo futhi asoloko esenza imfazwe kwezinye izizwe; aqonda ukuba amaGcaleka mawaqale ayixele lento kwi rhuluneli yase Cape; uye ke u Sarhili waya kumangala ku mnumzana u Colonel Benjamin Durban, umphathi we Cape Colony ngelo xesha, waza yena u Benjamin Durban wamdla iinkomo nje ezi mbalwa u Ngangelizwe, wathi ugqibile, ityala liphelile. Ayiwaxolisanga tu konke amaGcaleka lento nesi sigwebo sincinci kangaka, futhi no mhlaba wawo awujonge ngamehlo abomvu osezandleni zabaThembu engawufumananga; kodwa kwathi kuba iBritain inobunganga - afana afa na mthanyana amaGcaleka asamnkela ekhwina eso sigwebo se Rhuluneli.


Kuthe kusenjalo kwango 1872, uKumkani u Ngangelizwe waqhubeka nokubetha abafazi, kwelityeli wabetha wabulala u Nongxokozelo oyi ntombi yomnye wo Mntakubo Sarhili, owayeye ebaThenjini eyi mpelesi ka Nomkhafulo, waza wasala apho ukumka kuka dadewabo. Zithe zakufika ezindaba kwa Sarhili; amaGcaleka awabi nakho ukuyi nyamezela tuu konke. Futhi kweli ityeli atsho esithi aza kumdla ngokwawo u Ngangelizwe; futhi awayi kunqandwa ngamaNgesi. Labe liyafa ke ilizwe ngo 1872, kwathiwa xa ibizwa le mfazwe yi mfazwe ka Nongxokozelo.


Igama lika Khiva livele okokuqala apha, laduma kakhulu kuba iinkosi zako kwabo e Tsonyana kwa Bhurhu: oo Maphasa noo Mxoli zazimqumbele u Sarhili kwaye zingakholisekanga yindlela awathi wasingatha ngayo umcimbi ka Nongqawuse kwiminyaka embalwa engaphambili, into eyakhokelela kwi nyhikithya yokufa kwabantu abaninzi ngenxa ye ndlala eyathi yalandela ngemva kokuxhelwa kwee nkomo nokutshatyalaliswa kokutya. Kodwa kwathi kuba u Khiva wayeli thandazwe kwaye ezixelele ukuba uya kuyikhonza inkosi yakhe, walusabela ubizo mhla ngamini kuya kudliwa abaThembu. 


Uthe u Sarhili ku mkhosi wase Tsonyana, “iphi inkosi yenu u Maphasa?".. Laphendula ibandla lase Tsonyana lisithi “inkosi enkulu yethu uMaphasa akazanga, usaqumbele iziganeko zango Nongqawuse”… Waza wath’ u Rhili “akukho na mnye umntanenkosi apha?” Laphendula iTsonyana lathi “Sihamba no Khiva umfo kaXhoseni ka Bhurhu “ wath’ uRhili ukusukela namhlanje Khiva iTsonyane liya ku khokelwa nguwe ,hla nge mfazwe, ndibeka wena njenge Njengele.


Eneneni ke ayile amaGcaleka eBathenjini ewela uMbhashe, akuba exelile kwa Rharhabe ku Sandile. Ngamafutshane amdla uNgangelizwe nge mbubhisokazi enkulu, abaThembu besukelwa, kwade kwatshiswa ne komkhulu lawo. u Kumkani uNgangelizwe yena buqu wasindiswa kukunxityiswa njengo mfazi kulo mpithizelo yokutshiswa kwe komkhulu, waphuma bu phuthuphuthu wabalekiselwa e Clarkebury ku befundisi babelungu ababefundisa aphoo. Ukuba wayebanjiwe ngamaGcaleka loo mini futhi namaNgesi awangenelela, ubuKumkani babaThembu ngebungasekho namhlanje. Abefundisi babelungu e Clarkebury bathembisa ukuba bangathumela kwi rhuluneli ukuba ize kulamla, inqande uSarhili ukuba nje u Ngangelizwe angavuma ukuba ilizwe lakhe lifakwe phantsi kolawulo lwase Britain; wavuma u Ngangelizwe engazazi nento azifaka kuyo kodwa kuba nje kuba injongo zakhe yayiku kusindisa ubukumkani bakhe bungaxuthwa ngamaXhosa - watyikitya evuma ukuba phantsi kwe Britain.


uKhiva wazibonakalisa kakhulu kule mfazwe, futhi eqala ukukhokela; wathandwa kakhulu ngu Sarhili. Kule mfazwe walwa namamfengu ka Menziwa encediswa ngu Ngubo ka Malashe kwi dabi lase Mbhashe; ba mbetha u Menziwa bamgxotha.


Bathe ke abefundisi base Clarkebury bakuthumela kwi rhuluneli e Cape Colony, u Benjamin Durban, bemxelela ngokwenzekileyo futhi besitsho besithi u Ngangelizwe woyisiwe, nogoko ke ufaka isicelo sokuba abe ngaphantsi ko lawulo lwe Britain khon' ukuze abe ngaphantsi ko khuseleko lwayo. u Benjamin Durban yamothusa kakhulu lento ngokuba wayecinga ukuba amaXhosa ophuke umqolo ngo Nongqawuse. Whaza ke wasamkela isicelo sika Ngangelizwe, wamfaka ngaphantsi kwe Britain. Lento yamenza u Ngangelizwe wazondeka kwii nkosi zakowabo, nakwi zizwe ezaziphantsi kwakhe; amaQwathi nezinye. Zizisitsho zisithi zona azisokuze zibe phantsi kwabelungu, kpdwa zatsho zancama kwabe sekwenzekile.


u Loyiso lwamaXhosa esoyisa abaThembu nge mfazwe  kaNgxokozelo lwayenza i Cape Colony ukuba ibenexhala lokuba ayakuphinda amaXhosa aqale enye imfazwe ne Britain kuba ifuthe lalinyukile kwaye ayezithembile kwakhona emva kokoyisa abaThembu, futhi esitsho esithi afuna ukugxotha amaMfengu abuyisele imihlaba yawo eyaxuthwa ngu mlungu kuwo yanikwa amaMfengu (iGcuwa, iNgqamakhwe, iTsomo ne Dutywa). Waqala ke u Benjamin Durban elungiselela imfazwe apho ayakuthi awoyise amaXhosa ukuze kungaze kuphinde kubekho mfazwe; watsho futhi ekhangela isizathu sokulwa no mXhosa.


Akubanga kudala kuyaphi; kuthe ngo 1877 eGcuwa kutshata mfengu ithile egama lingu Ngcayechibi; amaGcaleka wase Tsonyana kwa Bhurhu aya ngobuninzi bawo kulo mdudo kuba ayengaphesheya ko mlambo iGcuwa, ezi zizwe zohlulwe nje ngulo mlambo. u Mxoli ka Mbune ka Bhurhu umTshawe wayelapho, ekunye no Nkunzanzana wase Mangwevini, no Stemela wase Makwayini, no Ludwange, no Ngcitha, no Thwana igorha elikhulu lase Mabambeni.


iGcuwa eli ke lalifudula ili komkhulu lamaXhosa ngexesha lika Hintsa, futhi amaGcaleka elibanga ukuba lelawo futhi ayakulithatha libuyele kuwo, singatsho sithi ayeze kulo mdudo wakwa Ngcayechibi ngenjongo zokudala umlo. Kuthe kuloo ntselo ne ntswahla yase tywaleni noku jongana ngezikhondo zamehlo, athi amaGcaleka akunxila ehluthi butywala, awavuma ukugoduka kwakuhlwa, asuka athi mhakuze obunye utywala kuselwe. kukuze kuvele lentetho ithi "utywala be mfengu abupheli ekoyini"; kwakusitsho amaGcaleka egeza kwa Ngcayechibi efuna utywala nge nkani. Kuthe kwakuthiwa utywala buphelile, mhaku chithakalwe, abantu baphindele kwii ndawo zabo kumakhaya wabo, asuka ngoku amaGcaleka athi afuna ukubona iimbiza ezi bekuhluzelwe kuzo utywala. Kuthe kweso siphithi-phithi; mfengu ithile yaphakama isiya kuchama kodwa yathi kuba inxilile, yagxadazela, yabambelela ngo nkosana  uMxoli, uMxoli ka Mbune ka Bhurhu ka Khawuta. AmaGcaleka awayiyekanga nayo lento yenziwe yile ndoda, ayifake ibhunguza ngoko nangoko, eyibetha esithi "iyibambelani inkosi yakugqiba iyinja?". Uqale apho ke umlo, amaBandla wase Mbo (amaMfengu) awakwazanga ukunyamezela lonto, afake induku ku mXhosa; labe ke liyafa ilizwe ngolo hlobo. Kuthe kulo mlo kwafa umntwanenkosi omnye wabazukulwana baka Bhurhu ka Khawuta owayehamba naloo manene ayelapho. Yaba kanti kukuqala kwe mfazwe ka Ngcayechibi leyo.


AmaGcaleka ase Tsonyana kwa Bhurhu amane ephokokoka ngobuninzi bawo, ewela esiya eGcuwa, ebulala kwa Mfengu adibana nayo, esidla imfuyo eyizisa nganeno kweGcuwa, ukanti nama Mfengu azilwela engayekanga; lenyuka ne nani labantu abafayo macala omabini.


iNkosi u Bhotomane yakwa Gcaleka ithe yakuyibona lento, yathumela ku Sarhili isitsho isithi iTsonyana liyalwa nama Mfengu. uRhili uthe “phuthumani inkomo zamaMfengu zonke nize nazo”.  Eneneni kwenziwe oko, waqina umlo kwafa intlaninge yabantu kuba amaMfengu ebekwazi ukulwa kakhulu futhi ethembele ngamaNgesi kuba ebephantsi kwawo. 


Aye ke amaMfengu ayixela lento kubelungu e Cape Colony; waza u Durban ngesiqu, ebiza u Sarhili ukuba kudityanwe eGcuwa kuxoxwe kwenziwe uxolo. Kodwa u Sarhili akavumanga, ekhumbula into eyenzeka ku Yise u Hintsa - owabizelwa ezingxoxweni kanti iyakuba kukubulawa kwakhe oko. Wathi u Sarhili akezi, u Durban makaze ngokwakhe kwa Sarhili; waza ke u Durban wayithatha lonto ngokuba u Sarhili uyakwa ne Koloni. Wabe u Durban wayehleli ekhangela isizathu sokwenza imfazwe, yaba sisizathu sakhe ke eso. Yaqala njalo imfazwe yeThoba kwii mfazwe eziluthothi phakathi kwamaNgesi namaXhosa. 


u Khiva uphindile wazibonakalisa kule mfazwe, igama lakhe laduma nangakumbi emva kokoyisa kwakhe u Bhikitsha owayelapho no mkhosi wamaNgesi e Gwadana ku Gatyana. Wawudla lo mkhosi u Khiva wawusukela waza kuwufaka e Bika eGcuwa, wajika wabuyela ku Gatyana. Yonke lento uyenza enganikwanga mvume ngu Sarhili, xa ebuzwa wathi bekungekho xesha lakuthumela ku Kumkani.Wathi u Sarhili "inkulu le mfazwe, hleze ndoyiswe; hamba uye ku Sandile umxelele" eneneni ke, Wawela waya kwa Sandile e Khubusi, waya kwa Makinana, wathi ewela ebuyela kowabo kwa Gcaleka - wabe u Mathanzima ka Sandile etshisa iiHotele zabelungu e Draaibosch kumhlaba omalunga iQumrha ne Qonce; amaXhosa edibene wonke (amaRharhabe namaGcaleka) kusilwelwa lo mhlaba. nemfuyo yamaMfengu wangaphesheya kwe Nciba yaqhutywa yaweliswa iNciba; kukuze kuthwe u Sandile ngu “sihlaba mamfengu abaleke aye koo yise abelungu”.


uKhiva wafa ku Centane kwidabi lakwa Holandi ngo 1878 eminyaka iqikelelwa kuma 36 ngenyanga ka February.

Comments

Popular posts from this blog

Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa

  Amagama wee ndidi ngee ndidi zeentaka Ngesi Xhosa   AmaXhosa mandulo phaya xeshikweni esi sizwe esizimeleyo esizilawulayo ibingabantu abane mfuyo kakhulu; iiNkomo, iiBhokhwe, iiGusha njalo njalo. Le mfuyo ke ibisitya emadlelweni, yaluswe ngamakhwenkwana aselula kunye namakhwenkwe asele ebuqina; maxa wambi ubunokude ubone ne ndoda esele iqinile ihleli apho edlelweni yalusile kodwa asinto ibixhaphakile leyo. Lama khwenkwe ke ebechitha ixesha elininzi edlelweni apha kuba bekungafundwa, kungekho zikolo; isikolo se ndoda yomXhosa besiqala edlelweni iseyi nkwenkwana epha kwiminyaka ekwi sithob ukuya eshumini, apha edlelweni amakhwenkwe afumana ithuba elininzi lokuqwalasela nokufunda indalo, izilwanyana zasendle nemikhuba yazo; ezityiwayo kunye nezo zinoburhalarhume, ukufunda imo yezulu, iintaka, njalo njalo; nee ndidi ngee ndidi zemithi zifundwa apha, imithi eyomeleleyo yokwenza iinduku zokulwa ngoba nokulwa nge nduku ikufunda apha inkwenkwe iselula. Isizwe samaXhosa si sizwe esi lwi

uBukumkani buka Xhosa

Abantu abaninzi xa kuthethwa ngobuKumkani, into yokuqala eye ifike ezingqondweni zabo zii Nkosi nee Kumkani kuphela; kanti hayi akunjalo. uBukumkani yi mbumba yeziqu ngeziqu ezininzi, ukusukela kubasengi bee nkomo zako mkhulu, amaKhosikazi nee ntombi zesizwe, aMadoda nabafana besizwe, iiNgqondi nee Nzululwazi, amaGqirha, amaTola, izanuse, amaXhwele, iimbongi, izibonda, nee Nkosi; bonke aba bantu bayi mbumba, baze babe nomntu oyi nkokheli yabo engu mlomo nobuso bo mbuso:   iKumkani; nalapha kwa Xhosa ke umbuso umi kunjalo. Ungeva abantu abanolwazi oluncinci besithi “Kanti yintoni umsebenzi wezi nkosi, zibhatalwa nje akukho nto ziyenzayo” kube eneneni emsulwa iNkosi iyi Nkosi ngabantu bayo; aba bantu banolwazi olu ncinci abazibuzi bona ukuba “Yintoni mna endiyenzayo ukuqinisekisa ukuba inkosi le iyawenza umsebenzi wayo, kwaye inesidima esifanelekileyo?” ngoba njengase burhulumenteni, inkosi inikwa uxanduva ngabantu bayo ize yona ibakhokele baye kule ndawo bafuna ukuya kuyo; bubuphakath

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i