Skip to main content

Posts

Showing posts from November, 2022

Imfazwe ka Ngcayechibi (1877 - 1878)

 Imfazwe ka Ngcayechibi (1877 - 1878) Le mfazwe yaba yi mfazwe yesithoba neyokugqibela ku krozo lwee mfazwe ezathi zaliwa ngamaXhosa, ekhusela umhlaba wawo kwi Britain, isithuba seminyaka engamakhulu. Nhoko nje le mfazwe yathi yaba phakathi kwama Ngesi namaXhosa ebushushwini bayo naku vuthondaba, intsusa mabandla yayo ibe yi ngxabano eyathi yaba phakathi kwe qela lamadoda wama Mfengu ne qela lamadoda angama Xhosa akwa Gcaleka neyathi yehla emdudweni ku mzi we Mfengu egama layo lingu Ngcayechibi, umfo wase Gcuwa kwisithili sase Bawa. Umfundi makakhumbule ukuba ngaloo mihla; iGcuwa, iTsomo, iNgqamakhwe zazisele zixuthiwe ngama Ngesi kumaXhosa ngo 1857 emva ko Nongqawuse zanikelwa kuma Mfengu njengo mhlaba we bhaso ngenxa ye ntembeko yama Mfengu nee nkonzo zawo ayezinikela kuma Ngesi rhoqo xa amaXhosa esilwa namaNgesi. Wathathwa ke lo mhlaba ngama Dlagusha, wanikelwa ku mzi wase Mbo ngee njongo zokuba ube ngu mda phakathi kwalamaXhosa angevayo (gab'la maNgesi) naba Limi abamhlophe bam

u Ngubo ka Malashe

 u Ngubo ka Malashe " U Gampu ka mlenze, iNcwad' ene kroba ka Malashe, u Mthundezi wee Mazi ezino qhonqa. ngu Mtshangatshangiso umntaka Malashe." u Ngubo ngu nyana omkhulu ka Malashe, u Malashe uzalwa ngu Kumkani u Khawuta. Abantak'ubo Ngubo azalwa nabo ku nina asina nakani ngabo kuba asivanga nto ngabo. No Malashe uyise ka Ngubo asazinto ibhekele phi ngaye ngaphandle kokwazi ukuba uzalwa ngu Kumkani u Khawuta kunye nezi nkosi: u Bhurhu ekunene, u Hintsa endlwini enkulu, oo Mdingi noo Mbune nabanye emaqadini nase maxhibeni. Le nkosi u Ngubo yi ntanga ka Sarhili ngokuzalwa nangokoluka; futhi yabe ingu mhlobo wakhe omkhulu osenyongweni, beyi ntlaka ne xolo, be ngumtya ne thunga.; apho u Sarhili akhoyo no Ngubo wayeba lapho oku kwamawele ayesesizalweni so mfazi omnye. Kwaseku khuleni kwabo aba bazukulwana baka Kumkani u Khawuta bebengohlulwa yinto, baza ubuhlobo babo baqina baba luqilima nanga kumbi ngokuya bekhula. Egetyengwa ngama dlagusha nje u Hintsa uyise ka Sarhili