Skip to main content

Posts

Showing posts from May, 2021

Intlalo ka Xhosa

Kukho imposiso enkulu ethi ubuKumkani buka Xhosa bohlukene kubini; Abantu abakhuthaza le mposiso bathi le yantlukwano yenzeka ngexesha lika Kumkani u Phalo xeshikweni unyana wakhe wase Kunene u Rharhabe emwezela ngaphesheya kwe Nciba, eya kumakhela umzi wakhe kwelo zwe. Le mposiso ikwa za nezinye zee nkosana zase MaTshaweni zakwi ndlu yase Kunene ka Phalo ekubonakala mhlophe ukuba zine njongo zokwahlula umzi ka Xhosa, zizenzele obazo ubuKumkani obuya kulawulwa zizo, nobulinganayo nobendlu yako mkhulu ka Xhosa wonke.   Makhe senze amaGqabaza size nama nqaku, sicacise ukuba kutheni sisithi yi mposiso le: ·        Okoku qala, iNdlu yokunene ayilingani nendlu enkulu; kwa ntlandlolo, ekudalweni kwazo yenziwa yacaca loo ndawana ukuba azilingani, nangani nje izezona zindlu zibalulekileyo kwizindlu zako Mkhulu, kodwa inyaniso yeyokuba azilingani. ·        Okwesi bini, uRharhabe ngowendlu yokunene ka Phalo, aze u Gcaleka abe ngowendlu enkulu ka Phalo; ekubhubheni kuka Phalo ngu Gcaleka

Amagama wee Nkabi zee Nkosi

  Kwa-Xhosa inkomo yinto exatyiswe kakhulu ngoba kuphilwa ngayo; isiko lenziwa ngayo, amasi la siwathanda kangaka aphuma ku bisi oluvela kwezi nkomo, iimfele zokwambatha, izikhaka zokubhinqa zoo Mama, iintambo zokubopha zikwenziwa ngezikhumba zezi nkomo, amasimi alinywa kwangezi nkomo kuvele ukutya, amatyala ahlawulwa kwangezi nkomo, ukanti nobuhlobo bukwakhiwa kwa ngazo. iiKumkani, iinkosi, izibonda namanye amadoda ke azizityebi ebeba neyona nkabi ayithandayo kule mihlambi yawo; ze imizi yawo ayithiye ngegama laloo nkabi, kuthi ngamanye amaxesha isizwe seNkosi sithiywe kwange gama laloo nkabi yayo. Umfundi angazibuza ukuba yintoni isizathu soku? Kaloku esiXhoseni kuyahlonitshwa, inkosi ne Kumkani ayibizwa ngegama njengalento ikhoyo ngoku yabantu ababiza abantu abakhulu nabahloniphekileyo ngamagama. Nanga amagama wee Nkabi nemizi yasemaXhoseni Kwa Gcaleka (iKomkhulu Lama Xhosa wonke) ·          Eka Kumkani u Tshiwo ngu Mngqalasi – umzi wakhe kuse Mngqalasini, ungcwatyelwe eNgc