Skip to main content

Posts

Showing posts from February, 2021

Amagama emiLambo yakwa Xhosa

Amagama emiLambo yakwa Xhosa   Isizwe sakwa Xhosa sesinye se zizwe ezifumaneka kwiphondo le mpuma Kapa (Eastern Cape); zikwalapha kweli phondo ke phofu nezinye izizwe ezikhulu ezifana nesama Mpondo, esaba Thembu, esama Mpondomise, njalo njalo. Isizwe samaMpondo sizinze Phakathi ko mlambo Umtavuna ngentla ngakwi phondo lakwa Zulu Natal, ukuza kuthi ga ezantsi ku mlambo u Mthatha. Ukanti esaba Thembu sona isizwe siphakathi ko mlambo u Mthatha ukunyuka ukuya embindini we phondo le Mpuma kapa, ukuya kuma nganeno kwe Phondo le Free State kumlambo iGqili (Orange River). iSizwe sama Mpondomise sona sime phakathi ko mlambo uMzimvubu, iTina ne Tsitsa kumda ongasentla, sehle sizokuma kumlambo u Mthatha kumda ongezantsi. Ndingawenzanga made; esona sizwe ndifuna ukuthetha ngaso kodwa namhlanje sisizwe sika Phalo; ukutsho oko isizwe samaXhosa, sona sizwe eli phondo le mpuma Kapa laziwa ngaso, nolona hlanga lu krwempane kakhulu nomlungu (amaNgesi nama Bhulu), sislwela imihlaba yaso ekuhluthweni n

eNqadu ityala aliboli alingo mafutha

iTyala aliboli alingo Mafutha Ngo nyaka ka 1927 kweyo Mqungu, saphuma isigidimi komkhulu eNqadu simema lonke ibhunga (iinkosi nezi bonda ) kwii nqila zonke zelase maXhoseni. iKumkani eyayibize eli bhunga ngu Mhlekazi u Mpisekhaya ahh!! Ngangomhlaba, ka Salakuphatha ahh Gwebinkumbi, ka Sigcawu  ahh Nonqane, ka Sarhili ahh Ntaba, ka Hintsa ahh Zanzolo. Eneneni ke zagaleleka izijorha zamadoda ahloniphekileyo ngosuku olwalubekiwe, kukhwelwe iinkabi zamaHashe; bambi bebetha ngezika Tshiwo, qela naqela elingenayo likhahlele uKumkani, likhulule iisali nemikhala, lihlale ngokwendawo zalo; ithe iqina imini yabe inkundla ithe thantalala.   Amadoda ebuzan' impilo, amanye ecebisana ngeengcambu emazidityaniswe ukulwa imikhuhlane, namayeza wee mfuyo. Namaqhula namayolisa engayekanga nawo. Kweso sithuba kanye, kuphakame u Bambaniso into ka Khalipha yase Mangwevini esi sithethi sakomkhulu yenjenje:   "inzwi mawethu, Mabandla ka Phalo ndicel indlebe" Kwathi cwaka, waqhubeka: "andizi