Skip to main content

Posts

Showing posts from May, 2019

Izibongo zika Sarhili

Izibongo zika Sarhili Ahh!! Ntaba ngu soPasi u jikuty' amaphambili phofu engawasingisi mntwini. yi Ntsundu ka Nomsa ka Gambushe kwa Bomvana, u ngxowa inemilenze yokufaka amaduna akowabo, ooPhatho noo Sandile. yi Namb enkuuuuuulu ebhijeli Hohita, ovuk'emini akabonanga nto ngoba akayibonanga iNamba icombuluka. li Lunga le gwaba lika Hintsa, ngu Magan' iindlezana u Mavel' elunguza njenge ngcu ye ngcuka kwabe nduku kwa Moshoeshoe. yi nqaba enkuuuuuulu, isilo esingaziwa mngxuma, u Mdaka ka Hintsa. ngu saliwa nga qubu esiswini, ngu Gwebityala elisemva elibizwa yi Mbongi. u Gwebityala lika Feni wali zinzisa, ngu Nqanawe zavalela amaNgesi, zaya zawakhupha kwa Somtsewu, ukuze amaBhaca alwe namaNGutyana. ngu Nyoka yobu Gqi ngu Mamlambo. ngu zwe lafa ngembiza zika Mbune, hayi ngo mona amaMfengu aseGcuwa. ngu Xakatha u Gaga, iGwangqa lika Mpohlo. Gxothani iimantyi ziye Rhini apho zibuliswa khona, Hashe elimhlo

Izibongo zika Mhlekazi u Hintsa

                                                                Izibongo zika Mhlekazi u Hintsa                                                                               Ahhhh Zanzolo ngu soRharhoba, uhlwat' olumadolo luka Khala, u mhle ka nyawose, u Zanzolo. ngu mbhekwa ntshiyini bath' uQumbile, u dumbel' imilenze, isibi esikhethwayo kweziny' izibi. ngu Nondwangu, imbabala entsundu ka Khawuta abayikhuza ukuhlaba ingekhahlabi kazi koze kube njani mhla yahlaba. ngu Zigodlwana zemaz' endala zingalal' endleleni yazini kunyembelekile. yi nkunzi eyadl' u Ngqika ne nqwelo zakh' eMalinde,  yadla 'magiqwa, yadla maqwathi, Yadl u Matiwane e Mbholompo yamsakaza, no Madzikane ka Zulu ifike sengqengqile ngokungxama kwamaGcina,  Nani maMfengu inijonge yane mfesane. yinto enkomo zimalunga nezika Yise ubuninzi, ngu silo siyaziwa mbombo zone eBunguni, nakwele nduku kwa Mshweshwe. uSilo sigqum' eNciba saviw' eBathenjini kwa