Skip to main content

Posts

“Amamfengu zi Zinja zam, ungena phi wena?”

“Amamfengu ezi Zinja zam nje , ungena phi wena?” - Hintsa       La nga mazwi athethwa ngu mhlekazi u Hintsa xeshikweni wayekwi nkampu yama Ngesi ku Ndabakazi cebu kuhle e Gcuwa ekuthinjweni , eli banjwa lika Saqhwithi (Sir Harry Smith). Kwenzeka njani ukuba iKumkani ye sizwe esikhulu kangaka , eyona ndoda ibalulekileyo ne nkulu kulo lonke elase maXhoseni ibe libanjwa lesinye isizwe okanye olunye uhlanga ? Wawuphi u mkhosi wakhe njenga Kumkani ? Abantu ngu mbuzo abazibuza wona lo kule mihla ; mhasikhe sijonge iimpendulo , sizame ukuwuphendula . Kwiminyaka nje embalwa ngaphambi kuka 1834 kwaku kade kujongenwe ngezikhondo zamehlo si sizwe samaXhosa nesama Ngesi; intsusa mabandla lubiwo lwemfuyo ngamasela asuka kumacala omabini , ukutsho oko kumaXhosa naku Mangesi . Wokhumbula ukuba emva kwe mfazwe yase Malinde ngo 1819, xeshikweni uHintsa , no Ndlambe nezinye iinkosi zase ma...