Esi siqangatha somhlaba siqala elu nxwemeni lo lwandle kwi chweba apho umlambo iNciba ugalela khona elwandle; xa unyuka ngo mlambo inciba, loo majiko jiko okanye ezo mpindo - zikusa ngqo ekudibaneni kwemilambo emibini: umlambo iGcuwa no mlambo u Mnyama, ku mzi wo nyana ka Bhurhu; u Myeki. Igama lo mzi we nkosi yam lo ngu Mnga ukubizwa kwawo; lo ngo mnye we mizi yase Thsonyana nosi sizwe se Nkosi u Bhurhu ka Khawuta. Le milambo (uMnyama ne Gcuwa) ithi yakudibana ibengu mlambo omnye iGcuwa, yehle yenjenjeyaa iye kugalela kumlambo omkhulu iNciba. Lo ke, ngu Mda owahlula umhlaba wamaGcaleka kowama Ndlambe; nhoxa nje kwaloo mhlaba uphakathi kwe Chintsa ne Nciba ungowamaGcaleka, futhi ayekhe awuhlala kwiminyaka engaphambili; ukanti uKumkani u Gcaleka nge nkqu wakhothamela kwalapho eNgxingxolo, ukanti no mzukulwana wakhe u Bhurhu lo ukhe wagxumeka iintlanti zakhe e Qumrha kodwa wabuya wawelela kwanganeno kweNciba kuba elacala lalombethwe zii mfazwe ngaloo maxesha. Singaphambukanga emxhol...
Apha sibalisa amabali neziganeko ezathi zenzeka ngexesha uBukumkani buka Xhosa busazimele, bungekabikho phantsi kolawulo luka Rhulumente.