Skip to main content

Posts

Showing posts from 2025

Kwa Centane

Esi siqangatha somhlaba siqala elu nxwemeni lo lwandle kwi chweba apho umlambo iNciba ugalela khona elwandle; xa unyuka ngo mlambo inciba, loo majiko jiko okanye ezo mpindo - zikusa ngqo ekudibaneni kwemilambo emibini: umlambo iGcuwa no mlambo u Mnyama, ku mzi wo nyana ka Bhurhu; u Myeki. Igama lo mzi we nkosi yam lo ngu Mnga ukubizwa kwawo; lo ngo mnye we mizi yase Thsonyana nosi sizwe se Nkosi u Bhurhu ka Khawuta. Le milambo (uMnyama ne Gcuwa) ithi yakudibana ibengu mlambo omnye iGcuwa, yehle yenjenjeyaa  iye kugalela kumlambo omkhulu iNciba. Lo ke, ngu Mda owahlula umhlaba wamaGcaleka kowama Ndlambe; nhoxa nje kwaloo mhlaba uphakathi kwe Chintsa ne Nciba ungowamaGcaleka, futhi ayekhe awuhlala kwiminyaka engaphambili; ukanti uKumkani u Gcaleka nge nkqu wakhothamela kwalapho eNgxingxolo, ukanti no mzukulwana wakhe u Bhurhu lo ukhe wagxumeka iintlanti zakhe e Qumrha kodwa wabuya wawelela kwanganeno kweNciba kuba elacala lalombethwe zii mfazwe ngaloo maxesha. Singaphambukanga emxhol...