Skip to main content

Posts

Showing posts from August, 2023

Izibongo zika Matiwane ka Masumpa - iNkosi yama Ngwane

 u Matiwane wayeyi nkosi yesizwe sama Ngwane esasi zinze ku mmandla osele usaziwa ngoku ngokuba yi Kwazulu Natal. Esi sizwe sasakhe entla ngakwi ntaba zo khahlamba, simelene futhi sihlobene nesizwe sama Hlubi, nhaso esasakhe kwalapho. Njenge zinye iinkosi zaba Nguni zelo zwe la ngentla, nhesakhe isizwe sachithakala ngexesha lee mfazwe ze mfecane; xeshikweni iinkosi zaba Nguni zazibambene ngezihlwitha, isizwe sivukela esinye, esinye siginye esinye. uMatiwana wahlasela wachitha isizwe samaHlubi kwaphela nya ngaso, sabhaca kuba sisachithakele kuna kaloku nje. Ingxenye yamaHlubi yaya e Lusuthu kwi Nkosi u Moshoeshoe, yathi enye ingxenye yaya ku Kumkani u Hintsa kwa Xhosa, yathi imbinana yasala ikhonza kwa Zulu ku Tshaka ka Senzangakhona. Uye u Matiwana wahlasela isizwe sama Bhele wasichitha; abaleka amaBhele ekunye nama Hlubi aya kufika kwi komkhulu lamaXhosa e Gcuwa ku Hintsa. Uthe aku khova ukusichitha isizwe samaHlubi nesamaBhele u Matiwane wasele efuduka nhaye ngokoyika ukuhlaselwa ngu