Skip to main content

Posts

Showing posts from February, 2023

iMfazwe ka Thuthula - ne Dabi lase Malinde

iMfazwe ka Thuthula - ne Dabi lase Malinde u Thuthula: Le yi nzwakazi eyayi zalwa ngu Mthunzana; Mthunzana lowo singena nakani kwathini ngaye lokuba wayezalwa ngubani okanye wayengowase manini, onolwazi bethu angakhe aphose esivivaneni sitsho sizuze nto thina bantwana baka Phalo, ke kambe lento ingu mbona imnandi ngokuchubelana. Xa siqhubeka ne mbali yethu, u Thuthula lo waye eyeyona ntombi eyakhe ya' ntle ezimbalini kweli lase maXhoseni; ubuhle bakhe babunga zange babonwa ngaphambili, zaye nee nzwana nkqu naba numzana base maXhoseni bedumbe iintloko bobo buhle bale ntombi; ubuhle bakhe babuyi ndumasi - edume nakwa Gcaleka, nkqu nase baThenjini kwilizwe langa phandle. U Thuthula lo waye ntanga-nye no Lwaganda (u Ngqika ka Mlawu), nhoko nje babengazani nto ibhekele phi kodwa babekhula bonke, behamba imitshotsho nezinye iziyolo zakwa Xhosa ezihanjwa ngama khwenkwe kunye nama ntombazana kwelo 'zwe lakwa Rharhabe, e Xesi. u Ngqika kwelakhe icala ukhe wahlangana no Thuthula lo ebuts