Skip to main content

Posts

Showing posts from August, 2022

Imfazwe ka Nongxokozelo (1875)

Ngo mnyaka we waka elinama khulu asibhozo nama shumi asixhenkxe nesi thathu, ngo 1875 gabula makhumsha; kwathi kwaqhambuka imfazwe enkulu phakathi kwa baThembu namaXhosa - ncakasana amaGcaleka. Intsusa mabandla eyakhokelela ekudeni kufe ilizwe, abamelwane bambane ngezihluthu, baphathelane izikhali; yaba yi mpatho mbi nobugebenga obenziwa kwi ntombi ka Sarhili egama lingu Novili, ephethwe kakubi ngu myeni wakhe wakhe: u Kumkani wabaThembu u Ngangelizwe - " iRhamba eline ndevu lika Mthokrakra ka Ngubengcuka, uBhexesh' ilang'  aliqal' elwandle aye kuliyek' eGqili apho litshona khona, ngu Khala khulu li luml' abantwana, u Geza elagezelwa nga magqirh' akowalo kuba ligezelwe ngu Mngomeni no Gladile. uMthunz' ongqongqo wase Mbhashe oqhawuk' ubuy' uhlangana. u Ndlu inezibungu itshiswa ngabakwa mkhwekazi kwa Sarhili emaXhoseni. iNdlovu engango Faku ku Mampondo, indlov' engango Sarhili ku maXhosa, indlovu engango Mshweshwe kwabe Nduku eLusuthu. u Mkhw

Intlalo yezizwe zase Mpuma Kapa nge xesha le nckithakalo (iMfecane) 1816 - 1828

  ( AmaXhosa – abaThembu – amaMpondo n ama Mpondomise )     Mzi ka Phalo, mabandla Ka Xhosa; kwesi siqwengana sijonga intlalo yezona zizwe easy zinze eMpuma Kapa ngexesha lee Mfazwe ze mfecane kwiminyaka yoma 1816 ukuya kutsho ku mnyaka ka 1828.   Masiyithethe phandle into yokuba kulo Mmandla waziwa ngokuba yi Mpuma Kapa ngezimini ; le yayiyi ndawo enoxolo nezele ulonwabo nokuthula kakhulu , kungekho kulwa nazi ngxabano kuyaphi . Izizwe ezazi zinze apha : AmaXhosa ka Tshawe, abaThembu baka Dlomo, amaMpondo ka Nyawuza na maMpondomise ka Majola kunye nezizwe ngezizwe zama Lawo na Bathwa ; zazihlelisene ngoxolo ngokuthula nange mvisiswano . Isizwe esasisoloko siphethe izikhali kwezi zizwe sizikhankanye ngentla , si sizwe samaXhosa , amaNgqika ikakhulu ; naso sasingalwi nezi zizwe zi mnyama sakhelene nazo , koko sasisilwa no mlungu owafika wabanga imihlaba ; engaphelelanga nje ekuyibangeni koko eyithimba ; lonto ke ya