Skip to main content

Posts

Showing posts from May, 2022

u Khiva ka Xhoseni

Izibongo Zakhe: Ahh S’mangaye!!!… ngu Lunda Lukhuni, u Macongwan' alushica kungavuthw’ ilitye wase Tsonyana kwa Bhurhu. yi ngangalal'  u mntaka Xhoseni. ngu Ntak’ edlezinye; kub' edl' uMenziwa wamsukel' e Mbhashe ngo Nongxokozelo, ngale mini yangqingwa eka Ngangelizwe, u Ngangelizwe ngoka Mthokrakra ku Bathembu. Wadl' eka Bhikitsha e Gwadana ngo ngcayechibi eno Ngubo, u Ngubo ka Malashe, wath’ u Rhili benifunzwe ngubani na kuba mna andikalwi, Wath’ u Khiva izwe selifile mntwanenkosi, phum’ elubal’ asinak’ ukulwel’ inkos’ ehlel’ endlini. Ngu siphuthum' amaRharhab' abuy' aze lizweni, elizweni kowawo kwa Gcaleka. ngu phuthum’ u Sandile, kub' ephuthum' u Sandile ka Lwaganda kwa Ngqika, ngu Phuthum' u Makinana, kub' uphuthum' u Makinana, u Mkaninana ngu Ndluzodaka ka Mhala - u Mhala ngu Mbodla kwa Ndlambe. ……………………………................................................................................................. Amagqabantshintshi ngo