Skip to main content

Posts

Izibongo zika Matiwane ka Masumpa - iNkosi yama Ngwane

 u Matiwane wayeyi nkosi yesizwe sama Ngwane esasi zinze ku mmandla osele usaziwa ngoku ngokuba yi Kwazulu Natal. Esi sizwe sasakhe entla ngakwi ntaba zo khahlamba, simelene futhi sihlobene nesizwe sama Hlubi, nhaso esasakhe kwalapho. Njenge zinye iinkosi zaba Nguni zelo zwe la ngentla, nhesakhe isizwe sachithakala ngexesha lee mfazwe ze mfecane; xeshikweni iinkosi zaba Nguni zazibambene ngezihlwitha, isizwe sivukela esinye, esinye siginye esinye. uMatiwana wahlasela wachitha isizwe samaHlubi kwaphela nya ngaso, sabhaca kuba sisachithakele kuna kaloku nje. Ingxenye yamaHlubi yaya e Lusuthu kwi Nkosi u Moshoeshoe, yathi enye ingxenye yaya ku Kumkani u Hintsa kwa Xhosa, yathi imbinana yasala ikhonza kwa Zulu ku Tshaka ka Senzangakhona. Uye u Matiwana wahlasela isizwe sama Bhele wasichitha; abaleka amaBhele ekunye nama Hlubi aya kufika kwi komkhulu lamaXhosa e Gcuwa ku Hintsa. Uthe aku khova ukusichitha isizwe samaHlubi nesamaBhele u Matiwane wasele efuduka nhaye ngokoyika ukuhlaselwa ngu
Recent posts

u Bhurhu ka Khawuta

Eli gama silichukumisayo namhlanje, ligama elikhulu neli hlonipheke kakhulu emaXhoseni. Izizwe zase maXhoseni esingabala kuzo ama Bamba zisafunga ngalo eligama kuna kaloku nje, ngoba le yayiyi nkosi enkulu eyayinama gunya nge xesha layo. Lo sithetha ngaye ngu nyana we Kumkani u Khawuta oli vela tanci nongu nyana we ndlu yase Kunene apho ku Khawuta,  kwindlu enkulu ka Khawuta ngu Hintsa umfo ka Nobutho u Mamthembu, iQadi le ndlu enkulu apho ku Khawuta ngu Nkani. u Hintsa no Nkani bevele mva apha ku mkhuluwa wabo u Bhurhu, singatsho sithi bakhuliswe nguye u Bhurhu; njengoba u Maqoma nhaye bakhuliswa nguye oonyana bakayise inguye omdala; nalapha ko mkhulu kubenjalo kuba u Khawuta ukhawuleze wedlula. u Bhurhu njengee nkosi zakowabo nhaye uzele intlaninge yoo nyana esingabala kubo u Maphasa inkulu ka Bhurhu; u Myeki uyise ka Mfati, u Xhoseni uyise ka Khiva, oo Mbune,  noo Mabhulu nabanye.  Ke kaloku njenge siko lakwa Xhosa, u Bhurhu njenga nyana we ndlu yokunene, kwanyanzeleka ukuba awele i

u Makinana - Ahh! Ndluzodaka

  U Makinana yeyona ndlamafa kubo bonke ubukhosi bama Ndlambe. Uyise ngu Mhala (Ahh Mbodla) into ka Ndlambe enkulu, wabe u Ndlambe lowo engumninawa ka Mlawu into ka Rharhabe ukunene kuka Kumkani u Phalo, u Ndlambe no Mlawu bazalwa ngu mama omnye u Nojoli. Unina ka Makinana lowo ngu Nohute intokazi ka Ndaba inkosi enkulu yaba Thembu. Abafazi baka Mhala ke babelishumi elina mbini; abantwana baba ngamashumi omane (40). Amakhwenkwe ema shumi mabini neentombi zikwa ngako. U Makinana uvelele e Xinirha ngase Mpongo (Macleantown), kulofama kuthiwa ngoku yeka Somats'ats'a, kwisiqingatha se Qonce ne Qumrha ne Monti, apho kanye zidibana khona zozithathu. Umnyaka avele ngawo umalunga nowe 1830, kuba waluke ngowe 1849 engekabi no ngqovu, waluka ngomnyaka ka Oba (Ahh Ngonyama) into ka Thyali, kunye nento zakowabo o Smiti, Mtshatsheni, Ndimba, noo Mngxokwane. Ngawo lowo mnyaka ama Ndlambe akhe ane ngxokozelo engencinci phakathi kwawo ewodwa, iNkosi u Mhala ahlulelene ne Nkosikazi u Nohute, ku

u Mhala (Ahh!! Mbodla)

“ Niyakuzilela mna kunyak' ozayo. ” u Mhala ngu nyana ka Ndlambe (Ahh Ndabanduna) owaba sesi khundleni sika yise, phezu kokuba uyise wayeno nyana abaninzi. Enyanisweni u Mhala loh wayifumana nge thamsanqa nangokuhlakanipha kwakhe nge ngqondo loo ndawo yokuba yeyona nkosi  inkulu yama Ndlambe, kuba kaloku: Uzalwa yintombi yomntu omnyama - ukutsho oko unina akazalwa bukhosini. Unina ka Mhala uzalwa ema Ngwevini. Okwesibini; u Mhala unaba khuluwa bakhe o Dyani, nabanye. Eyona yona nto yamenza ukuba adalwe abe yi ndlalifa yama Ndlambe kukuba inkosikazi enkulu ka Ndlambe, u Noyena akazange azale, wathi ke unina ka Mhala loh wabe wayedalwe waba li qadi lako Yena ukutsho iqadi le ndlu enkulu. Athe nawona ma qadi asondeleyo, asuka akabi nabantwana bangama khwenkwe; waba ke ngoko uyasamela u Mhalana (kuba kwakutshiwo oko ukubizwa kwakhe ngokudeleka kwakhe). Umntu makanga cingi nakanye ukuba lomfo ufumane wasizuza esi sihlalo sika yise ngenxa yalonto yobuqadi yodwa, - hayi, kubekho imisebenz

u Ngqika (Ahh Lwaganda)

Ebu Kumkanini bama  Xhosa kukho abantu abaninzi kunene, abantu abazitshoyo ngobuntu babo, kwaye abazidlayo ngobuzwe babo; aba bantu bakhaliphile, bahle, bazi mvumi, baye ekuthetheni bengamabi amaciko. Abo bantu ke sesi sizwe kuthiwa ngama Ngqika (amaRharhabe). u Ngqika lowo yi nkosi enkulu yeso sizwe kuthiwa ngama Ngqika; abe ke phofu engeyiyo inkosi enkulu yama Xhosa; int' ekunayo wathi wazenzela igama ngenxa yezi zinto sesizibalile ngasentla, ukutsho oko ubukhalipha, ubuhle, ubuciko, noku cula. Uyise ka Ngqika ngu Mlawu, kodwa ekubeni u Mlawu lowo wakhothama ese mncinane, futhi akukho nto iphi ithethekayo ngaye. u Mlawu uzalwa ngu Rharhabe; yileyo ke indoda enebali elide, neline ziganeko, kuba yena wakhothama sele eyi ndoda. u Rharhabe ke uzalwa ngu Phalo: eku kunene yena ku Phalo lowo ngentombi yaseba Thenjini; kuba inkulu okanye u Kumkani wamaXhosa wonke ngu Gcaleka nge ntombi yasema Mpondweni. Mhlawumbi ungacaca lo mlibo xa ndiwenjenje. isende lika Kumkani u Phalo   iNdlunkulu